Ngaba Uyalwazi Ukhetho Olubekwe Phambi Kwakho?
Aya esanda ehlabathini amaziko onyango asebenzisa utyando olwenziwa ngaphandle kwegazi. Ngaba uyalwazi ukhetho olubekwe phambi kwakho kunyango olungasebenzisi gazi? Kufuneka ulwazi olu khetho ukuze ugqibe ngento oyaziyo kwizinto eziphathelele unyango notyando. Bukela ividiyo ethi No Blood—Medicine Meets the Challenge. Emva koko, sithandazele isigqibo oza kusenza uze uhlole lo mba usebenzisa le mibuzo ingezantsi.—Phawula: Ngenxa yokuba le vidiyo ibonisa imifanekiso yabantu abatyandwayo, abazali bafanele balumke xa beyibukela nabantwana abancinane.
(1) Sisiphi isizathu esingundoqo sokuba amaNgqina kaYehova angavumi ukutofela igazi? (2) Kumbandela wezonyango, yintoni ayinqwenelayo amaNgqina kaYehova? (3) Liliphi ilungelo elibalulekileyo analo umguli? (4) Kutheni kusengqiqweni yaye kufanelekile ukukhetha iindlela zokunyanga ezingasebenzisi gazi? (5) Xa uye wopha kakhulu, ziziphi izinto ezimbini ezingundoqo abafanele bazenze oogqirha? (6) Yiyiphi imigaqo emine yeendlela zokunyanga ezingasebenzisi utofelo-gazi? (7) Oogqirha banokwenza njani (a) ukuze banciphise ukopha, (b) ukuze balandoloze iiseli ezibomvu zegazi, (c) ukuze bancedise umzimba uvelise igazi elingakumbi, nokuze (d) babuyisele igazi elisele lilahlekile? (8) Chaza inkqubo ebizwa ngokuba (a) yihemodilution (b) yicell salvage. (9) Yintoni ofanele uyibuze ngalo naluphi na unyango olungasebenzisi utofelo-gazi? (10) Ngaba utyando olukhulu noluntsonkothileyo lunokwenziwa ngaphandle kotofelo-gazi? (11) Yintoni entle eyenzekayo kubantu abasebenza kwezonyango?
Ukwamkela naluphi na unyango oluboniswe kule vidiyo kuxhomekeke kwisigqibo ubani azenzele sona esiqhutywa sisazela sakhe esiqeqeshwe ngeBhayibhile. Ngaba sele usenzile isigqibo esicacileyo ngokuphathelele unyango neendlela zokunyanga oya kuzamkela kuwe nakubantwana bakho, waza wayibhala loo nto kwikhadi lakho leDPA? Ukuba ufuna ingcombolo ngalo mba, funda ngocoselelo “Imibuzo Evela Kubafundi” ekwiMboniselo kaJuni 15, 2004, nekaOktobha 15, 2000. Emva koko sebenzisa amaphepha akwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2007, esithi, “Ndifanele Ndizijonge Njani Izinto Ezitsalwe Egazini Neendlela Zokunyanga Ezisebenzisa Igazi Lam?,” ukuze uzenzele isigqibo ngezinto oya kuzamkela nongayi kuzamkela. Ekugqibeleni, qiniseka ukuba loo nto uyikhethileyo uyidlulisela kwikhadi leDPA. Abameli obakhethileyo kunye namalungu entsapho yakho angengomaNgqina afanele achazelwe kakuhle ngokhetho olwenzileyo.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
• Ngaba sele usenzile isigqibo ngonyango nangeendlela zokunyanga oya kuzamkela kuwe nakubantwana bakho?
• Ngaba uliphethe ikhadi lakho leDPA elizalisiweyo ukwenzela xa kunokuvela ingozi?