ISAHLUKO 10
Iindlela Zokwandisa Ubulungiseleli Bakho
XA KWAFIKA ixesha lokuba uYesu athume abafundi bakhe ukuba baye kushumayela ngoBukumkani, wathi: “Umsebenzi wokuvuna mkhulu, kodwa bambalwa abasebenzi.” Umsebenzi wawusemninzi, ngoko wongeza wathi: “Cengani uMphathi wesivuno ukuba athumele abasebenzi bayokuvuna.” (Mat. 9:37, 38) UYesu waxelela abafundi indlela ababefanele bashumayele ngayo. Amazwi akhe enza kwacaca ukuba lo msebenzi ungxamisekile. Wathi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, uNyana womntu uza kuza ngaphambi kokuba niwugqibe umsebenzi wenu kwizixeko zakwaSirayeli.”—Mat. 10:23.
2 Nanamhlanje, usemninzi umsebenzi ofanele wenziwe entsimini. Ezi ndaba zilungileyo zoBukumkani zimele zishunyayelwe ngaphambi kokuba kufike isiphelo, ibe asifikanga sigalelekile. (Marko 13:10) Ekubeni intsimi ilihlabathi, sikwimeko efana naleyo uYesu nabafundi bakhe babe kuyo, kodwa ke ngomlinganiselo omkhulu. Simbalwa xa sithelekiswa neebhiliyoni zabantu abasehlabathini, kodwa ke siqinisekile ukuba uYehova uza kusinceda. Iindaba ezilungileyo zoBukumkani ziza kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba, yaye ngexesha elimiselwe nguYehova, isiphelo siza kufika. Ngaba uBukumkani BukaThixo siza kububeka kwindawo yokuqala ebomini bethu ukuze siwenze ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela? Yeyiphi imisebenzi esinokuzimisela ukuyenza ukuze siwenze ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela?
3 Echaza oko uYehova akufunayo kubakhonzi bakhe abazinikeleyo, uYesu wathi: “Umele umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, ngomphefumlo wakho wonke, ngengqondo yakho yonke nangamandla akho onke.” (Marko 12:30) Kufuneka sizinikele ngomphefumlo wonke xa sikhonza uThixo. Loo nto ithetha ukuba kufuneka sibonise ukuba sizinikele kangakanani kuYehova, nokuba sizimisele kangakanani ukwenza konke okusemandleni ukuze simkhonze. (2 Tim. 2:15) Sinemisebenzi emininzi esinokuyenza, ngokweemeko namandla omntu ngamnye. Makhe sijonge eminye yaloo misebenzi, uze ugqibe ukuba ngowuphi oza kuzama ukuwenza.
UKUBA NGUMVAKALISI
4 Bonke abo bamkela inyaniso banenyhweba yokushumayela iindaba ezilungileyo. Lo ngowona msebenzi ubalulekileyo uYesu awawunika abafundi bakhe. (Mat. 24:14; 28:19, 20) Ngokuqhelekileyo, umfundi kaYesu Kristu uqalisa ukuxelela abanye ngeendaba ezilungileyo ngokukhawuleza emva kokuba ezivile. Yiloo nto kanye eyenziwa nguAndreya, uFilipu, uKorneli nabanye. (Yoh. 1:40, 41, 43-45; IZe. 10:1, 2, 24; 16:14, 15, 25-34) Ngaba oku kuthetha ukuba umntu unokuxelela abanye ngeendaba ezilungileyo kwanangaphambi kokuba abhaptizwe? Kunjalo kanye. Ngokukhawuleza emva kokuba umntu eye wangumvakalisi ongabhaptizwanga, ufumana ithuba lokushumayela kwindlu ngendlu. Kwaye ngokwamandla neemeko zakhe, unokushumayela nangezinye iindlela.
5 Emva kokuba umvakalisi ebhaptiziwe, ngokuqinisekileyo uza kufuna ukwenza konke okusemandleni akhe ukuze ancede abanye bazazi iindaba ezilungileyo. Amadoda namabhinqa anenyhweba yokushumayela. Sisikelelekile ngokuba negalelo lokuxhasa uBukumkani BukaThixo, kwanokuba lincinci. Unoyolo nabani na ozimisele ukumsebenzela nangezinye iindlela uThixo.
UKUKHONZA KWIINDAWO EZIFUNA UNCEDO
6 Kusenokwenzeka ukuba ukwibandla elinentsimi esetyenzwa qho, kwaye kushunyayelwa ngendlela encomekayo. Ukuba kunjalo, unokuvakalelwa kukuba unokuyandisa inkonzo yakho ngokufudukela kwindawo ekufuneka abavakalisi abangakumbi kuyo. (IZe. 16:9) Ukuba ungumdala okanye isicaka solungiselelo, kusenokuba kukho elinye ibandla elinokuluxabisa kakhulu uncedo lwakho. Umveleli wesiphaluka okuso usenokuba namacebiso endlela onokunceda ngayo kwelinye ibandla elikweso siphaluka. Ukuba unqwenela ukukhonza kwenye indawo kwakwilizwe lakho, iofisi yesebe inokukunika inkcazelo enokukunceda.
7 Ngaba ungathanda ukuya kukhonza kwelinye ilizwe? Ukuba ungathanda, kufuneka ukucingisise kakuhle oku. Kutheni ungathethi nabadala bebandla okulo? Nakanjani, ukuya kukhonza kwelinye ilizwe kunokuchaphazela wena kunye naye nabani na ofuduka naye. (Luka 14:28) Ukuba uceba ukuhlala ixesha elifutshane, kunokuba bhetele ukuba ucinge ngokukhonza kwakwilizwe lakho.
8 Ezinye iindawo zinabadala abasebatsha enyanisweni. Abazalwana bezi ndawo abathobekileyo basoloko bekulungele ukuyekela abadala abanamava abafudukele kumabandla abo ukuba bakhokele. Ukuba ungumdala yaye uceba ukufudukela kwilizwe elinjalo, yiqonde into yokuba phaya awuyanga kukhonza endaweni yabazalwana balapho. Kodwa uyokukhonza kunye nabo. Bakhuthaze ukuba bazimisele ukwenza eminye imisebenzi yebandla. (1 Tim. 3:1) Ukuba uyabona ukuba ezinye izinto azenziwa ngendlela ebezisenziwa ngayo kwibandla osuka kulo, yiba nomonde. Sebenzisa amava akho okuba ngumdala, ube luncedo lokwenene kubazalwana bakho. Xa usenza njalo, abadala belo bandla baza kukwazi ukulinyamekela kakuhle ibandla nokuba kunokufuneka ubuyele ekhaya.
9 Ngaphambi kokuba iofisi yesebe ikunike amagama amabandla anokufuna uncedo lwakho, kuza kufuneka iKomiti Yenkonzo Yebandla okulo ithumele ileta encomelayo. Le leta iyafuneka enoba ungumdala, isicaka solungiselelo, uvulindlela okanye ungumvakalisi. Ikomiti yenkonzo iza kuthumela loo leta incomelayo kunye nesicelo sakho kwiofisi yesebe yelizwe ongathanda ukukhonza kulo.
UKUSHUMAYELA NGOLUNYE ULWIMI
10 Enye indlela onokumsebenzela ngayo uYehova, kukufunda olunye ulwimi, kuquka intetho yezandla. Ukuba ufuna ukushumayela ngolunye ulwimi, kutheni ungathethi nabadala nomveleli wesiphaluka? Banokukucebisa baze bakukhuthaze. Phantsi kolwalathiso lweofisi yesebe, ezinye iziphaluka ziye zicelwe ukuba zilungiselele iiklasi zolunye ulwimi ukuze kuqeqeshwe abavakalisi noovulindlela abanokukwazi ukushumayela ngalo.
UBUVULINDLELA
11 Bonke abavakalisi bafanele bazazi izinto ezidla ngokufuneka ukuze umntu abe nguvulindlela ongumncedani, othe ngxi, okhethekileyo, kuquka nezinye iindidi zenkonzo yexesha elizeleyo. Uvulindlela umele abe ngumKristu obhaptiziweyo ongumzekelo, nemeko zakhe zimvumele ukuba ashumayele iindaba ezilungileyo kangangeeyure ezifunekayo. YiKomiti Yenkonzo Yebandla eyamkela oovulindlela abangabancedani nabathe ngxi, ngoxa abakhethekileyo bemiselwa yiofisi yesebe.
12 Oovulindlela abangabancedani banokumiselwa xa ubuncinane beza kuthatha inyanga, iinyanga eziliqela ezilandelelanayo, okanye xa beza kuqhubeka nabo, kuxhomekeka kwiimeko zabo. Abavakalisi boBukumkani abaninzi bayakuthanda ukukhonza njengoovulindlela abangabancedani ngezihlandlo ezikhethekileyo, njengakwixesha leSikhumbuzo okanye kwinyanga yotyelelo lomveleli wesiphaluka. Abanye baye bakhethe iinyanga zeeholide. Nabavakalisi ababhaptiziweyo abahamba isikolo banokubhalisa njengoovulindlela abangabancedani ngeenyanga ekuvalwa ngazo izikolo. Kubuvulindlela bobuncedani, umvakalisi unokukhetha ukwenza iiyure ezincitshisiweyo ngoMatshi, ngoAprili nakwinyanga yotyelelo lomveleli wesiphaluka. Nokuba zinjani na iimeko zakho, ukuba uziphethe kakuhle yaye awenzi zinto zimbi, ibe unokukwazi ukwenza iiyure ezifunekayo, kwaye uvakalelwa kukuba unokukwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani inyanga enye okanye ngaphezulu, abadala bebandla baza kukuvuyela ukusijonga isicelo sakho sokuba nguvulindlela.
13 Ukuze ufanelekele ukuba nguvulindlela othe ngxi, umele ube ungakwazi ukwenza iiyure zenkonzo yasentsimini ezifunekayo ngonyaka. Njengovulindlela othe ngxi, uza kufuna ukusebenzisana nebandla okhonza kulo. Oovulindlela abakhutheleyo bayintsikelelo yokwenene ebandleni, balenza liyithande ngakumbi intsimi kwaye bakhuthaza nabanye ukuba babe ngoovulindlela. Noko ke, ngaphambi kokuba ufake isicelo sokuba nguvulindlela othe ngxi, umele ubuncinci ube sele uneenyanga ezintandathu ubhaptiziwe.
14 Oovulindlela abakhethekileyo badla ngokukhethwa koovulindlela abathe ngxi abaye babonakala bephumelela entsimini. Bamele bakulungele ukukhonza naphi na apho iofisi yesebe ibathumela khona. Ngokuqhelekileyo idla ngokuba yindawo ekwanti apho banokufumana abantu abanomdla baze baqalise amabandla. Ngamanye amaxesha, oovulindlela abakhethekileyo bathunyelwa kumabandla afuna uncedo ukuze ashumayele yonke intsimi yawo. Abanye oovulindlela abakhethekileyo abangabadala baye bathunyelwa kumabandla amancinci, enoba akufuneki abasebenzi abangakumbi entsimini. Oovulindlela abakhethekileyo bafumana imadlana ukuze bakwazi ukuthenga izinto abazidingayo. Abanye oovulindlela bamiselwa njengoovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana.
ABATHUYWA BEVANGELI
15 YiKomiti Yenkonzo yeQumrhu Elilawulayo emisela abathunywa bevangeli, ize iKomiti Yesebe ibathumele kwiindawo ezinabantu abaninzi. Banceda kakhulu ekwenzeni umsebenzi wokushumayela nowebandla wenziwe kakuhle. Abathunywa bevangeli basoloko beqeqeshwa kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani. Bancedwa ngeendawo zokuhlala yaye banikwa nemadlana ukuze bakwazi ukuthenga izinto abazidingayo.
UMSEBENZI WESIPHALUKA
16 Abazalwana abamiselwa liQumrhu Elilawulayo ukuba babe ngabaveleli besiphaluka, bayaqeqeshwa yaye bafumana amava ngokuthi kuqala bakhonze njengabaveleli besiphaluka ababambelayo. La ngamadoda athanda intsimi nabazalwana. Angoovulindlela abakhutheleyo, ayifundisisa nyhani iBhayibhile, ibe azizithethi nabafundisi abaphum’ izandla. Abalasele ekuboniseni isiqhamo somoya, alungelelene, anokuqonda yaye abhetyebhetye. Ukuba umzalwana utshatile, inkosikazi yakhe inguvulindlela ongumzekelo kwindlela eziphethe ngayo nakwindlela ebaphatha ngayo abanye. Ingumshumayeli okhutheleyo. Iyiqonda kakuhle indima yayo njengomfazi othobelayo womKristu, ongathetheli indoda yakhe okanye alawule incoko. Abaveleli besiphaluka nabafazi babo ngabantu abaxakeka kakhulu, ngoko ke, kufuneka babe sempilweni. Uvulindlela akafaki sicelo sokuba ngumveleli wesiphaluka. Kunoko, uye achazele umveleli wesiphaluka ukuba unomdla kulo msebenzi, aze yena amnike amacebiso.
IZIKOLO ZENTLANGANO
17 ISikolo Sabavangeli BoBukumkani: Kukho imfuneko enkulu yabavangeli boBukumkani abaza kushumayela kwiindawo ezingafane zisetyenzwe nabaza kuxhasa amabandla. Ngoko ke, abazalwana noodade abangatshatanga nabatshatileyo bangazifaka izicelo zokuya kufumana uqeqesho olukhethekileyo kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani. Emva koqeqesho, abaphumeleleyo bathunyelwa kwakumazwe abo baye kuba ngoovulindlela abathe ngxi kwiindawo ezidinga uncedo. Kodwa ke, abo banokukwazi, banikwa ezinye izabelo kwilizwe labo okanye kwamanye amazwe. Abambalwa banokunikwa izabelo zokuba ngoovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana okanye abasisigxina. Oovulindlela abanomdla wokuya kwesi sikolo, banokuva kwintlanganiso yaso eba kwindibano yengingqi izinto ezifunekayo ukuze bafaneleke.
18 ISikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi: Kwesi sikolo, kuya abazalwana noodade abangatshatanga nabatshatileyo abakwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo yaye kufuneka bakwazi ukuthetha isiNgesi. Aba bazalwana noodade banokukwazi ukomeleza nokuxhasa intsimi okanye umsebenzi owenziwa kwisebe. Sele bezibonakalisile ukuba bayakuthanda ukukhonza abazalwana babo yaye banokukwazi ukubanceda ngobubele bafunde yaye bathobele iZibhalo nolwalathiso lwentlangano. IKomiti Yesebe iye icele abo babonakala befaneleka ukuya kwesi sikolo ukuba bafake isicelo. Abaphumeleleyo bathunyelwa entsimini okanye kwiofisi yesebe, kwelinye ilizwe okanye kwakumazwe abo.
UKUKHONZA EBHETELI
19 Yinyhweba ekhethekileyo ukukhonza eBheteli. Igama elithi Bheteli lithetha “Indlu KaThixo,” kwaye ngokuqinisekileyo liyazifanela ezi ndawo kusetyenzelwa kuzo uThixo. Abazalwana noodade abakhonza eBheteli benza umsebenzi obalulekileyo onceda ekuveliseni, ekuguquleleni nasekusasazeni iincwadi ezithetha ngeBhayibhile. Umsebenzi wabo ubaluleke kakhulu kwiQumrhu Elilawulayo, elivelela lize lalathise amabandla asemhlabeni wonke. Uninzi lwabaguquleli, luhlala kwiindawo apho ulwimi abaluguqulelayo luthethwa khona. Oku kunceda bahlale besiva indlela oluthethwa ngayo olo lwimi. Banokutsho babone enoba babhala ulwimi oluviwayo na ngabantu xa beguqulela.
20 Umsebenzi omninzi owenziwa eBheteli ufuna amandla. Ngenxa yoko, abo babizwayo eBheteli ngabazalwana abazinikele kuThixo nababhaptiziweyo, abasebatsha, abasempilweni nabanamandla. Ukuba kufuneka abasebenzi abangakumbi kwiofisi yesebe eyongamela ilizwe lakho kwaye ungathanda ukuya, unokufumana inkcazelo engakumbi ngezinto ezifunekayo kubadala abakwibandla lakho.
UMSEBENZI WOKWAKHA
21 Ukwakha izakhiwo zentlangano yinkonzo engcwele, efana nokwakhiwa kwetempile kaSolomon. (1 Kum. 8:13-18) Abazalwana noodade abaninzi babonisa indlela abazimisele kakhulu ngayo ngokusebenzisa ixesha nezinto zabo ukuze baxhase lo msebenzi.
22 Ngaba unokukwazi ukuncedisa? Ukuba ungumvakalisi obhaptiziweyo kwaye ukulungele ukuwenza lo msebenzi, abazalwana abakhokela kulwakhiwo kwindawo okuyo, banokuluvuyela kakhulu uncedo lwakho yaye bakulungele ukukuqeqesha. Ukuba ungumvakalisi ongabhaptizwanga, unokuncedisa xa kusakhiwa okanye kuhlaziywa iHolo YoBukumkani kwindawo okuyo. Kutheni ungaxeleli abadala ukuba unomdla wokuncedisa? Abanye abavakalisi ababhaptiziweyo nabafanelekayo baye bakwazi ukuya kuncedisa ekwakheni izakhiwo zentlangano kwamanye amazwe.
23 Maninzi amathuba umntu anokuwafumana kumsebenzi wokwakha. Abavakalisi ababhaptiziweyo nabangumzekelo, abanentwana yobuchule bokwakha nabanokuncedisa xa kusakhiwa kwiindawo abahlala kuzo, banokuba ngabakhi basekuhlaleni. Abanye bayakwazi ukuncedisa xa kusakhiwa kwiindawo ezikude okwexeshana yaye bamiselwa yiofisi yesebe ukuba babe ngabakhi bokwexeshana kangangeeveki ezimbini ukuya kwiinyanga ezintathu. Abo bamiselwa kangangexesha elide babizwa ngokuba ngabakhi bexesha elizeleyo. Umakhi wexesha elizeleyo oye wacelwa ukuba ayokwakha kwelinye ilizwe ubizwa ngokuba ngumakhi wexesha elizeleyo wasemzini. IQela Lokwakha elibunjwa ngabakhi bexesha elizeleyo nabokwexeshana, likhokela kwimisebenzi yokwakha yaye lincediswa ngabakhi basekuhlaleni nangamanye amavolontiya avela emabandleni. AmaQela Okwakha atyhutyha intsimi yesebe esakha.
UZIMISELE UKUMENZELA NTONI UYEHOVA?
24 Ukuba uzinikele kuYehova, eyona nto uyifunayo kukumkhonza ngonaphakade. Kodwa zintoni kanye kanye oza kumenzela zona njengokuba uqhubeka nobomi? Ukuba ikhona into ofuna ukumenzela yona uYehova, oko kuza kukunceda uwasebenzise ngobulumko amandla akho nezinye izinto. (1 Kor. 9:26) Enye into, loo nto iza kukunceda uye umthanda uYehova uze wenze ezona zinto zibalulekileyo njengoko uzimisela ukwenza eminye imisebenzi kwintlangano yakhe.—Fil. 1:10; 1 Tim. 4:15, 16.
25 Umpostile uPawulos waba ngumzekelo omhle esimele siwuxelise ekukhonzeni uThixo. (1 Kor. 11:1) UPawulos wazimisela ngamandla ekukhonzeni uYehova. Waqonda ukuba uYehova wayemvulela iminyango emininzi. Wabhalela abazalwana baseKorinte wathi: “Ndivulelwe umnyango omkhulu ukuze ndenze umsebenzi weNkosi.” Ngaba akunjalo kuthi? Kunjalo! Maninzi amathuba okukhonza uYehova nebandla, ngokukodwa ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Kodwa ke njengoPawulos, ukuze singene kulo ‘mnyango mkhulu’ kufuneka silwe ‘nabachasi abaninzi.’ (1 Kor. 16:9) UPawulos wayekulungele ukuhlala eziqeqesha. Wathi: “Ndiyawunyanzela umzimba wam ndize ndiwenze ikhoboka.” (1 Kor. 9:24-27) Ngaba nathi sicinga ngolo hlobo?
Ukuba ikhona into ofuna ukumenzela yona uYehova, oko kuza kukunceda uwasebenzise ngobulumko amandla akho nezinye izinto
26 Ngamnye ukhuthazwa ukuba azibekele izinto azimisele ukumenzela zona uYehova aze azame ukuzifikelela ngokweemeko zakhe ebomini. Abaninzi abakwinkonzo yexesha elizeleyo namhlanje, bazimisela kwakudala ukumenzela loo nto uYehova. Besengabantwana, babekhuthazwa ngabazali babo nangabanye ukuba babe kwinkonzo yexesha elizeleyo. Loo nto ibenze bonwaba enkonzweni kaYehova, ibe abazisoli. (IMize. 10:22) Enye into onokuzimisela ukuyenza kukuya entsimini veki nganye, ukuqalisa nokuqhuba izifundo zeBhayibhile okanye uziphe ixesha elingakumbi lokulungiselela iintlanganiso zebandla. Eyona nto ibalulekileyo kukuba sihlale somelele kwaye siwenze ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela. Ukuba senza loo nto, siza kumzukisa uYehova size silufikelele olona sukelo lwethu, ukumkhonza ngonaphakade.—Luka 13:24; 1 Tim. 4:7b, 8.