Yiba Nguvulindlela Ongumncedani NgoDisemba
1 Sonke senza kakuhle ukuzibuza oku: ‘Ndiya kuba ngumthwali wokukhanya ukusa kuwuphi umkhamo ngoDisemba? Ngaba ndinokuba nguvulindlela ongumncedani?’—Mat. 5:14, 16.
2 Ngokuqhelekileyo abantu abaselula ababhaptiziweyo banexesha elongezelelekileyo bengayi esikolweni ebudeni bexesha leholide. Abanye abazali nabanye abavakalisi abakhulileyo basenokukwazi ukuthelela abavakalisi abaselula kwinkonzo eyongezelelekileyo ebudeni baloo nyanga. Ngokufanayo nabo basebenza ixesha elizeleyo baya kuba nexesha elithile elongezelelekileyo abanokulinikela kobu bulungiseleli busindis’ ubomi.
3 Isibakala esiyintloko esinokusenza sikwazi ukukhonza njengoovulindlela abangabancedani kukukulungela ukwenza umgudu owongezelelekileyo ofunekayo. (Luka 13:24) Ukuba siyilungelelanisa ngenyameko imisebenzi yethu, kuquka imicimbi yentsapho neyebandla, sinokulenza lifumaneke ixesha ukuze sifumane uvuyo lokukhonza njengovulindlela ongumncedani.
4 Ngaba unokukwazi ukwandisa ubulungiseleli bakho ngoDisemba? Ukwenjenjalo kunokukunceda uzive unentembelo ngakumbi xa usentsimini yaye oko kuya kuphumela kumava akhayo. Ngaloo ndlela unokuzuza uyolo olungakumbi.—IZe. 20:35.