IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/95 iphe. 1
  • Luluphi Usukelo Olubekele Abantwana Bakho?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Luluphi Usukelo Olubekele Abantwana Bakho?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Khuthaza Ukuzibekela Usukelo Lokomoya
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Uvuyo Lokuba Kwinkonzo Yexesha Elizeleyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
  • Qeqesha Abantwana Bakho Babe Ngabalungiseleli
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Ukwakha Intsapho Eyomeleleyo Ngokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
km 9/95 iphe. 1

Luluphi Usukelo Olubekele Abantwana Bakho?

1 Impumelelo apha ebomini ixhomekeke ekuzibekeleni nasekufikeleleni usukelo oluxabisekileyo. Abo bazibekela usukelo olungento okanye olungafikelelekiyo ekugqibeleni bayadana baze bangaluzalisekisi. Kufuna ubulumko ukuqonda izinto esimele sizisukele ukuze ‘sibubambe ubomi obungunaphakade.’ (1 Tim. 6:19) Hayi indlela esinombulelo ngayo kuba, ngeLizwi lakhe nangentlangano yakhe, uYehova usibonisa eyona ndlela simele sihambe ngayo!​—⁠Isa. 30:⁠21.

2 Ekunikeleni ukhokelo lothando olunjalo, uYehova ungumzekelo kubazali. Kunokuba bayekele abantwana babo abangenamava bazikhethele eyona ndlela ilungileyo, abazali abalumkileyo babaqeqesha ngendlela abamele bahambe ngayo, ibe xa bekhulile, abasayi “kumka kuyo.” (IMize. 22:⁠6) Abazali abangamaKristu bazi ngokusuka kumava abo ukuba abanakukholosa ngeyabo ingqiqo; bamele bakholose ngoYehova. (IMize. 3:​5, 6) Oku kufuneka ngakumbi ebantwaneni, abanolwazi namava angephi.

3 Abazali banokubabekela abantwana babo usukelo oluxabisekileyo oluya kubanceda banikele ingqalelo ‘kwizinto eziziincamisa.’ (Fil. 1:10) Banokuqala ngesifundo sentsapho, bekhuthaza abantwana ukuba bakuqonde ukubaluleka kwaso baze bafunde kuso. Kufanelekile ukuba abantwana babe nomkhwa wokufundisisa kusengaphambili ukwenzela iintlanganiso zebandla baze balungiselele ukugqabaza ngawabo amazwi. Ukuba nesabelo rhoqo kumsebenzi wokushumayela kubalulekile. Abantwana abancinane banokuba negalelo ngokuhambisa amaphecana, ukufunda izibhalo, okanye ukuhambisa amaphephancwadi. Xa bekwazi ukufunda, ukubhalisa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kunokuyikhawulezisa kanobom inkqubela yabo yokomoya. Ukufanelekela ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga okanye ukufanelekela ubhaptizo linyathelo elibalulekileyo lenkqubela.

4 Xa abantwana babo befikelela kwiminyaka yeshumi elivisayo, okanye ngaphambi koko, abazali bafanele bathethe ngokunyanisekileyo nabo ngosukelo lomsebenzi. Abacebisi besikolo nabantwana abafunda nabo banokubaphembelela ngokulula ukuba basukele izinto eziphathekayo zehlabathi. Abazali bafanele babancede abantwana babo bakhethe izifundo zesikolo eziya kubanika uqeqesho olusebenzisekayo, oluya kubaxhobisela ukulungiselela iintswelo zokuphathekayo ngaphandle kokulahla izilangazelelo zoBukumkani. (1 Tim. 6:​6-10) Banokukhuthazwa basukele “isipho” sokungatshati bandule ke kamva, ukuba bagqiba ekubeni batshate bakwazi ukusingatha iimbopheleleko ezinzima zomtshato. (Mat. 19:​10, 11; 1 Kor. 7:​36-38) Ukubakhuthaza ngobuvulindlela, ukukhonza apho kukho imfuneko enkulu khona, inkonzo yaseBheteli, okanye umsebenzi wobuvangeli basemazweni kwasebuntwaneni babo kunokubethelela umnqweno wokusebenzisa ubomi babo ngendlela ekholisa uYehova, eyingenelo kwabanye nenokubazisela iintsikelelo.

5 Akungenxa yamabona-ndenzile ukuze sibe nenyambalala engaka yabantu abaselula entlanganweni namhlanje ababambelela kwimilinganiselo yobuKristu baze bazenzele usukelo lobuthixo. Impumelelo yabo kunokuthiwa ibangelwe ngabazali abanothando. Ukuba ungumzali, lubonakala luyintoni usukelo lwabantwana bakho? Ngaba batyhalela phambili kubomi obujoliswe kwizilangazelelo zoBukumkani? Khumbula ukuba enye yezinto ezibalulekileyo onokuzenza kukubethelela inyaniso ebantwaneni bakho uze uthethe ngayo imihla yonke. Unokusikelelwa ngentsapho ethembekileyo ekhonza uYehova.​—⁠Dut. 6:​6, 7; Yosh. 24:⁠15.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share