Sindisa
Iintshumayelo Zenkonzo Yasentsimini Ezicetyiswayo
Indlela Yokusebenzisa Esi Sihlomelo
Inkoliso yezi ntshumayelo zilandelayo zikwiinkupho ezadlulayo zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Zama ezininzi kangangoko kunokwenzeka kumsebenzi wakho wokunikela ubungqina, uze ubone imiphumo. Sigcine esi sihlomelo uze ubhekisele kuso xa ulungiselela ukuya kubulungiseleli.
Usenokuwuvuselela umdla waloo mntu uthetha naye ngeLizwi likaThixo ukuba ungena emxholweni ngokukhawuleza. Buza umbuzo othile, uze ufunde impendulo emfutshane eseZibhalweni. Usenokuzama la macebiso:
“Njengokuba ucamngca ngekamva, ngaba uziva unethemba okanye uthandabuza? [Vumela impendulo.] IBhayibhile yazixela kwangaphambili iziganeko esizibona namhlanje nemiphumo yazo.”—2 Tim. 3:1, 2, 5; IMize. 2:21, 22.
“Namhlanje, impilo ixhalatyelwe gqitha. Ngaba ubusazi ukuba uThixo uthembisa ukuzicombulula ngokusisigxina zonke iingxaki zempilo?”—Isa. 33:24; ISityhi. 21:3, 4.
“Ngaba ubusazi ukuba iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba ekugqibeleni kuza kubakho urhulumente omnye kuphela olawula lonke ihlabathi?”—Dan. 2:44; Mat. 6:9, 10.
“Ucinga ukuba beziya kuba njani iimeko ukuba bekulawula uYesu Kristu emhlabeni?”—INdu. 72:7, 8.
“Abantu abaninzi bayacalulwa kuba bengamabhinqa okanye amadoda, kuba bengamalungu onqulo okanye uhlanga oluthile. Ucinga ukuba uvakalelwa njani uThixo ngomkhethe onjalo?”—IZe. 10:34, 35.
“Siyazi ukuba uYesu Kristu wenza imimangaliso emininzi ngomhla wakhe. Ukuba ubunokumcela ukuba enze omnye ummangaliso, ubuya kuba nguwuphi?”—INdu. 72:12-14, 16.
“Inkoliso yabantu ikruqukile kukusoloko isiva iingxaki. Ifuna ukuva izicombululo. Kodwa singazifumana phi izicombululo zokwenene zeengxaki zethu?”—2 Tim. 3:16, 17.
“Ngaba uyabazi uBukumkani obuthandazelayo kuMthandazo weNkosi (okanye uBawo Wethu Osezulwini)?”—ISityhi. 11:15.
Imixholo Yokuqalisa Incoko:
Uludwe lwemibuzo engezantsi, ithatyathwe kwimixholo ekwincwadi ethi Ukuqiqa, ibonisa inombolo yephepha efumaneka kulo impendulo nganye:
Kutheni sisaluphala size sife? (rs 104)
Injani imeko yabafi? (rs 106)
Ngaba zikho izizathu eziphilileyo zokukholelwa kuThixo? (rs 350)
Ngaba uThixo ungumntu wokwenene? (rs 352)
Ngaba uThixo ukukhathalele ngenene okwenzeka kuthi bantu? (rs 352)
Ngaba bonke abantu abalungileyo baya ezulwini? (rs 427)
Ngaba umntu umele aye ezulwini ukuze abe nekamva elonwabisa ngokwenyaniso? (rs 428)
Kutheni kubalulekile ukwazi nokusebenzisa igama likaThixo lobuqu? (rs 393)
Ngaba uYesu Kristu ngokwenene unguThixo? (rs 398)
Buya kufeza ntoni uBukumkani bukaThixo? (rs 86)
Iyintoni injongo yobomi babantu? (rs 80)
Yintoni enokunceda ukuphucula umtshato? (rs 362)
Ngaba zonke iinkonzo zamkelekile kuThixo? (rs 249)
Umntu unokwazi njani ukuba luluphi unqulo oluchanileyo? (rs 255)
USathana unamandla angakanani kwihlabathi lanamhlanje? (rs 319)
Kutheni uThixo evumele ukubandezeleka nje? (rs 32)
Kutheni kukho ubungendawo obungaka nje? (rs 226)
Ngubani olawula eli hlabathi—nguThixo okanye nguSathana? (rs 126)
Amacebiso Okuhambisa Incwadana Enemifanekiso Ethi Okufunwa NguThixo
“Ngokungathandabuzekiyo uyavuma ukuba abantu abaninzi bayakholelwa kuThixo. Bonke abakholelwa kuye bayavuma ukuba uThixo unokuthile akufunayo kuthi. Into abangavumelaniyo ngayo abantu ngumbuzo othi, Yintoni uThixo ayifunayo kuthi?” Yandula ke uhambise incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, tyhila kwisifundo 1 uze usixubushe.
“Ekubeni ubomi bentsapho bonganyelwe ziingxaki ezingaka namhlanje, ngaba wakha wazibuza ngemfihlelo yolonwabo lwentsapho?” Emva kwempendulo, chaza ukuba eBhayibhileni, uThixo utyhila imfihlelo yokwenene yolonwabo lwentsapho. Funda uIsaya 48:17. Yandula ke utyhile kwisifundo 8 sencwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, uze umalathisele kwezinye zeendinyana zeBhayibhile ezibonisiweyo ezinikela ukhokelo olunokuthenjwa kwilungu ngalinye lentsapho. Funda imibuzo esekuqaleni kwesifundo. Buza enoba loo mntu ebengathanda kusini na ukuzifunda iimpendulo.
“Le ncwadana inemifanekiso iqulethe isifundo esigubungela iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile. Kwiphepha ngalinye, uza kufumana iimpendulo zemibuzo ebikhathaza abantu kangangeenkulungwane. Ngokomzekelo, Yintoni injongo kaThixo ngomhlaba?” Tyhila kwisifundo 5, uze ufunde imibuzo esekuqaleni kwesifundo. Buza umninimzi ngalowo anomdla kakhulu kuwo, wandule ke ufunde isiqendu (iziqendu), efumaneka kuso impendulo, ufunde nezibhalo ezifanelekileyo. Mcacisele ukuba iimpendulo ezanelisayo zeminye imibuzo zinokufumaneka lula njengalo. Mchazele ukuba uza kubuya uze kuphendula omnye umbuzo.
“Ucinga ukuba yintoni unobangela walo lonke ugonyamelo olukwizikolo zikawonke-wonke? Ngaba lubangelwa kukungaqeqeshi kwabazali? Okanye lubangelwa yenye into, njengempembelelo kaMtyholi? Vumela impendulo. Ukuba loo mntu uthi kungenxa yempembelelo kaMtyholi, funda ISityhilelo 12:9,12. Bonisa indima kaMtyholi ekuphembeleleni udushe olusehlabathini. Yandula ke uvule incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kwisifundo 4, uze umbuze enoba wakhe wazibuza ngemvelaphi kaMtyholi. Qhubeka ufunde iziqendu ezibini zokuqala uze uzixubushe. Ukuba uthi unobangela wogonyamelo ezikolweni, “kukungaqeqeshi kwabazali” funda eyesi-2 kuTimoti 3:1-3 uze umbonise abanye boothunywashe abanegalelo kule ngxaki. Yandula ke ufunde incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kwisifundo 8, isiqendu 5 uze uqhubeke nengxubusho.
“Ngaba ucinga ukuba kusengqiqweni ukulindela ukuba uMdali ebeya kusinika ulwazi esilufunayo ukuze sakhe ubomi bentsapho obunempumelelo?” Emva kwempendulo, mbonise incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Tyhila kwisifundo 8, uze umchazele ukuba siqulethe imigaqo eseBhayibhileni enokunceda ilungu ngalinye lentsapho. Cela ukumbonisa indlela yokusebenzisa le ncwadana inemifanekiso kunye neBhayibhile ukuze angenelwe.
“Ngaba uvakalelwa kukuba umthandazo unokusinceda sihlangabezane nalo lonke ucelomngeni lobomi bemihla ngemihla? [Vumela impendulo.] Abanye bathi umthandazo uyabomeleza ngaphakathi. [Funda amaFilipi 4:6, 7.] Sekunjalo, ubani usenokuvakalelwa kukuba imithandazo yakhe ayiphendulwa. [Tyhila incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kwisifundo 7.] Le ncwadana ichaza indlela onokuba luncedo ngayo umthandazo kuthi.”
“Sithetha nabamelwane bethu ngonobangela wokuba kubekho iinkonzo ezininzi nezahlukahlukeneyo ehlabathini namhlanje. Ukanti, inye iBhayibhile. Ngokoluvo lwakho, ucinga ukuba kutheni kukho ukudideka okungaka konqulo? [Vumela impendulo. Vula incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kwisifundo 13, uze ufunde imibuzo yokuqala.] Uya kufumana iimpendulo ezanelisayo kuloo mibuzo ngokufunda esi sifundo.”
Emva kokuhambisela umntu iphephancwadi IMboniselo noVukani! buza enoba ubungenakumfundela kusini na isiqendu esinye esifutshane. Ukuba uyakuvumela, vula incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kwisifundo 5. Mbonise imibuzo esekuqaleni kwesifundo, uze umcele ukuba aphulaphule impendulo yombuzo wokuqala njengokuba ufunda isiqendu sokuqala. Emva kokumfundela eso siqendu, buza umbuzo uze uve impendulo yakhe. Mhambisele incwadana enemifanekiso uze, ukuba uyayamkela, ulungiselele ukubuyela ukuze uve iimpendulo zakhe zemibuzo emibini elandelayo.
Amacebiso Okuhambisa Incwadi Ethi Ulwazi
Uphethe iBhayibhile yakho, qala ngokuthi: “Sabelana ngesibhalo naye wonke ubani okwesi sitrato senu namhlanje. Sithi . . . ” Funda uYohane 17:3, uze ubuze: “Ngaba ukuphawulile oko sikuthenjiswayo ukuba sinolwazi oluchanileyo? [Vumela impendulo.] Umntu unokulufumana phi olo lwazi?” Emva kwempendulo, mbonise incwadi ethi Ulwazi uze uthi: “Le ncwadi ithetha ngolwazi olukhokelela kubomi obungunaphakade. Yenjenjalo ngokuphendula imibuzo exhaphakileyo ebuzwa ngabantu abaninzi ngeBhayibhile.” Mbonise iziqulatho, uze umbuze enoba wakhe wazibuza kusini na ngeminye yaloo mixholo.
“Ngaba wakha wazibuza enoba uThixo ukhathala ngokwenene na ngokungabikho kokusesikweni nokubandezeleka esikubonayo okanye eside sajamelana nako? [Vumela impendulo.] IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uThixo uyasithanda nokuba uya kusinceda ngamaxesha okucinezeleka.” Funda iindinyana zeNdumiso 72:12-17. Vula incwadi ethi Ulwazi kwisahluko 8, uze uchaze ukuba inikela impendulo ekhuthazayo kumbuzo oye wabuzwa zizigidi othi, Kutheni uThixo evumela ukubandezeleka? Ukuba kunokwenzeka, xubusha ezinye zeengongoma ezingokweZibhalo ezixutyushwa kwisiqendu 3 ukusa kwesesi-5 okanye wenjenjalo xa ubuyela.
“Inkoliso yethu iye yafelwa ngabantu ebathandayo. Ngaba wakha wazibuza enoba singaze sibabone kwakhona? [Vumela impendulo.] UYesu wabonisa ukuba abantu esibathandayo banokuhlangulwa ekufeni. [Funda uYohane 11:11, 25, 44.] Nangona oku kwenzeka kwiinkulungwane ezadlulayo, kubonisa oko uThixo athembisa ukusenzela kona.” Tyhila incwadi ethi Ulwazi kumfanekiso okwiphepha 85, funda amazwi angentla kwalo mfanekiso. Yandula ke ukumbonisa umfanekiso okwiphepha 86, uze ugqabaze ngawo. Lungiselela ukubuyela ngokumbuza: “Ngaba ubungathanda ukwazi unobangela wokuba abantu baluphale baze bafe?” Buyela uze uxubushe isahluko 6.
“Ngaba wakha wacinga ngesizathu sokuba abantu balangazelele ubomi obude?” Emva kwempendulo, tyhila incwadi ethi Ulwazi kwisahluko 6, uze ufunde isiqendu 3. Qiqa ngezibhalo ezibonisiweyo. Bhekisela kwimibuzo emibini esekupheleni kwesiqendu, buza lo mntu enoba ebengathanda ukuzikhangelela impendulo kusini na. Ukuba uyavuma, xubusha iziqendu ezimbalwa zokuqala.
“Sibuza abantu enoba bayakukholelwa kusini na oku . . . ” Funda iGenesis 1:1, uze ubuze: “Ngaba uyavumelana nale ngxelo?” Ukuba loo mntu uyavuma, yandula ke uthi: “Nam ndiyavumelana nayo. Noko ke, ucinga ukuba kunokwenzeka njani ukuba uThixo abe ngunobangela wobungendawo ukuba wadala zonke izinto?” Emva kokuyincoma indlela aphendula ngayo, funda INtshumayeli 7:29. Tyhila incwadi ethi Ulwazi kwisahluko 8, uze ufunde isiqendu 2. Ukuba akavumelani neGenesis 1:1, mcele ukuba aphonononge ubungqina bobukho boMdali.—Bona incwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 99-101.
“Ngaba uyavuma ukuba ekubeni imilinganiselo yanamhlanje iguquka umhla nezolo, sifuna ukhokelo olunokuthenjwa ebomini? [Vumela impendulo.] Nangona iyeyona ncwadi indala, iBhayibhile inikela isiluleko esisebenzisekayo kubomi banamhlanje nakulonwabo lwentsapho.” Yandula ke utyhile kwisahluko 2 kwincwadi ethi Ulwazi, uze ufunde isiqendu 10 nesivakalisi sokuqala sesiqendu 11, kuquka eyesi-2 kuTimoti 3:6, 17.
“Ngaba ubungathanda ukwazi oko sikuphathelwe likamva emhlabeni? [Vumela impendulo.] IBhayibhile ilishwankathela ngegama elinye ikamva—IParadesi! Kulapho uThixo wasibeka khona isibini sokuqala esingabantu xa wasidalayo. Phawula le nkcazelo ngento emele ukuba yayiyiyo.” Tyhila incwadi ethi Ulwazi kwiphepha 8, uze ufunde isiqendu 9, ngaphantsi komxholwana othi “Ubomi EParadisi.” Yandula ke uxubushe iingongoma ezikwisiqendu 10, uze ufunde izibhalo ezibonisiweyo, Isaya 55:10, 11. Cela ukuqhubeka nengxubusho yendlela obuza kuba yiyo ubomi kwiParadesi ebuyiselweyo, ugubungele isiqendu 11-16.
Xa ubuyela kubantu obubahambisele iphephancwadi IMboniselo noVukani!, unokuthetha oku:
“Ukugqibela kwam ukuthetha nawe, ndakuvuyela ukukushiyela umbhalo wephephancwadi IMboniselo. Mhlawumbi uye waphawula ukuba igama elipheleleyo leli phephancwadi lithi IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova. Namhlanje ndingathanda ukukucacisela ngobo Bukumkani noko buza kukwenzela kona wena nentsapho yakho.” Yandula ke utyhile incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kwisifundo 6 uze ufunde yaye uxubushe ngokwexesha analo loo mntu.
“Xa bendikutyelele kutshanje ndiye ndakushiyela amaphephancwadi IMboniselo noVukani! Aba lindixesha bakhuthaza ukuhlonelwa kweBhayibhile nemilinganiselo yayo yokuziphatha. Ekubeni ndivakalelwa kukuba kubalulekile ukuba wonke ubani aliqonde iLizwi likaThixo, ndibuyile ukuze ndikubonise into eya kukunceda uliqonde.” Mbonise incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo okanye incwadi ethi Ulwazi, uze ucele ukumqhubela isifundo seBhayibhile.
Xa uhambisa nayiphi na incwadi endala enamaphepha ali-192, usenokuzama le ntshayelelo:
“Kuye kwagxininiswa kanobom ukubaluleka kwemfundo esemgangathweni. Ngokoluvo lwakho, luhlobo olunjani lwemfundo afanele alufune umntu ukuze afumane ulonwabo nempumelelo ebomini? [Vumela impendulo. Yandula ke ufunde IMizekeliso 9:10, 11.] Le ncwadi [chaza umxholo wencwadi oyihambisayo] isekelwe eBhayibhileni. Ichaza okuphela komthombo onokukhokelela kubomi obungunaphakade.” Mbonise umzekelo encwadini, uze umkhuthaze ukuba ayifunde.
Ezinye Iimpapasho (Other Publications)
Iintshumayelo ezicetyisiweyo ngezinye iincwadi neencwadana ezinemifanekiso zinokufumaneka kwiWatch Tower Publications Index ngaphantsi kwethi:
Presentations (Iintshayelelo)
List by Publication (Uludwe Ngempapasho)
Indlela Engqalileyo
Ukuze uqalise isifundo seBhayibhile, zama ukusebenzisa ezinye zezi ndlela zingqalileyo:
“Ngaba ubusazi ukuba ngemizuzu nje engephi, ungafumana impendulo kumbuzo obalulekileyo weBhayibhile? Ngokomzekelo, . . . ” Yandula ke, ubuze umbuzo osekuqaleni kwesinye sezifundo ezikwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo nocinga ukuba uya kubangel’ umdla kuloo mntu.
“Ndize kukubonisa inkqubo yethu yokuqhuba isifundo seBhayibhile sesisa. Kuthabatha malunga nemizuzu emihlanu ukubonisa indlela esiqhutywa ngayo. Ngaba unayo imizuzu emihlanu?” Ukuba uyavuma, sebenzisa isifundo 1 sencwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo ukuze umbonise indlela esiqhutywa ngayo isifundo, ufunde isibhalo esinye okanye ezibini ezibonisiweyo. Emva koko, mbuze: “Uya kuba nayo nini imizuzu emalungu neli-15 ukuze sigqibezele isifundo esilandelayo?”
“Abantu abaninzi banayo iBhayibhile, kodwa abaqondi ukuba ineempendulo zemibuzo ebalulekileyo esinayo sonke ngekamva. Usebenzisa esi sixhobo [incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo okanye incwadi ethi Ulwazi] malunga neyure okanye ngaphezulu ngeveki, unokuyiqonda iBhayibhile ngeenyanga nje ezimbalwa. Ndingakuvuyela ukukubonisa indlela esebenza ngayo le nkqubo.”
“Ndikutyelele ukuza kukubonisa indlela yokuqhuba isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa. Ukuba uyandivumela, ndicela ukusebenzisa imizuzu embalwa ukuze ndikubonise indlela abantu abayixubusha ngayo iBhayibhile ekhaya kumazwe angama-200 njengamaqela eentsapho. Singasebenzisa nawuphi na kule mixholo njengomxholo wengxubusho. [Mbonise iziqulatho zencwadi ethi Ulwazi.] Nguwuphi owona uwuthandayo?” Mlinde akhethe. Tyhila kwisahluko asikhethileyo, uze uqalise isifundo kwisiqendu sokuqala.
“Ndiqhuba izifundo zeBhayibhile zesisa yaye ndinesithuba sezifundo ezongezelelekileyo kucwangciso lwam. Esi sisixhobo sokufundisisa iBhayibhile esisisebenzisayo. [Mbonise incwadi ethi Ulwazi.] Esi sifundo sithabatha iinyanga ezimbalwa kwaye siza kuphendula imibuzo enjengothi: Kutheni uThixo evumela ukubandezeleka? Kutheni sisaluphala size sife? Kwenzeka ntoni kwabo sibathandayo bafileyo? Yaye sinokusondela njani kuThixo? Ngaba ndingakubonisa indlela yokuqhutywa kweso sifundo?”
Ukuba unentshumayelo ephumelelayo ofumana imiphumo emihle ngayo ekuvuseni umdla, qhubeka uyisebenzisa! Kuphela nje yivisisanise noncwadi oluhanjiswayo kuloo nyanga.