“Musani Ukuxhalela Ingomso”
URenée wayengasakwazi ukunyamezela. Kwakusele kudlule iminyaka engaphezu kwemithathu umyeni wakhe uMatthew engade afumane umsebenzi. URenée uthi: “Intliziyo yam yayilihlwili. Yayindityhafisa into yokuba ndingayazi into eza kwenzeka!” UMatthew wazama ukuyithoba amaxhala inkosikazi yakhe ngokuyichazela ukuba akukho nto bayisweleyo. URenée waphendula wathi: “Kodwa awusebenzi! Kufuneka kubekho imali engenayo!”
UKUPHELELWA ngumsebenzi kunokubangela uxinezeleko. Umntu ongasebenziyo unokuzibuza ukuba: ‘Ndiza kuhlala ixesha elide kangakanani ndingasebenzi? Ndiza kuzinyamekela njani iintswelo zentsapho ngoxa ndingekasebenzi?’
Ngoxa ezo izizinto eziqhelekileyo onokuzixhalabela, uYesu Kristu uza necebiso elisengqiqweni elinokunciphisa uxinezeleko. “Musani ukuxhalela ingomso . . . Imini nganye inobayo ububi obuyilingeneyo.”—Mateyu 6:34.
Zazi Izinto Ezikuxhalabisayo
UYesu wayengathi sifanele sizibethe ngoyaba iingxaki zethu. Noko ke, ukukhathazwa yinto esenokwenzeka ngomso, kongeza nje kwiingxaki onazo namhlanje. Ngeliphandle, akukho nto ingako sinokuyenza ngento esenokwenzeka ngomso, enoba intle okanye imbi. Kodwa sinokumelana neengxaki esijamelana nazo ngoku.
Kodwa ukuthetha asikokwenza! URebekah onomyeni owaphelelwa ngumsebenzi awasebenza kuwo kangangeminyaka eli-12 uthi: “Xa usentlungwini kakhulu, kunzima ukucinga. Kodwa kwafuneka sicinge. Ngenxa yoko ndiyazama ukuzibamba. Xa izinto ezindixhalabisayo zingazange zenzeke ndaqonda ukuba akuyomfuneko ukuba ndizikhathaze ngazo. Ukunikela ingqalelo kwiingxaki ezenzeka ngoku, kwasenza sayeka ukuxinezeleka.”
Zibuze: ‘Yiyiphi eyona nto indixhalabisayo? Ngaba le nto ndiyixhalabeleyo iza kwenzeka ngokwenene? Lixesha elingakanani endilichitha ndizikhathaza ngento enokwenzeka okanye ingenzeki?’
Funda Ukwaneliseka
Indlela esizibona ngayo izinto inokuchaphazela indlela esivakalelwa ngayo. Yiloo nto iBhayibhile isibongoza ukuba sibe nesi simo sengqondo: “Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.” (1 Timoti 6:8) Ukwanela kuthetha ukunciphisa izinto esizifunayo size saneliseke xa sizifumana izinto eziyimfuneko. Ukuzama ukwanelisa umnqweno wokufuna okungakumbi kuza kuphazamisana nemigudu yakho yokuphila ubomi obulula.—Marko 4:19.
URenée wafunda ukwanela emva nje kokuba eyihlole kakuhle imeko yakhe. Uthi: “Asizange sikhe singabi nawo umbane okanye singabi nandlu. Eyona ngxaki yayikukuba indlela esasiphila ngayo sasingayiqhelanga yaye nomnqweno endandinawo wokuphila ngendlela endandiqhele ukuphila ngayo wawundenza ndixinezeleke ngakumbi.”
URenée wakhawuleza waqonda ukuba yindlela awayezijonga ngayo izinto—kungekhona imeko awayekuyo—eyayisenza izinto zibonakale zinganyamezeleki. Uthi: “Kwakufuneka ndijamelane nezinto ngale ndlela ziyiyo ndingahlali ndicinga ngale ndlela mna ndifuna zibe yiyo. Xa ndafunda ukwanela yiloo nto uThixo asinika yona suku ngalunye, ndaqalisa ukonwaba.”
Zibuze: ‘Ngaba namhlanje ndiye ndazifumana izinto eziyimfuneko? Ukuba kunjalo, ngaba ndingacinga nje ngonamhlanje ndingazikhathazi ngengomso?’
Ukuze sikwazi ukuphila ngaloo madlana sinayo simele sibe nembono efanelekileyo.a Kodwa ziziphi izinto onokuzenza ukuba awunamali kangako ngenxa yokuba uphelelwe ngumsebenzi?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo eyongezelelekileyo ngendlela yokufumana nokulondoloza umsebenzi sicela ufunde uVukani! kaJulayi 8, 2005 iphepha 3-11.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
Umzingisi Akanashwa!
Emva kokuba kudlule iiveki efuna umsebenzi engawufumani uFred wancama. Uthi: “Ukufun’ umsebenzi kufana nokulindela ukuza kulandwa kwisikhululo sebhasi kodwa kungafiki mntu.” UFred wazimisela ukuba enze nantoni na awayenokukwazi ukuyenza. Wathumela iphepha elineemfaneleko zakhe kuyo nayiphi na inkampani enokufuna ukusebenzisa ubuchule anabo. Xa efikelwa yimpendulo wayelungiselela ukuya kudliwano-ndlebe kuba wayesazi ukuba “amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo.” (IMizekeliso 21:5) UFred uthi: “Kwenye inkampani kwadliwan’ indlebe nam kabini, ibe ndandiphekwa ndisophulwa ngemibuzo emininzi ngabaphathi baloo nkampani.” Kodwa wavuzwa uFred ngokuzingisa kwakhe. Uthi: “Ndaqashwa!”
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 6]
Enye Into Ebaluleke Ngakumbi Kunomvuzo
Yintoni eyona nto ibalulekileyo—ngaba bubuntu bakho okanye ngumvuzo? Cinga ngale mizekeliso mibini yeBhayibhile.
“Ulunge ngakumbi osweleyo ohamba ngengqibelelo yakhe kunaye nabani na oneendlela ezigwenxa, nangona esisityebi.”—IMizekeliso 28:6.
“Silunge ngakumbi isidlo semifuno apho kukho uthando kunenkunzi yenkomo eyondliwe emkhumbini kunye nentiyo.”—IMizekeliso 15:17.
Kucacile ukuba, ukungabi namali akuthethi kuthi umntu uphelelwa ziimpawu ezintle. Ngoko, xa umyeni wakhe waphelelwa ngumsebenzi uRenée wathi kubantwana bakhe: “Amanye amadoda aye azishiya iintsapho zawo. Kodwa utata wenu usekunye nani. Niyayazi ukuba uyanithanda yaye uyaninceda kwiingxaki eninazo. Akakho utata ofana naye!”