Qhubeka Usenza Inkqubela Njengomshumayeli
1. Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba sifanele senze inkqubela njengabashumayeli?
1 AmaKristu afanele enze inkqubela njengabashumayeli. Ngenxa yoko, uYesu waqhubeka ebaqeqesha abalandeli bakhe. (Luka 9:1-5; 10:1-11) Yiloo nto uAkwila noPrisila nabo bamthabathela kubo uApolo baza “bacokisa ukumcacisela ngokuchane ngakumbi indlela kaThixo.” (IZe. 18:24-26) Ikwayiloo nto eyabangela ukuba uPawulos akhuthaze uTimoti, owayengumshumayeli onamava, ukuba aqhubeke ezibhokoxa ekufundiseni ukuze ukuhambela kwakhe phambili “kubonakale ebantwini bonke.” (1 Tim. 4:13-15) Nokuba sinexesha elide kangakanani singamakhoboka eNkosi avakalisa iindaba ezilungileyo, sifanele siqhubeke siphucula ubuchule bethu bokushumayela.
2. Sinokufunda njani kwabanye?
2 Funda Kwabanye: Enye yeendlela esinokuphucula ngazo kukufunda kwabanye. (IMize. 27:17) Ngoko, phulaphula kakuhle xa omnye umvakalisi eshumayela. Cela amacebiso kubavakalisi abanamava uze uphulaphule kakuhle xa bekunika wona. (IMize. 1:5) Ngaba awuqinisekanga ngendlela yokwenza amabuyelo, yokuqalisa isifundo seBhayibhile okanye yokushumayela ngezinye iindlela? Cela umveleli weqela okanye omnye umvakalisi onamava ukuba akuqeqeshe. Khumbula ukuba umoya kaYehova oyingcwele unokukunceda uphucule, ngoko wucele rhoqo ngomthandazo.—Luka 11:13.
3. Sifanele sithini xa sifumana icebiso esingakhange silicele?
3 Ukuba ufumana icebiso ungakhange ulicele, ungakhubeki. (INtshu. 7:9) NjengoApolo, lamkele ngokuthobeka uze umbulele loo mntu. Oko kuya kubonisa ukuba unobulumko.—IMize. 12:15.
4. UYesu wathi sisiphi isizathu esinaso sokuqhubeka sisenza inkqubela njengabashumayeli?
4 Inkqubela Iyamzukisa UThixo: UYesu wasebenzisa umzekeliso ukuze akhuthaze abalandeli bakhe ukuba benze inkqubela njengabashumayeli. Wazifanisa nomdiliya waza abalandeli bakhe abathanjisiweyo wabafanisa namasebe. Wathi uYise uthena onke amasebe athwala isiqhamo “ukuze athwale isiqhamo esingakumbi.” (Yoh. 15:2) Kanye njengokuba umnini sidiliya efuna amasebe emithi yakhe athwale isiqhamo esininzi, noYehova ufuna siqhubeke siphucula ubuchule bethu bokuthwala ‘isiqhamo semilebe yethu.’ (Heb. 13:15) Uba yintoni umphumo xa sisenza inkqubela njengabashumayeli? Impendulo kaYesu ithi: “UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale nithwala isiqhamo esininzi.”—Yoh. 15:8.