Ukuzalisa Isibhambathiso Sethu Imihla Ngemihla
1 Umdumisi uDavide washukunyiselwa ukuba avakalise oku kuYehova: “Ndiya kulibethela uhadi igama lakho ngonaphakade, ndizizalise izibhambathiso zam imihla ngemihla.” (INdu. 61:8) UDavide wayesazi ukuba ukwenza isibhambathiso kuyinto yokuzithandela ngokupheleleyo. Noko ke, wayeyiqonda nento yokuba ukuba wayenze isibhambathiso, wayemele asizalise. Nakuba kunjalo, wayemdumisa uYehova ngokumnika ithuba lokuzalisa izibhambathiso zakhe imihla ngemihla.
2 Xa sasizahlulela kuYehova, ngokuzithandela senza isibhambathiso sokwenza ukuthanda kwakhe. Sazincama saza sakwenza eyona nto iphambili ebomini bethu ukukhonza uYehova. (Luka 9:23) Ngenxa yoko, nathi simele sizalise isibhambathiso sethu imihla ngemihla. (INtshu. 5:4-6) Uvakaliso esalwenza ekuhleni ngexesha sasibhaptizwa emanzini lumele lubonakale kubomi bethu bonke, ekubeni sisazi ukuba “ngomlomo ubani wenza uvakaliso lwasesidlangalaleni losindiso.” (Roma 10:10) Oku kuquka ukushumayela iindaba ezilungileyo. (Heb. 13:15) Iimeko zabantu azifani, kodwa imihla ngemihla sonke sinako ukunikela ingqalelo kwimbaluleka yokwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo.
3 Vula Amathuba Okushumayela Imihla Ngemihla: Ukwabelana ngeendaba ezilungileyo nothile kungamava abangela uvuyo. Ukuze sikwenze imihla ngemihla oku, kufuneka sivule amathuba okushumayela nanini na iimeko zethu zisivumela. Abo baye bathabatha inyathelo lokuqala ekunikeleni ubungqina ebantwini emsebenzini okanye esikolweni nakubamelwane okanye kwabanye abadibana nabo suku ngalunye baye banentaphane yamava awonwabisayo. Kwanokubhala iileta okanye ukusebenzisa umnxeba kunokuba yenye yeendlela zokunikela ubungqina kwabanye. Ukuzisebenzisa zonke ezi ndlela kunye nokuzibekela bucala rhoqo ixesha lokunikela ubungqina kwindlu ngendlu nelokubuyela kunokukhokelela kuvuyo olukhethekileyo olubangelwa kukuqhuba isifundo seBhayibhile sekhaya. Ewe, suku ngalunye singakwazi ukuvula amathuba okushumayela.
4 Omnye udade waqalisa ukufunda incwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla ngethuba lesidlo sasemini emsebenzini. Wamema omnye asebenza naye ukuba bafunde kunye itekisi yosuku, yaye kungekudala oko kwakhokelela kwisifundo seBhayibhile nelo bhinqa. Babefunda isiqingatha seyure suku ngalunye, iintsuku ezintlanu ngeveki. Omnye umntu abasebenza naye wasiphawula esi sifundo sabo semihla ngemihla. Ekugqibeleni wazichaza ukuba ungumzalwana oye waphola. Ekhuthazwe yinzondelelo yalo dade, waqhagamshelana nomnye umdala ukuze avuselelwe. Lo dade wakhuthaza abantu ababini ngenxa yokwenza unako-nako ekuzaliseni isibhambathiso sakhe imihla ngemihla.
5 Xa sishukunyiswe yintliziyo ezele luxabiso ngazo zonke izinto ezintle aye wasenzela zona uYehova, ukuzalisa isibhambathiso sozahlulelo lwethu kangangoko sinako suku ngalunye kusenza sifumane uvuyo nolwaneliseko. Kanye njengomdumisi, sinokuthi: “Ndiya kubulela kuwe, Nkosi yam, Thixo wam, ngentliziyo yonke, ndilizukise igama lakho ngonaphakade.”—INdu. 86:12.