Bazalwana Abaselula, Ngaba Nizabalazela Amalungelo Angakumbi?
1. Umzalwana oselula angaqala nini ukusebenzisa ulwalathiso olukwe-1 kuTimoti 3:1?
1 ‘Ukuba ubani uyazabalaza . . . . unqwenela umsebenzi omhle.’ (1 Tim. 3:1) La mazwi aphefumlelweyo akhuthaza abazalwana ukuba bafanelekele amalungelo ebandleni. Ngaba ufanele ube ngumntu omdala ukuze ufaneleke? Eneneni, kuhle ukuba uqale usemtsha ukuzabalazela amalungelo angakumbi. Ngaloo ndlela uya kufumana uqeqesho uze ubonise ukuba uyafaneleka ukuba sisicaka solungiselelo xa sele ukhulile. (1 Tim. 3:10) Ukuba ungumzalwana oselula obhaptiziweyo, ungawazabalazela njani amalungelo angakumbi?
2. Ungahlakulelwa uze uboniswe njani umoya wokuzincama?
2 Umoya Wokuzincama: Khumbula ukuba uzabalazela amalungelo angakumbi ukuze wenze umsebenzi omhle kungekhona kuba ufuna isikhundla. Ngoko ke, hlakulela umnqweno wokunceda abazalwana noodade wenu. Enye indlela yokukwenza oku, kukucamngca ngomzekelo kaYesu omhle. (Mat. 20:28; Yoh. 4:6, 7; 13:4, 5) Cel’ uYehova akuncede ube nomdla kwabanye abantu. (1 Kor. 10:24) Ngaba unganceda abo balupheleyo okanye abo bagulayo ebandleni lakho? Ngaba ubakho xa kuchetywa ingca, kucocwa okanye xa kulungiswa ezinye izinto kwiHolo yoBukumkani? Ngaba uba litsha-ntliziyo xa engekho umntu wentetho kwiSikolo SoBulungiseleli Sobuthixo? Uya kufumanisa ukuba uyonwaba xa unceda abanye.—IZe. 20:35.
3. Kubaluleke kangakananii ukuba ngumKristu oqolileyo yaye singakuhlakulela njani?
3 Ukuba NgumKristu Oqolileyo: Kubaluleke kakhulu ukuba umkhonzi kaThixo ebandleni abe ngumKristu oqolileyo kunokuba abe nesiphiwo esikhethekileyo okanye izinto akwaziyo ukuzenza. UmKristu oqolileyo uzama ukuzijonga izinto ngendlela uYehova noYesu abazijonga ngayo. (1 Kor. 2:15, 16) Ubonisa “isiqhamo somoya.” (Gal. 5:22, 23) Ungumvangeli onenzondelelo obeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala. (Mat. 6:33) Unokubonisa iimpawu zomKristu oqolileyo ngokuba nocwangciso lokufunda rhoqo. Oku kuquka ukufunda iBhayibhile suku ngalunye, ukufunda inkupho nganye yeMboniselo noVukani!, ulungiselele uze uye kwiintlanganiso zebandla. (INdu. 1:1, 2; Heb. 10:24, 25) Xa wayekhuthaza uTimoti oselula ukuba enze inkqubela, uPawulos wabhala wathi: “Zilumkele . . . nemfundiso yakho.” (1 Tim. 4:15, 16) Ngenxa yoko, zilungiselele kakuhle iintetho zakho kwiSikolo SoBulungiseleli Sobuthixo. Yilungiselele inkonzo yasentsimini uze uye kuyo rhoqo. Zibekele usukelo uze usebenzele ukulufikelela, njengokuba nguvulindlela, ukuya kukhonza eBheteli okanye ukuya kwiSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshatanga. Ukuba ngumKristu oqolileyo kuya kukunceda ‘usabe iinkanuko zobutsha.’—2 Tim. 2:22.
4. Kutheni kubalulekile nje ukuthembeka nokunyaniseka?
4 Umntu Onokuthenjwa Nonyanisekileyo: Ngenxa yokuba abazalwana abababelwe ukusasaza ukutya kumaKristu ayekudinga ngenkulungwane yokuqala ‘ayevunyiwe,’ esaziwa ngokuthembeka nangokunyaniseka, kwakungeyomfuneko ngabapostile ukuba bakhathazeke ngokuba umsebenzi wawuza kwenziwa kusini na. Oko kwenza bakwazi ukwenza ezinye izinto ezazibalulekile. (IZe. 6:1-4) Ngoko ke, xa unikwe isabelo ebandleni senze kakuhle. Xelisa uNowa, owayilandela yonke imiyalelo awayeyinikiwe yokwakha umkhombe. (Gen. 6:22) Ukuxabisile uYehova ukunyaniseka yaye kubonisa ukuba umntu uzazi kakuhle iindlela zikaThixo.—1 Kor. 4:2.; sicela ufunde ibhokisi enomxholo othi “Ingqeqesho Iyafuneka.”
5. Kutheni abazalwana abaselula kufuneka bazabalazele amalungelo angakumbi enkonzo?
5 Njengoko kuprofetiwe, uYehova uyawukhawulezisa umsebenzi wokuhlanganisa abantu bakhe. (Isa. 60:22) Ngokomlinganiselo, abantu abayikota yesigidi bayabhaptizwa nyaka ngamnye. Ngenxa yabantu abaninzi abangena enyanisweni, kufuneka amadoda afanelekayo ukuze anyamekele imisebenzi yebandla. Ngoku kunanini na ngaphambili, kukho umsebenzi omninzi enkonzweni kaYehova. (1 Kor. 15:58) Bazalwana abaselula, ngaba nizabalazela amalungelo angakumbi? Ukuba kunjalo, ninqwenela umsebenzi omhle ngokwenene!
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 2]
Ngenxa yabantu abaninzi abangena enyanisweni, kufuneka amadoda afanelekayo ukuze anyamekele imisebenzi yebandla
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
Ingqeqesho Iyafuneka
Abazalwana abaselula bayancedakala xa abadala bebanika izabelo baze babaqeqeshe. Umveleli wesiphaluka wayengekehli eqongeni ngoxa wayekhuthaza omnye umvakalisi emva kweentlanganiso. Wabona inkwenkwana eyayimi kufuphi nabo, waza wayibuza enoba yayifuna ukuthetha naye kusini na. Lo mzalwana uselula wathi wayebelwe ukuba atshayele iqonga emva kweentlanganiso. Abazali bakhe babekulungele ukuhamba, kodwa wayengafuni ukuhamba engekawenzi umsebenzi wakhe. Lo mveleli wesiphaluka wesuka ngoko nangoko. Uthi: “Abadala kweli bandla babekuphaphele ukuqeqesha abazalwana abaselula ngokubanika izabelo ebandleni. Ngenxa yoko, ebandleni labo kwakusoloko kunconyelwa abazalwana abaselula njengezicaka zolungiselelo xa ndityelele ibandla labo.”