Uqhawulo-mtshato—Ithini Ngokwenene IBhayibhile Ngalo?
“OKO ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.” (Mateyu 19:6) Siweva ngokufuthi loo mazwi aziwayo awathethwa nguYesu Kristu ecatshulwa njengesaziso sokugqibela kwitheko lomtshato.
Noko ke, ngaba uYesu ngaloo mazwi wayethetha ukuba yonke imitshato imele kukuba yesisigxina nokuba kungabikho naluphi na uqhawulomtshato konke konke? Xa ujonga la mazwi njengoko enjalo, oko bekuya kubonakala kunjalo. Phofu ke, yintoni eyashukumisela uYesu ukuba athethe amazwi anjalo? Ngaba wayevelisa into ethile entsha?
“Ekuqalekeni Bekungenjalo”
Amazwi ka Yesu acatshulwe ngasentla ayeyinxalenye yempendulo yakhe kumbuzo wabaFarisi: “Kuvumelekile na ukuba umntu amale umfazi wakhe nangasiphi na isizathu?” (Mateyu 19:3-6) Benganeliswanga yile mpendulo, abaFarisi bambuza ngokubhekele phaya besithi: “Phofu ibiyini na ukuba uMoses awise umthetho wokuthi, makamnike incwadi yokwahlukana, amale?” Ngokukhawuleza emva koko, uYesu wathi: “UMoses ngenxa yobulukhuni beentliziyo zenu wanivumela ukuba nibale abafazi benu; ke ekuqalekeni bekungenjalo.” Ngoko wongezelela esithi: “Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza.”—Mateyu 19:7-9.
Simele siphawule ukuba amazwi kaYesu athi, “ke ekuqalekeni bekungenjalo,” athethwa ngokubhekisele kuqhawulo-mtshato olwaluphunyezwa ‘ngokunikezelwa kwencwadi yokwahlukana.’ Ngamanye amazwi, xa uThixo wamisela umtshato wokuqala phakathi koAdam noEva, akazange abanike ‘na siphi na isizathu’ sokuphelisa umtshato wabo. Njengesibini esifezekileyo, babenezizathu zokwenza umtshato wabo ube ngophumelelayo. Wawuya kuba nempumelelo ukuba babeqhubekile bephila ngokuvisisana nomthetho nolwalathiso lukaThixo.
Xa uluntu lwawela esonweni nasekungafezekini, kwaba njalo nangomtshato. (Roma 5:12) Ekubeni abantu babengasafezekanga, ulwalamano lwabantu lonakaliswa lwaza lwadyojwa kukuzingca, kukubawa nokukhathalela isiqu sikabani. Oko koko uYesu wayebhekisela kuko ‘njengokuba lukhuni kweentliziyo,’ okwathi ngenxa yako uMthetho kaMoses wavumela uqhawulomtshato. Kanti, uYesu wabakhumbuza abaFarisi esithi: “Ke ekuqalekeni bekungenjalo.” Ngoku, phantsi kweemeko zokungafezeki, amaqabane amele abeke phambili umgudu ofunekayo wokucombulula naziphi na iinzima neengxaki endaweni yokuzisebenzisa njengezizathu zokuqhawula umtshato wawo. Phofu ke, uYesu wabonisa ekuphela kwesizathu onokuqhawulwa ngaso, esisesi, uhenyuzo. Ukungathembeki emtshatweni kunokuba zizizathu zokuwuqhawula umtshato.
Kubangel’ umdla ukuphawula indlela ezithe zasetyenziswa ngayo iingcaciso ezahlukahlukeneyo zeli binzana lithi “kungengaluhenyuzo” ukuze kuxhaswe iimbono ezithile ngoqhawulomtshato. Iincwadi zamaKatolika ngokubanzi azinalo eli binzana ngesizathu sokuba iingxelo ezifanayo ezikuMarko nakuLuka azinalo. Noko ke, iCyclopedia kaMcClintock noStrong icacisa isithi: “Ukuvumelana okucacileyo kwezi zicatshulwa kumele kubonwe kumgaqo wento yokuba ingxelo epheleleyo yento imele icacise leyo ishwankathelweyo, ukuba oku kunokwenziwa ngaphandle kwesinyanzelo. Ngoku, njengoko uqhawulomtshato ngenxa yesi sizathu sinye luvunywa ngumntu wonke, uMarko noLuka basenokuba ngokuzenzekelayo bakuthabatha lula bengakucacisi.”
Bambi baphikisana ngelokuba ekubeni uYesu wasebenzisa igama ‘uhenyuzo’ (ngesiGrike, por·neiʹa) ibe engasebenzisanga ‘ukukrexeza’ (ngesiGrike, moi·kheiʹa), usenokuba wayethetha esinye isenzo esingesihle ngaphambi komtshato esasiya kuwenza umtshato ube ngophuthileyo. Oku ngokungeyomfuneko kuyakuvalela oko kuthethwa leli gama. Iingcaphephe ezahlukeneyo ziyayiqonda into yokuba upor·neiʹa uthetha “ukungabi nyulu, ubuhenyu, ubunongogo, ukuhenyuza,” nokuba kuMateyu 19:9 “umela okanye uquka, ukukrexeza.” Abanye baphikisana ngelokuba uYesu wayecaphula uhenyuzo kuphela njengomzekelo omnye phakathi kwezizathu ezininzi zokuqhawula umtshato. Ngokucacileyo, oku kukunyanzelisa uluvo kwesi sibhalo.
Ngokusuka koku kwandulelayo, kucacile ukuba iBhayibhile ayitsho ukuba yonke imitshato iya kuhlala isigxina ingatsho nokuba uqhawulomtshato aluvumelekanga phantsi kwaso nasiphi na isizathu. Kwelinye icala, iBhayibhile inikela isiseko esinye kuphela esivumelekileyo sokuqhawula umtshato, esisesi, ‘uhenyuzo.’
“Umtshato Mawubekeke”
Ngokuvumela isizathu soqhawulomtshato, ngaba iBhayibhile iyalukhuthaza? Ngaba le mvume iwenza umtshato ube ngongabalulekanga okanye iwuphanga isidima sawo? Okanye ngokuvumela isizathu esinye kuphela sokuqhawula umtshato, ngaba iBhayibhile ibeka umthwalo onzima ngokugqithiseleyo kwabo batshatayo?
Ngokwahluke ngokupheleleyo koko, iBhayibhile ithetha ngomtshato njengomanyano olusondeleyo olunobuqabane olunokunanditshwa ngabantu ababini. lngxelo yomtshato wokuqala ekwiGenesis ithi, “lndoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.” (Genesis 2:24) Ibe amaqabane amele alukhusele olu lwalamano lokuba “nyamanye” njengento ethile exabisekileyo. IBhayibhile iluleka isithi, “Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa.”—Hebhere 13:4.
Ngandlel’ ithile, bekudla ngokuthiwa, isiseko somtshato ohlal’ uhleli nowonwabisayo asikuko ukuthandana ngendlela egqithiseleyo kodwa kukungazingci. Oko koko kanye kuboniswa yiBhayibhile. Ithi: “Amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda; kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla. . . . Umfazi ke makayoyike indoda.” (Efese 5:28-33) Ibe ngamazwi angqalileyo, iBhayibhile iyaluleka: “lndoda mayimenzele okumfaneleyo umfazi wayo; enjenjalo ke nomfazi endodeni yakhe. Umfazi akanagunya kowakhe umzimba, yindoda enalo; kwangokunjalo ke, nendoda ayinagunya kowayo umzimba, ngumfazi onalo. Musani ukwala ukuhlangana.”—1 Korinte 7:3-5.
Xa amaqabane omabini evuma ukuhlala ngokuvisisana nesiluleko esinjalo ukuba nobulumko, kuyinto engenakwenzeka ukuba umtshato wawo ube kwimeko emandundu ukusa kwinqanaba lokuba elinye lawo belingabhenela kwimicimbi engaphandle komtshato, ngaloo ndlela, ngokungathi kunjalo, litshabalalisa ulwalamano lokuba “nyamanye.” Kwanaxa elinye lamaqabane lingayamkeli imigaqo elolo hlobo yeBhayibhile, iqabane elikholwayo linokuba nentembelo yokuba indlela kaThixo iseyeyona ilungileyo, ibe ngaloo ndlela iingxaki ezininzi zomtshato zinokuconjululwa okanye ziphetshwe.
Ngoko, kunokuncomela uqhawulomtshato njengendlela yokuphelisa ukungonwabi emtshatweni, iBhayibhile ibongoza amaKristu ukuba asebenze nzima ukugcina umtshato wawo umanyene nokuwenza ube ngowonwabisayo. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Uvuye ngumfazi wobutsha bakho. Uyotywe luthando lwakhe kuphele.”—IMizekeliso 5:18, 19.
Ngaba Uqhawulo-mtshato Lusisicombululo?
Kuthekani ukuba iqabane likabani lomtshato liba lelingathembekanga? Ngokuqinisekileyo, ukungathembeki emtshatweni kubangela ubunzima obukhulu. lqabane elikrexezayo lizisa intlungu engakumbi nobunzima kweli limsulwa, elinelungelo elingokweZibhalo lokuwuqhawula umtshato neqabane elinetyala lize liphinde litshate. Kodwa ngaba lumele lubekho uqhawulo-mtshato? Ngaba eso kuphela kwesicombululo?
Simele sikhumbule ukuba nangona uYehova uThixo esinike isizathu esilungileyo sokuqhawula umtshato, iBhayibhile ikwathi ngaye: “Ndikuthiyile ukwala.” (Malaki 2:16) Kunokufikelela ngokukhawuleza kwisigqibo sokuba uqhawulo-mtshato lukuphela kwesicombululo, ubani ubesenokuqwalasela imfuneko yokubonakalisa inceba nokuxolela. Kutheni kunjalo nje?
Uqhawulo-mtshato aluyi kuthi ngokuyimfuneko luyisuse intlungu nobukrakra, kodwa inceba nokuxolela kuya kwenjenjalo, ingakumbi xa umoni ezisola ngokunyanisekileyo ngesenzo esibi asenzileyo. Uthando olubonakaliswe ngethuba elinjalo ukuba libi lusenokuthi ngenene luwomeleze umtshato. Ukuwujonga ngale ndlela umcimbi kuya kulinceda iqabane elinyanisekileyo ukuba lihlole oko kusenokuba lelona khondo lihle lokulandelwa, likhumbula amazwi kaYesu athi: “Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona.”—Mateyu 5:7; thelekisa uHoseya 3:1-5.
Enye into emele ivelelwe kwiinkalo zonke ziingxaki ezisenokuvela ngokuphathelele abantwana abahlala kwikhaya elinomzali omnye. Ubulolo bomntu owaliweyo, nabo, bufuna ukuqwalaselwa. Kumntu obhinqileyo, iingxaki zandiswa sisibakala sokuba namhlanje kwezona ndawo zininzi zehlabathi, amabhinqa awakabi nawo amalungelo kwezoqoqosho. Emva kokuba ngumgcini-khaya kangangeminyaka emininzi, kunzima kumama ongumzali omnye ukubuyela kumsebenzi okwiindawo zokuthengisa aze asebenze nabanye.
Wambi amabhinqa acinga ukuba ngoxa etshatile, amele alungiselele ukuhlangabezana noqhawulomtshato olunokwenzeka. Anokubhalisa kwizikolo ezikhethekileyo okanye aqhubele phambili imisebenzi yawo ukuze alondoloze ukungaxhomekeki kwawo kwabanye ngokwemali. Enoba ubani ufanele asukele ikhondo elinjalo okanye angakwenzi oko, unokuzenzela yena siqu isigqibo. Noko ke, endaweni yokuchitha ixesha namandla ulungiselela into esenokwenzeka, ngaba bekungayi kuba kukuqweba ngobulumko ukubeka ixesha namandla ekwakheni umtshato owonwabileyo nohlala uhleli? Ngokusebenza nzima ekuboniseni isiqhamo somoya kaThixo nokuhlala enembono ephilileyo yokomoya, umfazi ongumKristu usenokunandipha uthando nodumo lomyeni wakhe. Ukwanokuba nentembelo kwidinga likaThixo lokuba uzikhathelele iintswelo zabo bafuna tanci uBukumkani.—Mateyu 6:33; IMizekeliso 31:28-30; Galati 5:22, 23.
Isicombululo Sokugqibela
Lo gama siphila kule nkqubo ingafezekanga yezinto, sinokulindela ukuba kuya kubakho iingxaki zomtshato. Phofu ke, ngokulandela isiluleko sobulumko seBhayibhile, ezi zinokwenziwa ncinane okanye kujongwane nazo ngokunempumelelo. Ngaphezu koko, amadoda namabhinqa avumayo ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaYehova emtshatweni nakwezinye iinkalo zobomi asikelelwe ngethemba lokungena kwinkqubo entsha apho “kumi ubulungisa.”—2 Petros 3:13.
Kuloo nkqubo, uluntu luya kukhululeka kuko konke ukonakala nakuyo yonke imiphumo ebuhlungu yesono nokungafezeki. Lo gama ilungiselelo lomtshato liqhubeka likho apha emhlabeni, ‘oko bekunjalo ekuqalekeni’ kuya kuba ngumlinganiselo osetyenziswayo. Eneneni, oko uThixo akumanyileyo, akukho mntu uya kukwahlula.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Wathini uYesu ngokuphathelele uqhawulo-mtshato?
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Kwihlabathi elitsha, aziyi kubakho iingxaki zomtshato ezikhokelela kuqhawulo-mtshato