“Ukuhlwayela Imbewu YoBukumkani” Kwimizila Yamaphephancwadi
1 Ingoma 133 kwiculo elithi Mvumeleni Iindumiso UYehova inomxholo othi “Ukuhlwayela Imbewu YoBukumkani.” Isekelwe kumzekeliso kaYesu ofanisa umsebenzi wokwenza abafundi nokuhlwayelwa kwembewu. (Mat. 13:4-8, 19-23) Amazwi ale ngoma afundeka ngolu hlobo: “Ubuninzi bembewu ekumhlaba omhle/Bungaxhomekeka kuwe.” Sinokubandisa njani ubuchule esinabo kubulungiseleli bethu? Enye indlela kukuqalisa umzila wamaphephancwadi size siwulondoloze.
2 Kunokufezwa okuninzi ngomzila wamaphephancwadi. (1) Ukutyelela rhoqo emva kweeveki ezimbini kungakwenza ukwazi ukwakha ubuhlobo nomntu onomdla. (2) Uze uqhubeke nokumxhasa rhoqo ngenkcazelo esindisa ubomi ekwiMboniselo noVukani! (3) Ngencoko yakho unokumnceda umntu akhe ulangazelelo ngenyaniso yeZibhalo, enokukhokelela kwisifundo seBhayibhile.—1 Pet. 2:2.
3 Indlela Yokuqalisa Umzila Wamaphephancwadi: Nanini na kukho umntu obonisa umdla kumaphephancwadi, mchazele ukuba kubakho amanqaku asemagqabini kwiinkupho zonke yaye ungakuvuyela ukumnika wona rhoqo emva kweeveki ezimbini. Emva kokuba uwashiyile, bhala igama nekhelingi yakhe, umhla wotyelelo, nemihla yeenkupho ozihambisileyo, amanqaku owabalaselisileyo nemixholo aye wanomdla kakhulu kuyo loo mntu.
4 Unokuqalisa umzila kubantu abambalwa. Uze uwukhulise ngokongezelela abangakumbi oye wabahambisela amaphephancwadi. Njengokuba umzila wakho ukhula, ungawulungelelanisa ngokwentsimi ukuze kube lula ukuwugubungela. Gcina ixesha nengxelo echanileyo yeenkupho eziye zahanjiswa kutyelelo ngalunye. Quka amagqabaza encoko yakho nendlela yokuqhubeka ukhulisa umdla womntu ngenyaniso kutyelelo oluzayo.
5 Quka Oosomashishini Nezifundiswa: Amava aye abonisa ukuba oonovenkile noosomaqhuzu abathile bakulungele ukwamkela amaphephancwadi ethu rhoqo. Omnye umdala wayede wanosibonda wedolophu yakhe kumzila wakhe wamaphephancwadi. Umvakalisi waqalisa isifundo nomnini wenkampani yezinto zokwakha oneminyaka engama-80 ubudala emva kokuba wayethabatha amaphephancwadi kuye iminyaka elishumi yonke!
6 Omnye udade onguvulindlela wangena evenkileni waza wadibana nesibini esingazange simamkele ngobubele. Noko ke, ekubeni saye sawamkela amaphephancwadi, wagqiba ekubeni esi sibini asifake kumzila wakhe wamaphephancwadi. Ethubeni, lo dade wafuna ukusincama ngenxa yokuba sasingenabuhlobo yaye sasisoloko singenanto yakuthetha, kwanaxa ebuza umbuzo ofuna imbono. Kodwa lo dade wawuthandazela lo mbandela yaye ekugqibeleni wasihambisela incwadi Unokuphila Ngonaphakade. Emva kokuba siyifundile, umfazi wathi: “Ekugqibeleni, ndiyifumene inyaniso!” Isifundo seBhayibhile saqaliswa, yaye ekugqibeleni esi sibini sabhaptizwa. Eneneni inzondelelo yalo vulindlela yavelisa isiqhamo esihle.
7 Ukwenza Amabuyelo: Xa ufumana iphephancwadi elitsha, funda inqaku ngalinye. Khangela iingongoma eziya kuba nomtsalane kumntu ngamnye okumzila wakho. Ngoko ke, xa ubuyela, unokuthi: “Njengokuba bendifunda eli nqaku, ndiye ndacinga ngawe nangendlela elingabangela umdla ngayo kuwe.” Abavakalisi abakubudala obahlukahlukeneyo bangakunandipha ukuba nomzila wamaphephancwadi. Kwanomntwana omncinane angathi: “Ndiya kuvuyela ukukubona kwakhona. Imibhalo yakho yakutshanje yeMboniselo noVukani! ifikile. Ndicinga ukuba uya kulithanda eli nqaku linomxholo othi . . .”
8 Vusa umdla ngamanqaku asezayo ngokutsalela ingqalelo kwibhokisi enomxholo othi “Kwinkupho Yethu Elandelayo.” Xa amanqaku elungcelele, kwenze kucace oko uze ukhuthaze umfundi angaphoswa yiyo nayiphi na inxalenye yawo. Ungalibali ukuba sihlandlo ngasinye uhambisela umntu okumzila wakho wamaphephancwadi iphephancwadi unokubala ibuyelo. Ngaphezu kwako konke, khumbula ukuba usukelo lwethu kukuba la mabuyelo abe zizifundo zeBhayibhile zekhaya.
9 Tyelela Abantu Abakumzila Wakho Rhoqo: Ungayisasaza imizila yakho yamaphephancwadi—kusasa phakathi evekini, xa lisiya kunina, ngorhatya lwemivundla, okanye ngempela-veki emva kwexesha lomsebenzi wendlu ngendlu. Ukuba akukwazi kuwuhambisa umzila wamaphephancwadi ngenxa yokugula, cela omnye umvakalisi entsatsheni okanye ebandleni lakho akuhambisele wona. Ngaloo ndlela, abo bakumzila wakho abasayi kungawafumani ngexesha amaphephancwadi.
10 Enye indlela yokuhlwayela imbewu yoBukumkani kukubasela IMboniselo noVukani! rhoqo bonke abo bakumzila wakho wamaphephancwadi. Njengokuba ubafundisa inyaniso yeZibhalo, banokuyifumana ingqiqo yelizwi loBukumkani baze ekugqibeleni bathwale isiqhamo soBukumkani kunye nawe.—Mat. 13:8, 23.