Ngaba Umdla Unokuvuselelwa?
1 “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mat. 5:3, NW) Loo mazwi awathethwa nguYesu kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni anentsingiselo. Bambalwa abantu abaqondayo ukuba bafuna izinto zokomoya ukuze benze ubomi babo bonwabe buze bube nenjongo. Kukho abathile ababekhe baziphaphela iintswelo zabo zokomoya kodwa baphinda bayeka. Kukho okuthile okuye kwabenza baphola ngokuphathelele imibandela yokomoya. Baye bakunikel’ umva oko ngokwenene kuyingenelo kubo. Umbuzo ngulo, Ngaba umdla wabanjalo unokuvuselelwa? Okuvuyisayo kukuba kwabanye unako.
2 Usenokuba wazi othile owayefundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova kwiminyaka eyadlulayo, mhlawumbi esengumntwana, kodwa ongakhange aqhubeke enxulumana nabantu bakaThixo. Noko ke, kusenokuba iimfundiso zeBhayibhile nemigaqo ethile yobulungisa yabetheleleka engqondweni yakhe ibe usayikhumbula. Njengoko iimeko zehlabathi zisiya zisiba mbi yaye neemeko ebomini ziguquguquka, umntu uyazikhumbula izinto awazifunda ngaphambili ibe usenokuphethukela kuThixo aze akulungele ukungenisa ulwazi olungakumbi lweBhayibhile. Ukuya kubantu abanjalo ngenjongo yokuvuselela ngokutsha isifundo seBhayibhile kunokungqineka kunowona mvuzo mkhulu.
3 Ngokuqinisekileyo ngamaxesha athile kufanele kwenziwe umgudu wokuya kwabo babezile eSikhumbuzweni. Mabazi ukuba uyixhalabele ngokwenene impilo-ntle yabo yokomoya, uze ucele ukufundisisa nabo iBhayibhile. Kumelwe kwenziwe umgudu okhethekileyo wokunceda abo babeye kwiindibano zesithili, ezesiphaluka nezikhethekileyo zosuku olunye. Kwiimeko ezithile kusenokuba yingenelo ngomnye umvakalisi ukuya kumntu owayekayo ukufundelwa ngenxa yokungabi nankqubela.
4 Kakade ke, kulindeleke ukuba abantu esifundisisa kunye nabo baluthabathe nzulu unqulo lukaYehova baze babonakalise umlinganiselo othile wenkuthalo kwisifundo sabo seBhayibhile. Kodwa thina, sifanele siqinisekise ukuba siye senza umgudu owaneleyo wokunceda nokuze sivakalelwe ngakwabanye njengompostile uPawulos xa wathi, “Ndimsulwa egazini labo bonke.”—IZe. 20:26.