Ukudla Kokomoya Kwemihla Ngemihla—Kuyimfuneko Kwintsapho YamaKristu
1 “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.” (Mat. 4:4) Hayi indlela ayinyaniso ngayo loo mazwi! Nanjengoko sikufuna yonke imihla ukudla kokwenyama, ngoko sifanele sidle ukudla kokomoya imihla ngemihla. Ukuze usincede sizondle rhoqo ngeLizwi likaThixo, uMbutho upapashe incwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla. Njengentsapho yamaKristu, ngaba nibekela bucala suku ngalunye ixesha lokuqwalasela itekisi yosuku?
2 Abazali Bamele Bamisele Umzekelo: Ekubeni kuxakekiwe, kulula ukukubekela ecaleni ukuhlolisisa itekisi, kucingwa ukuba kunokwenziwa ngelinye ixesha. Kodwa ukuba abazali bayiphaphele intswelo yokomoya yentsapho yabo, baya kufumana ixesha, ewe, baliqwebe ixesha, suku ngalunye lokwenjenjalo xa intsapho indawonye. (Mat. 5:3) Baya kuthabatha inyathelo kuqala ngokungapheleli nje ekufundeni itekisi yosuku nabantwana babo kodwa nangokubalaselisa iingongoma ezikumagqabaza eMboniselo nangokuxubusha ngendlela enokusetyenziswa ngayo ngokoqobo inkcazelo nesiluleko. Liyinyaniso elokuba kusenokufuna umgudu noqheliselo ukuze oku kube ngumkhwa, kodwa iingenelo zikufanele oko. (Thelekisa IZenzo 17:11, 12.) Ngoko, bazali, zibhokoxeni ukuze nimisele umzekelo omhle!
3 Fumanani Ixesha Elifanelekileyo: Linini elona xesha lifanelekileyo lokuba yonke intsapho ihlanganisane ukulungela ingxubusho yetekisi, ukuze ingabi yinto eyenziwa ngamabona-ndenzile? Kuzisa iingenelo ukuqalisa usuku ngokuqwalasela indinyana yeBhayibhile. Kumakhaya aseBheteli nawabavangeli basemazweni ehlabathini jikelele, usuku luqaliswa ngonqulo lwakusasa, oluquka ingxubusho emfutshane yetekisi yosuku. Oku kuyabanceda abazalwana ukuba baluqalise kakuhle usuku, umhla nezolo becinga ngamazwi akhumbuzayo kaYehova.—INdu. 1:1, 2; Fil. 4:8.
4 Ngokukwanjalo neentsapho zamaKristu zinokungenelwa kwiingxubusho zeBhayibhile zakusasa. Zinokubanceda abantwana bahlangabezane nezinto ezisongela ubumoya babo abajamelana nazo esikolweni. Ukuba kangangexesha elithile akunakwenzeka ngentsapho ukuba iyonke ihlale phantsi ukulungela ingxubusho yetekisi yosuku, abazali banokucinga ngamanye amalungiselelo aluncedo ukuze esi sondlo sokomoya sibalulekileyo singatyeshelwa. Ngokomzekelo, xa ubawo emele aye emsebenzini ngaphambi kokuba abantwana bavuke kusasa, mhlawumbi umama angasebenzisa ixesha elithile exubusha itekisi nabantwana. Kwelinye icala, zimbi iintsapho zenza amalungiselelo okuyixubusha itekisi ngokuhlwa kuba ngelo xesha zindawonye. Ntsapho nganye inokwenza ucwangciso oluzivumela kakuhle iimeko zayo.
5 Isondlo sokomoya semihla ngemihla siyimfuneko kwintsapho yamaKristu. Ukuqwalasela itekisi yosuku kufanele kubekwe kwindawo yokuqala. (Fil. 1:10) Ukuxubusha indinyana yeBhayibhile suku ngalunye kuya kusinceda sinamathele kwimigaqo nemithetho kaYehova yobulungisa. Ukusebenzisana kwelungu ngalinye lentsapho kuya kubenza bangenelwe kangangoko xa bebonke kweli lungiselelo.