Bonisa Ulwazelelelo Ngabanye—Icandelo 2
1 Ngako konke okusemandleni ethu, sifuna ukuhlala sinolwalamano oluhle nabantu basekuhlaleni. Oku kufuna ukuba sibonise ulwazelelelo nentlonelo ngamalungelo neemvakalelo zabo.
2 AmaNgqina kaYehova aziwa ngesimilo esihle. Imilinganiselo yethu yehambo entle kubamelwane, esikolweni nasemsebenzini, nakwiindibano zethu, iye yayeyona nto kuthethwa kakuhle ngayo.—Bona IMboniselo kaJuni 15, 1989, iphepha 20.
3 Kakade ke, ihambo entle iquka izinto ezininzi, njengokuthembeka, ukukhuthala nokuziphatha kakuhle. Kwakhona iquka ukuhlonela abantu abahlala kufutshane neHolo yethu yoBukumkani. Ihambo yethu yobuthixo kwezinye izinto isenokungasiwa so ukuba asinalwazelelelo ngabamelwane bethu. UPawulos wasibongoza ukuba ‘ukuhlala kwethu kube kokuzifaneleyo iindaba ezilungileyo.’—Fil. 1:27.
4 Ngamathub’ athile, abo bahlala kufutshane neeHolo zoBukumkani ezithile baye bakhalaza kuba bevakalelwa kukuba abo beza kwiintlanganiso abanalwazelelelo. Abazalwana noodade bafanele bakuphephe ukucukana kwindledlana ekuhanjwa kuyo ephambi kweHolo yoBukumkani nokuncokola ngehlombe bade beviwe nakumakhaya akufutshane. Abantwana abafanele bavunyelwe ukuba baphume bengena bebaleka eHolweni yoBukumkani. Ukumbakraza iingcango zeenqwelo-mafutha singaqondanga okanye ukukhalisa amaxilongo eenqwelo-mafutha kunokubaphazamisa abamelwane. Ihambo elolu hlobo inokuzisa igama elibi ebandleni. Kwakhona, kubalulekile ukuba sithobele yonke imithetho yendlela ekuloo mmandla.—Roma 13:1, 2, 5.
5 Iinqwelo-mafutha azimele zimiswe kwiziza zabantu okanye kwiindawo apho zinokuphazamisa ezinye iinqwelo-mafutha okanye zivale indlela yokungena kwimizi. Iindawo zokumisa iinqwelo-mafutha zamashishini akufutshane ezigcinelwe abeze kuthenga azifanele zisetyenziswe ngaphandle kwemvume. Apho iHolo yoBukumkani isetyenziswa ngamabandla amathathu okanye amane, kubakho iintlanganiso phantse yonk’ imihla evekini, ibe oku kufuna ukuba amaqumrhu abadala asebenzisane ngokusondeleyo.—Bona IMboniselo, kaOktobha 1, 1988, iphepha 17, isiqendu 13.
6 IBhayibhile isibongoza ukuba ‘zonke izinto sizenzele uzuko lukaThixo,’ yaye oko kuquka ukubonisa ulwazelelelo kwabangaphandle. (1 Kor. 10:31-33) Ukuba ‘sixunela kwizinto zabanye,’ asiyi kuthi singaqondanga siphazamisane nezinto zabo. (Fil. 2:4) Kwakhona siya kukuphepha ukuphazamisana nezinto zoshishino zoosomashishini basekuhlaleni.
7 Ukubonisa ulwazelelelo ngabanye—ngaphakathi nangaphandle ebandleni—kubhenca indlela esivakalelwa ngayo ezintliziyweni zethu. Esikwenzayo nesikuthethayo kufanele kubonise ukuba ‘siyabathanda abamelwane bethu njengokuba sizithanda.’—Mat. 7:12; 22:39.