Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngamaphecana Nangezimemo
1 Enye indoda yabhalela uMbutho oku, “Ndadlula kwinenekazi elithile elandinika iphecana leBhayibhile. Lalinomxholo othi, ‘Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo.’ Ngaphambi kokuba ndilifunde ndandidimazekile, kodwa emva kokulifunda ndandidlamke kakhulu yaye ndiseluxolweni.” Le ndoda yayifuna inkcazelo engakumbi yaza yabhala ukuze iyifumane, icacisa ngelithi: “Ndiyilindele ngolangazelelo incwadi ethi, ‘Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni’ enondithumelela yona.”
2 Eneneni, abaninzi abadumisa uYehova ngoku ulangazelelo lwabo lokomoya lwavuselelwa ngamaphecana nasisigidimi seBhayibhile esibhalwe ngasemva kwizimemo zethu. Ngaba uyawasebenzisa amaphecana nezimemo kubulungiseleli bakho? Abaninzi bayawasebenzisa. EMzantsi Afrika, kuye kwashicilelwa imibhalo engaphezu kwezigidi ezisisi-1,7 yephecana elithi Ihlabathi Elitsha Elinoxolo, kwanemibhalo emalunga nezigidi ezisisi-3,5 yamanye amaphecana amathathu athi, Isizathu Sokuba Unokukholosa NgeBhayibhile, Yintoni Ayikholelwayo AmaNgqina KaYehova? nelithi Liyintoni Ithemba Labafileyo Obathandayo? Kwakhona kuthunyelwa izimemo ezingaphezu kwama-250-000 kumabandla aseMzantsi Afrika nyaka ngamnye.
3 Asifanele siwajongele phantsi amandla eLizwi likaThixo njengoko ecaciswa kwezi zigidimi zifutshane. (Heb. 4:12; thelekisa uZekariya 4:10; Yakobi 3:4, 5.) Elinye iNgqina labhala oku: “Ndifunde amaphecana amaninzi eWatch Tower Society, yaye ekugqibeleni ndiyifundile inyaniso.” Licacisa lisithi: “Kweli hlabathi lamaxhaphetshu, abantu badla ngokungathandi ukuchitha ixesha elide befunda, kodwa amaphecana made ngokwaneleyo ngokokude abe nesigidimi esibalulekileyo kodwa esingeside kangangokuba sibatyhafise abantu ngaphambi kokuba basijonge nokusijonga.”
4 Ngezizathu ezahlukahlukeneyo, ngokufuthi abantu baba mathidala ukuluthabatha uncwadi lwethu. Kodwa abaninzi balithabatha nje ngokukhululekileyo iphecana. Omnye umveleli wesiphaluka uthi unesingxobo esincinane seplastiki abonisa ngaso amaphecana, nto leyo eyenza ukuba umninimzi azikhethele elo alifunayo. Ubhala oku, “Iphecana eliba lelokuqala ukukhethwa lelithi, Yintoni Ayikholelwayo AmaNgqina KaYehova?”
KUTYELELO LOKUQALA
5 Bambi abavakalisi bafumanisa ukuba ukunikela iphecana okanye isimemo yindlela ephumelelayo yokuqalisa incoko. Ngokunikela iphecana, umninimzi okrikrizayo ukusamkela usenokushukunyiselwa ekubeni enjenjalo. Ukubonisa ucwangciso lweentlanganiso oluboniswe kwisimemo kunokuvula indlela yokuxubusha ngomsebenzi wethu nenjongo yawo. Ngaba uyazisebenzisa izimemo? Kuza kufuneka abadala baqinisekise ukuba kukho isixa esaneleyo sokusetyenziswa libandla.
6 Ukuba umninimzi ubonakala exakekile okanye enxunguphele, iphecana lisenokumnceda. Elinye ibhinqa lathuthuzelwa kakhulu liphecana elithetha ngethemba labafi kangangokuba labhalela uMbutho licela inkcazelo engakumbi. Xa kungekho mntu ekhaya, umninimzi usenokushiyelwa iphecana kwindawo elingenakubonwa kuyo ngabadlula ngendlela.
KUMABUYELO
7 Ebuyela apho kwakuboniswe umdla othile ngaphambili, ubani usenokuthi: “Bhota, [chaza igama]. Ndiyavuya ukukufumana usekhaya. Xa sasiqala ukubonana, kwandichukumisa ukuzipha kwakho ixesha lokuncokola ngeBhayibhile. Ndinenkcazelo eyongezelelekileyo endicinga ukuba usenokuba nomdla kuyo. Ifumaneka kweli phecana lithi, Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo. Ukuba usakhumbula, ngaphambili sathetha ngedinga leBhayibhile loxolo lokwenyaniso nolusisigxina eluntwini. Noko ke, ekubeni abaninzi becinga ngezulu kuphela xa befunda la madinga, phawula ukuba INdumiso 37:29 ibonisa ukuba ezi ntsikelelo ziya kuba lapha emhlabeni. [Funda isibhalo, umbonise umninimzi indawo esikuyo kwiphecana.] Ngaba oko akuvakali kukokomdla? [Xubusha iziqendu eziliqela.] Kukho izibhalo ezingakumbi ezikhuthazayo kweli phecana, ibe nazo ngokufanayo uya kukufumana kuluyolo ukuzifunda. Xa ndisiza kwixesha elizayo, mhlawumbi sinokufunda ezinye zazo kunye njengoko siye senjenjalo namhlanje.”
8 Enyanisweni, amaphecana nezimemo zethu zisisipho esivela kuYehova. Ngamana singalusebenzisa ngobuchule olu ncedo luxabisekileyo njengoko siphumeza ubulungiseleli obunempumelelo ukuze simdumise size sizuze iintsikelelo ezingunaphakade.—IMize. 22:29.