Ngenelwa Ngokupheleleyo KwiNdibano YeSithili “Yemfundiso Yobuthixo” Yowe-1993
1 “Ndiyalele, Yehova.” (INdu. 86:11) Esi imele ibe sisibongozo sokunyaniseka sabo bonke abakhonzi bakaThixo abazahluleleyo. Sizimisele ukungaze siyeke ukufunda yaye singaze siyeke ukusebenzisa oko sikufundayo. Maxa wambi kuye kufuneke silulekwe, yaye njengoko umdumisi wenzayo, sifanele sicele uThixo amanyanise intliziyo yethu ukuze ingahlulelani. Ucwangciso kwiNdibano YeSithili “Yemfundiso Yobuthixo” luya kunikela imiyalelo nesiluleko esisifunayo ukuze sikhonze uYehova ngokuthembekileyo phezu kwayo nje ingcinezelo ekhoyo kule nkqubo yezinto.
2 Indibano Yeentsuku Ezine: Ucwangciso luya kuqhutywa kwiindawo ezifanelekileyo ezili-19 eMzantsi Afrika nakumazwe akufuphi. Ngaphandle kwesiNgesi, kuya kuqhutywa ucwangciso luphela ngesiBhulu, isiPedi, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiTsonga, isiTswana, isiXhosa nesiZulu, neenxalenye ezithile ngesiGrike nangesiVenda. Kwiindawo ezintathu kuya kuguqulelwa ngentetho yezandla, eKapa, eThekwini naseRhawutini. Ucwangciso luya kuqalisa nge-1:20 p.m. luze luqukunjelwe ngeCawa emva kwemini malunga ne-4:15 p.m. Amasango aya kuvulwa nge-7:30 ntsasa nganye. Ncedani niphawule ukuba akukho mntu uya kuvunyelwa ukuba angene ngaphambi kwe-7:30 a.m. ngaphandle kokuba wabelwe ukuba asebenze ngaphambi kwelo xesha.
3 Yintoni esiza kuyizuza? Yintabalala yokudla kokomoya okunentswane okuya kunikelwa ngeendlela ezahlukahlukeneyo: ngeentetho, ngemiboniso, udliwano-ndlebe nemidlalo emibini. Ungaphoswa nayiyiphi na kule miyalelo ibalulekileyo! Ukongezelela, sikhangele phambili ekuhlaziyeni ubuhlobo nabahlobo bakudala size sifumane nabanye abaninzi abatsha. Abavangeli basemazweni abakhonza phantsi kwesebe laseMzantsi Afrika basenokubakho kwindibano okuyo. Sebenzisa eli thuba ubazi aba bazalwana naba dade bathembekileyo. Ukuba ungumzali, quka nabantwana bakho encokweni. Umoya wovuyo nowokuzincama waba baVangeli basemazweni usenokubekela abantwana bakho isiseko sokuba bacinge ngenkonzo yexesha elizeleyo njengomsebenzi wabo.
4 Ngaba Uya Kusizisa Sonke Isishumi Endlwini Yobuncwane? KuMalaki 3:10, uYehova wathembisa amaSirayeli ukuba ukuba ayekulungele ukumcikida aze azise sonke isishumi endlwini yobuncwane, wayeya kuwathululela iintsikelelo kude kungasweleki lutho.
5 Kwabathile, ukucikida uYehova kuya kuthetha ukuya kumqeshi wabo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka becela ikhefu okanye ixesha lokungabikho emsebenzini ukuze baye endibanweni. Maxa wambi abazalwana baye bamathidala ukukwenza oku, becingela ukuba umqeshi wabo akayi kubanika imvume yokuya endibanweni. Kanti, kwizinto ezingezizo ezokomoya, basenokungabi nangxaki ekwaziseni umqeshi wabo oko bafuna ukukwenza.
6 Simele sizibuze oku: Ukuba umhlobo wethu osenyongweni ebetshatela kwenye indawo, ngaba besingayi kucela kumqeshi wethu ixesha lokungabikho emsebenzini ukuze siye kuloo mtshato? Yaye ukuba ubonakala emathidala, ngaba besingayi kumcacisela ngentlonelo ukubaluleka kokuba siye apho? Ngokuqinisekileyo ukufundiswa nguYehova kubaluleke ngakumbi kunokuya emtshatweni! Ukuba seyisekile ngokwenene ukuba ucwangciso lwendibano lubaluleke kakhulu ukuze sikhule ngokomoya, kuya kuba lula ngakumbi ukweyisela umqeshi wethu ukuba asinike ixesha lokungabikho emsebenzini ukuze siye endibanweni.—Yak. 1:7, 8.
7 KwaSirayeli isishumi sasiquka ukuxhasa indawo yokunqula uYehova ngezinto eziphathekayo. Kumhla wethu isishumi lixesha, amandla nemali esetyenziswa ngokungqalileyo kwinkonzo kaYehova nasekuxhaseni umsebenzi woBukumkani. Esi sishumi siquka ixesha esilichitha kwiintlanganiso nakwiindibano, kuquka ukulungisa nokucoca iindawo zethu zokuhlanganisana. INdibano YeSithili “Yemfundiso Yobuthixo” iya kusinika amathuba amaninzi okuzisa sonke isishumi endlwini yokomoya kaYehova yobuncwane. Ngawaphi amanye alo mathuba?
8 Sinokuzisa isishumi ngokuphulaphula ngenyameko kucwangciso lwendibano, ngokuba nesabelo ngehlombe ekuculeni ingoma nganye yoBukumkani nangokuphulaphula ngenyameko umthandazo ngamnye, ukuze sithi amen ngokusuka entliziyweni.
9 Ukuhambela phambili kwethu enyanisweni kuxhomekeke ubukhulu becala kwindlela esiphulaphula ngayo. Kwiholo enkulu okanye kwibala lemidlalo, kulula ukuphazanyiswa koko kwenziwa ngabanye abasingqongileyo, yaye ngenxa yeso sizathu simele sigcine iingqondo zethu zingaphazamiseki. Qiniseka ukuba uza endibanweni uxhobe ngokwaneleyo, uneBhayibhile yakho, iculo, usiba lokubhala nephepha lamanqaku, kunye nenkupho yeMboniselo eza kufundisiswa kuloo veki. Kuluncedo ukubhala amanqaku eengongoma nezibhalo ezisetyenziswe sisithethi ngasinye. Wenze mafutshane amanqaku akho; ukuthabatha amanqaku amaninzi kakhulu kusenokuyiphazamisa ingqalelo. Nabasebancinane bafanele baqeqeshelwe ukuba ngabaphulaphuli abanenyameko. Abantwana banokuzisa isishumi kunye nabazali babo ngokuphulaphula ucwangciso ngenyameko kangangoko kunokwenzeka.
10 Bambi abazali balungiselela ixesha lokuthi cwaka ekhaya suku ngalunye xa befuna abantwana babo bafunde okanye bajonge imifanekiso kwenye yeempapasho zoMbutho. Olu qeqesho lwenza kube lula ngakumbi ngabantwana ukuhlala bezolile ebudeni beentlanganiso nakwiindibano. Abazali abakhulise abantwana abayimizekelo bathi abaze babavumele abantwana babo beze nezinto zokudlala okanye iincwadi zokuzoba kwiintlanganiso. Nkqu nabancinane kakhulu banokufunda ukuba isizathu sokuya kwiintlanganiso kukuya kunqula uYehova. Abazali abafundisa abantwana babo oko kuthethwa kukuzisa sonke isishumi endlwini yobuncwane yokomoya banconywa ngokwenyaniso!
11 Kwakhona sinokuzisa isishumi ngokunikela ngexesha lethu namandla ukuze sincede ekulungiselelweni kwendibano. Kwinkoliso yeendawo kuye kucwangciswe ixesha lokucoca kwangaphambili ngosuku olunye okanye ezimbini ngaphambi kokuqalisa kwendibano. Ukuba uhlala kufutshane, kutheni ungacebi ukuba intsapho yonke ibe nesabelo? Bambi abazalwana baye beza nezifundo zabo ezinenkqubela ukuze aba basebatsha ngaphambi kokuba babhaptizwe bafunde oko kubandakanyekileyo ekuxhaseni unqulo lukaYehova. Kuninzi okufanele kwenziwe ukuqinisekisa ukuba indibano iya kuqhubeka ngokuphumelelayo. Kutheni ningabi ngamatsha-ntliziyo njengentsapho?
12 Ukuxhasa kwethu indibano ngemali yenye indlela yokuzisa isishumi. Xa kwakusandlalwa indlela eyayimele yenziwe ngayo iminikelo yezinto eziphathekayo ukuxhasa unqulo olunyulu, uYehova wayalela uhlanga lakwaSirayeli oku: “Makangabonakali ke engaphethe lutho ebusweni bukaYehova; elowo abonakale ngokupha kwesandla sakhe, ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo.” (Dut. 16:16, 17) Enoba abantu babenako ukunikela kakhulu okanye kancinane, umnikelo wabo, olungiselelwe kwangaphambili, wawumkholisa uYehova. Ngokufanayo, abazalwana abaninzi bawucingisisa ngomthandazo umnikelo abaza kuwenza, enoba ngowemali okanye itsheke (abayithumela kwi-“Watch Tower Convention”). Ngaba ukhe ubavumele abantwana bakho abancinane ukuba bafake umnikelo ebhokisini?
13 Yivathiseni Imfundiso YoMsindisi Wethu, UThixo: Ngesimilo sethu esihle nehambo yethu efanelekileyo, ‘singayivathisa imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke.’ (Tito 2:10) Ngamanye amazwi, endibanweni, sinokubonisa ukuba siyayisebenzisa imfundiso yobuthixo ebomini bethu.
14 Kuthekani ngesimilo sethu? Ukwazelelela abanye kunqabile ehlabathini namhlanje. Kodwa abantu bakaYehova, abakhokelwa yimigaqo engokweZibhalo, bacingela ukungenelwa kwabanye abantu, kungekhona okwabo. (Fil. 2:4) Sibakhathalele abantu abasingqongileyo. Asityhudisi okanye sityhalane xa simi emgceni wokutya okanye weempapasho. Sinolwazelelelo ngabalupheleyo nabantwana abancinane abasenokuba bemi emgceni nabazali babo nekusenokuba lula ngabo ukuba batyhalwe ngabantu abakhulu abangababoniyo. Kwiivenkile zokutyela sinesimilo esihle yaye siyabahlonela abasebenzi, asikho krwada okanye sinyanzelise ukuba asincedwa ngohlobo ebesilulindele.
15 Ihambo yethu yokuhlonel’ uThixo ibachaphazela ngokwenene abo basingqongileyo. Kunyaka ophelileyo kwesinye isixeko sendibano, elinye ipolisa elalineminyaka engama-21 likulo msebenzi wobupolisa lathi: “Ndichukumisekile lucwangco lwabantu benu. [Bahlukile]; bayayichola inkunkuma kungekho mntu ubaxeleleyo yaye balungelelene. Indibano yenu ilungelelene kakuhle.” Longezelela lathi: “Xa abantu benu besibona, bayancuma. Luphawu oluhle. Yiloo nto kanye esiyifunayo. Olo luphawu lobuhlobo nolokuba akukho nto bayifihlayo. Kwakhona siye saphawula ukuba abantwana basoloko bekunye nabazali babo yaye baqeqeshekile. Ndikholelweni xa ndisithi, ndichukumisekile. Kumnandi ukwabelwa ukusebenza apha.”
16 Abanye abasemagunyeni baya kwiBheteli yaseBrooklyn ngokukhethekileyo ukuze benze isimemo sokuba kuye kuqhutywa indibano kwisixeko sabo. UMbutho wasamkela eso simemo sobubele, yaye iinkokeli zeso sixeko azizange ziphoxeke. Isekela mlawuli leso sixeko lathi: “Kusichwayitisa kakhulu ukuba iqela elidume kakuhle njengelenu lihlanganisane kwisixeko sethu. Senze umgudu omkhulu ukuze nize apha . . . yaye sivuya kakhulu.” Ngehambo yabo entle, umzalwana nodade ngamnye wafak’ isandla kubungqina obuhle obanikelwa apho.
17 Ngaba wena uya kuyivathisa imfundiso ephilileyo yoMsindisi wethu, uThixo, ngehambo yakho engumzekelo? Nazi iindlela eziliqela okunokwenziwa ngazo oku:
Isinxibo nokuzilungisa: Ebudeni bexesha esisendibanweni ngalo, asifanele sicinge ukuba sisekhefini. Kunoko, size kuYehova ukuze asifundise. Ngenxa yoko, ngaba asifanele sinxibe ngendlela ebesiya kunxiba ngayo xa sisiya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani? (1 Tim. 2:9, 10) Ukongezelela, sifanele sicinge nzulu ngoko siza kukunxiba ekupheleni kocwangciso. Xa sibuyela kwiindawo esihlala kuzo, ngaba bekuya kufaneleka ngathi, kungakhathaliseki ukuba sibangakanani, ukukhulula impahla yethu endilisekileyo nenesidima ebesiyinxibe endibanweni sinxibe isinxibo ebesiya kusenza sibonakale sinxibe okwabantu behlabathi abangakhathaliyo nabangamaxelegu? Ngaba oku bekungayi kunikela ingcamango yokuba iimpahla esizinxiba kwiintlanganiso ziimpahla nje ezingabonakalisi indlela esiphila ngayo? Khumbula, sithwele igama likaYehova, yaye ngamnye wethu umele angenzi kubekho sizathu sakugxeka indlela yenyaniso.
Abo baza kubhaptizwa bafanele bakhunjuzwe ukuba akufanelekanga ngesihlandlo esingcwele ngolo hlobo ukunxiba izikipa ezinezibhengezo zehlabathi, ezinamagama eenkampani ezithile, okanye izibhengezo zentengiso. Abadala bafanele baqinisekise ukuba imibuzo yabo baza kubhaptizwa ihlolisiswa kusengaphambili yaye ngamnye oza kubhaptizwa uxelelwa ngexesha elifanelekileyo enoba uyakufanelekela okanye akunjalo. (Xa kuhlolisiswa le mibuzo, isenokuba lixesha elifanelekileyo lokunikela amacebiso aphathelele isinxibo esifanelekileyo nesindilisekileyo sobhaptizo.) Akuyi kuba yimfuneko ngalowo uza kubhaptizwa unconyelweyo ngabadala ukuba abhalise endibanweni.
Iihotele: Xa ufika ehotele bonakalisa isiqhamo somoya. Abasebenzi basehotele basenokungakulungeli ukunyamekela iqela elikhulu ngexesha elifutshane. Yiba nomonde, yiba novelwano, uze ubaphe ibhaswana elifanelekileyo.
Abantwana banokuphumeza indima yabo ngokuhlonela izinto zasehotele nangokuthobela imigaqo elawula ukusetyenziswa kwequla lokuqubha nezinye iindawo. Kuya kuba luncedo ngabazali ukuchitha ixesha ngaphambi kwendibano behlolisisa nabantwana babo indlela ekulindeleke baziphathe ngayo, bebakhumbuza ngembopheleleko yabo yokulandela imilinganiselo yehambo yobuKristu.
Izixhobo zokurekhoda: Nangona iikhamera zevideo neeteyiphu zokurekhoda zivunyelwe, siyazi ukuba uza kubacingela abanye. Kuya kuba kukungabi naluthando ukusitha abanye abeze endibanweni xa ufota ucwangciso. Ukuba unako ukurekhoda ngobulumko uhleli esihlalweni sakho, akukho nto ichasekileyo ekwenzeni oko. Noko ke, ncedani nikhumbule ukuba akukho zikhamera okanye izixhobo zokurekhoda ezifanele zixokonyezelwe kumbane okanye kumatshini wesandisi-lizwi osetyenziswa endibanweni, yaye akufanele kubekwe nasiphi na isixhobo kwindlela ephakathi kwezihlalo okanye kwiindawo ekuhanjwa kuzo.
Izihlalo: Nceda ukhumbule ukuba IZIHLALO ZISENOKUGCINELWA KUPHELA AMALUNGU ENTSAPHO YAKHO NABASENOKUBA BAHAMBA NAWE KWINQWELO-MAFUTHA YAKHO. Kuzo zonke iindibano kuza kubakho iindawo ezikhethekileyo zabalupheleyo nabaneziphene. Ncedani nibacingele abalupheleyo. Kwixesha elidluleyo, bambi abazalwana abalupheleyo kuye kwafuneka bafune izihlalo kwiindawo ezingabalungelanga ngenxa yokuba izihlalo ezikwindawo yabalupheleyo zizaliswe ngabaselula. Silusizi kuba singenako ukulungiselela abo bacela iindawo okanye amagumbi awahlukileyo kuba impilo yabo ingadibani nezinto ezithile.
Izinto zobuqu: Kucetyiswa ukuba xa nisiza endibanweni nize ningaphathi izinto ezininzi zobuqu. Ukuba into ethile ayaneli ngaphantsi kwesihlalo sakho, kusenokuba kuhle ukuyishiya ekhaya okanye kwindawo yokugcina iimpahla kwinqwelo-mafutha. Iibhaskiti ezinkulu zokugcina ukutya azivunyelwanga ukuba zibekwe kwindlela ephakathi kwezihlalo ngenxa yezizathu zokhuseleko, yaye ukuba uzibeka kwisihlalo esisecaleni kwakho, kusenokwenzeka ukuba umntu othile angasifumani isihlalo.
Isebe lokutya: Kuya kwenziwa amalungiselelo okutya kuzo zonke iindibano. Sithanda ukukhuthaza bonke abakhoyo endibanweni ukuba bawasebenzise amalungiselelo okutya.
Kuzo zonke iindibano kwenziwa amalungiselelo okuqinisekisa ukuba abantu abeze endibanweni bafumana ukutya okwaneleyo. Apho uninzi lwabo beze endibanweni luhlala ezikolweni iKomiti Yendibano iya kuqwalasela umbandela wokulungiselela isixhaso ngorhatya nesidlo sakusasa. Oku kufanele kwenze kungabi yomfuneko ngabo beze endibanweni ukuba baphathe izitovu zegesi nezeparafini. Sifuna ukukhankanya nokuba ezi zinto zibangela ingozi yomlilo kwiindawo abahlala kuzo abo beze endibanweni. Sinqwenela ukunikhuthaza nonke ukuba niwaxhase ngokupheleleyo amalungiselelo okutya. Ukongezelela koku, ngenxa yokuphakama kwamaxabiso eendawo ekuqhutyelwa kuzo iindibano kuye kwanzima ngamasebe okutya ukuhlangabezana nazo zonke iindleko zeendawo ekuqhutyelwa kuzo iindibano. Ngoko ngenxa yoku, usenokunqwenela ukuthumela umnikelo kusengaphambili kwisixeko esinendibano eliza kuya kuyo ibandla okulo. Yonke iminikelo ixatyiswa gqitha yaye uMbutho unqwenela ukunibulela kusengaphambili ngokuxhasa kwenu ngobubele nangokumanyeneyo izilangazelelo zoBukumkani ngolu hlobo.—Luka 6:38.
18 Ngenxa yokucingela abanye ngothando, ceba kusengaphambili ukufika kwangexesha suku ngalunye, ngokukodwa ngoLwesine ekubeni kusenokuthabatha ixesha elide ukufumana indawo yokumisa inqwelo-mafutha neyokuhlala.
19 Hayi indlela esinelungelo ngayo ngokufundiswa nguYehova! Ukusebenzisa ixesha lethu, amandla nezinto eziphathekayo ukuxhasa iNdibano YeSithili “Yemfundiso Yobuthixo” kuya kuphumela kwiingenelo zokomoya ezihlala zihleli kuthi nakwiintsapho zethu.
Emasikukhumbule NgeNdibano YeSithili
Intlonelo Efanelekileyo: Kubalulekile ukuba bonke abeze endibanweni babe nentlonelo efanelekileyo, ngentlonelo beyijonga indawo yokuhlanganisana ‘njengendlu kaThixo.’ (INdu. 55:14) Ebudeni beentetho, imidlalo, iingoma nemithandazo ngokukhethekileyo, ncedani nikuphephe ukwenza nayiphi na into eya kuphazamisa ingqalelo yabanye xa bephulaphule ucwangciso. Akuyi kuba kukubonisa intlonelo ukuhla unyuka ngokungeyomfuneko, ukuncokola, okanye ukusebenzisa ikhamera ezidanyazayo okanye iivideo zokurekhoda ngendlela ephazamisa abo bazama ukunikela ingqalelo koko kuthethwayo. Ulwazelelelo nehambo yethu entle ziya kubonisa ukuba siyixabisa ngokunyanisekileyo imfundiso yobuthixo yaye size endibanweni ukuze sifundiswe nguYehova.
Amagumbi: Intsebenziswano yakho ekusebenziseni amagumbi alungiselelwe yindibano ixatyiswa kakhulu. Ukuba uceba ukulala kwisixeko sendibano yaye awukasifaki isicelo, nceda ukwenze oko ngokukhawuleza.
Oonabhala bamabandla bafanele baqinisekise ukuba iifomu zeZicelo Zamagumbi zithunyelwa ngokukhawuleza kwikhelingi efanelekileyo yendibano. Ukuba awuzi kuphumelela ukuya kwindawo obuyilungiselelwe liSebe Lamagumbi, ufanele ngokukhawuleza wazise umninimzi okanye ihotele neSebe Lamagumbi lendibano ukuze elo gumbi linikwe omnye umntu. Kwezinye iindibano kuya kusiba nzima ukubafumanela indawo yokulala abantu abaninzi abeze endibanweni. Ukuze kupheliswe obo bunzima iikomiti zendibano ziya kulungiselela ukuqesha izikolo zasekuhlaleni njengokuba bekusenziwa ngaphambili. Noko ke, ngenxa yokwanda kwabo bafuna iindawo zokulala ezilolo hlobo ngoku siya kusebenzisa oko kubizwa ngokuba “yinkqubo yokulala ngokwamaqela.” Ngamanye amazwi, oodade baza kuhlala kwamanye amagumbi baze abazalwana bahlale kwamanye. Ngoko, akusayi kuvunyelwa ukuba iintsapho zilale ndawonye kwigumbi elinye. (Bonani uVukani! kaJanuwari 8, 1992, iphepha 29.) Maxa wambi oku kuya kuniphazamisa kodwa seyisekile lelokuba nonke niya kusiqonda isizathu soku. Eli lungiselelo sele lisetyenziswa ngokuphumelelayo gqitha kwiindibano ezithile.
Iinqwelwana Zabantwana (Iiprem): ISebe Lomlilo lincomela ukuba kungaziwa nezi nqwelwana kumabala endibano zize zimiswe ezipasejini naphakathi kwezihlalo. Ekubeni ubukho bezihlwele ngezihlwele busenokubangela ukuxinana, ezi nqwelwana zabantwana zisenokuba yingozi kungekuphela nje kusana ngokwalo kodwa nakumntu onokukhubeka kuzo. Ngoko ncedani ningezi nazo kumabala endibano. Noko ke, izihlalo zeentsana okanye ezo zilungiselelwe iinqwelo-mafutha zamkelekile, ekubeni ezi zisenokubotshelelwa ezihlalweni ecaleni kwabazali. Intsebenziswano yenu kulo mbandela iya kuxatyiswa. Ukuba kunokwenzeka iKomiti Yendibano iya kuzama ukulungiselela igumbi oomama abanokunyamekela kulo iintsana zabo, xa oko kuyimfuneko.
Ubhaptizo: Abo baza kubhaptizwa bafanele bazabalazele ukuba kwizihlalo zabo kwindawo abayilungiselelweyo ngaphambi kokuqalisa kocwangciso lwakusasa ngoMgqibelo. Umntu ngamnye oceba ukubhaptizwa ufanele eze nempahla endilisekileyo yokungena emanzini netawuli. Emva kwentetho yobhaptizo nomthandazo oya kwenziwa sisithethi, usihlalo wocwangciso uya kunikela imiyalelo emifutshane kwabo baza kubhaptizwa aze emva koko achaze ingoma eza kuculwa. Emva kokuculwa komgca wokugqibela, abalindi baya kwalathisa abo baza kubhaptizwa kwindawo yokuntywilisela okanye kwiinqwelo-mafutha eziya kubasa kuyo. Ekubeni ubhaptizo olufuzisela uzahlulelo lukabani lungumcimbi wolwalamano olusondeleyo lobuqu phakathi komntu lowo noYehova, akukho lungiselelo loko kubizwa ngokuba lubhaptizo njengamaqabane ekuya kuthi ababini abaza kubhaptizwa okanye abangaphezu koko bagonane okanye babambane ngezandla ngoxa bebhaptizwa.
Inkonzo Yamatsha-ntliziyo: Uncedo lwamatsha-ntliziyo luyafuneka ukuze indibano yesithili iphumelele. Enoba unokusebenza kuphela kwithuba elithile lendibano, inkonzo yakho iya kuxatyiswa. Ukuba unako ukunceda, nceda ubhalise kwiSebe Lenkonzo Yamatsha-ntliziyo xa ufika endibanweni. Abantwana abaneminyaka engaphantsi kweli-16 ubudala nabo banokuba negalelo ekuphumeleleni kwendibano, kodwa kufuneka basebenze phantsi kweliso lomzali okanye omnye umntu omdala.
Iingoma: Njengoko ukucula kuyinxalenye yonqulo lwethu sinikhuthaza nonke ukuba niqhelisele ezi ngoma zilandelayo eziya kuba yinxalenye yocwangciso: 91, 59, 111, 148, 191, 113, 114, 164, 183, 166, 156, 202, 105, 151, 181, 70, 42, 106, 53, 79, neyama-85. (Sincomela ukuba amabandla aqalise ukuqhelisela ubuncinane ingoma enye kwintlanganiso nganye.)
Intlanganiso YaseBheteli: Kusuku lwesibini kuya kuqhutywa intlanganiso yabo nabaphi na abavakalisi ababhaptiziweyo abaphakathi kweminyaka eli-19 nengama-35 ubudala abangathanda ukungenela inkonzo yaseBheteli. Kuya kwenziwa izaziso endibanweni ngokuphathelele ixesha nendawo eya kuqhutyelwa kuyo le ntlanganiso.
Amaqweqwe Eebheji: Ncedani nifake iqweqwe lebheji eyenziwe ngokukhethekileyo endibanweni kwanaxa nisiya naxa nibuya kwibala lendibano. Ngokufuthi oku kusenza sikwazi ukunikela ubungqina obuhle ngoxa siseluhambeni. Nifanele niwafumane amaqweqwe eebheji ngebandla lenu, njengoko engasayi kufumaneka ezindibanweni. (Amabandla mawancede aphawule oku: Iodolo ezifike emva koNovemba 1, 1993 aziyi kuthunyelwa. Bonani Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaAgasti 1993, kwiZaziso.)
Ufaniso Lobuqu: Ukongezelela kumaqweqwe ebheji eNdibano “Yemfundiso Yobuthixo,” ngamnye ukhuthazwa ukuba aphathe iqweqwe lakhe eliyiAdvance Medical Directive. Namalungu entsapho yaseBheteli noovulindlela bafanele baphathe amaqweqwe abo ofaniso.
Izilumkiso: Kungakhathaliseki indawo oyimise kuyo inqwelo-mafutha yakho, ufanele uyitshixe ngamaxesha onke yaye ungaze ushiye nantoni na ibonakala ngaphakathi. Izinto zakho zigcine zitshixelwe kwindawo yemithwalo ukuba kunokwenzeka. Kwakhona, lumkela amasela nabakhuthuzi, abazithandayo iindawo ezinabantu abaninzi. Oku kuquka ukungashiyi nantoni na exabisekileyo ingajongwanga esihlalweni endibanweni. Kuye kwakho neengxelo eziliqela zabantu abangathembekanga abazama ukulukuhla abantwana abaselula ukuba bahambe kwindawo enendibano. Ncedani nilumke.
Kuye kwanikelwa ingxelo yokuba zimbi iihotele zenza kube lula ukufumana imifanekiso eshukumayo kamabonwakude enezinto zokuziphatha okubi okanye ezibonisa amanyala. Oku kubalaselisa imfuneko yokuthintela abantwana bangabukeli umabonwakude bodwa kwezi ndawo zokuhlala zengqesho.
Bambi abazalwana nabantu abanomdla baye batsalela umnxeba kubaphathi bendawo eza kuba nendibano befuna inkcazelo ngexesha lokuqalisa kocwangciso nezinye izinto. Ncedani ningakwenzi oku. Ukuba inkcazelo oyifunayo ayifumaneki kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani, ufanele ubhalele kwikhelingi yendibano yona onokuyifumana kunobhala webandla lakho.