Yongezelelani Kunyamezelo Lwenu Ukuhlonel’ UThixo
“Elukholweni lwenu nongezelele . . . unyamezelo, kunyamezelo ke ukuhlonela uThixo.”—2 PETROS 1:5, 6, NW.
1, 2. (a) Ukususela ngeminyaka yee-1930, kwenzeka ntoni kumaNgqina kaYehova kumazwe awayengaphantsi kolawulo lwamaNazi, yaye ngoba? (b) Baqhuba njani abantu bakaYehova ngaphantsi kwale mpatho imbi?
KWAKULIXESHA elibi kwimbali yenkulungwane yama-20. Ukususela ngeminyaka yee-1930, amawaka amaNgqina kaYehova kumazwe awayephantsi kolawulo lwamaNazi abanjwa ngokungekho sikweni aza avalelwa kwiinkampu zoxinaniso. Sasiyintoni isizathu? Kwakungenxa yokuba akhetha ukungathabathi cala aza ala ukukhahlela uHitler. Aphathwa njani? “Alikho elinye iqela lamabanjwa . . . elaliphathwa ngenkohlakalo ngamajoni angama-SS ngendlela ababephathwa ngayo aBafundi beBhayibhile [amaNgqina kaYehova]. Yayiyinkohlakalo eyayiphawulwa kukungcungcuthekiswa emzimbeni nasengqondweni ngokungapheliyo, babengcungcuthekiswa ngendlela engathethekiyo.”—Karl Wittig, owayesakuba ligosa lorhulumente waseJamani.
2 Aqhuba njani amaNgqina? Kwincwadi yakhe ethi The Nazi State and the New Religions: Five Case Studies in Non-Conformity, uGqr. Christine E. King waphawula oku: “Kunxamnye namaNgqina kuphela [ngokwahlukileyo kwamanye amaqela onqulo] angazange urhulumente aphumelele.” Ewe, amaNgqina kaYehova njengeqela ema eqinile, nangona oku kwathetha ukuba amakhulu awo, kwafuneka anyamezele de kuse ekufeni.
3. Yintoni eye yanceda amaNgqina kaYehova anyamezela izilingo eziqatha?
3 Yintoni eye yanceda amaNgqina kaYehova anyamezela izilingo ezinjalo kungekuphela nje kwiJamani yamaNazi kodwa emhlabeni wonke? UYise wasezulwini uye wawanceda anyamezela ngenxa yokuba ehlonel’ uThixo. Umpostile uPetros ucacisa athi: “Iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo.” (2 Petros 2:9) Ngaphambilana kwakwincwadi efanayo, uPetros wayecebise amaKristu wathi: “Elukholweni lwenu nongezelele . . . unyamezelo, kunyamezelo ke ukuhlonela uThixo.” (2 Petros 1:5, 6, NW) Ngoko unyamezelo lunxibelelene ngokusondeleyo nokuhlonel’ uThixo. Enyanisweni, ukuze sinyamezele de kube sekupheleni, simele ‘siphuthume ukuhlonela uThixo’ size sikubonakalise. (1 Timoti 6:11) Kodwa kuyintoni ngokwenene ukuhlonel’ uThixo?
Oko Kuthethwa Kukuhlonel’ UThixo
4, 5. Kuyintoni ukuhlonel’ uThixo?
4 Isibizo sesiGrike esithi “ukuhlonel’ uThixo” (eu·seʹbei·a) sisenokuguqulelwa ngokufanelekileyo ngokuthi “ukoyika ngendlela efanelekileyo.”a (2 Petros 1:6, Kingdom Interlinear) Sichaza imvakalelo efudumeleyo esuk’ entliziyweni ngoThixo. Ngokutsho kukaW. E. Vine, isichazi esithi eu·se·besʹ, ngokoqobo esithetha “ukoyika okufanelekileyo,” sibonisa “amandla athi, ngenxa yokwalathiswa kukoyika uThixo okungcwele, azibonakalise ngemisebenzi yokuhlonel’ uThixo.”—2 Petros 2:9, Int.
5 Ngoko ke ibinzana elithi “ukuhlonel’ uThixo” libhekisela ekoyikeni okanye ekuhloneleni uYehova okusishukumisela ekubeni senze oko kumkholisayo. Oku kwenziwa naxa sijamelene nezilingo ezinzima ngenxa yokuba simthanda ngokusuk’ entliziyweni uThixo. Kukusondelelana ngokobuqu nangokunyanisekileyo noYehova okuboniswa ngendlela esibuphila ngayo ubomi bethu. AmaKristu okwenyaniso abongozwa ukuba athandazele ukuba ahlale ‘ngokonwaba nangokuzola, enokuhlonela uThixo konke.’ (1 Timoti 2:1, 2) Ngokutsho kombhali wezichazi-magama uJ. P. Louw noE. A. Nida, “ngeelwimi eziliqela eli gama [eu·seʹbei·a] kweyoku-1 Tm 2.2 linokuguqulelwa ngokufanelekileyo ngokuthi ‘ukuphila ngendlela uThixo afuna siphile ngayo’ okanye ‘ukuphila ngendlela uThixo asixelele ukuba sifanele siphile ngayo.’”
6. Luhlobene njani unyamezelo nokuhlonel’ uThixo?
6 Ngoku sinokuyiqonda kakuhle ngakumbi indlela unyamezelo oluhlobene ngayo nokuhlonela uThixo. Ngenxa yokuba siphila ngendlela uThixo afuna siphile ngayo—ngokuhlonel’ uThixo—sibangela ukuba ihlabathi lisithiye, nto leyo esoloko ibangela ukuba ukholo lwethu lulingwe. (2 Timoti 3:12) Kodwa bekungayi kubakho nto isishukumisela ukuba sizinyamezele izilingo ezinjalo ukuba besingenalo ulwalamano olusenyongweni noBawo wethu wasezulwini. Ngaphezu koko, uYehova uyasabela kuzinikelo olusuk’ entliziyweni olunjalo. Khawuthelekelele nje indlela amele ukuba uvakalelwa ngayo xa ekhangela phantsi esezulwini aze abone abo, ngenxa yokuhlonela yena, bazabalazela ukumkholisa phezu kwazo zonke iintlobo zentshutshiso. Akumangalisi ukuba abe ufuna ‘ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo’!
7. Kutheni ukuhlonel’ uThixo kumele kuhlakulelwe?
7 Noko ke, asizalwa sihlonela uThixo, yaye singakufumani nangokuzenzekelayo kubazali abahlonel’ uThixo. (Genesis 8:21) Kunoko, kumele kuhlakulelwe. (1 Timoti 4:7, 10) Simele kunyamezelo lwethu nakukholo lwethu sizabalazele ukongezelela ukuhlonel’ uThixo. UPetros uthi, oku kufuna “ukukhuthala konke.” (2 Petros 1:5) Ngoko, sinokukufumana njani ukuhlonela uThixo?
Sikufumana Njani Ukuhlonela UThixo?
8. Ngokutsho kompostile uPetros, siyintoni isikhokelo sokuzuza ukuhlonel’ uThixo?
8 Umpostile uPetros wasichaza isikhokelo sokufumana ukuhlonel’ uThixo. Wathi: “Makwandiswe kuni ubabalo noxolo ngolwazi oluchanileyo lukaThixo noYesu iNkosi yethu, kuba amandla akhe obuThixo asinike ngesisa zonke izinto ezinokuthanani nobomi nokuhlonela uThixo, ngolwazi oluchanileyo lwalowo wasibiza ngozuko nesidima.” (2 Petros 1:2, 3, NW) Ngoko ukuze songezelele ukuhlonela uThixo kukholo nonyamezelo lwethu, simele sikhule kulwazi oluchanileyo, oko kukuthi, oluzeleyo, okanye olupheleleyo, lukaYehova uThixo noYesu Kristu.
9. Kunokuzekeliswa njani ukuba ukuba nolwazi oluchanileyo ngoThixo noKristu kubandakanya okungakumbi kunokwazi ukuba bangoobani na nje kuphela?
9 Kuthetha ukuthini ukuba nolwazi oluchanileyo ngoThixo noKristu? Ngokucacileyo, kubandakanya okungakumbi kunokubazi nje ukuba bangoobani. Ngokomzekelo: Usenokuba uyamazi ummelwane wakho ukuba ungubani na yaye usenokuba umbulisa ngegama. Kodwa ngaba ungamboleka imali eninzi? Ngaphandle kokuba umazi ngokwenene ukuba uluhlobo olunjani lomntu. (Thelekisa IMizekeliso 11:15.) Ngokufanayo, ukwazi uYehova noYesu ngokuchanileyo, okanye ngokuzeleyo, kuthetha okungakumbi kunokukholelwa nje ukuba bakho nokuwazi amagama abo. Ukuze sikulungele ukunyamezela izilingo ngenxa yabo kude kuse ekufeni, simele sibazi ngokusondeleyo ngokwenene. (Yohane 17:3) Kubandakanya ntoni oku?
10. Ukuba nolwazi oluchanileyo ngoYehova noYesu kubandakanya ziphi izinto ezimbini, yaye ngoba?
10 Ukuba nolwazi oluchanileyo, okanye olupheleleyo, ngoYehova noYesu kubandakanya izinto ezimbini: (1) ukubazi njengabantu—iimpawu, iimvakalelo, neendlela zabo—kunye (2) nokuxelisa umzekelo wabo. Ukuhlonela uThixo kubandakanya ulwalamano olusuk’ entliziyweni nolusenyongweni noYehova njengokuba lubonakala kwindlela esibuphila ngayo ubomi bethu. Ngoko ke, ukuze sikufumane simele simazi uYehova ngokobuqu yaye siqhelane kakuhle nokuthanda kwakhe neendlela zakhe kangangoko kunokwenzeka ngabantu. Enyanisweni ukuze simazi uYehova, esenziwa ngokomfanekiselo wakhe, simele silusebenzise ulwazi olunjalo yaye sizabalazele ukufana naye. (Genesis 1:26-28; Kolose 3:10) Yaye ekubeni uYesu wamxelisa ngokugqibeleleyo uYehova koko wakuthethayo nawakwenzayo, ukumazi ngokuchanileyo uYesu kuluncedo gqitha ekukhuliseni ukuhlonel’ uThixo.—Hebhere 1:3.
11. (a) Sinokulufumana njani ulwazi oluchanileyo ngoThixo noKristu? (b) Kutheni kubalulekile ukucamngca ngoko sikufundayo?
11 Noko ke, sinokulufumana njani ulwazi oluchanileyo olunjalo ngoThixo noKristu? Ngokuyifundisisa ngenyameko iBhayibhile neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni.b Noko ke, ukuba ufundisiso lwethu lweBhayibhile lobuqu luza kuphumela ekubeni sifumane ukuhlonela uThixo, kubalulekile ukuba siziphe ixesha lokucamngca, oko kukuthi, ukucingisisa, okanye ukucinga nzulu, ngoko sikufundayo. (Thelekisa uYoshuwa 1:8.) Kutheni oku kubalulekile nje? Khumbula ukuba ukuhlonel’ uThixo kuyimvakalelo efudumeleyo nesuk’ entliziyweni ngoThixo. EZibhalweni, ukucamngca ngokufuthi kunxulunyaniswa nentliziyo yokomfuziselo—umntu wangaphakathi. (INdumiso 19:14; 49:3; IMizekeliso 15:28) Xa sicingisisa ngoxabiso ngoko sikufundayo, kwehlela nzulu kumntu wangaphakathi, ngaloo ndlela kushukumise iimvakalelo zethu, kuze kuphembelele ukucinga kwethu. Kuphela kungokwenjenjalo olunokuthi ufundisiso lwethu lulomeleze ulwalamano lwethu noYehova luze lusishukumisele ukuba siphile ngendlela emkholisayo uThixo kwanaxa sijamelene neemeko ezicel’ umngeni okanye izilingo ezinzima.
Ukubonisa Ukuhlonela UThixo Ekhaya
12. (a) Ngokutsho kukaPawulos, umKristu unokukubonakalisa njani ukuhlonel’ uThixo ekhaya? (b) Kutheni amaKristu okwenyaniso ebanyamekela abazali abalupheleyo?
12 Ukuhlonel’ uThixo kufanele kubonakaliswe ekhaya kuqala. Umpostile uPawulos uthi: “Ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde [“ukuhlonel’ uThixo kwelabo,” NW] ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo.” (1 Timoti 5:4) Ukunyamekela abazali abaluphaleyo, njengokuba uPawulos ephawula, kuyimbonakaliso yokuhlonel’ uThixo. AmaKristu okwenyaniso abanyamekela kungekuphela nje ngenxa yokuba emele enjenjalo kodwa ngenxa yothando ngabazali bawo. Noko ke, ngaphezu koko ayaqonda ukuba uYehova ukugqala njengokubalulekileyo ukunyamekela intsapho kabani. Aqonda kakuhle ukuba ukubanikela umva abazali bawo xa beswele kuya kufana ‘nokulukhanyela ukholo’ lobuKristu.—1 Timoti 5:8.
13. Kutheni ukuhlonel’ uThixo ekhaya kusenokuba lucelomngeni lokwenene, kodwa ubani unokufumana luphi ulwaneliseko xa enyamekela abazali bakhe?
13 Kuyavunywa ukuba akusoloko kulula ukubonisa ukuhlonel’ uThixo ekhaya. Amalungu entsapho asenokuba ahlala kwiindawo eziqelelene kakhulu. Abantwana abakhulileyo nabo basenokuba bakhulisa ezabo iintsapho yaye basenokuba batsala nzima ngezoqoqosho. Indlela emele ibonakaliswe ngayo inyameko kumzali isenokuyichaphazela impilo yabo bamnyamekelayo emzimbeni, engqondweni, nangokweemvakalelo. Sekunjalo, kunokwanelisa ngokwenene ukwazi ukuba ukunyamekela abazali bakabani ‘akungombuyekezo’ nje kuphela kodwa kuyamkholisa Lowo “ebizwe ngaye yonke imizalwane esemazulwini nesemhlabeni.”—Efese 3:14, 15.
14, 15. Balisa umzekelo wabantwana ababonisa ukuhlonel’ uThixo ngokunyamekela umzali wabo.
14 Khawuqwalasele umzekelo ochukumisa ngokwenene. UEllis nabanakwabo noodade wabo abahlanu bajamelene nocelomngeni lokwenene lokunyamekela uyise ekhaya. UEllis ucacisa athi: “Ngowe-1986 ubawo wafunyanwa sistroke, esamshiya efe onke amalungu omzimba.” Aba bantwana bathandathu bayancedisana ekunyamekeleni iintswelo zikayise, ukususela ekumhlambeni beqinisekisa ukuba uyaguqulwa rhoqo ukuze angaphumi izilonda ngenxa yokulala ngecala elinye. “Siyamfundela, sithethe naye, simdlalele umculo. Asiqinisekanga nokuba uyazi na ukuba kuqhubeka ntoni, kodwa simphatha ngokungathi wazi yonke into eqhubekayo.”
15 Kutheni aba bantwana bemnyamekela ngale ndlela uyise? UEllis uyaqhubeka: “Emva kokufa kukamama ngowe-1964, uTata wasikhulisa yedwa. Ngelo xesha, iminyaka yethu yayishiyana ukusuka kwemi-5 ukuya kweli-14. Wayesoloko ekulungele ukusinceda ngoko; sisoloko sikulungele ukumnceda ngoku.” Licacile elokuba akulula ukubonisa inyameko ngolo hlobo, yaye abantwana bayatyhafa ngamathuba athile. UEllis uthi: “Kodwa siyaqonda ukuba imeko katata yingxaki yokomzuzwana. Sikhangele phambili kwixesha laxa utata eya kubuyiselwa empilweni egqibeleleyo yaye siya kubuya sidibane nomama kwakhona.” (Isaya 33:24; Yohane 5:28, 29) Ngokuqinisekileyo, inyameko yokuzinikela ngolo hlobo kumzali imele ukuba iyamvuyisa Lowo uyalela abantwana ukuba bababeke abazali babo!c—Efese 6:1, 2.
Ukuhlonel’ UThixo Nobulungiseleli
16. Sifanele sibe yintoni isizathu esiyintloko soko sikwenzayo kubulungiseleli?
16 Xa sisamkela isimemo sikaYesu ‘sokumlandela,’ sifumana uthumo lokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani nokwenza abafundi. (Mateyu 16:24; 24:14; 28:19, 20) Ngokucacileyo, ukuba nesabelo kubulungiseleli kuyimbopheleleko yobuKristu kule “mihla yokugqibela.” (2 Timoti 3:1) Noko ke, intshukumisa yethu yokushumayela nokufundisa imele idlulele ngaphaya kokuba sisenza umsebenzi okanye kuyimbopheleleko. Uthando olunzulu ngoYehova lumele lube sisizathu esiyintloko sokwenza oko sikwenzayo nokuba senza okungakanani kubulungiseleli. UYesu wathi: “Umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Mateyu 12:34) Ewe, xa iintliziyo zethu ziphuphuma uthando ngoYehova, siziva sinyanzelekile ukunikela ubungqina ngaye kwabanye. Xa intshukumisa yethu iluthando ngoThixo, ubulungiseleli bethu buyindlela enentsingiselo yokubonakalisa ukuhlonel’ uThixo kwethu.
17. Sinokuyihlakulela njani intsusa-senzo efanelekileyo ngobulungiseleli?
17 Sinokuyihlakulela njani intshukumisa efanelekileyo ngobulungiseleli? Khawucingisise ngoxabiso ngezizathu ezithathu uYehova asinike zona zokumthanda. (1) UYehova simthanda ngenxa yoko sele esenzele kona. Ayikho indlela angewayelubonakalise ngayo uthando ngaphezu kokulungiselela intlawulelo. (Mateyu 20:28; Yohane 15:13) (2) UYehova simthanda ngenxa yoko asenzela kona ngoku. Sithetha ngokungafihlisi noYehova, ophendula imithandazo yethu. (INdumiso 65:2; Hebhere 4:14-16) Njengokuba sibeka izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala, siyazifumana izinto eziyimfuneko ukuze siphile. (Mateyu 6:25-33) Sisoloko sifumana ukudla kokomoya okusincedayo sihlangabezane neengxaki esijamelana nazo. (Mateyu 24:45) Yaye sinentsikelelo yokuba yinxalenye yobuzalwana bobuKristu bomhlaba wonke obusahlula ngokwenene ehlabathini. (1 Petros 2:17) (3) Kwakhona uYehova simthanda ngenxa yoko asaya kusenzela kona. Ngenxa yothando lwakhe, ‘sibubambe sabuqinisa ubomi bokwenene’—ubomi obungunaphakade kwixesha elizayo. (1 Timoti 6:12, 19) Xa siqwalasela uthando uYehova alubonakalisileyo kuthi, ngokuqinisekileyo iintliziyo zethu ziya kusishukumisela ukuba sibe nesabelo ngokuzinikela ngakumbi ekuxeleleni abanye ngaye nangamadinga akhe axabisekileyo! Akuyi kufuneka ukuba ibe ngabanye abasixelela emasikwenze nomlinganiselo emasikwenze ngawo kubulungiseleli. Iintliziyo zethu ziya kusishukumisela ukuba senze oko sinako ukukwenza.
18, 19. Nguwuphi umqobo omnye udade awawoyisayo ukuze abe nesabelo kubulungiseleli?
18 Kwanaxa sijamelene neemeko ezilucelomngeni, intliziyo eshukunyiswa kukuhlonel’ uThixo iya kushukunyiselwa ukuba ithethe. (Thelekisa uYeremiya 20:9.) Oku kuboniswa yimeko kaStella, umfazi ongumKristu oneentloni gqitha. Xa waqalisa ukufundisisa iBhayibhile, wacinga oku, ‘Andinakuze ndiye kwindlu ngendlu!’ Ucacisa athi: “Ndandisoloko ndingumntu othule gqitha. Ndandingakwazi ukusuka ndiye kwabanye ndize ndiqalise incoko.” Njengokuba wayeqhubeka efundisisa, uthando lwakhe ngoYehova lwakhula, yaye waba nomnqweno ovuthayo wokuthetha nabanye ngaye. “Ndikhumbula ndixelela lowo wayendifundisa iBhayibhile ukuba, ‘Ndikunqwenela gqitha ukuthetha, kodwa andikwazi, ibe oko kundikhathaza gqitha.’ Andisayi kuze ndikulibale oko wandixelela kona: ‘Stella, yibulele into yokuba ufuna ukuthetha.’”
19 Kungentsuku zatywala, uStella wazibona sele enikela ubungqina kummelwane wakhe. Wandula ke wathabatha elona nyathelo likhulu—waba nesabelo kubulungiseleli bendlu ngendlu okwesihlandlo sokuqala. (IZenzo 20:20, 21) Ukhumbula oku: “Ndayibhala phantsi intshumayelo yam. Kodwa kangangendlela endandisoyika ngayo nangona ndandiyiphethe phambi kwam, ndandisoyika gqitha ukuba ndingajonga phantsi ndiyifunde!” Ngoku, emva kweminyaka engaphezu kwama-35, uStella useneentloni gqitha ngokwemvelo. Kodwa, uyabuthanda ubulungiseleli basentsimini yaye uyaqhubeka esiba nesabelo ngokunentsingiselo kubo.
20. Nguwuphi umzekelo obonisa ukuba kwanentshutshiso nokuvalelwa entolongweni akunakuwaval’ umlomo amaNgqina kaYehova azahluleleyo?
20 Kwanokutshutshiswa okanye ukuvalelwa entolongweni akunakuwaval’ umlomo amaNgqina kaYehova azahluleleyo. Khawuqwalasele umzekelo kaErnst noHildegard Seliger baseJamani. Ngenxa yokholo lwabo, bebobabini bachitha iminyaka engama-40 xa idityanisiwe kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi nakwiintolongo zamaKomanisi. Kwanasentolongweni, babengayeki ukunikela ubungqina kwamanye amabanjwa. UHildegard wakhumbula oku: “Abasemagunyeni entolongweni bathi ndandiyingozi kakhulu, ngenxa yokuba, ngokutsho komnye umlindi olibhinqa, ndandithetha ngeBhayibhile imini yonke. Ngoko ndafakwa kwisisele esikumgangatho ongaphantsi.” Emva kokuba ekugqibeleni bekhululwe, uMzalwana noDade Seliger bachithela ixesha labo lonke kubulungiseleli bobuKristu. Bobabini bakhonza ngokuthembeka de bafa, uMzalwan’ uSeliger ngowe-1985 yaye inkosikazi yakhe ngowe-1992.
21. Simele senze ntoni ukuze songezelele ukuhlonel’ uThixo kunyamezelo lwethu?
21 Ngokulifundisisa ngenyameko iLizwi likaThixo nangokuzipha ixesha lokucamngca ngoxabiso ngoko sikufundayo, siya kukhula kulwazi oluchanileyo ngoYehova uThixo noYesu Kristu. Oku ke, kuya kuphumela ekubeni sifumane umlinganiselo ozele ngakumbi wolo phawu luxabisekileyo—ukuhlonel’ uThixo. Ngaphandle kokuhlonel’ uThixo asinakuzinyamezela izilingo ezahlukahlukeneyo ezisifikelayo njengamaKristu. Ngoko masilithobele icebiso lompostile uPetros, siqhubeke ‘sisongezelela unyamezelo elukholweni lwethu yaye kunyamezelo lwethu ukuhlonel’ uThixo.’—2 Petros 1:5, 6.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ethetha ngegama elithi eu·seʹbei·a, uWilliam Barclay uphawula oku: “Yinxalenye yeli gama enguseb- [ingcambu] ethetha ukoyika okanye ukunqula. Inxalenye ethi eu ligama lesiGrike elithetha kakuhle; ngoko ke, ueusebeia uthetha ukunqula, nokoyika okwenziwa kakuhle nangokufanelekileyo.”—New Testament Words.
b Ukuze ufumane ingxubusho ngendlela yokufundisisa ukuze senze nzulu ulwazi lwethu ngeLizwi likaThixo, bona IMboniselo ka-Agasti 15, 1993, iphepha 12-17.
c Ukuze ufumane ingxubusho epheleleyo ngendlela yokubonisa ukuhlonel’ uThixo kubazali abalupheleyo, bona IMboniselo kaJuni 1, 1987, iphepha 13-18.
Ithini Impendulo Yakho?
◻ Kuyintoni ukuhlonel’ uThixo?
◻ Kuhlobene njani ukunyamezela nokuhlonel’ uThixo?
◻ Siyintoni isikhokelo sokuzuza ukuhlonel’ uThixo?
◻ UmKristu unokukubonisa njani ukuhlonel’ uThixo ekhaya?
◻ Simele sibe yintoni isizathu esiphambili soko sikwenzayo kubulungiseleli?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Unyamezelo nokuhlonel’ uThixo kwaboniswa ngamaNgqina kaYehova awayevalelwe kwinkampu yoxinaniso yamaNazi eRavensbrück