Khetha Iingongoma Ezifanelekileyo Onokuthetha Ngazo
1 Yintoni esinokuyenza ukukhuthaza abantu ukuba bafunde rhoqo IMboniselo noVukani!? Sifanele sibe neengongoma ezibangel’ umdla esinokuthetha ngazo xa sinikela la maphephancwadi kwabanye. Ukuba siye saqhelana kakuhle nabantu abakwintsimi yethu size sicinge ngabo xa sifunda amaphephancwadi, sinokukhangela iingongoma esinokuthetha ngazo ukuze sitsale umdla wabo.
2 Kweminye imimandla abantu basenokuba nemvelaphi efanayo, nto leyo eyenza ukuba kube lula gqitha ukuphawula okuthile abaya kuba nomdla ngokubanzi kuko. Kodwa kwezinye iindawo, sisenokufumana abantu abaneemvelaphi ezininzi ezahlukahlukeneyo. Ukuba sineengongoma ezininzi esinokuthetha ngazo, sinokukhetha enye eyiyeyona imfanela kakuhle umntu ngamnye esidibana naye.
3 Musa ukungxama ngokuwalahla amaphephancwadi amadala xa ufumana amatsha. Omnye umzalwana udla ngokubonisa umninimzi iinkupho ezintathu okanye ezine zeMboniselo aze amvumele akhethe ezo afuna ukuzifunda. Ukuba sifumanisa ukuba sifumana amaphephancwadi amaninzi kunalawo sinokuwahambisa, sifanele sicinge ngokulungelelanisa iodolo yethu.
4 Ngokusoloko sisebenzisa iingongoma ezifanelekileyo esinokuthetha ngazo, sisenokushukumisela abanye ukuba bafunde amaphephancwadi ethu size mhlawumbi senze ukuba bahambe kwindlela esa ebomini. (Mat. 7:14) Ukuba siwuqwalasela ngenyameko lo mbandela ubalulekileyo, sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kusisikelela.