Shumayela Ngendlela KaThixo Yokuzisa Uxolo Nonqabiseko
1 Abantu baye bacebisa iindlela ezininzi zokuzisa uxolo nonqabiseko, kodwa akukho nanye kwezi eyanelisa iintswelo zokwenene zabantu ehlabathini lonke. Nangona intiyo yonqulo, yobuzwe neyobuhlanga, ndawonye nokuzigwagwisa nokubawa kwezobupolitika, kubonakala kuzezona zinto ziphambili ezixabe endleleni esa kwihlabathi elinqabisekileyo nelinoxolo, amaKristu okwenyaniso ayazi ukuba eyona miqobo yokwenene nguSathana uMtyholi nokungavumi kwabantu ukuzithoba kuYehova uThixo.—INdu. 127:1; Yer. 8:9; 1 Yoh. 5:19.
2 Ebudeni bukaJanuwari, siya kuzabalazela ukunceda abamelwane bethu babone ukuba yindlela kaThixo kuphela eya kuzisa uxolo nonqabiseko nokuba nguYehova oya kuzicombulula zonke iingxaki zoluntu.
3 Ukusebenzisa umnikelo: Sinokwabelana nabanye ngesi sigidimi sakhayo ngokusebenzisa umnikelo ocetyisiweyo ngoJanuwari. Nayiphi na kwezi ncwadi zilandelayo isenokunikelwa ngexabiso elithotyiweyo le-R1,00 inye: Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu, “Injongo Kanaphakade” KaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo nethi Iindaba Ezilungileyo Zokonwabisa Wena. Ukongezelela, amabandla asenokunikela nayiphi na incwadi endala enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngaphambi kowe-1980 ngexabiso elithotyiweyo le-R1,00 inye. (Nceda uphawule: Kwezinye iilwimi kusenokunikelwa iimpapasho ezahlukileyo. Nceda ujonge izaziso kulwimi olusebenzisayo ukuze ubone iincwadi ezifanele zinikelwe.)
4 Namhlanje izigidi zabantu zidimazekile, yaye zilangazelela ixesha lokunyangwa neloxolo, unqabiseko nokuzola kokwenyaniso. Iincwadi zethu zilukhuthazo lokwenene kubantu abaninzi abanjalo. Uxolo nonqabiseko lokwenyaniso lunokuvela kumthombo omnye kuphela, uYehova uThixo. Ekubeni uYehova ekuphela komthombo woxolo lokwenyaniso, abantu bafanele ‘banyuke baye entabeni kaYehova’ baze bayalelwe ngeendlela zakhe. (Mika 4:2, 3) Ezi mpapasho ziya kunceda abantu abantliziyo zinyanisekileyo bafunde ngendlela uYehova aya kuluzisa ngayo uxolo nonqabiseko kulo mhlaba esebenzisa uBukumkani bakhe.
5 Abantu abaninzi bayathandabuza enoba imigudu yokuzisa uxolo eyenziwayo ngoku iza kuphumelela kusini na. Incwadi ethi Iindaba Ezilungileyo inokubathuthuzela ngokubazisa ukuba uThixo uya kuzisela uluntu uxolo oluya kuhlala luhleli. Injongo yakhe ngomhlaba ayikuvumeli ukutshatyalaliswa kwawo ngabantu. Izigidi zabantu kweli lizwe ziyalamba, zingamahlwempu ngokungathethekiyo yaye azinamakhaya. Ukunganqabiseki kobuqu ngenxa yolwaphulo-mthetho olwandayo kubangela ukuba abantu abaninzi bazive benjengamabanjwa kumakhaya abo. Incwadi ethi Iindaba Ezilungileyo idlulisela ukukhanya kweZibhalo ngokuchaza isicombululo.
6 Iindlela zokuphila zala maxesha, kuquka ukuxhatshazwa nokusetyenziswa kakubi kwamandla esini anikelwe nguThixo, ziye zatshabalalisa ubomi babantu nobeentsapho ezininzi gqitha. Incwadi ethi Iindaba Ezilungileyo nethi Ubutsha Bakho zibonisa abantu abaselula kunye nabazali babo imilinganiselo kaThixo nenkuselo efunyanwa ngabo bakhetha ukuphila ngayo. Kutheni singahlolisisi kwakhona iziqulatho nezahluko zezi ncwadi abasenokuba nomdla kuzo abantu abakwintsimi esikuyo?
7 Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile: Sifanele sicele ukuqhuba isifundo seBhayibhile sihlandlo ngasinye sinikela incwadi. Kwakhona siye sakhuthazwa ukuba siqalise izifundo ngephecana, ngencwadana enemifanekiso, okanye ngephephancwadi. Ukuba uphawula ukuba umninimzi sele enayo enye yeempapasho zethu, ngobuchule cela ukumbonisa indlela enokusetyenziswa ngayo kwisifundo seBhayibhile. Amaphecana kunye neencwadana ezinemifanekiso zizixhobo ezibalaseleyo esinokuzisebenzisa xa abantu besenokungakwazi ukufumana enye yeencwadi zethu ezinkulu.
8 Unqabiseko lokwenene lunokuvela kuphela kuMdali, uYehova uThixo. Sifuna ukunceda abaninzi kangangoko kunokwenzeka ukuba bavule iintliziyo neengqondo zabo baze bamkele inyaniso yeLizwi likaThixo ukuze babe nethemba esilifumana kulo. Kwanga singawasebenzisa kakuhle amancedo okufundisa esinawo ekushumayeleni ngendlela kaThixo yokuzisa uxolo nonqabiseko.—Isa. 2:3, 4.