Ngaba Uyifaka Rhoqo Ingxelo Yakho?
1 Hayi indlela ekuhlaziya ngayo ukufumana iingxelo zomsebenzi owenziwe entsimini! Oku kubonisa ukuba uYehova uthe gqolo ekhulisa. (1 Kor. 3:6) Ngamnye wethu unembopheleleko yokuqinisekisa ukuba kuthunyelwa ingxelo epheleleyo nechanileyo kwiofisi yethu yesebe.
2 Alithandabuzeki elokuba sonke savuya xa seva ukuba kufikelelwe incopho entsha yabavakalisi ngoAgasti 1996 kwinkoliso yamazwe aphantsi kwesebe loMzantsi Afrika. Noko ke, kwaphawulwa ukuba amabandla ali-111 eMzantsi Afrika akazange azithumele kwangethuba iingxelo zawo ukwenzela ingxelo ka-Agasti. Kukwanjalo nangamabandla ali-15 aseBotswana, angama-22 aseLesotho, ama-5 aseNamibia, nangama-35 aseSwazini. Ngaphezu koko, ngokwamanani akwiNgxelo Yohlahlelo Lwebandla (S-10) ethunyelwe ngunobhala webandla ngalinye, kukho amawaka ambalwa abavakalisi emabandleni angazingenisiyo iingxelo. Kusenokwenzeka ukuba le ngxaki intlu-mbini: Mhlawumbi abanye oonobhala abazithumeli kwangethuba iingxelo yaye abanye abavakalisi basenokuba abayifaki ingxelo yabo.
3 Mvakalisi ngamnye ufanele azibuze: ‘Ngaba ndiyifaka rhoqo ingxelo yam yenkonzo yasentsimini ngokukhawuleza ekupheleni kwenyanga nganye?’ Sonke sinembopheleleko yokungenisa ingxelo epheleleyo nechanileyo nyanga nganye. Ukwenjenjalo kuya kubonisa intlonelo esinayo ngamalungiselelo entlangano kaYehova kuze kubonise noxabiso lwethu ngesabelo esincinane esinaso ekwenzeni ingxelo echanileyo.
4 Ekubeni unobhala efanele athumele ingxelo yebandla yenkonzo yasentsimini kuMbutho ngomhla wesithandathu wenyanga elandelayo, sinokubonakala lula isizathu sokuba kubalulekile ukuba umvakalisi ngamnye kufuneke afake ingxelo yakhe yenkonzo yasentsimini ngokukhawuleza ekupheleni kwenyanga. Ngaba uyasebenzisana neli lungiselelo ngokufaka ingxelo yakho ngokukhawuleza nangokuchanileyo ekupheleni kwenyanga nganye?
5 Mvakalisi ngamnye osebenzisana ngokuvumayo nala malungiselelo angasentla unokuba nolwaneliseko lokwazi ukuba uye wanegalelo ekwenzeni ingxelo echanileyo yeenyanga ngeenyanga emsebenzini wamaNgqina kaYehova. (Thelekisa uHezekile 9:11.) Kwanga sonke singazifaka rhoqo iingxelo zenkonzo yasentsimini ezichanileyo kwangethuba nyanga nganye!