Isifundo Ngendlela Yokusingatha Iingxaki
BAMBALWA abantu abaye bahlangabezana nazo zonke iingxaki awayenazo uYobhi. Ngexesha nje elifutshane, wayebuhlungu ngenxa yokulahlekelwa bubutyebi nempilo yakhe, ukufa kabuhlungu kwabantwana bakhe bonke, yaye ekugqibeleni isifo esibuhlungu gqitha. Ecekiswa ngabahlobo nazizalamane, wabongozwa ngumfazi wakhe ukuba ‘alahle uThixo, afe.’—Yobhi 2:9; 19:13, 14.
Noko ke, uYobhi ungumthombo obalaseleyo wokhuthazo kuye nabani na ojamelene nezilingo ezifanayo. Umphumo omhle wokulingwa kwakhe ubonisa ukuba ukunyamezela ngexesha lembandezelo kuyayivuyisa intliziyo kaYehova, xa sishukunyiswa kukuzinikela kokwenene kuThixo kuneengenelo zethu zobuqu.—Yobhi, isahluko 1, 2; Yob 42:10-17; IMizekeliso 27:11.
Le ngxelo yeBhayibhile ikwaqulethe izifundo ezixabisekileyo ngendlela yokusingatha iingxaki. Isimisela imizekelo ebalaseleyo ngendlela ubani ojamelene nezilingo afanele—nangafanele—alulekwe ngayo. Ukongezelela, amava kaYobhi anokusinceda sisabele ngendlela elungeleleneyo xa sizifumana sintlithwa ziimeko ezibandezelayo.
Isifundo Ngokululeka Ngokugxeka
Ibinzana elithi “umthuthuzeli kaYobhi” liye laba sisithethantonye nomntu othi, kunokubonakalisa uvelwano ngexesha lobunzima, ahlikihle ityuwa enxebeni. Kodwa phezu kwalo nje udumo abathi abahlobo bakaYobhi abathathu ngokufanelekileyo bazifumanela lona, asifanele sicinge ukuba zonke iintshukumisa zabo zazingalunganga. Kusenokwenzeka ukuba babefuna ukumnceda uYobhi ukusa kumlinganiselo othile, ngokuvisisana neembono zabo ezingachananga. Kwakutheni ukuze basilele? Kwenzeka njani ukuba babe zizixhobo zikaSathana, owayezimisele ukwaphula ingqibelelo kaYobhi?
Kaloku, basekela zonke iziluleko zabo kuqikelelo olungachananga lokuba: ububi bufikela kuphela abo bonayo. Kwintetho yakhe yokuqala, uElifazi wathi: “Ngubani na owakha wadaka, emsulwa? Kuphi na apho ke bathi shwaka khona abathe tye? Ngokubona endibone ngako, abalima inkohlakalo, nabahlwayela ububi, bavuna kwabona.” (Yobhi 4:7, 8) Ngempazamo uElifazi wakholelwa ekubeni abamsulwa abanakuze babandezeleke. Waqiqa ngelokuba ekubeni uYobhi wayeneengxaki ezininzi yaye ebandezeleke kakhulu wayemele ukuba wayonile kuThixo.a UBhiledadi noTsofare ngokufanayo bazingisa kwelokuba uYobhi makaguquke ezonweni zakhe.—Yobhi 8:5, 6; 11:13-15.
Abahlobo bakhe abathathu bamtyhafisa ngakumbi uYobhi ngokuvakalisa izimvo zabo kunobulumko bukaThixo. UElifazi wada wagabadela ngelithi ‘uThixo akakholwa ngabakhonzi bakhe’ nokuba uYehova wayengakhathali enoba uYobhi wayelilungisa okanye wayengelilo. (Yobhi 4:18; 22:2, 3) Akakho amagqabaza adimaza—okanye angenabunyaniso—ngaphezu kwalawo! Akumangalisi ukuba uYehova kamva wamkhalimela uElifazi nabahlobo bakhe ngoku kunyelisa. Wathi: “Anithethanga nto iyiyo ngam.” (Yobhi 42:7) Kodwa elona bango lonakalisayo laliseza.
Ekugqibeleni uElifazi wada watsiba ilitye likaPhungela ngokumtyhola ngokungqalileyo. Ekubeni wayengakwazi ukwenza uYobhi avume ukuba unetyala, wabhenela ekuyileni izono acingela ukuba uYobhi umele ukuba uzenzile. UElifazi wabuza wathi: “Ububi bakho abubukhulu na? Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na? Kuba ububambise umzalwana wakho ngelize, ububahluba abaze iingubo. Ubungamsezi manzi otyhafileyo, olambileyo ubumvimba ukutya.” (Yobhi 22:5-7) Ezi zityholo zazingeyonyaniso ngokupheleleyo. UYehova ngokwakhe wayemchaze uYobhi njengendoda “egqibeleleyo, ethe tye.”—Yobhi 1:8.
Wasabela njani uYobhi koku kuhlaselwa kwengqibelelo yakhe? Kuyaqondakala ukuba, bamenza buhlungu yaye wadandatheka kodwa wayezimisele ngakumbi ukubonakalisa ukuba ezi zityholo zazingeyonyaniso. Enyanisweni, wanikela ingqalelo enkulu ekuzithetheleleni kangangokuba, ngandlel’ ithile, waqalisa ukubek’ ityala uYehova ngaloo meko wayekuyo. (Yobhi 6:4; 9:16-18; 16:11, 12) Imbambano yokwenene eyayibandakanyekile yayityeshelwe, ibe incoko yaba yingxoxo eyimfitshimfitshi enoba uYobhi wayelilungisa okanye wayengelilo kusini na. Anokufunda ntoni amaKristu ngesi sihlandlo sokululekwa siyintlekele?
1. UmKristu onothando akathi nje zisuka acingele ukuba umzalwana nguye ozifake engxakini. Ukugxekwa kabukhali ngenxa yeempazamo zexesha elidluleyo—enoba zezokwenene okanye ziyathelekelelwa—kusenokumdimaza ngokupheleleyo umntu ozabalazela ukuqhubela phambili. Umphefumlo odandathekileyo ufuna ‘ukuthuthuzelwa’ kunokungxoliswa. (1 Tesalonika 5:14) UYehova ufuna abadala babe “njengendawo yokuzimela umoya,” bangabi ‘ngabathuthuzeli abayindinisa’ njengoElifazi, uBhiledadi noTsofare.—Isaya 32:2; Yobhi 16:2.
2. Asifanele sibeke nabani na ityala ngaphandle kobungqina obucacileyo. Undiva okanye intelekelelo—njengakuElifazi—azisiso isiseko esilungileyo sokululeka. Ngokomzekelo, ukuba umdala ubek’ ityala nabani na ngokungeyonyaniso, usenokungaphindi athenjwe aze abangele ukucinezeleka kweemvakalelo. Wavakalelwa njani uYobhi ngokuphulaphula isiluleko esilahlekisa ngolo hlobo? Wavakalisa ngokuphandle ukubandezeleka kwakhe ngokudanduluka ngeliphoxayo esithi: “Hayi indlela obe luncedo ngayo kongenamandla.” (Yobhi 26:2, NW) Umveleli onenyameko uya ‘kuzimisa izandla eziwileyo,’ akayi kuyenza nzima ngakumbi ingxaki.—Hebhere 12:12.
3. Isiluleko sifanele sisekelwe eLizwini likaThixo, kungekhona kuluvo lomntu. Iingxoxo zabahlobo bakaYobhi zazingachananga yaye zingakhi. Kunokumsondeza uYobhi kuYehova, bamenza wacinga ukuba kwakukho umsantsa owawumahlula kuYise osemazulwini. (Yobhi 19:2, 6, 8) Kwelinye icala, ukusebenzisa iBhayibhile ngobuchule, kunokuzilungisa izinto, kubomeleze yaye kunikele intuthuzelo yokwenene kwabanye.—Luka 24:32; Roma 15:4; 2 Timoti 3:16; 4:2.
Ngoxa incwadi kaYobhi inceda amaKristu ukuba aqonde imigibe ethile, ikwanikela isifundo esisebenzisekayo ngendlela yokunikela isiluleko esinomphumo.
Indlela Yokunikela Isiluleko
Isiluleko sikaElihu sasahluke mpela kweso sabahlobo bakaYobhi abathathu, ngoko sikuquletheyo kwanangendlela uElihu awamphatha ngayo uYobhi. Wambiza uYobhi ngegama lakhe ibe wathetha naye njengomhlobo, kungekhona njengomgwebi kaYobhi. “Kodwa khawukuve, Yobhi, ukuthetha kwam, uwabekele indlebe amazwi am onke. Uyabona, njengawe ndingokaThixo; ndacatshulwa eludongweni nam.” (Yobhi 33:1, 6) Kwakhona uElihu wakhawuleza wamncoma uYobhi ngehambo yakhe egqibeleleyo. Waqinisekisa uYobhi ngelithi: “Buyandivuyisa ubulungisa bakho.” (Yobhi 33:32, NW) UElihu waba nempumelelo nangezinye izizathu ngaphandle kwale ndlela yokululeka ngobubele.
UElihu wakwazi ukuyiqonda imbambano ngaphambi kokunikela isiluleko, ekubeni wayelinde ngomonde de abanye bagqiba ukuthetha. Emthabatha uYobhi njengendoda elilungisa, ngaba uYehova wayengamohlwaya? “Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo; kuSomandla, ukuba abe nobugqwetha,” wadanduluka watsho uElihu. “Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa.”—Yobhi 34:10; 36:7.
Ngaba ngokwenene ubulungisa bukaYobhi babuyeyona mbambano ingundoqo? UElihu watsalela ingqalelo kaYobhi kwimbono engalungelelananga. Wacacisa wathi: “Uthi, ubulungisa bakho bungaphezu kobukaThixo. Bheka ezulwini ubone; ukhangele isibhakabhaka, siphezulu kuwe.” (Yobhi 35:2, 5) Kanye njengokuba amafu ephakamile kunathi, zinjalo ukuphakama iindlela zikaYehova kunezethu. Asinawo amandla okugweba indlela azenza ngayo izinto. UElihu waqukumbela ngelithi: “Ngako oko bayamoyika abantu; akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.”—Yobhi 37:24; Isaya 55:9.
Isiluleko esiphilileyo sikaElihu sasihlahl’ indlela kuYobhi ukuze alungele ukufumana imiyalelo evela kuYehova. Enyanisweni, kukho ukufana okubangel’ umdla phakathi kokukhumbula kukaElihu “imisebenzi ebalulekileyo kaThixo,” kwisahluko 37, namazwi kaThixo kuYobhi, abhalwe kwisahluko 38 ukusa kwesama-41. Ngokucacileyo, uElihu wazibona izinto ngendlela uYehova awayezibona ngayo. (Yobhi 37:14) AmaKristu anokuwuxelisa njani umzekelo omhle kaElihu?
NjengoElihu, abaveleli ngokukodwa bafanele babe novelwano nobubele, bekhumbula ukuba nabo abafezekanga. Bayatyapha ngokuphulaphula ngenyameko ukuze bafumane izibakala baze bawuqonde umbandela ngaphambi kokuba banikele isiluleko. (IMizekeliso 18:13) Ngaphezu koko, ngokusebenzisa iBhayibhile neempapasho ezisekelwe kwiZibhalo, banokuqiniseka ukuba babalaselisa imbono kaYehova.—Roma 3:4.
Ngaphandle kokunikela ezi zifundo zisebenzisekayo kubadala, incwadi kaYobhi isifundisa indlela yokujamelana neengxaki ngendlela elungeleleneyo.
Indlela Esingafanele Sisabele Ngayo Kwiimeko Ezibandezelayo
Ethwaxwe kukubandezeleka kwakhe yaye edaniswe ngabathuthuzeli bakhe bobuxoki, uYobhi waqumba gqitha waza wadandatheka. Egcuma wathi: “Mayidake imini endazalwa ngayo . . . Umphefumlo wam udimele bubomi bam.” (Yobhi 3:3; 10:1) Engaqondi ukuba yayinguSathana unobangela, wacingela ukuba nguThixo owayebangela amashwa awamhlelayo. Kwabonakala kungekho sikweni gqitha ukuba yena—indoda elilungisa—wayemele abandezeleke. (Yobhi 23:10, 11; 27:2; 30:20, 21) Esi simo sengqondo samfamekisa uYobhi ekuqwalaseleni ezinye izinto saza samkhokelela ekubeni agxeke iinkqubano zikaThixo noluntu. UYehova wambuza: “Kanene uya kwaphula nogwebo lwam na, undigwebe, ukuze ube lilungisa?”—Yobhi 40:8.
Mhlawumbi intsabelo yethu yokuqala xa sijamelene nembandezelo kukuziva sixhatshazwa, njengoko kubonakala ukuba uYobhi wenjenjalo. Intsabelo eqhelekileyo kukubuza uthi, ‘Kutheni indim nje? Kutheni abanye—abangendawo gqitha kunam—benandipha ubomi obungenazingxaki xa buthelekiswa nobam?’ Ezi ziingcinga ezilandulayo esinokuzilwa ngokucamngca ngeLizwi likaThixo.
Ngokungafaniyo noYobhi, siyakwazi ukuqonda iimbambano ezinkulu ngakumbi ezibandakanyekileyo. Siyazi ukuba uSathana “uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo.” (1 Petros 5:8) Njengoko incwadi kaYobhi ibonisa, uMtyholi angakuvuyela ukwaphula ingqibelelo yethu ngokusibangela sibe neengxaki. Uzimisele ukuwangqina amabango akhe okuba singamaNgqina kaYehova nje kuba izinto zisahamba kakuhle. (Yobhi 1:9-11; 2:3-5) Ngaba singanenkalipho yokuphakamisa ulongamo lukaYehova size ngaloo ndlela simngqine uMtyholi elixoki?
Umzekelo kaYesu, kunye nenginginya yabanye abakhonzi bakaYehova abathembekileyo, ubonisa ukuba ezinye iimbandezelo phantse zibe azinakuphepheka kule nkqubo yezinto. UYesu wathi abafundi bakhe babemele bakulungele ‘ukuwuthwala owabo [umthi wentuthumbo, NW]’ ukuba banqwenela ukumlandela. (Luka 9:23) Owethu “umthi wentuthumbo” unokuba yenye okanye ube ngaphezu kweembandezelo ezanyanyezelwa nguYobhi—impilo enkenenkene, ukufelwa ngabantu esibathandayo, udandatheko, iingxaki zezoqoqosho, okanye inkcaso evela kwabangakholwayo. Enoba luluphi uhlobo lwengxaki esinokujamelana nalo, kukho inkalo ekhuthazayo. Sinokuzigqala iimeko zethu njengethuba lokubonakalisa unyamezelo nozinikelo olungaxengaxengiyo kuYehova.—Yakobi 1:2, 3.
Leyo yayiyindlela abapostile bakaYesu abasabela ngayo. Kungekudala emva kwePentekoste batyatyulwa ngenxa yokushumayela ngoYesu. Kunokuba batyhafe, bahamba indlela yabo “bevuya.” Babenovuyo, bengavuyiswa kukubandezeleka ngokwako, kodwa ngenxa yokuba “kuthiwe bakufanele ukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe [uKristu].”—IZenzo 5:40, 41.
Kakade ke, asizizo zonke iinzima ezisihlelayo ezingumphumo wokukhonza uYehova. Iingxaki zethu zisenokubangelwa kwasithi—ubuncinane ukusa kumlinganiselo othile. Okanye mhlawumbi, kungengatyala lethu, ingxaki ethile isenokuchaphazela ukulungelelana kwethu ngokomoya. Enoba imeko injani, isimo sengqondo sokuthobeka esifana neso sikaYobhi siya kusenza sikwazi ukuqonda apho iimpazamo zenzeke khona. UYobhi wavuma kuYehova wathi: “Ndithethe ndingaziqondi.” (Yobhi 42:3) Lowo uzivuma ngolu hlobo iimpazamo zakhe kulula ngakumbi ukuba aphephe iinzima ezinjengezo kwixesha elizayo. Kunjengokuba umzekeliso usitsho, “onobuqili ubona into embi, azifihle.”—IMizekeliso 22:3.
Okubaluleke ngakumbi kukuba incwadi kaYobhi isikhumbuza ukuba iingxaki zethu aziyi kuhlala zikho naphakade. IBhayibhile ithi: “Sithi, banoyolo abo banyamezelayo. Unyamezelo lukaYobhi naluva, nesigqibo seNkosi nasibona, ngokuba iNkosi inemfesane enkulu, inenceba.” (Yakobi 5:11) Sinokuqiniseka ukuba uYehova ngokufanayo uya kukuvuza ukuthembeka kwabakhonzi bakhe namhlanje.
Kwakhona sikhangele phambili kwixesha laxa zonke iingxaki—“izinto zokuqala”—ziya kube zigqithile. (ISityhilelo 21:4) De loo mhla ufike, incwadi kaYobhi isebenza njengokhokelo oluxabiseke gqitha olunokusinceda sisingathe iingxaki ngobulumko nangenkalipho.
[Umbhalo osemazantsi]
a Nangona iBhayibhile ichaza ukuba “into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona,” oku akuthethi ukuba ukubandezeleka komntu kuyimpindezelo kaThixo. (Galati 6:7) Kweli hlabathi lilawulwa nguSathana, amalungisa ngokufuthi ajamelana neengxaki ezininzi kunabangendawo. (1 Yohane 5:19) UYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.” (Mateyu 10:22) Ukugula nezinye iimbandezelo zinokuhlela nawuphi na kubakhonzi bakaThixo abathembekileyo.—INdumiso 41:3; 73:3-5; Filipi 2:25-27.
[Umfanekiso okwiphepha 28]
‘Khangela esibhakabhakeni, siphezulu kuwe.’ Ngaloo ndlela uElihu wanceda uYobhi aqonde ukuba iindlela zikaThixo ziphakamile kunezabantu