Zonke Iintlobo Zabantu Ziya Kusindiswa
1. Ixhomekeke entwenini indlela uThixo asijonga ngayo?
1 Ububele bukaThixo obungasifanelanga buye basivulela indlela yokuba sisindiswe. UYehova uthanda ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Tim. 2:3, 4) Indlela uThixo asijonga ngayo ayixhomekekanga, kuhlanga esilulo, umgangatho wethu ekuhlaleni, ubuchule esinabo okanye inkangeleko yethu yangaphandle, kodwa ixhomekeke ekubonakaliseni ukholo kwidini lentlawulelo likaYesu. (Yoh. 3:16, 36) Njengoko sisebenza kunye noThixo, simele sikuphephe ukuba nomkhethe, kuba oko kunokusenza sibagatye abantu uYehova afuna ukubamkela.
2, 3. Yintoni enokusinceda ukuba singagqibi okuthile ngabantu xa sijonga inkangeleko yabo yangaphandle?
2 Kuphephe Ukubagqibela Abanye: UYehova ujonga oko abantu bakuko ngaphakathi, ngaphandle kwenqala okanye umkhethe. (1 Sam. 16:7) Kwakhona uyakwazi ukubona oko abantu banokuba kuko. Ngoko, ubagqala njengabanqwenelekayo abo bafuna ukumkholisa. (Hag. 2:7) Ngaba abantu sibajonga ngendlela uThixo abajonga ngayo?
3 Abanye abantu esidibana nabo entsimini banokusothusa ngendlela abakhangeleka ngayo. Basenokunxiba njengamaxelegu okanye ngokungandilisekanga, babe neentshebe ezingachetywanga okanye babe namacici empumlweni okanye kwimilebe. Kusenokwenzeka ukuba abanye abanamakhaya. Abanye basenokusiphatha ngqwabalala. Kunokuba sigqibe kwelokuba abantu abanjalo abasoze babe ngabakhonzi bakaYehova, sifanele sibe nesimo sengqondo esihle, “kuba kwanathi sasikhe asabi nangqiqo, singathobeli [yaye] silahlekiswa.” (Tito 3:3) Xa sikuqonda oku, siya kufuna ukushumayela kuye wonke umntu, nakwabo babonakala bengafanelekanga xa sibajongile.
4, 5. Sifunda ntoni kumzekelo kaYesu noPawulos?
4 Imizekelo Yenkulungwane Yokuqala: UYesu Kristu wayezipha ithuba lokunceda nabo babegqalwa njengabangenakuguquka ngabanye abantu. (Luka 8:26-39) Nangona wayengathi imikhwa emibi ifanelekile, wayesazi ukuba abantu basenokubambiseka kwiindlela ezigoso. (Luka 7:37, 38, 44-48) Ngaloo ndlela, wabonakalisa ukuqonda, ‘ebasizela, ngenxa yokuba babenjengezimvu ezingenamalusi.’ (Marko 6:34) Ngaba sinokuwuxelisa ngakumbi umzekelo wakhe?
5 Umpostile uPawulos waxulutywa ngamatye, wabethwa yaye wafakwa ezintolongweni. (IZe. 14:19; 16:22, 23) Ngaba ezo zinto zimbi ngolo hlobo ezenziwa kuye zamenza waba nengqumbo waza wagqiba ekubeni wayechitha nje ixesha lakhe ngokuya kwiintlanga nakwizizwe ezithile? Akunjalo. Wayesazi ukuba abantu abantliziyo zinyanisekileyo banokufumaneka kuzo zonke izizwe, yaye wayezimisele ukuba abafumane. Ngaba sibajonga ngolo hlobo abo bakwintsimi yethu abaneemvelaphi ezingafaniyo nezethu nabezinye iintlanga?
6. Isimo sethu sengqondo sinokubachaphazela njani abo batsha kwiintlanganiso zebandla?
6 Ukwamkela Abanye Namhlanje: Abantu abaninzi bakaThixo bayavuya kuba baye bamkelwa ebandleni ngabazalwana noodade abangazange bajonge inkangeleko yangaphandle nje kuphela. Enye indoda eyayinentshebe neenwele ezifika emagxeni, eyayinxibe iimpahla ezimdaka, yafika kwiHolo YoBukumkani eJamani. Yayidume kakubi le ndoda. Sekunjalo, yamkelwa ngezandla ezifudumeleyo kwiintlanganiso. Yakuthanda gqitha oku kangangokuba yabuya kwiveki elandelayo. Kungabanga thuba lide, yalungisa indlela eyayikhangeleka ngayo, yayeka ukutshaya yaza yatshata nomntu eyayithandana naye. Kungekudala, bona nabantwana baqalisa ukukhonza uYehova njengentsapho emanyeneyo.
7. Sinokumxelisa njani uThixo wethu ongenamkhethe?
7 Masixelise uThixo ongenamkhethe, sincede bonke abantu bazuze kububele bukaThixo obungasifanelanga.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]
“UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZe. 10:34, 35.