IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/08 iphe. 1
  • Ikho Into Esinokumpha Yona UYehova

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ikho Into Esinokumpha Yona UYehova
  • Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufumana Umthombo Wamandla Onke
    Vukani!—2005
  • Indlela Esinokuwonga Ngayo Umbane
    Vukani!—2017
  • Ngaba Uza Kuncama Izinto Ezithile Ngenxa YoBukumkani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Ioli—Ngaba Iya Kuze Iphele?
    Vukani!—2003
Khangela Okunye
Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
km 3/08 iphe. 1

Ikho Into Esinokumpha Yona UYehova

1 Ubusazi na ukuba abantu banokumpha into uThixo? UAbheli wanikela ngemfuyo yakhe ethile awayeyixabisile kuYehova, ibe uNowa noYobhi benza iminikelo efanayo. (Gen. 4:4; 8:20; Yobhi 1:5) Ewe kona, loo minikelo yabo ayizange imenze isityebi uMdali, kuba yonke into yeyakhe kakade. Kodwa yabonisa indlela loo madoda athembekileyo awayemthanda ngayo uThixo. Namhlanje, sinako ukusebenzisa ixesha, amandla, nezinto esinazo ukuze sinike uYehova “umbingelelo wendumiso.”—Heb. 13:15.

2 Ixesha: Kuyinto entle kakhulu ‘ukuzongela ixesha’ ngokuyeka oonobenani size sibe negalelo ngakumbi entsimini! (Efe. 5:15, 16) Mhlawumbi sinokuhlengahlengisa izinto zethu ukuze sithathe ubuvulindlela bobuncedani inyanga enye okanye ezingaphezulu ngonyaka. Mhlawumbi sinokuchitha ixesha elingakumbi entsimini kunokuba besisenza ngaphambili. Ukuba sinokuchitha imizuzu engama-30 ngaphezulu kwixesha esidla ngokulichitha entsimini veki nganye, inokuthi iphela inyanga sibe sele sineeyure ezimbini ezongezelelekileyo!

3 Amandla: Ukuze sikwazi ukuba namandla entsimini kufuneka siziphephe iindlela zokuzihlaziya kunye nemisebenzi yempangelo eqobayo, eya kusenza singakwazi ukumnika okona kulungileyo uYehova. Kufuneka siwatyhalele bucala namaxhala anokwenza iintliziyo zethu ‘ziqubude,’ singabi nawo amandla okukhonza uThixo. (IMize. 12:25) Kwanokuba iyavakala loo nto isixhalabisayo, kubhetele kakhulu ‘ukulahlela umthwalo wethu kuYehova’!—INdu. 55:22; Fil. 4:6, 7.

4 Izinto Esinazo: Sinako nokunikela ngezinto esinazo ukuze sixhase umsebenzi wokushumayela. UPawulos wakhuthaza amanye amaKristu ukuba “abekele bucala okuthile kuvimba” rhoqo ukuze abe nento yokupha abasweleyo. (1 Kor. 16:1, 2) Ngendlel’ efanayo ke, nathi sinako ukubekela bucala imali esiza kunikela ngayo ukuze kuhlangatyezanwe neemfuno zebandla esikulo kwaye sixhase umsebenzi owenziwa ehlabathini. UYehova uyakuxabisa oko simnika kona kuphuma entliziyweni, kwanokuba kuncinane.—Luka 21:1-4.

5 Zininzi izinto esiziphiwe nguYehova. (Yak. 1:17) Sinokumbulela ngokuzivula izandla zethu xa sinikela ngexesha, ngamandla nangezinto esinazo ukuze simkhonze. Xa sisenjenjalo siya kumvuyisa uYehova, “kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.”—2 Kor. 9:7.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share