Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba ngokwenyaniso umbhali weMizekeliso 30:19 wayevakalelwa kukuba indlela umfana ayilukuhla ngayo ngobuqhophololo intombi ‘yayimangalisa kakhulu’?
Kunokwenzeka ukuba leyo yintsingiselo yeMizekeliso 30:19, ekuvunywayo ukuba asiyondinyana ekulula ukuyiqonda.
Ekufuneni intsingiselo yale ndinyana, asifanele siwutyeshele umongo. Ngaphambi nje kwesi sicatshulwa, umbhali ophefumlelweyo wadwelisa izinto ezine awazichaza njengezinganeliswayo ngandlel’ ithile. (IMizekeliso 30:15, 16) Wandula ke wenza olu ludwe: “Zintathu izinto eziye zangqineka zimangalisa kakhulu kum, yaye zine endingenakuzazi: yindlela yokhozi esibhakabhekeni, yindlela yenyoka elityeni, yindlela yenqanawa esazulwini solwandle nendlela yomfana nentombi.”—IMizekeliso 30:18, 19, NW.
Yintoni enokubangela ukuba ezi zinto zine ‘zimangalise’?
Mhlawumbi bevakalelwa kukuba ‘ukumangalisa’ kumele kubonise ukuqiniseka okanye ukulunga, bambi abaphengululi bathi nganye kwezi zinto zine ibonisa ubulumko bendalo kaThixo: ukumangalisa kwendlela enokubhabha ngayo intaka enkulu, indlela inyoka engenamilenze enokuhamba ngayo elityeni, indlela inqanawa enkulu enokuhamba ngayo kulwandle olungazolanga kodwa ingaziki nendlela isigantsontso somfana esidumb’ intloko ngayo yimbelukazi yentombi size sitshate nayo, bandule ke bavelise umntwana omangalisayo. Omnye unjingalwazi wafumanisa enye into ezifana ngayo ezi zinto zine, eyokuba nganye ihamba ngomzila omtsha—ukuhamba kokhozi, kwenyoka, okwenqanawa apho kungekho ndlela nobutsha bothando lwezibini olukhulayo.
Noko ke, ezi zinto zine akunyanzelekanga ukuba “zimangalise” ngokwengqiqo elungileyo, ngokungathi into ezifana ngayo intle. IMizekeliso 6:16-19 idwelisa ‘izinto azithiyileyo uYehova.’ Yaye njengokuba kuphawuliwe, kwiindinyana nje ezingaphambi kwezi sithetha ngazo, IMizekeliso 30:15, 16 idwelisa izinto (elabafileyo, ukungazali, umhlaba obharhileyo nomlilo otshabalalisayo) ezingenakuze zithi, “Kwanele!” Ngokuqinisekileyo azikho ntle ngokumangalisayo.
Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “zimangalisa” kwiMizekeliso 30:18 lithetha “ukwahlula, ukwahlukanisa, ukubalula, ukungaqheleki, ukumangalisa.” Into isenokubalulwa, ingaqheleki okanye imangalise kodwa ibe ingalunganga. UDaniyeli 8:23, 24, (NW) waxela kwangaphambili ngokumkani ongwanyalala owayeya konakalisa “ngokumangalisayo” aze “abatshabalalise abomeleleyo,” kuquka abangcwele.—Thelekisa iDuteronomi 17:8; 28:59; Zekariya 8:6.
Indinyana elandela IMizekeliso 30:18, 19 isenokusinceda siqonde oko umbhali wakufumanisa kunzima ukukuqonda. Miz 30 Indinyana 20 ikhankanya umfazi okrexezayo ‘odlayo aze asule umlomo, athi, andenzanga bubi.’ Mhlawumbi ngasese nangobubhedengu waye wona, kodwa ekubeni kwakungekho zimpawu zibonisa ukona kwakhe, wayenokuthi umsulwa.
Kukho imfano kolu ludwe lwandulelayo. Ixhalanga lindanda esibhakabhakeni, inyoka inqumla etyeni, inqanawa icanda amaza—akukho nanye eshiya umzila, yaye bekuya kuba nzima ukulanda umkhondo wayo nayiphi na enye kuzo zontathu. Ukuba le yinto ezifana ngayo zontathu, kuthekani ngeyesine, ‘indlela yomfana nentombi’?
Nayo isenokungalandeki. Umfana usenokusebenzisa ubuqhokolo, ubuciko neendlela zobuqhetseba ukuze azithandise kwintombi ingacingelanga. Yona ekubeni ingenamava, isenokungawaqondi loo maqhetseba akhe. Kwanasemva kokuba ilukuhliwe, isenokungakwazi ukuyichaza indlela eyamvuma ngayo loo mfana; nabakhi-mkhanya basengakufumanisa kunzima ukukuchaza. Sekunjalo, amabhinqa amaninzi aselula aye aphulukana nobunyulu bawo ngokuqhathwa ngabalukuhli. Kunzima ukulanda umkhondo waloo maqotha-qikili amadoda, kanti anosukelo, njengokuba lunjalo ukhozi xa lubhabha, nenyoka erhubuluzayo okanye inqanawa elwandle. Injongo, yabalukuhli kukuxhaphaza abanye ngokwesini.
Ngokwale nkcazelo ingongoma yeMizekeliso 30:18, 19 ayinakuthanani nenzululwazi okanye ubuchule bezinto zendalo. Kunoko, esi sicatshulwa sisinika isilumkiso ngokuziphatha, kanye njengokuba IMizekeliso 7:1-27 ilumkisa ngokuphepha iingozi zehenyukazi eliliciko. Enye indlela oodade abangamaKristu abanokusithobela ngokunzulu ngayo esi silumkiso seMizekeliso 30:18, 19 iphathelele amadoda athi anomdla ekufundeni iBhayibhile. Ukuba indoda enobuhlobo, kwanaleyo asebenza nayo, ibonakalisa umdla onjalo, udade ufanele ayidlulisele kumzalwana othile ebandleni. Umzalwana unokuwanelisa nawuphi na umdla wokwenene ngaphandle kwengozi ‘yomfana nentombi.’