Ngaba Ufanele Unyaniseke Ngamaxesha Onke?
WONKE umntu ukhe anyaniseke; uninzi lude lunyaniseke phantse ngalo lonke ixesha. Kodwa ke bangaphi abantu obaziyo abalwela ukunyaniseka ngalo lonke ixesha?
Namhlanje kuxhaphakile ukunganyaniseki. Nakuba kunjalo, yaziwa ngokubanzi indlela akujonga ngayo ukunyaniseka uThixo. Ngokomzekelo, inkoliso yabantu iqhelene nomthetho wesibhozo kweLishumi othi: “Uze ungebi.” (Eksodus 20:15) Noko ke, abantu abaninzi bavakalelwa kukuba maxa wambi buyathetheleleka ubusela nokunganyaniseki phantsi kweemeko ezithile. Makhe sithethe ngeendlela ezintathu zobusela ezidla ngokuthethelelwa.
Ngaba Ufanele Ube Kuba Ulihlwempu?
Omnye usomaqhuzu waseRoma wakha wathi: “Ubuhlwempu ngunozala wolwaphulo mthetho.” Umntu olihlwempu usenokucinga ukuba unyanzelekile ukuba ebe. Nabantu abambonayo basenokuvuma. Wathini uYesu ngalo mbandela? Wayewaphatha ngovelwano amahlwempu yaye ‘wayewasizela.’ (Mateyu 9:36) Nakuba kunjalo, akazange nakanye abukhuthaze ubusela. Yintoni ke ngoko efanele yenziwe lihlwempu?
UThixo unemfesane kwabo bazama ukumthobela ngokunyanisekileyo, yaye uya kuyisikelela imigudu yabo yokufumana izinto eziyimfuneko. (INdumiso 37:25) IBhayibhile inesi sithembiso: “UYehova akayi kubangela umphefumlo welungisa ulambe, kodwa umqweno wabangendawo uya kuwushenxisa.” (IMizekeliso 10:3) Ngaba umntu ohluphekileyo unokukholosa ngala mazwi? UVictorine uyavuma.
Ubomi bukaVictorine, ongumhlolokazi nonabantwana abahlanu abukho lula. Uhlala kwilizwe elisakhasayo elinorhulumente ongathath’ intweni. Uchitha ixesha elininzi esesitratweni yaye maninzi amathuba okuba. Noko ke, uVictorine akebi. Kunoko uziphilisa ngokuthengisa. Kutheni enyanisekile nje?
Uthi: “Okokuqala, ndikholelwa ukuba uThixo unyanisekile yaye uya kundiphatha ngokunyaniseka ukuba ndiyamxelisa. Okwesibini, abantwana bam baya kunyaniseka kuphela xa bendibona ndinyanisekile.”
Uqhuba njani? “Sinokutya, impahla nendawo yokuhlala. Ewe aye akho amaxesha ebekufuneka ndicele uncedo kubahlobo, ngokomzekelo ukuze ndihlawule iindleko zonyango. Ndihlala ndizifumana izinto endizifunayo. Kuba kutheni? Abahlobo bam bayazi ukuba ndiyichaza ngokunyaniseka imeko yam yaye andibancukuthi.
“Abantwana bam bakhula benyanisekile. Ngenye imini ummelwane wabona imali phezu kwetafile yam waza wandibuza ukuba andinaxhala lokuba baza kuyiba na abantwana. Akazange akholelwe xa ndamxelela ukuba abantwana bam abanakuze bayenze loo nto. Wabavavanya ngaphandle kokundazisa. Wabeka imali yakhe kwam kwindawo esekuhleni. Wothuka kakhulu ngosuku olulandelayo esakuyifumana isekho imali yakhe. Ukuba nabantwana abanyanisekileyo kunomvuzo ngaphezu kokuba nentabalala yezinto eziphathekayo.”
“Wonke Umntu Uyeba Nje”
Ubusela buxhaphakile emsebenzini. Ngenxa yoko, abantu abaninzi bathi, “Wonke umntu uyeba nje, mna ndiyekele ntoni?” Ngokwahlukileyo koko, iBhayibhile ithi: “Uze ungalandeli isihlwele esineenjongo ezimbi.” (Eksodus 23:2) UVictoire uye wasithobela esi siluleko. Ngaba ikho into ayizuzileyo?
Xa wayeneminyaka eli-19 uVictoire wafumana umsebenzi kumzi-mveliso wokwenza ioli. Kungekudala wafumanisa ukuba abafazi abangama-40 ababesebenza kuloo mzi-mveliso babesiba. Ngeempelaveki babefumana imali eninzi ngokuthengisa izinto abazibileyo. UVictoire uthi: “Wonke umntu wayesiba. Babecinga ukuba nam ndiza kuba kodwa ke ndala ndibaxelela ukuba ndisoloko ndinyanisekile. Bahlekisa ngam besithi ndimathile.
Xa sasiza kutshayisa ngenye imini kwafika umphathi singalindelanga. Wagqogqa zonke iibhegi zethu waza wafumana izinto ezibiweyo kuzo zonke ngaphandle nje kweyam. Bonke abo babebanjiwe babefanele bakhethe phakathi kokugxothwa nokusebenza iiveki ezimbini ngaphandle kwentlawulo. Kwezo veki zimbini, abo bafazi babona ukuba ndandingesosiyatha.”
“UThixo Akaphi Ngasandla”
Uye uvakalelwe njani xa uchola into exabisekileyo? Abantu abaninzi baye bathi yeyabo yaye abakucingi nokukucinga ukufumana umnikazi wayo. Bathi “uThixo akaphi ngasandla.” Abanye bacinga ukuba akukho nto imbi kuloo nto. Baqiqa ngelokuba umniniyo uyithatha njengelahlekileyo. Abanye bathi akungomsebenzi wabo ukuhamba bebuzisa ngomniniyo.
UThixo uyijonga njani le nto? IDuteronomi 22:1-3 ibonisa ukuba xa umntu echole into wayengafanele ayigcine nje kuphela, kodwa wayefanele ayigcine ‘de afike umniniyo eyifuna aze amnike.’ (IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Umntu ongayichaziyo into ayicholeyo wayenokubekwa ityala lokuba. (Eksodus 22:9) Ngaba esi siluleko sisasebenza nanamhlanje? UChristine uthi kunjalo.
UChristine ungumphathi kwesinye isikolo. Ngenye imini wafumana umvuzo wakhe uziinkozo. Wathatha loo mali wayifaka ebhegini yakhe. Emva koko wakhwela iteksi waya entlanganisweni. Ukufika kwakhe apho wafaka isandla ebhegini efuna iimali yokuhlawula loo teksi. Kodwa ke umvuzo wakhe wawela phantsi yaye akazange ayiphawule loo nto.
Kwimizuzu embalwa kamva, uBlaise oneminyaka eli-19 ubudala nowayengahlali apho wahamba ngeso sitrato. Wayeze kudibana nomhlobo wakhe kwindawo eyayiza kuba kuyo intlanganiso kaChristine. Wabona eso siqhuma semali waza wasithatha wasifaka epokothweni. Emva kwentlanganiso waxelela umhlobo wakhe ukuba kukho into ayicholileyo yaye nabani na olahlekelweyo wayenokumfowunela.
Ukufika kwakhe ekhaya, uChristine wothuka wabanda esa kufumanisa ukuba umvuzo wakhe wenyanga wawulahlekile. Emva kweveki xa wachazela umhlobo wakhe uJosephine ngaloo nto weva ukuba kukho umntu owayechole nto ithile. UChristine wafowunela uBlaise waza wamchazela ngemali yakhe eyayilahlekile. Wavuya gqitha xa uBlaise wambuyisela imali yakhe. Kuthekani ngoBlaise? Loo mali wayigcina iveki yonke, kodwa wathi, “Uvuyo lokuyibuyisela lube lukhulu ngaphezu kolokuyigcina.”
Kutheni Bezama Ukunyaniseka Ngamaxesha Onke
UVictorine, uVictoire kunye noBlaise bahlala kwiindawo ezahlukahlukeneyo yaye abazani. Kodwa ke ikho into abafana ngayo. BangamaNgqina kaYehova yaye bathobela oko kuthethwa yiBhayibhile ngokunyaniseka. Balindele ukuzaliseka kwesithembiso sikaThixo sehlabathi elitsha esithi: “Thina ke silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.” Bonke abantu abaza kuphila apho baza kuba ngamalungisa anyanisekileyo.—2 Petros 3:13.
UVictorine akanathemba lokuba imeko yakhe yezoqoqosho iya kuze iphucuke de uThixo atshintshe iimeko zalo mhlaba. Nakuba kunjalo, utyebile elukholweni nto leyo engenakuthengwa ngemali. Abantwana bakhe banyanisekile yaye baqeqeshekile. Qho ngeCawa bathetha nabanye abantu ngokulunga kukaThixo yaye babachazela ngendlela aza kubanelisa ngayo “bonke abo bambiza ngenyaniso” yaye uya kubakhusela “bonke abo bamthandayo.”—INdumiso 145:7, 18, 20.
Ekuhambeni kwexesha uVictoire wemka kumzi-mveliso weoli. Wavula elakhe ishishini lokuthengisa iicassava. Ukunyaniseka kwakhe kwenza abantu abaninzi bathenga kuye. Ngenxa yoko wakwazi ukuchitha ixesha elincinane emarikeni waza wafumana elingakumbi lokuthetha nabanye ngethuba lokuphila kwihlabathi elingenabo abantu abanganyanisekanga. Emva kwexesha watshata ibe yena nomyeni wakhe bashumayela ngokusisigxina.
UChristine walahlekelwa yimali yakhe phambi kweHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova. UBlaise wayesazi abantu abambalwa kuloo ntlanganiso, kodwa ke wayesazi ukuba bangabazalwana noodade wabo abangamaKristu abazama ukunyaniseka ngamaxesha onke.
Bangaphi abantu obaziyo abazama ukunyaniseka ngamaxesha onke? Khawube nomfanekiso wakho ukunye nabantu abanyanisekileyo abangama-50, abali-100 okanye abangama-200. Kuba njalo xa ukunye namaNgqina kaYehova kwiHolo yoBukumkani yawo. Awungethandi na ukuya kwindawo ahlanganisana kuyo amaNgqina ukuze uqhelane nawo?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 12]
“Ukuba nabantwana abanyanisekileyo kunomvuzo ngaphezu kokuba nentabalala yezinto eziphathekayo.”—VICTORINE
[Ibhokisi ekwiphepha 14]
Ngaba IMizekeliso 6:30 Iyabuthethelela Ubusela?
IMizekeliso 6:30 ithi: “Abantu abalideleli isela ngenxa nje yokuba libela ukwanelisa umphefumlo walo xa lilambile.” Ngaba le vesi ikhuthaza ubusela? Akunjalo. Umongo wayo ubonisa ukuba uThixo ulibek’ ityala isela. Kaloku ivesi elandela leyo ithi: “Kodwa, xa lifunyanwa, liya kukubuyekeza oko ngokuphindwe kasixhenxe; liya kurhola zonke izinto ezixabisekileyo zendlu yalo.” (IMizekeliso 6:31) Nangona isela eliba kuba lilambile lingenakucatshukelwa njengelo liba ngenxa yokunyoluka okanye ukufuna ukuvisa abanye abantu ubuhlungu, kodwa ke kusalindeleke ukuba ‘libuyekeze’ okanye lihlawule. Abo bafuna ukukholisa uThixo bafanele bangebi naphantsi kwaziphi na iimeko.