IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/91 iphe. 2
  • Lisebenzise Ngobulumko Ihlobo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Lisebenzise Ngobulumko Ihlobo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • Xhakamfula Amathuba Okunikel’ Ubungqina Ebudeni Behlobo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1990
  • Ucwangcise Ntoni Kweli Hlobo?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 11/91 iphe. 2

Lisebenzise Ngobulumko Ihlobo

1 Abantwana besikolo badla ngokubuzwa oko baceba ukukwenza ebudeni beeholide zehlobo, yaye xa bebuyela esikolweni, basenokucelwa ukuba banikele ingxelo ngoko bakwenzileyo. Eneneni, sonke, abaselula nabakhulileyo, senza kakuhle ukuzibuza oku: ‘Yintoni esicebe ukuyenza ngeeholide zethu zehlobo? Xa zidlulile, ngaba siya kukwazi ukunikela ingxelo ngehlobo elibe yingenelo nelibe nempumelelo?’—Efe. 5:15, 16.

2 Ukungenelwa Kwiindibano: Abaninzi baza kuya kwiNdibano Yesithili “Yabathandi Benkululeko.” Ngemva koko, siya kuba senza kakuhle ukuhlolisisa amanqaku ethu ukuze sibone iingongoma esizifundileyo nesinokuzisebenzisa ebomini bethu njengabadumisi bakaYehova. Kwabase-Efese 4:25 sikhuthazwa ngelithi “thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe.” Abona bamelwane bethu basondeleyo ngamalungu entsapho yethu. Sinokuxubusha nawo okanye namalungu entsapho yethu yokomoya ngenxalenye ethile yokudla kokomoya okuye kwalungiselelwa ebudeni bocwangciso lwendibano.

3 Yiba Nenxaxheba Kubulungiseleli BaSentsimini: Ngaba sicebe ukuba nenxaxheba enkulu kangangoko sinako kubulungiseleli ebudeni beli hlobo? Ukuba sikunye namabandla esikhonza kuwo, siya kufuna ukuxhasa amalungiselelo athe rhoqo enkonzo yasentsimini. Sinokukwazi ukuba nenxaxheba ekunikeleni ubungqina ngamarhatya, ekubeni imini inde. Abantu abaninzi basemakhaya ngamarhatya yaye baphumle, nto leyo eyenza kube lula ngakumbi ngathi ukuthetha nabo ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani.—Isa. 50:4.

4 Xa sisenza amalungiselelo okutyelela, enoba siya endibanweni okanye ekhefini, sifanele silungiselele ukuphatha iincwadana ezinemifanekiso. Xa kuvela amathuba okunikela ubungqina obungacwangciswanga, sinokwalathisela ingqalelo kwenye yeencwadana ezinemifanekiso. Ngoxa sikude nekhaya, sisenokukwazi ukuyifumana iHolo yoBukumkani, siye ezintlanganisweni, size sibe nesabelo kwinkonzo yasentsimini kunye nabazalwana noodade basekuhlaleni. Oku kufanele kungqineke kungumthombo omhle wokhuthazo kuthi nakwabo bazalwana siya kube sikunye nabo.—Roma 1:12.

5 Ukuba siya kube singekho sebandleni lethu ekupheleni kwenyanga, sifanele sithi kwangethuba sithumele ngeposi ingxelo yethu yasentsimini kunobhala ukuze ayiquke kwingxelo ayithumela ngomhla wesithandathu wenyanga elandelayo. Kungenjalo, sinokuyishiya kuye ngaphambi kokuba sinduluke, yaye nawuphi na umsebenzi esiwenza emva koko sinokuwuquka kwingxelo yenyanga elandelayo.

6 Zabalazela Ukuqhuba Izifundo: Ngokuqhelekileyo ziba mbalwa izifundo eziqhutywayo ngeenyanga zasehlotyeni kuba bambi abaqhutyelwa izifundo zeBhayibhile baya ekhefini. Nomqhubi wesifundo usenokuhamba kodwa mhlawumbi ngexesha elahlukileyo. Kunokuyeka iiveki ziqengqeleke singaqhutywa isifundo, besingenakucela omnye na ebandleni ukuba asiqhube eso sifundo ngoxa singekho? Kuhle ukuba isifundo siqhutywe rhoqo kangangoko kunokwenzeka ukuze kugxininiswe engqondweni yalowo oqhutyelwa isifundo imfuneko yokondliwa rhoqo ngokomoya.

7 Kwanga sonke singakwazi ukuthi xa sikhangela emva kwihlobo lowe-1991 sivakalelwe kukuba, njengabakhonzi abazahluleleyo bakaYehova, ngokwenene silisebenzise ngobulumko ixesha ‘ekubambeni umzekelo wamazwi aphilileyo’ nasekuncedeni abanye ukuba bafunde amazwi aphilileyo enyaniso eseLizwini likaYehova.—2 Tim. 1:13.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share