ISAHLUKO 1
Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
EHLABATHINI lonke, kukho imibutho emininzi, eyeenkonzo, eyeepolitiki, eyezoshishino kunye neyabahlali. Iyonke le mibutho ayifani ngezinto ezifunayo, iimpawu neembono. Kodwa ikho intlangano eyahlukileyo kuzo zonke ezinye. ILizwi LikaThixo libonisa ngokucacileyo ukuba loo ntlangano ngamaNgqina KaYehova.
2 Okuvuyisayo kukuba, nawe ukwintlangano kaYehova. Emva kokuba uye wazibonela ukuthanda kukaThixo, ngoku uyakwenza. (INdu. 143:10; Roma 12:2) Ungumkhonzi okhutheleyo, okhonza kunye nabazalwana abanothando abasehlabathini lonke. (2 Kor. 6:4; 1 Pet. 2:17; 5:9) Njengoko sithenjisiwe kwiLizwi LikaThixo, loo nto ikwenza ufumane iintsikelelo uze wonwabe. (IMize. 10:22; Marko 10:30) Xa usenza ukuthanda kukaYehova ngokuthembeka ngoku, ulungiselelwa ikamva elizukileyo neliza kuhlala lihleli.—1 Tim. 6:18, 19; 1 Yoh. 2:17.
3 UMdali wethu Ozukileyo unentlangano esehlabathini lonke eyahlukileyo nephantsi kolawulo lwakhe. Loo nto ithetha ukuba ilawulwa nguYehova njengeNtloko yayo yonke into. Simthemba ngokupheleleyo. UnguMgwebi wethu, uMniki-mthetho wethu, noKumkani wethu. (Isa. 33:22) Ekubeni enguThixo wocwangco, unendlela ecetywe kakuhle yokuba ‘sisebenze naye’ ukuze injongo yakhe yenzeke.—2 Kor. 6:1, 2.
4 Njengoko isiphelo seli hlabathi sisondela, sityhalela phambili sikhokelwa nguKumkani omiselweyo, uYesu Kristu. (Isa. 55:4; ISityhi. 6:2; 11:15) Kaloku nguYesu ngokwakhe owaprofeta esithi, abalandeli bakhe babeza kwenza imisebenzi emikhulu kunaleyo wayenzayo xa wayesemhlabeni. (Yoh. 14:12) Loo nto yayiza kwenzeka kuba abalandeli bakaYesu babeza kuba nexesha elide, baze babebaninzi kangangokuba bashumayele kwiindawo ezininzi kakhulu. Babeza kushumayela iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani nakwezona ndawo zikude emhlabeni.—Mat. 24:14; 28:19, 20; IZe. 1:8.
5 Le nto sele yenzekile. Kodwa ke, njengokuba uYesu watshoyo, umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo uza kuphela ngexesha elibekwe nguYehova. Zonke iziprofeto ezikwiLizwi LikaThixo zibonisa ukuba imini enkulu neyoyikekayo kaYehova sele ifikile.—Yow. 2:31; Zef. 1:14-18; 2:2, 3; 1 Pet. 4:7.
Kufuneka sizimisele ngakumbi ukwenza izinto ezifunwa nguThixo. Loo nto ithetha ukuba kufuneka siqhelane nendlela intlangano kaThixo esebenza ngayo
6 Njengoko sikuqonda ukuthanda kukaYehova ngeli xesha, simele sizimisele ngakumbi ukwenza into efunwa nguThixo. Loo nto ithetha ukuba kufuneka siqhelane nendlela intlangano kaThixo esebenza ngayo kwaye sisebenzisane ngokupheleleyo nayo. Indlela intlangano esebenza ngayo isekelwe kwimigaqo yeZibhalo, equka imiyalelo, imithetho nezinto ezifundiswa liLizwi LikaThixo eliphefumlelweyo.—INdu. 19:7-9.
7 Xa abantu bakaYehova bethobela yaye benamathela kulwalathiso olusekelwe eBhayibhileni, bahlala baze basebenze kunye ngoxolo nangomanyano. (INdu. 133:1; Isa. 60:17; Roma 14:19) Yintoni esenza simanyane nabazalwana bethu emhlabeni wonke? Luthando. Kaloku siyathandana kwaye silunxibile. (Yoh. 13:34, 35; Kol. 3:14) Ekubeni sisenza izinto ngendlela emvuyisayo uThixo, siyakwazi ukuhamba nenxalenye esezulwini yentlangano kaYehova.
INXALENYE ESEZULWINI YENTLANGANO KAYEHOVA
8 Umprofeti uIsaya, uHezekile noDaniyeli, babona imibono yenxalenye esezulwini yentlangano kaYehova. (Isa., isahlu. 6; Hez., isahlu. 1; Dan. 7:9, 10) Nompostile uYohane wabona umbono wendlela izinto ezilungelelaniswe ngayo ezulwini, ibe usithela thsuphe ngayo kwincwadi yeSityhilelo. Wabona uYehova ekwitrone ezukileyo, kukho neengelosi, zisithi: “Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova uThixo, uSomandla, lowo wayekho nokhoyo nozayo.” (ISityhi. 4:8) UYohane wabona ‘imvana imi phakathi kwetrone,’ iMvana kaThixo, uYesu Kristu.—ISityhi. 5:6, 13, 14; Yoh. 1:29.
9 Kulo mbono, uYehova uhleli etroneni, nto leyo ebonisa ukuba uyiNtloko yale ntlangano. Xa ithetha ngaye nangesikhundla sakhe esiphezulu, eyoku-1 yeziKronike 29:11, 12 ithi: “Owu Yehova, bobakho ubukhulu, amandla, ubuhle, ukubalasela nobungangamsha, kuba yonke into esemazulwini nesemhlabeni yeyakho. Yehova, bobakho ubukumkani. Wena uyaziphakamisa njengentloko yezinto zonke. Ubutyebi nozuko busuka kuwe, ulawula yonke into, yaye amandla nokomelela kusesandleni sakho, isandla sakho siyakwazi ukwenza nabani na abe mkhulu nokuzinika amandla zonke izinto.”
10 Ekubeni esebenza noYehova, uYesu Kristu ukwisikhundla esiphakamileyo emazulwini, kwaye unikwe igunya elikhulu. UThixo “wazithobela phantsi kweenyawo zakhe zonke izinto, waza wamenza intloko yezinto zonke ebandleni.” (Efe. 1:22) Umpostile uPawulos wathetha la mazwi ngoYesu: “UThixo wamphakamisa wambeka kwisikhundla esiphezulu waza ngobubele wamnika igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama, ukuze bonke abantu baguqe egameni likaYesu, abo basezulwini, abo basemhlabeni nabo baphantsi komhlaba, zize zonke iilwimi zivume ekuhleni ukuba uYesu Kristu uyiNkosi, nto leyo eyenza kuzukiswe uThixo uTata.” (Fil. 2:9-11) Yiloo nto simele simthembe uYesu Kristu osikhokela ngobulungisa.
11 Embonweni, umprofeti uDaniyeli wabona Lowo Kanaphakade esetroneni yakhe kunye neengelosi ‘ezingamawaka aliwaka zilungiselela phambi kwakhe, nezilishumi lamawaka eliphindwe ngeshumi lamawaka zimi phambi kwakhe.’ (Dan. 7:10) IBhayibhile ithi lo mkhosi weengelosi zasezulwini ‘ngoomoya abenza inkonzo engcwele, abathunywayo ukuba bayokusebenzela abo baza kusindiswa.’ (Heb. 1:14) Zonke ezi ngelosi zilungiswe zaba ‘ziitrone, ulawulo, oorhulumente namagunya.’—Kol. 1:16.
12 Xa sicinga ngendlela esebenza ngayo inxalenye esezulwini yentlangano kaYehova, sinokuyiqonda indlela uIsaya awaziva ngayo xa ‘wabona uYehova embonweni, ehleli etroneni ephakamileyo nephezulu’ kwaye “iiserafi zazisentla kwakhe.” UIsaya wathi: “Ndisengxakini! Ndifana nje nofileyo, kuba ndiyindoda enemilebe engacocekanga, yaye ndihlala phakathi kwesizwana esinemilebe engacocekanga; kuba amehlo am abone uKumkani, uYehova wemikhosi ngokwakhe!” Ngokwenene, uIsaya woyika waza waziva emncinci akuqonda ubukhulu bentlangano kaYehova. Wachukunyiswa kakhulu yile nto kangangokuba xa weva ilizwi elisuka ezulwini lifuna umntu oza kwenza umsebenzi okhethekileyo wokuvakalisa imigwebo kaYehova, uIsaya wathi: “Ndikhona! Thuma mna.”—Isa. 6:1-5, 8.
13 Ukuqonda nokuxabisa intlangano kaYehova, kwenza abantu bakhe bazive ngendlela efanayo nekaIsaya. Njengoko le ntlangano isiya phambili, sihambisana nayo ngokuzithandela. Siyayithemba, ibe sifuna ukuyenza ibonakale loo nto.
INTLANGANO KAYEHOVA IYA PHAMBILI
14 Kwisahluko 1 sesiprofeto sikaHezekile, uYehova ubonwa eqhuba inqwelo enkulu yasezulwini. Le nqwelo izukileyo imela inxalenye esezulwini yentlangano kaYehova. Uyayiqhuba le nqwelo ngohlobo lokuba ilawulwa nguye kwaye uyisebenzisela injongo yakhe.—INdu. 103:20.
15 Kule nqwelo, ivili ngalinye linevili eliphakathi kwalo. Omabini ayalingana ibe elinye lixwese kwelinye. Yiloo nto kusithiwa ayakwazi “ukuya nakweliphi na icala, macala omane.” (Hez. 1:17) La mavili anokujika aye nakweliphi na icala. Kodwa le nqwelo ayibaleki nje ingalawulwa mntu. UYehova akavumeli intlangano yakhe iye apho ithanda ukuya khona. UHezekile 1:20 uthi: “Zazisiya apho umoya wawuzikhokelela khona.” Ngaloo ndlela, nguYehova obangela ukuba intlangano yakhe iye naphi na apho umoya wakhe uyiqhubela khona. Umbuzo esifanele sizibuze wona ngothi, ‘Ngaba ndihambisana nayo?’
16 Ukuhamba nentlangano kaYehova ayikokuya kwiintlanganiso nasentsimini qha. Ubukhulu becala, kuthetha ukukhulisa ubuhlobo bethu noYehova nokuya sisenza izinto ngendlela ayifunayo. Kukwathetha ‘ukuqiniseka ngezona zinto zibalulekileyo’ nokuqhubeka sizondla ngezinto eziqinisa ukholo. (Fil. 1:10; 4:8, 9; Yoh. 17:3) Sikhumbule kwakhona ukuba, kuyo nayiphi na intlangano okanye umbutho, kuye kufuneke ulungelelwano nokusebenzisana. Ngoko simele siqiniseke ukuba sizisebenzisa kakuhle izinto uYehova asinike zona ukuze senze umsebenzi wakhe. Xa sihamba nenqwelo kaYehova yasezulwini, ubomi bethu bumele buhambisane nale nto siyishumayelayo.
17 Ngoncedo esilunikwa yintlangano kaYehova, sonke siqhubela phambili ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. Sikhumbule ke ukuba, uMqhubi wale nqwelo yasezulwini nguYehova. Ngoko ke, ukuhamba nenqwelo yasezulwini kubonisa ukuba siyamhlonipha uYehova kwaye siyamthemba njengeLiwa lethu. (INdu. 18:31) IBhayibhile ithembisa ukuba: “UYehova uza kubanika amandla abantu bakhe. UYehova uza kubasikelela ngoxolo abantu bakhe.” (INdu. 29:11) Ekubeni siyinxalenye yentlangano kaYehova namhlanje, usinika amandla kwaye sinandipha uxolo asikelela ngalo abantu abakwintlangano yakhe. Siqinisekile ukuba siza kuqhubeka sifumana intabalala yeentsikelelo njengoko sisenza ukuthanda kukaYehova ngoku nangonaphakade.