IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/92 iphe. 2
  • Iintlanganiso Zenkonzo KaMeyi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintlanganiso Zenkonzo KaMeyi
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala NgoMeyi 4
  • Iveki Eqala NgoMeyi 11
  • Iveki Eqala NgoMeyi 18
  • Iveki Eqala NgoMeyi 25
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 5/92 iphe. 2

Iintlanganiso Zenkonzo KaMeyi

Iveki Eqala NgoMeyi 4

Ingoma 72

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Khuthaza abavakalisi ukuba baye enkonzweni ngale mpela-veki. Bonke abavakalisi bafanele bakwenze usukelo lwabo ukuba nesabelo rhoqo kubulungiseleli veki nganye nokuyingenisa ngokukhawuleza ingxelo ekupheleni kwenyanga.

20 imiz: “Ukunikela Umrhumo WeMboniselo NgoMeyi.” Ukugutyungelwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo. Quka ingxubusho yenjongo yeMboniselo njengoko ichazwe phezulu kwiphepha 2 lenkupho nganye. Kusenokucetyiswa iintshumayelo ezongezelelekileyo, ezisekelwe kumaphephancwadi aza kusetyenziswa kwinkonzo yasentsimini kule veki. Umlinganiselo wokuhanjiswa kwamaphephancwadi uhlile ngoko bonke abavakalisi bayakhuthazwa ukuba bakuphaphele ukunikela amaphephancwadi ngalo lonke ixesha, naxa umrhumo ungamkelwa.

15 imiz: “Iintshayelelo Zinokwenza Umahluko.” Xubusha inqaku nabaphulaphuli. Ngaba bakhe bazizama iintshayelelo ezicetyiswe kwiinkupho zakutshanje zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani, inkoliso yazo ethatyathwe kwincwadi Ukuqiqa? Ziziphi iintshayelelo abazifumanise ziphumelela ngokona kona kwintsimi yasekuhlaleni? Abavakalisi bazilungiselela nini baze benze uqheliselo lweentshayelelo zabo zenkonzo yasentsimini? Yiba nemiboniso emibini okanye emithathu emifutshane yeentshayelelo eziye zaphumelela ekuhlaleni.

Ingoma 32 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoMeyi 11

Ingoma 9

5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni.

20 imiz: “Buyela Ngokunempumelelo.” Xubusha nabaphulaphuli iingongoma eziziintloko zenqaku, mhlawumbi kuquka namava amafutshane akutshanje apho ukubuyela kuphumele ekuvuselelweni komdla ongakumbi. Sebenzisa imizuzu emithandathu ukusa kwesibhozo yokugqibela usenza umboniso wendlela umqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla anceda ngayo abavakalisi ababini okanye abathathu balungiselele ukubuyela kubantu abanomdla ababafumene kutshanje kwintsimi yasekuhlaleni. Ukuba kunokwenzeka, sebenzisa amabuyelo okwenene abavakalisi abaza kuwenza kamva.

20 imiz: Ingxubusho yombandela othi “UNqulo Lweminyanya” kwincwadi Ukuqiqa, iphepha 260-2. Ngoxa abaninzi besenokuphikisa ngelithi iminyanya ayinqulwa yinkoliso yabantu kumazwe aseNtshona, kwibutho lezi mini zininzi gqitha izinto ezenziwayo zokuhlonela abafileyo. Bambi abantu basahlonelwa yaye bayanqulwa ngokungathi basaphila. Imifanekiso eqingqiweyo, imizobo namabali athetha ngobomi babantu zizikhumbuzo zabantu abadumileyo. Biza umboniso wobawo ethetha nomntwana okwishumi elivisayo. Umzali usebenzisa inkcazelo ekwincwadi Ukuqiqa, iphepha 261. Ubalaselisa umbandela okwimixholwana emibini yokuqala ukuze abonise umntwana isizathu sokuba kuyingozi ukubukela iifilimu ezoyikekayo ezikhuthaza ukusebenzelana nemimoya okanye ingcamango yokuba abafileyo bayabuya ukuza kungcungcuthekisa abaphilileyo. Ucacisa imeko yabafileyo nethemba lovuko, aze abonise indlela oku okufanele kuyichaphazele ngayo imbono yethu ngabafileyo. Umntwana uthi unqwenela ukuyiphepha indlela yokuzonwabisa ekhuthaza ukusebenzelana nemimoya.

Ingoma 65 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoMeyi 18

Ingoma 202

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni, kuquka ingxelo yemali nezaziso zokufunyanwa kweminikelo. Lincome ibandla ngokuxhasa kwalo ngemali ibandla lasekuhlaleni kwanomsebenzi woMbutho owenziwa ehlabathini lonke. Amabandla afanele enze amalungiselelo aqinisekileyo okuba nesabelo kumsebenzi wamaphephancwadi ngemihla yeeholide zikawonke wonke ngoMeyi. Bonke bayakhuthazwa ukuba bawaxhase la malungiselelo, nokuba yinxalenye nje yosuku.

20 imiz: “Khuthaza Ukuzibekela Usukelo Lokomoya.” Ingxubusho nabaphulaphuli emele isingathwe ngumdala. Emva kokuqwalasela isiqendu 6, dlan’ indlebe nomvakalisi ongumzekelo owathi eselula wasabela kukhuthazo lokuzabalazela ukufikelela usukelo lokomoya. Wakhuthazwa njani? Xa kuqwalaselwa isiqendu 7, bonisa iingenelo ezisengqiqweni eziya kuzuzwa ngabazali nalulutsha ngokuhlolisisa kwakhona isahluko 22, 38 nesama-39 sencwadi Imibuzo Yabantu Abaselula.

15 imiz: Lungiselela Uhlaselo Lomhlaba Ongabelwanga Bani Ngowe-1992. Umveleli wenkonzo uxubusha ileta yoMbutho ka-Aprili 1, 1992, ethetha ngohlaselo lomhlaba ongabelwanga bani ngowe-1992. Usenokusebenzisa amava abaliswe kwiMboniselo kaFebruwari 1, 1992, iphepha 24, neka-Aprili 1, 1992, iphepha 15.

Ingoma 213 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoMeyi 25

Ingoma 220

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neeNdaba Ezingokobuthixo. Amava ngephulo lemirhumo (la anokulungiselelwa kusengaphambili ngoncedo lomzalwana osingatha imirhumo ebandleni).

15 imiz: Zikhusele Kuwexuko. Ingxubusho phakathi komdala nomvakalisi behleli etafileni. Umvakalisi uthi enkonzweni udibene nomntu obefunda uncwadi lwabawexuki. Umvakalisi uxelela umdala ukuba unoluvo lokuba umninimzi ebeyibuza enyanisekile imibuzo yakhe. Umvakalisi akayamkelanga impapasho ebhalwe ngabawexuki ebeyinikwa ngumninimzi kodwa angathanda ukuzama ukuphendula imibuzo yomninimzi. Umdala uyamncoma umvakalisi ngesimo sakhe sengqondo esihle noko akwenzileyo. Kunokuxubusha oko kubhalwe okanye kuthethwe ngabawexuki, kububulumko ukunikela ingqalelo kwimbono yeZibhalo ngemibandela njengoko ichazwe kwincwadi Ukuqiqa. Umdala ucela umvakalisi ukuba avule incwadi yakhe Ukuqiqa, yaye bahlolisisa kunye umbandela okwiphepha 379-82. Ingxubusho ifanele ibe nehlombe yaye ibe yekhuthazayo njengoko beqwalasela ingcaciso yowexuko, umxholwana ngamnye obhalwe ngqindilili neendinyana ezikhethiweyo eziziintloko ngokuvuma kwexesha. Uqukumbela ingxubusho ngamazwi akhuthazayo ngokuphathelele wonke umbandela owakhayo nokhuthazayo nesinawo wokufundisisa. Yabelana nomninimzi ngesigidimi esakhayo. Ukuba unyanisekile, uya kuwubona umahluko phakathi kwendlela entle yokuhlolisisa inyaniso nendlela engakhiyo neyokugxeka esetyenziswa ngabawexuki. Ngokuyibhebhetha kwethu indlela yokucinga yabawexuki nombandela wabo, sibonakalisa ukunyaniseka kwethu kuYehova nakwintlangano yakhe ebonakalayo.

20 imiz: “Ukudla Kokomoya Kwemihla Ngemihla—Kuyimfuneko Kwintsapho YamaKristu.” Ukuxutyushwa kombandela ngemibuzo neempendulo.

Ingoma 108 nomthandazo wokuqukumbela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share