IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w04 10/1 iphe. 9-14
  • Ngoobani Abazukisa UThixo Namhlanje?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngoobani Abazukisa UThixo Namhlanje?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Bangabi Nakungxengxezeleka”
  • “Abakhokeli Abaziimfama” Balahlekisa Abaninzi
  • Ngoobani Ngokwenene Abazukisa UThixo?
  • Ngaba Wena Uyamzukisa UThixo?
  • Ngaba Ubonakalisa Uzuko LukaYehova?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Masimzukise UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Ungavumeli Nantoni Na Ikuthintele Ekufumaneni Uzuko
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Bonke Abantu Mabavakalise Uzuko LukaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
w04 10/1 iphe. 9-14

Ngoobani Abazukisa UThixo Namhlanje?

“Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla.”—ISITYHILELO 4:11.

1, 2. (a) Yiyiphi imizekelo yoko kubizwa ngokuba yibiomimetics? (b) Kuvela yiphi imibuzo, yaye iphendulwa njani?

NGENYE imini ngeminyaka yee-1940, unonjineli waseSwitzerland uGeorge de Mestral wayehambahambisa inja yakhe. Akufika ekhaya, waphawula iimpahla zakhe noboya benja buzele utshungu. Ngomdla, waluqwalasela olu tshungu esebenzisa imikroskopu yaye wamangaliswa kukubona amagwegwe amancinane ebambelela kuyo nantoni na anerhintyela. Kamva, wayila into efana nalo—iVelcro. Asinguye yedwa lo kaDe Mestral oye waxelisa indalo. EUnited States, oonyana bakwaWright bayila inqwelo-moya emva kokuqwalasela iintaka ezinkulu xa zibhabha. Unonjineli ongumFrentshi uAlexandre-Gustave Eiffel wayila isakhiwo eside seentsimbi eParis esibizwa ngegama lakhe, esebenzisa umgaqo obangela uxhongo akwazi ukuthwala umzimba womntu.

2 Le mizekelo ikuzekelisa kakuhle oko kubizwa ngokuba yibiomimetics, inzululwazi yokuxelisa izinto zendalo.a Phofu ke, kusengqiqweni ukubuza: Kuxhaphake kangakanani ukuva aba bayili bezinto bezukisa uMyili wotshungu oluncinane, iintaka ezinkulu, uxhongo womntu, nazo zonke ezinye izinto zemvelo abantu abaye bazixelisa xa beyila izinto? Inyaniso ebuhlungu namhlanje ikukuba ehlabathini namhlanje, kunqabile ukuba uThixo azukiswe nto leyo emfaneleyo.

3, 4. Lithetha ukuthini igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “uzuko,” yaye lithetha ukuthini xa lisetyenziswe kuYehova?

3 Bambi bayazibuza, ‘Kutheni kufanelekile ukuzukisa uThixo? Akazukanga ngokwaneleyo na uThixo?’ Liyinyaniso elokuba uYehova ngoyena Mntu uzukileyo kwindalo iphela, kodwa oku akuthethi kuthi uzukile emehlweni abantu bonke. EBhayibhileni, igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “uzuko” ngokusisiseko lithetha “ubukhulu.” Libhekisela kuyo nantoni na emenza umntu abalasele okanye abaluleke kwabanye. Xa lisetyenziswa kuThixo, lithetha into emenza uThixo abalasele ebantwini.

4 Bambalwa namhlanje abantu abayiphawulayo into emenza uThixo abalasele. (INdumiso 10:4; 14:1) Enyanisweni, abantu abadumileyo, ukuba bayakholelwa kuThixo, badla ngokuphembelela abantu ukuba bangamhloneli uMdali ozukileyo wendalo iphela. Bakwenze njani oku?

“Bangabi Nakungxengxezeleka”

5. Izazinzulu ezininzi ziyichaza njani imimangaliso yendalo?

5 Izazinzulu ezininzi zithi uThixo akakho. Ngoko ke, zithini xa zicacisa imimangaliso yendalo, kuquka abantu? ithi ezi zinto zabakho ngendaleko, zazivelela. Ngokomzekelo, isazi sendaleko uStephen Jay Gould wabhala: “Sikho ngenxa yokuba uhlobo oluthile lweentlanzi ezingaqhelekanga zazinomsila owakwazi ukuguquka ube ziinyawo ezihamba ngazo izidalwa ezisemhlabeni . . . Kusenokwenzeka ukuba sifuna impendulo ephucukileyo kunaleyo—kodwa ayikho.” Ngokufanayo, uRichard E. Leakey noRoger Lewin babhala: “Kusenokwenzeka ukuba abantu babakho nje ngempazamo.” Kwanezazinzulu ezithile ezibuncomayo ubuhle nokuyilwa kwendalo azimzukisi uThixo.

6. Yintoni ebangela abantu abaninzi bangamzukisi uThixo nto leyo emfaneleyo njengoMdali?

6 Xa izifundiswa zigxininisa kwelokuba indaleko yinto yokwenene, zithi ngamaqaba kuphela angayikholelwayo. Abantu abaninzi bazithethelela ngelithini? Kwiminyaka ethile edluleyo, isazi sendaleko sadlan’ indlebe nabantu abayikholelwayo le ngcamango. Sathi: “Ndifumanise ukuba inkoliso yabantu abakholelwa kwindaleko bayikholelwa kuba nje baxelelwa ukuba izilumko ziyayikholelwa.” Ewe, xa izifundiswa zisithi uThixo akakho, abanye bakhuthazwa ukuba bangamzukisi uThixo nto leyo emfaneleyo njengoMdali.—IMizekeliso 14:15, 18.

7. Ngokutsho kwamaRoma 1:20, yintoni enokubonwa ngokucacileyo ngendalo ebonakalayo, yaye ngoba?

7 Ngaba izazinzulu zifikelela kwizigqibo ngenxa yokuba izibakala nobungqina bubonisa oko? Akunjalo! Singqongwe bubungqina bobukho boMdali. Ngokuphathelele yena, umpostile uPawulos wabhala: “Iimpawu zakhe ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi [koluntu] kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe, khon’ ukuze [abangakholwayo] bangabi nakungxengxezeleka.” (Roma 1:20) UMdali unobungqina obucacileyo kwindalo yakhe. Ngenxa yoko, uPawulos uthi ukususela ekudalweni kwabantu, abantu bebekwazi ‘ukubona’ ubungqina bokuba uThixo ukho ngenxa yendalo yakhe ebonakalayo. Buphi obu bubungqina?

8. (a) Isibhakabhaka siwangqina njani amandla nobulumko bukaThixo? (b) Yintoni ebonisa ukuba ummandla wendalo iphela umele ukuba wawunoMyili wawo?

8 Sibona ubungqina bokuba uThixo ukho kwisibhakabhaka esineenkwenkwezi. INdumiso 19:1 ithi: “Amazulu avakalisa uzuko lukaThixo.” “Amazulu”—ilanga, inyanga, iinkwenkwezi—zingqina amandla nobulumko bukaThixo. Inani nje lilodwa leenkwenkwezi liyamangalisa. Yaye zonke ezi zinto zihambahamba esibhakabhakeni, kungekhona nje ngokungenanjongo, kodwa ngokuvumelana nemithetho yendalo echanileyo.b (Isaya 40:26) Ngaba kusengqiqweni ukuthi ucwangco olunje luzenzekele? Okuphawulekayo kukuba, izazinzulu ezininzi zithi indalo iphela yaba nesiqalo. Echaza okuthethwa koko, omnye unjingalwazi wathi: “Ingcamango yendalo iphela eyabakho ukususela umntu okholelwa ukuba uThixo akanakwaziwa ephakadeni yamkeleka lula kumntu okholelwa ukuba uThixo akakho okanye akanakwaziwa. Ngokufanayo, ummandla wendalo iphela owaba nesiqalo ufanele ube nomyili wawo; kuba ngubani onokucinga ngommandla ongako ongenamyili?”

9. Ubulumko bukaYehova bubonakala njani kwizilwanyana?

9 Kwakhona emhlabeni sibona ubungqina bokuba uThixo ukho. Umdumisi wadanduluka esithi: “Hayi indlela emininzi ngayo imisebenzi yakho, Yehova! Yonke uyenze ngobulumko. Uzele umhlaba yimveliso yakho.” (INdumiso 104:24) “Imisebenzi” kaYehova kuquka izilwanyana, ixela ubulumko bakhe. Njengokuba kutshiwo kwasekuqaleni, indlela eziyilwe ngayo izinto eziphilayo ibangela ukuba izazinzulu zifune ukuzixelisa. Khawucinge ngeminye nje imizekelo embalwa. Abaphandi baqwalasela iimpondo zexhama ngenjongo yokwakha iminqwazi yabakhi eyomelele ngakumbi; bakhangela izinambuzane ezibhabhayo ezineendlebe ezibukhali ngenjongo yokuphucula izixhobo zokuva; yaye bahlolisisa iintsiba zamaphiko okhozi ukuze baphucule iinqwelo-moya ezingangxoliyo. Kodwa enoba unokuzama kangakanani na umntu, akanakukwazi ukuzixelisa ngokupheleleyo izinto zendalo. Incwadi ethi Biomimicry—Innovation Inspired by Nature ithi: “Izinto eziphilayo ziyenze yonke into esifuna ukuyenza, zingakhange zisebenzise amafutha amaninzi, zingcolise umhlaba, okanye zenzakalise ikamva lazo.” Hayi indlela ezilumke ngayo!

10. Kutheni kungekho ngqiqweni ukukhanyela ukuba kukho uMyili Omkhulu? Zekelisa.

10 Enoba ukhangela esibhakabhakeni okanye kwindalo elapha emhlabeni, kukho ubungqina obucacileyo bokuba uMdali ukho. (Yeremiya 10:12) Sifanele sivumelane ngokunyanisekileyo nezidalwa ezisezulwini ezadanduluka zathi: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” (ISityhilelo 4:11) Sekunjalo, izazinzulu ezininzi azibuboni ubungqina bokuba kukho uMdali ‘ngamehlo eentliziyo zazo,’ nangona zisenokumangaliswa yindlela ezidalwe ngayo izinto ezizibona ngamehlo enyama. (Efese 1:18) Oku sinokukuzekelisa ngale ndlela: Ukubuka ubuhle nendlela indalo eyilwe ngayo size singavumi ukuba kukho uMyili Omkhulu akunangqiqo njengokubuka umfanekiso omhle gqitha size kwangaxeshanye silikhanyele elokuba kukho umntu oye wazoba loo mfanekiso mhle kangako. Akumangalisi ke ngoko ukuba abo bangafuniyo ukukholelwa kuThixo kusithiwa ‘abanakuzingxengxezela’!

“Abakhokeli Abaziimfama” Balahlekisa Abaninzi

11, 12. Imfundiso yokumiselwa kwekamva kusengaphambili isekelwe kwiyiphi ingcamango, yaye yintoni ebonisa ukuba le mfundiso ayimzukisi uThixo?

11 Abantu abaninzi bonqulo bakholelwa ngokunyanisekileyo ukuba unqulo lwabo luyamzukisa uThixo. (Roma 10:2, 3) Noko ke, unqulo lulonke luyenye inkalo eneneni eye yathintela abantu abaninzi ukuba bangamzukisi uThixo. Njani? Makhe siqwalasele iindlela ezimbini.

12 Okokuqala, iinkonzo ziye zalushenxisa uzuko kuThixo ngeemfundiso zobuxoki. Ngokomzekelo, masicinge ngemfundiso yokumiselwa kwekamva kusengaphambili. Le mfundiso isekelwe kwisibakala sokuba ekubeni uThixo enamandla okuyazi into eza kwenzeka, umele ukuba wazi kusengaphambili imiphumo yezinto zonke. Ngenxa yale mfundiso, kuthiwa uThixo walimisela kusengaphambili ikamva—enoba lihle okanye libi—lomntu ngamnye. Ngokutsho kwale ngcamango, uThixo ufanele abekw’ ityala ngako konke ukubandezeleka nobungendawo kwihlabathi lanamhlanje. Oku akumzukisi nakancinane uThixo xa etyholwa ngezinto eneneni ezibangelwa luTshaba lwakhe olukhulu, uSathana, iBhayibhile embiza ngokuthi ‘ngumlawuli wehlabathi’!—Yohane 14:30; 1 Yohane 5:19.

13. Kutheni kububudenge ukucinga ukuba uThixo akakwazi ukuwalawula amandla akhe okwazi ikamva? Zekelisa.

13 Ukumiselwa kwekamva kusengaphambili yimfundiso engavumelaniyo neZibhalo yaye iyamnyelisa uThixo. Ibhidanisa oko anokukwenza noko akwenzayo ngokwenene. Isibakala sokuba uThixo usenokuyazi kusengaphambili into eza kwenzeka kucacisiwe eBhayibhileni. (Isaya 46:9, 10) Noko ke, akukho ngqiqweni ukucinga ukuba akakwazi ukuwalawula amandla akhe okwazi into ingekenzeki okanye yonke into ibangelwa nguye. Ukuzekelisa: Ukuba ubunamandla gqitha, ngaba ubuya kufuna ukuphakamisa yonke into enzima oyibonayo? Akunjalo! Ngokufanayo ke, ukuba namandla okwazi ikamva akumnyanzeli uThixo ukuba azi yonke into okanye ayimisele kusengaphambili. Amandla akhe okwazi izinto kusengaphambili uwasebenzisa kwiimeko ezithile yaye ezikhethwe nguye.c Ngokucacileyo, iimfundiso zobuxoki, kuquka neyokumiselwa kwekamva kusengaphambili, azimzukisi uThixo.

14. Iinkonzo zimgculele njani uThixo?

14 Indlela yesibini iinkonzo ezimgculela ngayo uThixo kukuziphatha kwamarhamente azo. AmaKristu alindeleke ukuba alandele iimfundiso zikaYesu. Phakathi kwezinye izinto, uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba ‘bathandane’ baze bangabi “yonxalenye yehlabathi.” (Yohane 15:12; 17:14-16) Kuthekani ngabefundisi beNgqobhoko? Ngaba ngokwenene baye bazilandela ezo mfundiso?

15. (a) Yintoni eyaziwayo ngabefundisi xa kucingwa ngeemfazwe zeentlanga? (b) Izinto ezenziwa ngabefundisi zibachaphazele njani abantu abaninzi?

15 Khawucinge ngengxelo yabefundisi xa kuziwa kwiimfazwe. Baye baxhasa, bavumela, bade bakhokela kwiimfazwe ezininzi eziliwe ziintlanga. Baye basikelela amajoni baza bakuthethelela ukubulawa kwabantu. Ngoko siziva sinyanzelekile ukubuza, ‘Ngaba abo befundisi abakhe bacinge ukuba nabanye abefundisi benkonzo yabo benza into efanayo kwelinye icala?’ (Bona ibhokisi ethi “UThixo Uxhasa Liphi Icala?”) Abefundisi abamzukisi uThixo xa besithi uyabaxhasa kwiimfazwe ekuphalazwa kuzo igazi elininzi; yaye abamzukisi naxa besithi imigaqo yeBhayibhile iphelelwe lixesha baze bavumele nayiphi na indlela yokuziphatha okubi ngokwesini. Kaloku basikhumbuza iinkokeli zonqulo uYesu awazibiza ngokuthi ‘zingabenzi bokuchasene nomthetho’ nokuthi “bangabakhokeli abaziimfama”! (Mateyu 7:15-23; 15:14) Izinto ezenziwa ngabefundisi zibangele ukuba abantu abaninzi baphelelwe luthando ngoThixo.—Mateyu 24:12.

Ngoobani Ngokwenene Abazukisa UThixo?

16. Ukuze siphendule umbuzo othi ngoobani ngokwenene abazukisa uThixo, kutheni simele sikhangele eBhayibhileni?

16 Ukuba ubukhulu becala abantu abadumileyo nabahlonelwayo behlabathi baye abamzukisa uThixo, ngokwenene ngoobani abamzukisayo? Ukuze siphendule loo mbuzo, simele sikhangele eBhayibhileni. Ngapha koko, uThixo unelungelo lokusixelela indlela esifanele simzukise ngayo, yaye ubeke imigaqo ethile kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. (Isaya 42:8) Makhe siqwalasele iindlela ezintathu esinokumzukisa ngazo uThixo, size kwimeko nganye siphendule umbuzo othi ngoobani namhlanje abazukisa ngokwenene.

17. UYehova wabonisa njani ukuba ukuzukiswa kwegama lakhe kuyinkalo ebalulekileyo yokuthanda kwakhe, yaye ngoobani namhlanje abadumisa igama likaThixo emhlabeni wonke?

17 Okokuqala, sinokumzukisa uThixo ngokudumisa igama lakhe. Ubungqina bokuba oku kukuthanda kukaThixo sibufumana koko kwathethwa nguYehova kuYesu. Kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu wathandaza esithi: “Bawo, lizukise igama lakho.” Kwandula ke kwavakala ilizwi liphendula lisithi: “Ndilizukisile yaye ndiza kulizukisa kwakhona.” (Yohane 12:28) Ngokuqinisekileyo owayethetha apha nguYehova ngokwakhe. Ngokusuka kumazwi akhe, licacile elokuba ukuzukisa igama lakhe kubalulekile kuye. Ngoko ke, ngoobani namhlanje abazukisa uYehova ngokwazisa igama lakhe nokulidumisa emhlabeni wonke? NgamaNgqina kaYehova, yaye akwenza oko kumazwe angama-235!—INdumiso 86:11, 12.

18. Sinokubabona njani abo banqula uThixo “ngenyaniso,” yaye liliphi iqela ebelifundisa inyaniso yeBhayibhile kangangexesha elingaphezu kwenkulungwane?

18 Okwesibini, sinokumzukisa uThixo ngokufundisa inyaniso ngaye. UYesu wathi abanquli bokwenyaniso baya ‘kumnqula uThixo ngomoya nangenyaniso.’ (Yohane 4:24) Sinokubabona njani abo bamnqula uThixo “ngenyaniso”? Bamele bangazamkeli iimfundiso ezingasekelwanga eBhayibhileni nezithetha kakubi ngoThixo nokuthanda kwakhe. Kunoko, bamele bafundise iinyaniso ngeLizwi likaThixo, kuquka oku kulandelayo: uYehova ngoYena Thixo Uphakamileyo, yaye uzuko lweso sikhundla lufanele lunikwe yena kuphela (INdumiso 83:18); uYesu nguNyana kaThixo noMlawuli onyuliweyo woBukumkani bukaMesiya (1 Korinte 15:27, 28); uBukumkani bukaThixo buya kungcwalisa igama likaYehova buze bufeze injongo yakhe ngomhlaba nangabantu abakuwo (Mateyu 6:9, 10); iindaba ezilungileyo ezingobu Bukumkani zimele zishunyayelwe emhlabeni wonke. (Mateyu 24:14) Ixesha elingaphezu kwenkulungwane, kuphela liqela elinye eliye ngokuthembeka lafundisa ezi nyaniso zizukileyo—amaNgqina kaYehova!

19, 20. (a) Kutheni ukuziphatha okuhle komKristu kusenokuzukisa uThixo? (b) Yiyiphi imibuzo enokusinceda ukuze sifumanise ukuba ngoobani namhlanje abazukisa uThixo ngokuziphatha okuhle?

19 Okwesithathu, sinokumzukisa uThixo ngokuphila ngokuvisisana nemigaqo yakhe. Umpostile uPetros wabhala: “Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga, ukuze, nokuba zithetha kakubi ngani njengabenzi-bubi, zithi ngokubona imisebenzi yenu emihle, zimzukise uThixo ngemini yokuvelela kwakhe.” (1 Petros 2:12) Indlela umKristu aziphatha ngayo ithetha okuthile ngonqulo lwakhe. Xa abantu benxulumanisa—okuthetha ukuthi, xa beqonda ukuba indlela entle umKristu aziphatha ngayo ibangelwa lunqulo lwakhe—oko kuzukisa uThixo.

20 Ngoobani namhlanje abazukisa uThixo ngokuziphatha kakuhle? Kaloku, luluphi unqulo oluye lwanconywa ngoorhulumente abaninzi ngokuba ngabantu abanoxolo, abathobela umthetho nabazihlawulayo iirhafu? (Roma 13:1, 3, 6, 7) Ngoobani abaziwa ehlabathini lonke ngokuba nomanyano namanye amakholwa—umanyano olubonakala naphakathi kwezizwe, iintlanga namaqela abantu abahlukahlukeneyo? (INdumiso 133:1; IZenzo 10:34, 35) Liliphi iqela elaziwa ehlabathini lonke ngomsebenzi walo wokufundisa ngeBhayibhile okhuthaza ukuhlonelwa komthetho, ukuhlonelwa kwemigaqo yentsapho, nokuziphatha okukhuthazwa eBhayibhileni? Linye kuphela iqela elaziwa nanguthathatha ukuba liziphatha kakuhle kwezi nkalo nakwezinye—amaNgqina kaYehova!

Ngaba Wena Uyamzukisa UThixo?

21. Kutheni sifanele sikhangele enoba thina siyamzukisa uYehova?

21 Ngamnye kuthi ufanele azibuze, ‘Ngaba mna ndiyamzukisa uYehova?’ Ngokutsho kweNdumiso 148, inkoliso yendalo iyamzukisa uThixo. Iingelosi, izinto ezisesibhakabhakeni, umhlaba nezilwanyana ezikuwo—zonke ezi zinto zizukisa uYehova. (Iindinyana 1-10) Hayi indlela okulusizi ngayo ukuthi namhlanje inkoliso yabantu ayimzukisi! Ngokuphila ngendlela emzukisayo uThixo, uvisisana nendalo yonke ezukisa uYehova. (Iindinyana 11-13) Akukho ndlela ibhetele kunale ongabusebenzisa ngayo ubomi bakho.

22. Ngokuzukisa uYehova, unokusikeleleka ngaziphi iindlela, yaye yintoni ofanele uzimisele ukuyenza?

22 Ngokuzukisa uYehova, usikelelwa ngeendlela ezininzi. Njengoko ubonakalisa ukholo kwidini lentlawulelo likaKristu, uxolelaniswa noThixo uze ube nolwalamano oluhle noluseluxolweni noYihlo osezulwini. (Roma 5:10) Njengoko ukhangela izizathu zokuzukisa uThixo, uba ngumntu onesimo sengqondo esihle nonoxabiso ngaye. (Yeremiya 31:12) Uya kwandula ke ukwazi ukuphila ubomi obanelisayo, ngaloo ndlela ube ngumntu owonwabileyo. (IZenzo 20:35) Ngamana ungaphakathi kwabo bazimisele ngamandla ukuzukisa uThixo—ngoku nangonaphakade!

[Imibhalo esemazantsi]

a Igama elithi “biomimetics” lisuka kwelesiGrike elithi biʹos, elithetha “ubomi,” elithi miʹme·sis, lithetha “ukuxelisa.”

b Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngendlela isibhakabhaka esibungqina ngayo ubulumko namandla kaThixo, bona isahluko 5 nese-17 kwincwadi ethi Sondela KuYehova, eshicilelwe ngamaNgqina kaYehova.

c Bona uMqulu 1, iphepha 853, kwi-Insight on the Scriptures, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

Ngaba Usakhumbula?

• Kutheni sinokuthi ngokuqhelekileyo izazinzulu azibancedanga abantu ukuze bazukise uThixo?

• Ziziphi iindlela ezimbini unqulo oluye lwabathintela abantu ukuba bangamzukisi uThixo?

• Sinokumzukisa uThixo ngaziphi iindlela?

• Kutheni ufanele ukhangele enoba wena uyamzukisa uYehova?

[Ibhokisi ekwiphepha 12]

“UThixo Uxhasa Liphi Icala?”

Indoda ethile eyayikuMkhosi waseJamani Womoya ngeMfazwe Yehlabathi II kodwa kamva eyaba liNgqina likaYehova ibalisa isithi:

“Into eyayindikhathaza gqitha ngaloo minyaka yemfazwe . . . kukubona abefundisi phantse beenkonzo zonke—amaKatolika, amaLuthere, amaRhabe, nabanye—besikelela iinqwelo-moya nemikhosi ngaphambi kokuba iye kuphosa ibhombu. Ndandidla ngokuzibuza, ‘uThixo uxhasa liphi icala?’

“Amajoni amaJamani ayenxiba ibhanti enekhonco elalibhalwe la mazwi Gott mit uns (UThixo unathi). Kodwa ndandizibuza, ‘Yintoni enokwenza uThixo angalixhasi icala lamanye amajoni onqulo olufanayo nawo athandaza kuThixo omnye?’”

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Emhlabeni wonke, amaNgqina kaYehova ngokwenene ayamzukisa uThixo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share