“Asinakuyeka Ukuthetha”
1 UYesu Kristu uwujonge ngeliso elibukhali umsebenzi wokushumayela. (Mat. 28:20; Marko 13:10) Nangona kukho mayela nezigidi ezithandathu zabavakalisi abakhutheleyo abanikela ubungqina kumazwe angama-234, asimele sicinge ukuba sigqibile ukunikela ubungqina. De athi uThixo umsebenzi ugqityiwe, “asinakuyeka ukuthetha” ngezinto esiye sazifunda.—IZe. 4:20.
2 Thembela Ngomoya KaThixo: USathana wenza onke amalinge ukuze asidimaze. (ISityhi. 12:17) Inyama yethu engafezekanga isifaka ezingxakini ezininzi. Izinto ezinjalo zinokuyiphambukisa ingqalelo yethu kumsebenzi wokushumayela ongowona ubalulekileyo. Sekunjalo, ukuba sikholosa ngoYehova, umoya wakhe uya kusinceda simelane nawo nawuphi na umqobo.
3 Xa ibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala latshutshiswa ngokuqatha, abazalwana bathandaza kuThixo becela uncedo, ukuze baqhubeke belithetha ilizwi lakhe ngenkalipho. UYehova wawuphendula umthandazo wabo, wabafaka umoya wakhe waza wabanika inzondelelo nozimiselo olwalufuneka ukuze baqhubeke beshumayela. Ngenxa yoko, baqhubeka bevakalisa iindaba ezilungileyo ngenkalipho bengayekeleli.—IZe. 4:29, 31; 5:42.
4 Musa Ukoyika Ukugculelwa: Uluvo lwabantu okanye amazwi okusinyemba asenokusenza soyike. Noko ke, khumbula amazwi enkalipho awathethwa nguPetros nangabanye abapostile kwiSanhedrin, abhalwe kwiZenzo 5:29-32. Kanye njengokuba umfundisi woMthetho uGamaliyeli wavuma, umsebenzi kaThixo awunakubhukuqwa. Awenziwa ngamandla ethu. Lo msebenzi mkhulu uxhaswa nguThixo kwaye nguye kuphela onokuwenza!—Zek. 4:6.
5 Masimbongoze uYehova imihla ngemihla ukuze asinike umoya wakhe aze asincede sivakalise iindaba ezilungileyo ngenzondelelo. Ngamana njengoYeremiya singathi, isigidimi soBukumkani sinjengomlilo ovuthayo emathanjeni ethu. (Yer. 20:9) Asinakuthula!