IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/92 iphe. 4
  • Buyela Ngokunempumelelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Buyela Ngokunempumelelo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukwenza Amabuyelo Ngendlela Elula Nephumelelayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Khulisa Umdla Ngokwenza Amabuyelo Ngokuphumelelayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Sebenzisa Incwadi Ukuqiqa Xa Ubuyela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Qweba Inkalipho Ukuze Ubuyele
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 5/92 iphe. 4

Buyela Ngokunempumelelo

1 Ukubuyela kuyinxalenye ebalulekileyo yenkonzo yethu ‘njengabasebenzisi bakaThixo.’ (1 Kor. 3:6-9) Akuyomfuneko ukuba soyike indlela aza kusabela ngayo umninimzi, ekubeni sityelela umntu osele ebonakalise umdla enyanisweni. Ukulungiselela kwethu kakuhle kuya kubonakalisa ukuba sinomdla wobuqu nongazenzisiyo kuloo mntu simtyelelayo njengoko sixubusha ngombandela obangel’ umdla oseBhayibhileni.

2 Ngqala; buza imibuzo yobuchule.

Ngokuphuma koko ubukuthethe kutyelelo lokuqala, usenokubuza:

◼ “Ngaba uye wacingisisa ngakumbi ngamadinga kaThixo okulawula umhlaba ngobulungisa?”

Omnye umbuzo usenokuthi:

◼ “Ngaba uvakalelwa kukuba umthandazo wakho wokuba uBukumkani bukaThixo bufike unentsingiselo ngakumbi ukususela kwingxubusho yeBhayibhile ebesinayo kwiveki ephelileyo?”

Imbonakalo yobuso yobuhlobo nemvakalo-zwi zinendima enkulu ekubonakaliseni umdla wethu onyanisekileyo xa sibuza imibuzo enjalo.

3 Musa Ukungxama; Phulaphula Oko Umninimzi Akuthethayo. Ukuba siphulaphula oko umninimzi akuthethayo size sicinge nzulu ngaphambi kokuphendula, umdla wokwenyaniso esinawo kuye njengomntu uya kucaca. Kuxhomekeke koko akuthethayo, unokumchazela ingcamango yeSibhalo ehlobene notyelelo lwakho lokuqala. Zilungiselele ukumfundisa okuthile umninimzi sihlandlo ngasinye utyelela. Ukuba kuphakama umbandela obungalindelwanga, sebenzisa elo thuba ukhuphe incwadi yakho Ukuqiqa ukuze ufumane inkcazelo efunekayo.

4 Ukuba ubuhambise i-“Mboniselo” kaMeyi 1, 1992, unokuthi:

◼ “Kwixesha elidlulileyo, sithethe ngonyaka we-1914. Imfazwe eyaqala ngaloo nyaka yazisa iinguqu koorhulumente abaninzi. Ukususela ngelo xesha kuyaqhubeka kusenziwa iinguqulelo ezininzi. Kodwa ngaba naziphi na kwezi okanye xa zizonke ezi nguqulelo ziye zazanelisa ngokwenene iintswelo zabantu, okanye ngaba zinokuqinisekisa uxolo oluhlala luhleli? [Lindela impendulo.] Phawula indlela uYesu awabafundisa ngayo abalandeli bakhe ukuba bathandazele urhulumente onokuzicombulula ngokwenene iingxaki ezinkulu esijamelene nazo namhlanje. [Funda uMateyu 6:9, 10.] Ucinga ukuba uBukumkani bukaThixo buza kufeza ntoni? [Lindela impendulo.] Ingcaciso yeBhayibhile ikwabangel’ umdla gqitha.” Yandula ke ufunde uDaniyeli 2:44. Usengathanda ukusebenzisa umfanekiso okwiphepha 12 nele-13 kwincwadi Unokuphila Ngonaphakade ukuze ubonise iimeko ezinokulindelwa kuBukumkani bukaThixo.

5 Ukuba uhambise u-“Vukani!” kaMeyi 8, 1992, unokuthi:

◼ “Ukugqibelana kwethu, sithethe ngabantu abashiye ilizwe abazalelwa kulo ukuze baphephe ukungabikho kokusesikweni nokubandezeleka. Ngaba ucinga ukuba ngokwenene uThixo unenkathalo ngempatho abantu abamele bayinyamezele ezandleni zabantu abaphila nabo?” Kuxhomekeka kwimpendulo, unokwabelana naloo mntu ngoko kukwiNtshumayeli 4:1 okanye INdumiso 72:12-14. Unokwandula ke utyhile kwiphepha 14 nele-15 lencwadana enemifanekiso ethi “Uyabona” uze ufunde okanye ushwankathele iziqendu ezithathu ezikuloo maphepha, ubuza imibuzo kwisiqendu ngasinye.

6 Masiqhubeke sibonakalisa umdla wobuqu yaye sicinga ngemibandela ebangel’ umdla yeBhayibhile esinokuxubusha ngayo ukuze ukubuyela kwethu kube nempumelelo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share