-
IzazisoUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Februwari
-
-
◼ Impapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli! (Ebhalwe Ngamagama Amakhulu)—IsiNgesi, isiPhuthukezi nesiTshayina Esenziwe Lula (Pinyin)
INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele (enkulu)—NgesiTshayina Esenziwe Lula (Pinyin)
◼ Iikhasethi Zevidiyo Ezintsha Ezifumanekayo:
Sing Praises to Jehovah—Kwikhasethi Yevidiyo, Volume 3—Ngentetho Yezandla YaseMerika
◼ IiDVD Ezintsha Ezifumanekayo:
Sing Praises to Jehovah—On DVD, Volume 3—Ngentetho Yezandla YaseMerika
-
-
Icandelo 6: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile EzinenkqubelaUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Februwari
-
-
Icandelo 6: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
Xa Isifundo Sakho Sinemibuzo
1 Sakuba siqalisiwe isifundo seBhayibhile, kudla ngokuba kuhle ukuxubusha iimfundiso zeBhayibhile ngendlela eyondeleleneyo kunokuba usuke kulo mxholo uye kulowa. Loo nto inceda isifundo sakho ukuba sibe nesiseko solwazi oluchanileyo kwaye senze inkqubela ngokomoya. (Kol. 1:9, 10) Noko ke, izifundo ziye zibuze imibuzo eyahlukeneyo ebudeni besifundo. Ifanele isingathwe njani loo mibuzo?
2 Sebenzisa Ukuqonda: Imibuzo enento yokwenza naloo mbandela uxutyushwayo inokuphendulwa ngoko nangoko. Ukuba umbuzo uza kuphendulwa kamva yiloo ncwadi ifundwayo, kunokuba kuhle ukuyichaza loo nto. Noko ke, ukuba umbuzo awunanto yakwenza nombandela okanye uya kufuna kwenziwe uphando ukuze uphendulwe kakuhle, kunokuba kuhle ukuwuxubusha emva kwesifundo okanye ngelinye ixesha. Abanye abavakalisi bafumanisa ukuba ukuwubhala phantsi umbuzo kuyasiqinisekisa isifundo eso ukuba umbuzo waso awusingelwa phantsi kwaye kuyabanceda ukuze isifundo singaphambukeli kweminye imibandela.
3 Iimfundiso ezininzi zeBhayibhile zixutyushwa ngokufutshane nje kwiimpapasho esizisebenzisa ukufundela abantu. Kuthekani ukuba isifundo sikufumanisa kunzima ukwamkela imfundiso ethile okanye sibambelela kwimfundiso ethile yobuxoki? Kunokuba yingenelo ukukhangela omnye umbandela ongena nzulu koko kuthethwa yiBhayibhile ngaloo nto. Ukuba isifundo sakho asiyamkeli nangoko, wubekele elinye ixesha loo mbandela uze uqhubeke nesifundo esiqhelekileyo. (Yoh. 16:12) Njengoko sisiya sifumana ulwazi olungakumbi ngeBhayibhile kwaye sisenza inkqubela ngokomoya, siya kuyiqonda loo mfundiso yeBhayibhile.
4 Zeyise: Ukuba akuqinisekanga ngempendulo yombuzo, lumkela ukuveza izimvo zakho. (2 Tim. 2:15; 1 Pet. 4:11) Chaza ukuba uza kuwuphanda lo mba uze ubuye nempendulo. Unokude usebenzise elo thuba ukuze ufundise isifundo sakho indlela yokwenza uphando. Sibonise indlela yokusebenzisa iincwadi ezilungiselelwe yintlangano kaYehova. Ngale ndlela siya kukwazi ukuziphendulela imibuzo yaso.—IZe. 17:11.
-
-
Iintshayelelo ZamaphephancwadiUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Februwari
-
-
Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Feb. 15
“Maxa wambi siye sive kubaliswa ngommangaliso ekuthiwa wenzekile. [Khankanya umzekelo.] Abanye abantu bayawakholelwa la mabali. Kodwa abanye bayawathandabuza. Eli phephancwadi lixubusha ngemimangaliso ekubaliswa ngayo eBhayibhileni, lihlola ukuba yenzeka ngokwenene kusini na nokuba isenzeka na nanamhlanje.” Funda uYeremiya 32:21.
IMboniselo Mat. 1
“Ucinga ukuba ihlabathi beliya kuba bhetele ukuba wonk’ ubani ebesebenzisa eli cebiso? [Funda eyabaseRoma 12:17, 18. Emva koko mlinde aphendule.] Okulusizi kukuba maxa wambi kuye kuvuke iingxabano. Eli phephancwadi libonisa indlela ukusebenzisa icebiso leBhayibhile okunokusinceda ngayo silungise iingxabano size sidale uxolo.”
Vukani! Mat. 8
“Mandulo, uThixo wayalela abantwana ukuba babeke oonina nooyise. [Funda iEksodus 20:12.] Ucing’ ukuba kule mihla babekwa ngendlela efanelekileyo oomama? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lixubusha ucelomngeni abahlangabezana nalo oomama kumazwe ahlukeneyo nendlela abahlangabezana ngayo nolo celomngeni.”
“Minyaka le iya ikhula imfuneko yamandla. Ngaba ukhe ucinge ngento enokwenzeka ukuba ngeny’ imini amandla esiwafunayo ebenokuphela? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lixubusha inkqubela eye yenziwa ukuze kwenziwe imizi-mveliso yamandla ecocekileyo. Likwachaza noMthombo wawo onke amandla.” Funda uIsaya 40:26.
-