Iintlanganiso Zenkonzo KaNovemba
Iveki Eqala NgoNovemba 4
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Balaselisa amanqaku akumaphephancwadi angoku asenokusetyenziswa kumsebenzi wamaphephancwadi ngalo Mgqibelo.
20 imiz: “Ukulisebenzisa Ngobuchule ILizwi Lenyaniso.” Ukugutyungelwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo. Balaselisa imfuneko yokusebenzisa iBhayibhile emakhayeni abantu. Emva kokuxubusha isiqendu 5, bonisa indlela enokusetyenziswa ngayo intshayelelo ecetyisiweyo.
15 imiz: “INew World Translation—Ingumsebenzi Wabaphengululi Yaye Inyanisekile.” Ukuxutyushwa kwenqaku elikwiMboniselo kaMatshi 1, 1991.
Ingoma 23 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoNovemba 11
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khuthaza ukungenelwa kwenkonzo yobuvulindlela bobuncedani ebudeni bukaDisemba.
25 imiz: “Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Zamakhaya.” Mayigutyungelwe ngemibuzo neempendulo. Yiba nomvakalisi onamava ebonisa indlela isifundo seBhayibhile esinokuqaliswa ngayo kumntu oye wabonisa umdla kwincwadi enikelweyo. Khuthaza abazalwana ukuba babuyele kubo bonke ababonise umdla, enoba banikele uncwadi okanye akunjalo.
10 imiz: “IVideo Entsha!—Indlela Yokuyisebenzisa.” Intetho ebalaselisa iingongoma eziziintloko kweli nqaku. Gxininisa ukuba eli lungiselelo litsha lelokuqhelanisa izifundo zeBhayibhile ezinenkqubela nezalamane kunye nentlangano kaYehova.
Ingoma 167 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoNovemba 18
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni, ingxelo yemali nezaziso zoMbutho zokufumana iminikelo. Bancome abazalwana ngokunikela kwabo.
20 imiz: “Ilungiselelo LeSifundo Sencwadi Sebandla—Icandelo 5.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo eqhutywa ngumveleli wenkonzo. Cela abanye bagqabaze ngendlela abaye bangenelwa ngayo leli lungiselelo, okanye udlan’ indlebe nomnye okanye ababini abaye bancedwa kukutyelela komveleli wenkonzo.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni okanye intetho esekelwe kumanqaku athi “Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa.” Balisa amava avela kula manqaku eMboniselo ubonisa umphumo onamandla iBhayibhile enawo kubomi babantu. Unokuquka nengxelo ekwinkupho ka-Aprili 1, 1991.
Ingoma 75 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoNovemba 25
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Iindaba Ezingokobuthixo. Khuthaza bonke ukuba babe nenxaxheba kwinkonzo yasentsimini ngeCawa, ngoDisemba 1.
20 imiz: “Zinikele Ngomphefumlo Uphela Kubulungiseleli Basentsimini—Icandelo 5.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo yenqaku lokugqibela kolu ngcelele. Bakhuthaze ngokufudumeleyo bonke ukuba basebenzise amacebiso anikelweyo. Ngokuvuma kwexesha, quka udliwano-ndlebe nomvakalisi okanye uvulindlela onenzondelelo onokubalisa ngeengenelo azinandiphe ngokobuqu ngokuba nenxaxheba ngokuzeleyo kubulungiseleli.
15 imiz: “Lisebenzise Ngobulumko Ihlobo.” Mayigutyungelwe ngemibuzo neempendulo. Sisoloko sisiba nengxelo ephantsi kakhulu yenkonzo ngoDisemba njengoko abaninzi bengekho kumabandla abo baze bangayingenisi kwangethuba ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini. Khuthaza bonke ukuba bayingenise kwangethuba ingxelo yabo baze basebenzele ukuba ingxelo yabo yenkonzo yalo Disemba ibe yeyona isemagqabini.
Ingoma 71 nomthandazo wokuqukumbela.