UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IZENZO 21-22
“Makwenzeke Ukuthanda KukaYehova”
UPawulos wayeziva ngathi uthunywa ngumoya oyingcwele eYerusalem, apho wayeza kungena engxakini. (IZe 20:22, 23) Ngoko, xa amaKristu ayemcenga ukuba angayi kuba emcingela, wawaphendula wathi: “Kutheni nilila nje, nindenza buthathaka entliziyweni?” (IZe 21:13) Nathi asimele sibatyhafise abazalwana xa befuna ukuzinikela ekukhonzeni uYehova.