Nceda Abantu Abaqhutyelwa Isifundo SeBhayibhile Basilungiselele Isifundo Sabo
1 Abantu abaqhutyelwa isifundo seBhayibhile abasilungiselelayo isifundo sabo veki nganye babonisa ukuba banomdla wokwenene ngesifundo yaye ngokuqhelekileyo benza inkqubela ngokukhawuleza ngokomoya kunabo bangalungiseleliyo. Maxa wambi umntu oqhutyelwa isifundo usenokungalungiseleli kuba engakwazi. Kusenokuba yimfuneko ukumfundisa indlela yokulungiselela. Unokukwenza njani oku?
2 Zisuka nje, chitha ixeshana elingephi uqinisekisa ukuba umntu omqhubela isifundo uyaqonda ukuba ukulungiselela kubandakanya ufundisiso lobuqu. Nangona abantu abaninzi bekwazi ukufunda, abayifundiswanga indlela yokufundisisa. Kwiphepha 33-43 kwiNcwadi Yesikhokelo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo inikela amacebiso aluncedo osenokuwadlulisela kumntu omqhubela isifundo xa kuyimfuneko oko.
3 Bonisa Umntu Omqhubela Isifundo Ukuxabiseka Kwesifundo: Usenokumbonisa umntu omqhubela isifundo incwadi yakho ophawule kuyo okanye okrwelele kuyo amagama namabinzana aziintloko. Menze aqonde indlela ukukrwaqula indawo ephawuliweyo okunokumkhumbuza ngayo iingongoma ayakuzichaza ngawakhe amazwi. Ngaloo ndlela akayi kuziva efuna ukufunda yonke inxalenye esencwadini xa aphendula imibuzo. Uqeqesho olufanelekileyo kweli nqanaba luya kumnceda agqabaze ngokunentsingiselo kamva kwiintlanganiso zebandla. Amagqabaza akhe aya kubonisa uxabiso ngombandela ofundwayo aze abonise indlela awuqonda ngokunzulu ngayo.
4 Mfundise Ukusebenzisa IBhayibhile: Umntu omqhubela isifundo kufuneka afunde indlela yokufumana izibhalo ekubhekiselwe kuzo kumbandela ofundisiswayo. Xa ekwazi ukukwenza oku ngokuphumelelayo, uya kuziqonda ngokupheleleyo ukuba ngokwenene ungumfundi weBhayibhile. Nangona ekuqaleni kusenokufuneka asebenzise uludwe lweencwadi zeBhayibhile olusekuqaleni kweBhayibhile, umntu omqhubela isifundo ufanele umkhuthaze ayazi indlela ezilandelelana ngayo iincwadi zeBhayibhile ezingama-66. Xa ekhangela aze afunde isibhalo, mncede akwazi ukubona inxalenye exhasa ingongoma ephuhliswa esiqendwini enisifundayo yaye angaphazanyiswa zezinye iinxalenye ezingadibani ngokungqalileyo noko nikufundayo ngelo xesha.
5 Njengoko umntu omqhubela isifundo ehambela phambili, mkhuthaze afunde iBhayibhile ukusuka ekuqaleni ukusa ekugqibeleni. Gxininisa ukuba yonke iBhayibhile iliLizwi likaThixo eliphefumlelweyo yaye amaKristu okwenyaniso amele ondliwe ngalo ngokomoya.—Mat. 4:4; 2 Tim. 3:16, 17.
6 Mazise Ngezinye Iincwadi ZobuThixo: Xa umntu omqhubela isifundo ehambele phambili ngokwaneleyo, usenokuqalisa ukusebenzisa ezinye iincwadi zobuthixo. Ngokuqonda, mkhuthaze akhangele inkcazelo eyongezelelekileyo kwiimpapasho zoMbutho aya kuzazi kakuhle njengokuba esiya kwiintlanganiso zebandla. Mfundise indlela yokusebenzisa eminye imibandela yeNew World Translation, njengothi “Bible Words Indexed.” Xa eqalisa ukuba nethala lakhe leencwadi zobuthixo, mbonise indlela yokusebenzisa iComprehensive Concordance, Ukuqiqa NgeZibhalo, i-Index nemiqulu yeInsight.
7 Ukuba sifundisa abo sibaqhubela izifundo zeBhayibhile indlela yokulungiselela isifundo seBhayibhile, siya kubaxhobisela ukuba baqhubeke behambela phambili enyanisweni njengabafundi beBhayibhile abanobuchule kwanaxa bengasaqhutyelwa sifundo seBhayibhile sekhaya sobuqu.