Kholosa NgoYehova Ukuze Akhulise
1 “Okokuqala ngqa ndiye ndafumana uvuyo olungathethekiyo lokunceda ekusekweni kwebandla elitsha. Oku kuthabathe iminyaka engaphezu kwemibini yomsebenzi wenkuthalo, njengoko bekusoloko kuthandazwa yaye kukholoswe ngoYehova ‘okhulisayo.’” Wabhala watsho uvulindlela okhutheleyo owayibonayo imfuneko yokukholosa ngoYehova ukuze kubekho ulwando. (1 Kor. 3:5-9) Xa sifuna abantu abanotyekelo lokomoya, nathi sifuna inkxaso kaThixo ukuze ubulungiseleli bethu buxakathe iziqhamo.—IMize. 3:5, 6.
2 Ukukhula Kufuna Ukuhlakulelwa: Ukuze imbewu yenyaniso ikhule ifuna ukuhlakulelwa. Ukubuyela kusuku nje olunye okanye kwiintsuku ezimbini kusoloko kusiba nemiphumo emihle. Yiba nobubele nobuhlobo. Menze loo mntu akhululeke. Musa ukuthetha wedwa. Mvumele akwazi, uze umbonise ukuba unomdla kuye njengomntu.
3 NgoJulayi ukusa kuAgasti, sihambisa iincwadana ezinemifanekiso ezahlukeneyo kubantu esidibana nabo. Noko ke, kukwafuneka sibuyele kubo bonke abanomdla nakwabo sibashiyele uncwadi. Oku sikwenza ngokubuyela nangokucela izifundo zeBhayibhile. (Mat. 28:19, 20) Ukuze senjenjalo, sisenokusebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo ekuqaliseni izifundo. Nisenokuwafumanisa eluncedo la macebiso mane angezantsi.
4 Ukuba ubuncokole nomntu oxhalabileyo ngendlela ihlabathi eliqhuba ngayo, usenokuyihlaziya incoko ngokuthi:
◼ “Ndikholelwa kwelokuba nawe uxhalabe njengam ngokonakala kwemilinganiselo yabantu yokuziphatha. Siva iindaba ezibuhlungu zogonyamelo lwasekhaya, oluphumela ekuxhatshazweni kwabantwana, abazali namaqabane omtshato. Ibe kubonakala ngathi kuninzi lwabantu akunto inkulu ukuxoka okanye ukuba ngenjongo yokwanelisa iminqweno yabo. Ngaba ucinga ukuba inomsebenzi kuThixo indlela abantu abaphila ngayo? [Vumela impendulo.] UThixo unemilinganiselo ethile ayimisele abantu ukuba baphile ngayo, yaye asiloxanduva nje kwaphela kuthi.” Funda eyoku-1 kaYohane 5:3. Yandula ke uhambise incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, uze utyhile kwisifundo 10. Funda isiqendu sokuqala. Mbonise amagama namabinzana akekelisiweyo ekuqaleni kwesiqendu 2-6, uze umbuze ngento avakalelwa kukuba yeyona iyingozi eluntwini. Funda isiqendu esimayela noku uze utyhile isibhalo esinye okanye ezibini xa ixesha livuma. Qukumbela ngokufunda isiqendu 7, uze wenze amalungiselelo okubuyela ukuze nixubushe ngokubhekele phaya.
5 Kwabo udibana nabo baxhalabele iintsapho zabo, usenokuthetha okufana noku:
◼ “Ucinga ukuba kusengqiqweni ukulindela ukuba uMdali asinike izixhobo ezifunekayo ukwenza ubomi bentsapho buphumelele?” Vumela impendulo. Mbonise incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, tyhila kwisifundo 8, uze umcacisele ukuba inemigaqo yeBhayibhile enokuthanani nawo onke amalungu entsapho. Cela ukumbonisa indlela anokuyisebenzisa ngayo le ncwadana inemifanekiso kunye neBhayibhile ukuze imncede. Yenza ngokuvisisana nemiyalelo ekwiphepha 2 lale ncwadana inemifanekiso. Yenza amalungiselelo okubuyela ukuze niqhubeke nokufundisisa esi sifundo, okanye ukuba nisigqibile, nifunde esinye isifundo esikhethwe ngumninimzi kule ncwadana inemifanekiso.
6 Nantsi intshayelelo engqalileyo osenokuyisebenzisa eku-celeni isifundo seBhayibhile. Mbonise incwadana enemifanekiso ethi “Okufunwa NguThixo,” uze uthi:
◼ “Le ncwadana yenzelwe ufundisiso olugubungela phantse zonke iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile. Kwiphepha ngalinye uya kufumana iimpendulo kwimibuzo ebisoloko ikhathaza abantu kangangeenkulungwane. Ngokomzekelo, Yintoni injongo kaThixo ngomhlaba?” Tyhila kwisifundo 5, uze ufunde imibuzo esekuqaleni kwaso. Buza umninimzi lowo anomdla kakhulu kuwo, uze ke ufunde isiqendu (iziqendu) osekelwe kuso, ujonge izibhalo ezifanelekileyo. Mcacisele ukuba iimpendulo ezanelisayo kweminye imibuzo zinokufumaneka nje lula njengalo. Mchazele ukuba uza kubuya ukuze nixubushe ngomnye umbuzo nempendulo yawo.
7 Okanye usenokukhetha ukuzama intshayelelo elula yokuqalisa isifundo seBhayibhile ngokuthi:
◼ “Ubusazi na ukuba ngokuzipha nje imizuzwana embalwa unokufumana impendulo kumbuzo obalulekileyo weBhayibhile? Ngokomzekelo, . . .” Yandula ke uchaze umbuzo osekuqaleni kwesinye sezifundo zale ncwadana inemifanekiso, lowo ucinga ukuba uya kuba nomdla kuwo loo mntu. Ukuze ufumane amanye amacebiso ngemibuzo osenokuyisebenzisa, bona isiqendu 15 nese-16 kwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 1997, esinomxholo othi: “Qweba Inkalipho Ukuze Ubuyele.”
8 Ukwamkela ngovuyo ucelomngeni lokubuyela nokuqhuba izifundo zeBhayibhile kuyinxalenye yokuba ‘ngabasebenzi abangamadlelane’ noThixo. (1 Kor. 3:9) Njengoko sizibhokoxa ekuhlakuleleni umdla esiwufumanayo size sikholose ngoYehova ukuba akhulise, siya kufumana ulwaneliseko lokwenene esingenakulufumana nakuwuphi na umsebenzi.