UYehova Unika Amandla Angaphaya Koko Kuqhelekileyo
1 Ilungelo elikhethekileyo lenkonzo engcwele—ubulungiseleli bamaKristu—liye lajizekwa kubo bonke abafundi bakaYesu. (Mat. 24:14; 28:19, 20) Kodwa ukungafezeki kwabantu kunye namanzithinzithi ale nkqubo yezinto maxa wambi zisenokusenza sizibone singafaneleki konke konke.
2 Xa oku kusenzeka, sinokuthuthuzelwa yincwadi yompostile uPawulos eyayisiya kumaKristu athanjisiweyo aseKorinte. Wabhala: “Sinabo obu buncwane ngezitya zomhlaba.” (2 Kor. 4:7) UPawulos wayenentembelo: ‘Ekubeni sinobu bulungiseleli asiyeki.’ (2 Kor. 4:1) Kuyinyaniso ukuba, kulucelomngeni kuthi sonke, enoba singabathanjiswa okanye ‘singabezinye izimvu,’ ukuqhubeka sivakalisa iindaba ezilungileyo yaye ‘singayeki.’ Sifuna ukomelezwa nguThixo, onika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo.”—Yoh. 10:16; 2 Kor. 4:7b.
3 Okukhuthazayo kukuba, uninzi lwamaNgqina lungabahambisi bevangeli abanenzondelelo phezu kwako nje ukujamelana nenkcaso ekrakra, impilo enkenenkene okanye ukungabi namali eyaneleyo. Sonke simele siqonde ukuba isabelo sethu sokushumayela sixhaswa nguYehova. Kunokuvumela ukutyhafa okanye ukuxhalaba kulwenze buthathaka uzimiselo lwethu lokushumayela, ‘masiqhubeke sizuza amandla eNkosini nasekomeleleni kwamandla ayo.’—Efe. 6:10; IMize. 24:10.
4 Indlela Yokuzuza Amandla KaThixo: Thandaza ngokuzingisileyo, ucele uncedo namandla kuThixo. (Roma 12:12; Fil. 4:6, 7) Wandule ke, ngentliziyo yakho iphela, ukholose ngoYehova ukuze akunike amandla angaphaya koko kuqhelekileyo. (IMize. 3:5) Funda amabali obomi ale mihla kumaphephancwadi ethu, kuba anika ubungqina bokuba uYehova unceda abakhonzi bakhe namhlanje ukuze banyamezele izilingo. Sondelelana nabazalwana ebandleni, yaye ungaze uzityeshele iintlanganiso zebandla.—Roma 1:11, 12; Heb. 10:24, 25.
5 Ngamana singenza konke okusemandleni ethu ukuze sizenze sikufanelekele ukufumana amandla kaYehova—amandla angaphaya koko kuqhelekileyo yaye oko kuya kusinceda singawuyeki owona msebenzi ubalulekileyo wokushumayela uBukumkani.