Yamkela Ngombulelo—Uphe Ngokusuka Entliziyweni
UYEHOVA, uBawo wethu wasezulwini onothando, usixhalabele. ILizwi lakhe lisiqinisekisa ukuba ubakhathalele ngokwenene bonke abakhonzi bakhe. (1 Pet. 5:7) Enye indlela uYehova akubonisa ngayo oko kukusilungiselela iindlela ezahlukahlukeneyo zokuba sifumane uncedo ukuze simkhonze ngokuthembeka. (Isa. 48:17) Xa sijamelene neengxaki ezisinxunguphalisayo, ufuna silusebenzise ngakumbi uncedo asinika lona. Oko kucaca kakuhle kuMthetho kaMoses.
Kwilungiselelo loMthetho, ngothando uYehova waqinisekisa ukuba abo ‘baxhwalekileyo,’ njengenkedama, umhlolokazi, nomphambukeli bafumana uncedo. (Lev. 19:9, 10; Dut. 14:29) Uyazi ukuba abanye kubakhonzi bakhe kusenokufuneka bancedwe ngabazalwana babo. (Yak. 1:27) Ngenxa yoko, akukho namnye kubakhonzi bakaYehova omele abe madolw’ anzima ukwamkela uncedo lwabo abasebenzisayo. Sekunjalo, xa sisamkela olo ncedo, simele sibe nesimo sengqondo esifanelekileyo.
Kwangaxeshanye, iLizwi likaThixo likwakhuthaza abantu bakhe ukuba basivule isandla sabo. Khumbula ingxelo ‘yomhlolokazi osisisweli’ owabonwa nguYesu kwitempile yaseYerusalem. (Luka 21:1-4) Umele ukuba wayexhamla kumalungiselelo othando uYehova awayewenzele abahlolokazi njengoko echazwa eMthethweni. Nangona wayeswele, lo mhlolokazi akakhunjulwa njengowayesamkela, kodwa ukhunjulwa ngokupha. Ukuthanda kwakhe ukupha kumele ukuba kwakumvuyisa gqitha, kuba uYesu wathi, “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZe. 20:35) Ucinga ngoku, ‘unokuziqhelisa njani ukupha’ ukuze ufumane uyolo?—Luka 6:38.
“Ndiya Kumbuyekeza Ngantoni Na UYehova?”
Umdumisi wabuza: “Ndiya kumbuyekeza ngantoni na uYehova ngalo lonke uncedo lwakhe kum?” (INdu. 116:12) Luluphi olo ncedo walufumanayo? UYehova wamomeleza ngexesha ‘lokubandezeleka nentlungu.’ Ngaphezu koku uYehova ‘wayewuhlangule umphefumlo wakhe ekufeni.’ Ngoko, wayefuna ‘ukubuyekeza’ uYehova ngandlel’ ithile. Wayeza kwenza ntoni lo mdumisi? Wathi: “Ndiya kuzifezekisa izibhambathiso zam kuYehova.” (INdu. 116:3, 4, 8, 10-14) Wagqiba ekubeni agcine zonke izithembiso awayezenze kuYehova aze aphumeze zonke iimbopheleleko awayemnike zona.
Nawe unokwenza okufanayo. Njani? Ngokuphila ngokuvisisana nemithetho nemigaqo kaThixo ngalo lonke ixesha. Ngenxa yoko qiniseka ukuba ukunqula uYehova kusoloko kuyeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho uze uvumele umoya wakhe ukukhokele kuyo yonke into oyenzayo. (INtshu. 12:13; Gal. 5:16-18) Eneneni, akunakuze umbuyekeze uYehova ngazo zonke izinto akwenzele zona. Sekunjalo, ‘iba nemihlali intliziyo’ yakhe xa ekubona uzinikele ngentliziyo epheleleyo enkonzweni yakhe. (IMize. 27:11) Kulilungelo lokwenene ukuvuyisa uYehova ngale ndlela!
Fak’ Isandla Kwintlalo-ntle Yebandla
Alithandabuzeki elokuba zininzi iindlela oye wazuza ngazo kwibandla lamaKristu. Esebenzisa ibandla lakhe, uYehova uye walungiselela intabalala yokutya kokomoya. Ufumene inyaniso eye yakukhulula kunqulo oluphosakeleyo nakubumnyama bokomoya. (Yoh. 8:32) Kwiintlanganiso zebandla, nakwiindibano ezinkulu nezincinane ezilungiselelwa “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” uye wazuza ulwazi olukhokelela kubomi obungunaphakade kwiparadesi esemhlabeni, apho kuya kube kungekho zintlungu nakubandezeleka. (Mat. 24:45-47) Zininzi gqitha iingenelo oye wazifumana, noseza kuzifumana kwibandla likaThixo. Yintoni ke wena onokulibuyekeza ngayo?
Umpostile uPawulos wabhala: “Wonke umzimba, ngokumanyaniswa ndawonye ngemvisiswano uze wenziwe usebenzisane ngelungu ngalinye elifeza indima yalo, ngokokusebenza kwelungu ngalinye ngomlinganiselo ofanelekileyo, wenza ukuba umzimba ukhule ukuze wakheke eluthandweni.” (Efe. 4:15, 16) Ngoxa esi sibhalo sibhekisela ngokuyintloko kwiqumrhu lamaKristu athanjisiweyo, lo mgaqo uyasebenza kuwo onke amaKristu. Kaloku, lungu ngalinye lebandla linokufak’ isandla kwintlalo-ntle nasekukhuleni kwebandla. Linokukwenza njani oko?
Oku sinokukwenza ngokuhlala sizabalazela ukukhuthaza nokuhlaziya abanye ngokomoya. (Roma 14:19) Sinokufak’ isandla ‘ekukhuleni komzimba’ ngokusoloko sihlakulela isiqhamo somoya kaThixo kwindlela esibaphatha ngayo abazalwana bethu. (Gal. 5:22, 23) Ukongezelela koko, sinokukhangela amathuba okwenza “okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.” (Gal. 6:10; Heb. 13:16) Wonke umntu osebandleni—umzalwana nodade, oselula nokhulileyo—unokuba nenxaxheba ‘ekwenzeni umzimba wakheke eluthandweni.’
Enye into, sinokufak’ isandla ngokusebenzisa izakhono, amandla, nobuncwane bethu kulo msebenzi usindis’ ubomi wenziwa libandla. UYesu Kristu wathi: “Namkele ngesisa.” Simele senze ntoni ke thina? Wathi: “Yiphani ngesisa.” (Mat. 10:8) Ngoko ke, simele sizibhokoxe kumsebenzi obalulekileyo wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. (Mat. 24:14; 28:19, 20) Ngaba zikho izinto ezikuthintelayo ekwenzeni oku? Khumbula umhlolokazi osweleyo awathetha ngaye uYesu. Kuncinane gqitha oko wanikela ngako. Sekunjalo, uYesu wathi unikele ngaphezu kwabo bonke. Wanikela ngako konke awayenako.—2 Kor. 8:1-5, 12.
Yamkela Unesimo Sengqondo Esifanelekileyo
Kukho amaxesha apho unokufuna ukuncedwa libandla. Ungaze ube madolw’ anzima ukwamkela uncedo olufumana ebandleni xa ucinezeleke ziingxaki zobu bomi. UYehova uye walungiselela amadoda afanelekileyo nanenyameko ukuba ‘aluse ibandla’—ukuze akuncede xa usezilingweni nakwiimbandezelo. (IZe. 20:28) Abadala nabanye abasebandleni bafuna ukukuthuthuzela, bakuxhase baze bakukhusele ngamaxesha kaxakeka.—Gal. 6:2; 1 Tes. 5:14.
Noko ke, qiniseka ukuba xa ufumana olo ncedo, ulwamkela unesimo sengqondo esifanelekileyo. Ngalo lonke ixesha yiba nombulelo ngoncedo olufumanayo. Olo ncedo lwabazalwana lujonge njengobubele obungasifanelanga bukaThixo. (1 Pet. 4:10) Kutheni kubalulekile nje oko? Kungenxa yokuba asifuni ukungabi nambulelo njengabantu abaninzi behlabathi.
Lungelelana Yaye Ubonise Ukuba Nengqiqo
Kwincwadi yakhe eya kwibandla laseFilipi, uPawulos wathi ngoTimoti: “Andinamntu wumbi onokuninyamekela ngokwenene njengaye.” Wongezelela wathi: “Bonke abanye bafuna izilangazelelo zabo, kungekhona ezikaKristu Yesu.” (Fil. 2:20, 21) Sicinga ngoko kwaphawulwa nguPawulos, yintoni esinokuyenza thina namhlanje ukuze siphephe ukuxakeka kakhulu zezethu “izilangazelelo”?
Asimele sibanyanzele abazalwana bethu xa sifuna ixesha lokuthetha nabo ngeengxaki zethu. Ngoba? Khawucinge ngoku: Ngokuqinisekileyo, besiya kumbulela ngokungazenzisiyo umzalwana oye wasinceda ngezinto eziphathekayo ngexesha likaxakeka. Ngaba besiya kumnyanzela ukuba asenzele oko? Akunjalo! Ngokufanayo, ngoxa abazalwana bethu besoloko bekuvuyela ukusinceda, simele silungelelane yaye sibonise ingqiqo xa sifuna ixesha lokuthetha nabo. Ngapha koko, asifuni bazive benyanzelekile kuyo nantoni na abasenzela yona xa sisebunzimeni.
Alithandabuzeki elokuba abazalwana noodade bahlala befuna ukukunceda. Noko ke, maxa wambi basenokungakwazi ukwenjenjalo. Xa bengakwazi, qiniseka ukuba uYehova uya kukulondoloza kuzo naziphi na izilingo ojamelana nazo, njengokuba wenzayo kumdumisi.—INdu. 116:1, 2; Fil. 4:10-13.
Ngoko ke, musa ukuba madolw’ anzima ukwamkela onke amalungiselelo owenzelwa nguYehova—ingakumbi kula maxesha anzima. (INdu. 55:22) Ufuna wenjenjalo. Kwangaxeshanye, ufuna ukuba nawe ube ‘ngumphi ochwayitileyo.’ Ngoko ‘yenza kanye njengoko ugqibile entliziyweni yakho,’ unikele ngayo nantoni na esemandleni akho ukuze uxhase unqulo olunyulu. (2 Kor. 9:6, 7) Xa usenjenjalo, uya kukwazi ukwamkela ngombulelo ngoxa usipha ngokusuka entliziyweni.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 31]
“Ndiya kumbuyekeza ngantoni na uYehova ngalo lonke uncedo lwakhe kum?”—INdu. 116:12
▪ Khangela amathuba okwenza “okulungileyo kubo bonke”
▪ Bakhuthaze uze ubahlaziye abanye ngokomoya
▪ Zibhokoxe kangangoko unako kumsebenzi wokwenza abafundi