Iintlanganiso Zenkonzo KaNovemba
Iveki Eqala NgoNovemba 1
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Bancome abavakalisi ngenxaxheba abanayo kumsebenzi wokushumayela uBukumkani.
10 imiz: “Amaphupha,” incwadi Ukuqiqa, iphepha 292-4. Mayisingathwe njengengxubusho nomntu oqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Lo mntu uqhutyelwa isifundo ubuza ukuba kububulumko kusini na ukukhokelwa ngamaphupha ethu. Xubusha iingozi zoku nendlela okunokusenza sibanjiswe ngayo ziindlela zokucinga zehlabathi nezeedemon. Bonisa ukubaluleka kokukhokelwa yimigaqo yeLizwi likaThixo.
10 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni okanye umbandela othi “Ukunxibelelana—Kungaphezu Kokuncokola Nje.” Intetho esekelwe kwinqaku leMboniselo ka-Agasti 1, 1993, iphepha 3-8.
15 imiz: “Ukuxabiseka KweBhayibhile Kwihlabathi Lanamhlanje.” Ingxubusho phakathi komveleli wenkonzo nomvakalisi onqwenela ukuphucula ubuchule bakhe kumsebenzi wendlu ngendlu. Emva kokuqwalasela isiqendu 3, umveleli wenkonzo ucela lo mvakalisi ukuba azame intshumayelo ecetyisiweyo aze yena umveleli wenkonzo abe ngumninimzi. Emva kokuqwalasela isiqendu 4, umveleli wenkonzo unikela intshumayelo ecetyisiweyo kumvakalisi. Khuthaza ibandla lincede abanomdla nabo baqhutyelwa izifundo zeBhayibhile baqonde ukuxabiseka kweNew World Translation.
Ingoma 52 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoNovemba 8
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Yenza umboniso wokuhanjiswa kwamaphephancwadi akutshanje, ubalaselisa inqaku elinokusetyenziswa kwinkonzo yasentsimini kule mpela-veki. Tsalela ingqalelo kumbandela othi “Inyanga Ekhethekileyo Yenkonzo Yasentsimini” kwisihlomelo, uze ukhuthaze bonke ukuba bacinge nzulu ngokwandisa umsebenzi wabo kwinkonzo yasentsimini ngoDisemba njengoovulindlela abangabancedani okanye ngokusebenza noovulindlela.
15 imiz: “Incwadi Enikela Ukhokelo Lokwenyaniso.” Ukuqwalaselwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo. Yenza umboniso wendlela yokubuyela eyandlalwe kwisiqendu 3. Khuthaza bonke babe nehlombe xa bethetha nabantu ngokuxabiseka kweBhayibhle kumsebenzi wendlu ngendlu nakumabuyelo.
20 imiz: “Lutsha—Vuyisani Intliziyo KaYehova.” Umdala uxubusha isiqendu 1-18 nabavakalisi abaselula ababhaptiziweyo ababini okanye abathathu. Gxininisa iingenelo ezivunwa lulutsha ngomzekelo walo omhle nokuxabiseka kwamanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza. . . .” Xa ixesha livuma hlolisisa izibhalo.
Ingoma 80 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoNovemba 15
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni, kuquka nengxelo yemali nezaziso zokufunyanwa komnikelo. Lincome ibandla ngokuxhasa kwalo ngemali ibandla lasekuhlaleni kunye neNgxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani kunye nomsebenzi woMbutho wehlabathi lonke. Chaza amalungiselelo enkonzo yasentsimini ebudeni bexesha elizayo leeholide zehlabathi.
15 imiz: “Ukunyamekela Iintswelo Zokomoya Zabangevayo.” Imibuzo neempendulo. Ukuba awekho amalungu ebandla angevayo, tsalela ingqalelo kwisibakala sokuba asifanele sibatyeshele abantu abangevayo esidibana nabo entsimini.
20 imiz: “Lutsha—Vuyisani Intliziyo KaYehova.” Ukuqwalaselwa kwesiqendu 19-33 sesihlomelo ngemibuzo neempendulo. Dlan’ indlebe nomvakalisi oselula omnye okanye ababini. Cela amagqabaza kwindlela ibandla ebelibanceda ngayo ukuze bakhule ngokomoya.
Ingoma 90 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoNovemba 22
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neeNdaba Ezingokobuthixo. Khuthaza ukuba kusetyenziswe amaphephancwadi akutshanje ekunikeleni ubungqina kule mpela-veki.
15 imiz: “Nceda Abantu Abaqhutyelwa Isifundo SeBhayibhile Basilungiselele Isifundo Sabo.” Imibuzo neempendulo. Xa ixesha livuma funda iziqendu.
20 imiz: “Ngaba Uyaqiqa NgeZibhalo?” Ukuqwalaselwa ngemibuzo neempendulo ngumzalwana ophumelelayo kumsebenzi wendlu ngendlu nakumabuyelo. Emva kokuqwalasela isiqendu 4, yenza umboniso ngendlela umvakalisi anokusichaza okanye asicaphule ngayo isibhalo ngokusuka kwinkumbulo xa umninimzi exakekile. Emva kwalo mboniso, gxininisa ukubaluleka kokulandela la macebiso njengokuba sizabalazela ‘ukuvakalisa ilizwi’ entsimini apho abantu abaninzi basoloko bexakekile okanye bexhalatyiswe zizinto zemihla ngemihla. (2 Tim. 4:2) Emva kokuqwalasela isiqendu 6, cela umvakalisi ophumelelayo ekusebenziseni incwadi Ukuqiqa abalise indlela ayisebenzisa ngayo ekunikeleni ubungqina.
Ingoma 108 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoNovemba 29
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khuthaza abo banako babe ngoovulindlela abangabancedani ebudeni bukaDisemba.
15 imiz: “IBhayibhile—Isikhokelo Esisebenzisekayo Kumntu Wanamhlanje.” Intetho enikelwa yintloko-ntsapho esekelwe kwinqaku leMboniselo kaMeyi 1, 1993. Balaselisa ukuba ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kunokwenza kubekho uxolo nothando entsatsheni. Cela amagqabaza alungiselelweyo kumphulaphuli omnye okanye ababini abonisa indlela isiluleko seLizwi likaThixo esiye sayinceda ngayo intsapho okanye umntu othile.
20 imiz: Ukusebenzisa Incwadi Oyena Mntu Ubalaseleyo Ekuncedeni Ababumvu NgoDisemba. Ingxubusho nabaphulaphuli. Buza imibuzo enjengale: Yiyiphi ingxelo engobulungiseleli bukaYesu okanye indlela awayeqhubana ngayo nabanye ekuchukumise ngakumbi? Kwakutheni ukuze le ngxelo ikuchukumise? Le mpapasho ibixabiseke kangakanani kuwe? Yintoni oyifundileyo ngoYehova ngokuyifundisisa? Yiyiphi ingongoma (iingongoma) oyibalaselisileyo xa ubuyihambisa? Yiba nomvakalisi onamava esenza umboniso wokuhanjiswa kwale ncwadi. Khuthaza bonke babe nesabelo kwinkonzo yasentsimini ngeCawa.
Ingoma 94 nomthandazo wokuqukumbela.