Yibani Ngabenzi—Ningabi Ngabaphulaphuli Nje Kuphela
1 Namhlanje amaKristu okwenyaniso athobela isiluleko seBhayibhile sokuba ngabenzi belizwi, angabi ngabaphulaphuli nje kuphela. (Yak. 1:22) Oku kuyawahlula kwabo bathi, ngoxa besithi bangamaKristu, bamkhonze uThixo ngemilebe yomlomo wabo. (Isa. 29:13) UYesu walitsho lacaca elokuba ngabo benza ukuthanda kukaThixo kuphela abaya kusindiswa.—Mat. 7:21.
2 Unqulo olungenamisebenzi yokuhlonela uThixo alunto yanto. (Yak. 2:26) Ngoko sifanele sizibuze, ‘Imisebenzi yam ibonisa njani ukuba ukholo lwam lolokwenene? Yintoni ebonisa ukuba ngokwenene ndiphila ngokuvisisana nendikukholelwayo? Ndinokumxelisa njani uYesu ngokuzeleyo?’ Iimpendulo ezinyanisekileyo kule mibuzo ziya kusinceda sibone inkqubela esiyenzileyo okanye ekusafuneka siyenze ekwenzeni ukuthanda kukaThixo.
3 Njengabalandeli bakaYesu, simele sibe nosukelo oluphambili ebomini olufana nolo lwachazwa ngumdumisi owathi: “NgoThixo sidumisa imihla yonke, sibulele kwigama lakho ngonaphakade.” (INdu. 44:8) UbuKristu yindlela yokuphila ezibonakalisa imihla ngemihla nakwinto yonke esiyenzayo. Olunjani lona ulwaneliseko esilufumanayo xa sibonakalisa umnqweno osuka entliziyweni wokudumisa uYehova kuzo zonke izinto esizenzayo!—Fil. 1:11.
4 Ukudumisa UYehova Akupheleli Nje Ekuphileni Ubomi Obuthe Tye: Ukuba uThixo ebefuna sibe nehambo entle kuphela, besiza kusuka sinikele ingqalelo ekuphuculeni ubuntu bethu. Noko ke, unqulo lwethu lubandakanya ukuvakalisa ngokubanzi isidima sikaYehova nokuvakalisa ekuhleni igama lakhe!—Heb. 13:15; 1 Pet. 2:9.
5 Ukushumayela iindaba ezilungileyo ekuhleni ngomnye weyona misebenzi ibalulekileyo esiyenzayo. UYesu wazinikela kulo msebenzi kuba wayesazi ukuba bubomi obungunaphakade kwabo babeya kuphulaphula. (Yoh. 17:3) Nanamhlanje ‘ukulungiselela ilizwi’ kusabalulekile; kuphela kwendlela abanokusindiswa ngayo abantu. (IZe. 6:4; Roma 10:13) Ekubeni siyiqonda imiphumo yako emihle, sinokusiqonda isizathu sokuba uPawulos asikhuthaze ukuba ‘silivakalise ilizwi’ size ‘sizingise’ ukwenjenjalo.—2 Tim. 4:2.
6 Ukudumisa uYehova kufanele kuthabathe indawo engakanani ebomini bethu? Umdumisi wathi wayecinga ngako imihla yonke. Ngaba thina asivakalelwa ngolo hlobo? Kunjalo kanye, ibe siya kukugqala ukudibana nomnye umntu njengethuba lokuthetha ngegama likaYehova. Siya kufuna amathuba afanelekileyo okutsalela incoko yethu kwizinto zokomoya. Kwakhona siya kwenza unakonako ukuze sibe nesabelo kwinkonzo yasentsimini elungelelaniswe libandla. Abo iimeko zibavumelayo banokucinga nzulu ngenkonzo yobuvulindlela, kuba oku kusinceda senze umsebenzi wokushumayela eyona nto iphambili ebomini bethu imihla ngemihla. ILizwi likaThixo lisiqinisekisa ukuba ngokuzingisa ekwenzeni ukuthanda kukaThixo, siya kuvuya.—Yak. 1:25.