Amabuyelo Aphumelelayo Afuna Ukufundiswa Ngokuphumelelayo
1 Amabuyelo ayinxalenye ebalulekileyo nenandiphekayo kubulungiseleli bethu basentsimini. Kutheni sifanele sikukhuthalele ukubuyela kwabanomdla? Igama likaYehova liyaziswa yaye liyazukiswa ngulo msebenzi wokwenza abafundi, yaye abo boyika uThixo bayancedwa bafumane indlela esa ebomini. (2 Kor. 2:17–3:3) Ukuqonda ukuba ukungcwaliswa kwegama likaYehova nobomi babanye bubandakanyekile kufanele kusishukumisele ukuba silungiselele kakuhle ngaphambi kokuba sibuyele.
2 Umfundisi olungileyo uya kumnceda umfundi akhele phezu kwesiseko esele sibekiwe. Kanye njengokuba umfundisi-ntsapho esikolweni esakhela phezu kolwazi abafundi abalufumana imihla ngemihla, sifanele sisoloko sibuyela emva kotyelelo lokuqala sinamagqabaza ongezelela kumbandela ebesithethe ngawo. Oku kwenza iingongoma zilandelelane aze aqhubeke ecinga ngokuthile.
3 Xa ubuyela emva kokuhambisa incwadana enemifanekiso ethi “Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?” usenokukufumanisa oku kuphumelela:
◼ “Kutyelelo lwam oludluleyo, besixubusha ‘ngemihla yokugqibela’ ekuthethwe ngayo eBhayibhileni nentsingiselo yayo kuthi. Usenokuzibuza ukuba sazi njani ukuba siphila kwimihla yokugqibela. (2 Tim. 3:1) Abafundi bakaYesu babekulangazelela ukufumana impendulo kuloo mbuzo. [Funda uMateyu 24:3.] Kwimpendulo yakhe, uYesu wachaza iimeko esizibonayo namhlanje. Ezi ziquka imbandezelo nogonyamelo esingazange silubone ngaphambili.” Mbonise ingongoma engomqondiso exutyushwe kwisiqendu 3 nesesi-4 kwiphepha 19. Ukuba usabela kakuhle, mbonise ezinye iingongoma zomqondiso kwisiqendu 5 ukusa kwesesi-8 kwiphepha 20. Thembisa ukubuyela ukuze uphendule imibuzo ebuzwe ekuqaleni kule ncwadana inemifanekiso.
4 Xa ubuyela apho bekuboniswe umdla kwincwadana enemifanekiso ethi “Iyintoni Injongo Yobomi—Unokuyifumana Njani?” usenokuthi:
◼ “Bendisoloko ndikulangazelela ukuqhubeka nencoko yethu engenjongo yobomi. Ndicinga ukuba siyavumelana ukuba uThixo wayefuna siphile kulo mhlaba ngolonwabo nangoxolo kunokuphila kwezi ziphithiphithi sizibonayo namhlanje. Ngaba ucinga ukuba uya kulizalisekisa idinga lakhe?” Vumela impendulo. Funda uIsaya 55:11, uze uxubushe iingongoma ezikwisiqendu 25 kuse kwesama-27 kwiphepha 30. Ncomela ukuba isifundo seBhayibhile sobuqu yeyona ndlela yokufumana injongo efanelekileyo yobomi.
5 Xa ubuyela apho bekuboniswe umdla kwincwadana enemifanekiso ethi “Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!” unokuphinda umbonise yona kwakhona uze uthi:
◼ “Siye sathetha ngehlabathi elihle eliboniswe kulo mfanekiso ungaphandle kule ncwadana inemifanekiso. Ndifuna ukukuxelela isizathu sokuba ukukholwa kuYesu Kristu kubalulekile kubantu abafuna ukuphila apho.” Tyhila kumfanekiso 41, uze ufunde uIsaya 9:6. Mbonise umfanekiso 62, uze ufunde uYohane 3:16, ubethelele imfuneko yokuthobela. Mcacisele ukuba amaNgqina kaYehova anceda abantu bafunde indlela yokuqhelisela ukholo ngokufundisisa iBhayibhile nangokuzama ukuphila ngesiluleko sayo.
6 Emva kotyelelo ngalunye, luhlolisise ukuze ubone indlela onokuphucula ngayo kwimpumelelo yakho. Zibuze: Ngaba ndiye ndanento eqinisekileyo ebendiza kuyithetha? Ngaba ingqalelo bendiyitsalela eBhayibhileni? Ngaba ndiye ndakhela phezu kwesiseko ebendisibeke kutyelelo lokuqala? Ngaba intshumayelo yam bendiyicebele ukuba ikhokelele kwisifundo seBhayibhile? Ukuba uphendula ngokuvumayo oko kukuqinisekisa ukuba uzabalazela ukuba ngumfundisi olungileyo weLizwi likaThixo.