Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Beka Isiseko Sokubuyela
Isizathu Sokuba Kubalulekile: Xa sifumana umntu onomdla, sifuna ukubuyela kuye xa esekhaya ukuze sinkcenkceshele imbewu yenyaniso esiyityalileyo. (1 Kor. 3:6) Oku kudla ngokufuna ukuba ngaphambi kokuba sihambe, sibeke isiseko sokubuyela ngokuqonda ixesha esinokubuya ngalo. Ukongezelela koko, kuhle ukuba sibuze umbuzo esiza kuwuxubusha xa sibuyela kwixesha elizayo. Oku kuza kumenza akhangele phambili kolu tyelelo, yaye ukuba lo mbuzo uphendulwa kwakule ncwadi simshiyele yona, kuya kuba lula ukuba ayifunde. Ukubeka isiseko sotyelelo olulandelayo kwenza kubelula ukubuyela kuba umxholo ekuza kuthethwa ngawo sele ukhethiwe, yaye nomninimzi uza kube ekulindele. Xa sibuyela kuye, sinokumchazela ukuba size kuphendula umbuzo esasiwubuze kutyelelo oludlulileyo size siwuphendule.
Khawulizame Kwakule Nyanga:
Xa ulungiselela ukuya kushumayela, lungiselela nombuzo oza kuwuphendula xa ubuyela. Chazela abanye abavakalisi osebenza nabo.