Ngaba Abantwana Bakho Sebelungele Ukubuyela Esikolweni?
1 Ebudeni bukaJanuwari, ulutsha olungamaKristu luza kube lubuyela esikolweni. Oku kusenokuphelekwa kukuchwayita nokunxuba okuthile. Ezi mvakalelo zangaphakathi zibangelwa ngamathuba avulekileyo nocelomngeni olulindelekileyo. Lumbi ulutsha luza kube lufunda nabantu abatsha kwaye lufundiswa ngabafundisi-ntsapho abatsha. Kwakhona ulutsha olungamaKristu luyaqonda ukuba nyaka ngamnye omtsha wokubuyela esikolweni uphelekwa kukuvavanywa kokholo, ingqibelelo nothando lwalo ngoYehova. Ngaba nina baselula enisebandleni senikulungele ukubuyela esikolweni? Nina bazali ninokubaxhobisa njani abantwana benu ukwenzela iimvavanyo abaza kujamelana nazo?
SEBENZISA INCWADANA ENEMIFANEKISO ETHI ISIKOLO
2 Ngowe-1983 kwalungiselelwa incwadana enemifanekiso ethi Isikolo ukwenzela ngokukodwa abazali abangamaKristu nabantwana babo abasahamba isikolo. Ilungiselelwe ukubanceda bacacisele abafundisi-ntsapho nabaphathi oko kukholelwa nokuqheliselwa ngamaNgqina kaYehova njengoko oku kuhlobene neenkqubo ezithile zesikolo. Kwakhona inikela imigaqo yekhondo elimanyeneyo lamaNgqina kaYehova ngokuphathelele ihambo yokuziphatha.
3 Le ncwadana inemifanekiso iye yangqineka isisixhobo sokwenene sokukhusela ulutsha oluninzi. Ngokomzekelo, umzali oliNgqina weva ukuba abafundi babeza kuhlohlwa izifundo ezingesini ngabantu abaziwa ngokuziphatha okuvakalala. Ephethe le ncwadana inemifanekiso, lo mzali wakwazi ukuxubusha izizathu ezingokweZibhalo zokungakwamkeli kwakhe oku waza waphumelela ekubeni kwenziwe iinguqulelo ezifanelekileyo kwizifundo ezenziwa yintombi yakhe.
4 Ngaphambi kokuba izikolo zivulwe, abazali banokuxhobisa iingqondo neentliziyo zabantwana babo ngokuzipha ixesha lokuhlaziya iinkumbulo zabo ngoko kuqulethwe yile ncwadana inemifanekiso. Becingela ubudala, ibanga nesikolo abafunda kuso abo bantwana, abazali banokubethelela iingongoma ezikhethekileyo kule ncwadana inemifanekiso ezisenokuba luncedo ngokukhethekileyo ebudeni bonyaka. (IMize. 14:15; 22:3) Xubushani ngokunzulu nomntwana wakho iimeko asenokujamelana nazo, uze ubonise indlela umbandela oshicilelweyo onokuba luncedo ngayo ‘ekuzenzeleni imizila ethe tye iinyawo zakhe.’—Heb. 12:13.
5 Abazali banokwenza lukhulu ukunceda abantwana babo ukuba ‘baziphendulele kumntu wonke’ osenokubabuza ngeembono namathemba abanawo. (1 Pet. 3:15) Kwezinye iimeko abazali basenokukhetha ukuthetha ngokwabo nabafundisi-ntsapho. Bambi abazali abangamaKristu bacwangcisa ukuba batyelele esikolweni ngamathuba athile, njengoko oku kunokuba negalelo ekwakheni ulwalamano oluhle phakathi kwabo nabafundisi-ntsapho. Umdla onjalo wobuqu ukomeleza nolwalamano lomzali nomntwana. Bambi abazali baye balandela icebiso lokuzipha ixesha lokude bahlale phantsi kwigumbi lokufundela baphulaphule xa oku kuvumelekile. Maxa wambi oku kumenza umzali abe nemvakalelo yokwenene ngemekobume neengcinezelo ezahlukahlukeneyo zemihla ngemihla abantwana bethu abajamelana nazo.—1 Pet. 3:8.
YIBA LINGQINA YONKE IMIHLA
6 Elinye iNgqina eliselula lalicela umfundisi-ntsapho walo ukuba alincede kumagama anzima elalidibana nawo xa lifunda incwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo suku ngalunye. Ngenye imini laphawula ukuba incwadana yalo ayikho. Kamva lafumanisa ukuba ngaloo mini “yayibolekwe” ngumfundisi-ntsapho walo owayehambe isikolo singekaphumi ngenxa yokugula. Wayengafuni ukuphoswa kukufunda itekisi. Oku kwakhokelela ekubeni limnike owakhe umbhalo wencwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo.
7 Liyinyaniso elokuba ixesha lokuvulwa kwezikolo libangela ukunxuba nokunxunguphala okuthile. Phofu ke, imbono entle kunye nokulungiselela ngenkuthalo kuya kunceda abazali nolutsha ukuba ‘baxhobisele iingqondo zabo umsebenzi’ wokudumisa uYehova ebudeni bonyaka ozayo esikolweni.—1 Pet. 1:13, NW.