Yiba Ngumzekelo Kwintetho Nakwihambo
1 Umpostile uPawulos wabongoza uTimoti esithi makabe ngumzekelo kwintetho nakwihambo. (1 Tim. 4:12) Nathi sifanele sibe yimizekelo kwintetho nakwihambo, ngokukodwa xa sikubulungiseleli, kuba ukwenjenjalo kusenokugqiba enoba siya kuzifikelela okanye asiyi kuzifikelela kusini na iintliziyo zabo sidibana nabo.
2 Sifanele sibonakalise zonke iimpawu zesimilo, kuquka imbeko, ulwazelelelo, ububele, intlonelo nobuchule. Ngokubonakalisa ezi mpawu, sibonisa ukuba siyayiqonda indlela izenzo zethu ezizichaphazela ngayo iimvakalelo zabanye. Ukuba nesimilo xa sikubulungiseleli kunokufaniswa nezinongo, ezisetyenziselwa ukwenza ukudla kumuncis’ iintupha. Ngaphandle kwazo, ukudla okusempilweni kunokuba javujavu kuze kungabangeli mdla. Kunokuba njalo ke nokungabi nasimilo xa siqhubana nabanye.—Kol. 4:6.
3 Yiba Ngumzekelo Kwintetho: Uncumo lobuhlobo nombuliso wobubele zizinto ezibalulekileyo xa sishumayela iindaba ezilungileyo. Xa sinonga intshayelelo yethu ngobubele nangokunyaniseka, senza umninimzi azi ukuba sinomdla ngokwenene kuye. Xa ethetha, phulaphula ngenyameko uze ubonise intlonelo efanelekileyo ngoluvo lwakhe. Xa uthetha, thetha ngobuchule nangobubele.—Thelekisa IZenzo 6:8.
4 Maxa wambi sidibana nomntu osenokungabi nabuhlobo, node afune ukulwa. Sifanele sisabele njani? UPetros wasibongoza ukuba sithethe “ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Pet. 3:15; Roma 12:17, 18) UYesu wathi ukuba umninimzi usichasa ngendlela ekrwada isigidimi soBukumkani, sifanele ‘sivuthulule uthuli ezinyaweni zethu.’ (Mat. 10:14) Ukuba nesimilo kwiimeko ezinjalo kusenokuthi ekugqibeleni kuyenze ithambe intliziyo yomntu ochasayo.
5 Yiba Ngumzekelo Kwihambo: Ukushumayela iindaba ezilungileyo kwizitrato ezinyakazelayo nakwiindawo zikawonke wonke kufuna sibe nolwazelelelo, singangxoli okanye sibanyanzele abantu, yaye singabaxini abantu abadlulayo. Xa sisemakhayeni abantu abanomdla, sifanele sihlale sinesidima esifanelekileyo size siziphathe njengeendwendwe ezihloniphekileyo, sibonakalise uxabiso ngobubele babo. Nabaphi na abantwana abahamba nathi bamele babe nentlonelo ngomninimzi nangezinto zakhe yaye bafanele babe nesimilo baze banikele ingqalelo xa sincokola. Ukuba abantwana benza isiphithiphithi, oku kuya kusenza sijongwe kakubi ngabantu.—IMize. 29:15.
6 Imbonakalo yethu yobuqu ifanele yenze kucace ukuba singabalungiseleli beLizwi likaThixo. Ekunxibeni nasekuzilungiseni, asifanele sinxibe ngokungakhathali okanye sinxibe izinto eziyokoyoko kakhulu. Ngamaxesha onke imbonakalo yethu ifanele izifanele iindaba ezilungileyo. (Thelekisa eyabaseFilipi 1:27.) Ngokunikela ingqalelo epheleleyo kwimbonakalo yethu nakwizinto esiziphathayo, asiyi kubakhubekisa abanye okanye bafumane isiphoso kubulungiseleli bethu. (2 Kor. 6:3, 4) Intetho nehambo yethu engumzekelo yenza isigidimi soBukumkani sibe nomtsalane ngakumbi, ize izise uzuko kuYehova.—1 Pet. 2:12.