Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
© 2024 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
JULAYI 1-7
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 57-59
UYehova Uyabaphazamisa Abo Batshutshisa Abantu Bakhe
“Nakwezona Ndawo Zikude Emhlabeni”
14 UStefano wanikela ubungqina ngenkalipho ngaphambi kokuba abulawe ziintshaba zakhe. (IZenzo 6:5; 7:54-60) Xa “batshutshiswa kakhulu” ngelo xesha, bonke abafundi ngaphandle kwabapostile bachithachitheka kulo lonke elakwaYuda naseSamariya. Kodwa oko akuzange kube ngumqobo kumsebenzi wokunikela ubungqina. UFilipu waya eSamariya “washumayela ngoKristu” ibe oko kwaba nemiphumo emihle gqitha. (IZenzo 8:1-8, 14, 15, 25) Ukongezelela koko sixelelwa oku: “Emva kokubulawa kukaStefano amanye amakholwa athi saa ayokutsho eFenike, eSipro nakwa-Antiyokwe, kodwa ayeshumayela kumaYuda kuphela. Kodwa ke amanye amakholwa awayesuka eSipro naseKirene eza kwa-Antiyokwe aza athetha nabantu abathetha isiGrike, eshumayela iindaba ezilungileyo ezingeNkosi uYesu. (IZenzo 11:19, 20) Ngelo xesha, intshutshiso yabangela ukusasazeka kwesigidimi soBukumkani.
15 Namhlanje, kwenzeka okufanayo kwelo lalisakuba yiSoviet Union. Ngakumbi kwiminyaka yee-1950, kwaqweqwediswa amawaka amaNgqina kaYehova aya kulahlwa eSiberia. Ekubeni ayechithachithiwe ahlaliswa kwiindawo ezahlukeneyo, iindaba ezilungileyo zaqhubeka zisasazeka kwelo lizwekazi. Yayingenakwenzeka into yokuba loo maNgqina angako akwazi ukufumana imali eyayifuneka yokuhamba ukuze agqibe loo mmandla weekhilomitha eziyi-10 000 evakalisa iindaba ezilungileyo. Kodwa, yaba ngurhulumente ngokwakhe owawathumela ukuba agqibe lonke elo lizwe. Omnye umzalwana wathi: “Oko kwenza ukuba ibe ngabasemagunyeni ngokwabo abanceda amawaka abantu abanyanisekileyo baseSiberia bafumane inyaniso.”
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
“Qinani Ningagungqi”
16 Mayingagungqi intliziyo yakho. UKumkani uDavide wabonisa ukuba soze ayeke ukumthanda uYehova xa wathi: “Intliziyo yam ayigungqi, Thixo wam.” (INd 57:7) Nathi sinokuba neentliziyo ezingagungqiyo, simthembe ngokupheleleyo uYehova. (Funda INdumiso 112:7.) Khawuve indlela eyamnceda ngayo le nto uBob ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo. Xa la gqirha wamxelela ukuba igazi liza kubakho, ukwenzela xa linokufuneka, ngoko nangoko uBob wathi, xa esitsho uza kuhamba yena kweso sibhedlele. Uthi: “Ndandingayithandabuzi le nto, ndingenalo nexhala lokuba yintoni esenokwenzeka.”
17 Into eyanceda uBob akagungqa kukuba isigqibo sokungatofeli gazi wasenza kudala, engekazukuya nasesibhedlele. Okokuqala, wayefuna ukuvuyisa uYehova. Okwesibini, wayeyifundisise kakuhle into ethethwa yiBhayibhile naziincwadi zethu ngokuba ngcwele kobomi negazi. Okwesithathu, wayeqinisekile ukuba uYehova uza kumsikelela xa ethobela umthetho wakhe. Nezethu iintliziyo zinokuhlala zingagungqi nokuba zeziphi iingxaki esisenokuba nazo.
JULAYI 8-14
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 60-62
UYehova Uyasikhusela Yaye Usenza Sizinze
it-2-E 1118 ¶7
Inqaba
Ngokomfuziselo. Abo banokholo nabamthobelayo uYehova bakhuseleke kakhulu njengokuba uDavide wacula wathi: “Kuba wena [Yehova] uyindawo endibalekela kuyo, inqaba eyomeleleyo yokundikhusela kutshaba.” (INd 61:3) Abo bakuqondayo oko kuthethwa ligama lakhe nabathembele ngalo, baze ngokholo balimele elo gama abanasizathu sokoyika nto kuba: “Igama likaYehova liyinqaba eyomeleleyo. Ilungisa libalekela kulo lize likhuseleke.”—IMi 18:10; thelekisa no-1Sa 17:45-47.
it-2-E 1084 ¶8
Intente
“Intente” yayisetyenziswa ngenye indlela efuziselayo amaxesha amaninzi. Intente yomntu yayiyindawo yokuphumla neyokuzikhusela kwimozulu. (Gen 18:1) Ngokwendlela eqhelekileyo yokubonisa ububele, iindwendwe zazisazi ukuba xa zisamkelwa ententeni yomntu zizakuhoywa futhi zihlonitshwe. Kangangokuba oko kuthethwa kwiSityhilelo 7:15 ngesihlwele esikhulu uThixo aza ‘kuyolulela phezu kwaso intente yakhe,’ kubhekisela kukhuseleko. (INd 61:3, 4) UIsaya uthetha ngamalungiselelo enziwa yiZion umfazi kaThixo, elungiselela oonyana eza kubazala. Uxelelwa ukuba ‘ayenze ibe banzi ngakumbi indawo yentente yakhe.’ (Isa 54:2) Ngaloo ndlela wandisa indawo ekhuselekileyo yabantwana bakhe.
Imithetho KaThixo Iyingenelo Kuthi
14 Umthetho kaThixo ngokuqinisekileyo awuguquguquki. Kula maxesha siphila kuwo azaliswe ziziphithiphithi, uYehova akaguquguquki, wayekho ukususela ephakadeni kude kuse ephakadeni. (INdumiso 90:2) Ethetha ngaye, wathi: “NdinguYehova, anditshintshanga.” (Malaki 3:6) Imilinganiselo kaThixo, njengoko yandlalwe eBhayibhileni, inokuthenjwa ngokupheleleyo—ngokungafaniyo neengcamango zabantu ezihlala ziguquka. (Yakobi 1:17) Ngokomzekelo, kangangeminyaka izazi ngengqondo bezikhuthaza ukufekethiswa kwabantwana, kodwa kamva ezinye ziye zayiguqula indlela ezicinga ngayo zaza zavuma ukuba bezenze impazamo. Imilinganiselo nokhokelo lwehlabathi ngokuphathelele lo mbandela iguquguquka ngokungathi ivuthuzwa ngumoya. Noko ke, iLizwi likaYehova aliguquguquki. Kangangeenkulungwane iBhayibhile iye yanikela isiluleko ngendlela yokukhulisa abantwana ngothando. Umpostile uPawulos wabhala: “Nani, boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Hayi indlela okuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba sinokuthembela kwimilinganiselo kaYehova, ayisokuze iguquke!
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Iimbalasane Zencwadi Yesibini YeeNdumiso
62:11. UThixo akaxhomekekanga kwabanye abantu ukuze abe namandla. Ungumthombo wamandla. ‘Amandla ngawakhe.’
JULAYI 15-21
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 63-65
“Uthando Lwakho Olungagungqiyo Lulunge Ngaphezu Kobomi”
Ngubani Na Oya Kusahlula Eluthandweni LukaThixo?
17 Lubaluleke kangakanani uthando lukaThixo kuwe? Ngaba uvakalelwa njengoDavide, owabhala oku: “Ngenxa yokuba ububele bakho bothando bulunge ngakumbi kunobomi, imilebe yam iya kukuncoma. Ngaloo ndlela ndiya kukubonga ebudeni bexesha lokudla kwam ubomi; igama lakho ndiya kuliphakamisela iintende zam”? (INdumiso 63:3, 4) Eneneni, ngaba kukho nantoni na kweli hlabathi elunge ngakumbi kunokunandipha uthando nobuhlobo obunyanisekileyo bukaThixo? Ngokomzekelo, ngaba ukusukela umsebenzi ongenisa imali eninzi kubhetele kunokuba noxolo lwengqondo nolonwabo olufumaneka ngokuba nolwalamano olusenyongweni noThixo? (Luka 12:15) Amanye amaKristu kuye kwafuneka akhethe phakathi koYehova nokubulawa. Oko kwenzeka kumaNgqina kaYehova amaninzi awayekwiinkampu zoxinaniso zamaNazi ebudeni beMfazwe Yehlabathi II. Ngaphandle kwambalwa kakhulu, abazalwana bethu abangamaKristu bakhetha ukuhlala eluthandweni lukaThixo, bekulungele nokufa xa kuyimfuneko. Abo bahlala eluthandweni lwakhe ngokunyaniseka banokuba nethemba lokufumana ikamva elingunaphakade kuThixo, nto leyo esingenakuyifumana ehlabathini. (Marko 8:34-36) Kodwa kuninzi okubandakanyekileyo kunobomi nje obungunaphakade.
18 Nangona kungenakwenzeka ukuphila ngonaphakade ngaphandle koYehova, khawuzame ukuba nombono wendlela obebuya kuba yiyo ubomi ngaphandle koMdali. Bebuya kuba lilize, bungabi nanjongo. UYehova unike abantu bakhe umsebenzi owanelisayo kule mihla yokugqibela. Ngoko, sinokuba nentembelo yokuba xa uYehova, Lowo uneeNjongo Ezibalaseleyo, esinika ubomi obungunaphakade, buya kuzaliswa zizinto ezibangel’ umdla neziyingenelo ukuba sizifunde size sizenze. (INtshumayeli 3:11) Kungakhathaliseki ukuba siya kufunda okuninzi kangakanani kwiinkulungwane ezizayo, asisokuze sibuqonde ngokupheleleyo “ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobolwazi lukaThixo.”—Roma 11:33.
“Ezintweni Zonke Bulelani”
Kubaluleke kakhulu ukubulela uThixo. Ngokuqinisekileyo ukhe ucinge ngezinto akuphe zona nasakunika zona. Ezo zizinto eziqinisa ukholo lwakho nezinto ezikunceda uphile. (Dut. 8:17, 18; IZe. 14:17) Simele sicinge ngezinto ezininzi uThixo asenzele zona nazenzele iintsapho nabahlobo bethu. Ukucinga ngezinto esizenzelwa nguMdali wethu kuza kusenza simbulele size siyibone nendlela asithanda ngayo.—1 Yohane 4:9.
Hlala Ucamngca Ngezinto Zokomoya
7 Kufuna umgudu ukucamngca nokunikela ingqalelo kwizinto esizifundayo. Yiyo loo nto kubhetele ukucamngca xa ungadinwanga kwindawo ethuleyo, apho kungekho zinto ziza kukuphazamisa. Umdumisi uDavide wayecamngca esebhedini ebusuku. (INd 63:6) UYesu owayefezekile wayekhetha indawo ethuleyo ukuze acamngce aze athandaze.—Luka 6:12.
Xelisa UYesu—Ufundise Ngothando
6 Siyakuthanda ukuthetha ngezinto esizithandayo. Xa sithetha ngento esiyithandayo, asikwazi kuzibamba yaye oko kubonakala ebusweni nakwizimbo zomzimba. Oku kuba njalo ngokukhethekileyo xa sithetha ngomntu esimthandayo. Ngokuqhelekileyo, siba nomdla wokuxelela abanye ngaloo mntu. Siyamncoma, size sithethe kakuhle ngaye. Oko sikwenzela ukuba nabanye bamthande njengathi.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Ngaba Uyabahlaziya Abanye?
Kulula ukuchitha isakhiwo kunokusakha. Loo mgaqo wokuchitha nokwakha uyasebenza nakwindlela esithetha ngayo. Njengabantu abangafezekanga, sonke siyasilela. UKumkani uSolomon wathi: “Akukho mntu ulilungisa emhlabeni oqhubeka esenza okulungileyo angoni.” (INtshumayeli 7:20) Kulula ukubona amakhwiniba omnye umntu uze umthob’ isidima ngamazwi ahlabayo. (INdumiso 64:2-4) Kwelinye icala, ukuze sikwazi ukuhlala sithetha izinto ezakhayo, kufuneka sicingisise ngaphambi kokuba sithethe.
JULAYI 22-28
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 66-68
Yonke Imihla UYehova Usithwalela Imithwalo Yethu
UYehova Uyiphendula Njani Imithandazo Yethu?
15 Imithandazo yethu ayidli ngokuphendulwa ngeendlela ezimangalisayo. Kodwa iphendulwa ngendlela esinceda sihlale sithembekile kuTata wethu osezulwini. Ngoko hlala ukhangela indlela uYehova ayiphendula ngayo imithandazo yakho. Udade onguYoko wayecinga ukuba uYehova akayiphenduli imithandazo yakhe, kodwa waqalisa ukuzibhala phantsi izinto awayezicela kuye. Ekuhambeni kwexesha, wajonga la ncwadi wayezibhale kuyo izinto azithandazeleyo, waza wabona ukuba uYehova uyiphendule imithandazo yakhe emininzi, naleyo wayesele eyilibele. Ngamanye amaxesha kufuneka sikhe sime, sicinge ngendlela uYehova ayiphendula ngayo imithandazo yethu.—INd 66:19, 20.
Nceda Abazali Abangenaqabane Lomtshato
UYehova waphefumlela ukuba kubhalwe amaculo neendumiso ezaziza kuculwa ngamaSirayeli xa kunqulwa. Unokuyithelekelela indlela ababekhuthazeka ngayo abahlolokazi namakhwenkwe angenayise xa becula iingoma ezibakhumbuza ukuba uYehova ‘unguyise nomgwebi’ wabo nokuba wayeza kubanceda. (INdumiso 68:5; 146:9) Nathi sinokubakhuthaza abazali abangenamaqabane ngamazwi abaya kuwakhumbula ixesha elide. Nangona sele kudlule amashumi amabini eminyaka, uRuth ongumzali ongenaqabane usakhumbula amazwi omnye utata owathi kuye: “Ubakhulisa kakuhle oonyana bakho ababini. Ungadinwa.” URuth uthi: “Ukuva loo mazwi kwandikhuthaza kakhulu.” Kakade ke, “amazwi amnandi ayahlaziya” yaye anokukhuthaza umzali ongenaqabane ngendlela emangalisayo. (IMizekeliso 15:4, Contemporary English Version) Ngaba ikhona into entle onokumncoma ngayo umzali ongenaqabane?
UBawo Wamakhwenkwe AngenaYise
“UYISE wamakhwenkwe angenayise. . . nguThixo endaweni yakhe yokuhlala engcwele.” (INdumiso 68:5) Lo mazwi aphefumlelweyo asifundisa isifundo esichukumisayo ngoYehova uThixo—sokuba uzikhathalele iintswelo zabantu abangathathi ntweni. Ukubaxhalabela kwakhe iinkedama kwakubonakala kakuhle kuMthetho awawunika amaSirayeli. Makhe sihlole indinyana yokuqala yeBhayibhile ethetha “ngenkwenkwe engenayise,” kwiEksodus 22:22-24.
UYehova Ukunceda Uphumelele
17 Funda iNdumiso 40:5. Eyona nto ayifuna umntu onyuka intaba kukufika phezulu. Kodwa uza kumana esima apha endleleni ukuze abuke izinto ezintle azibonayo. Nawe, ziphe ixesha lokucinga ngeendlela uYehova akunceda ngazo uphumelele nangona ingekapheli ingxaki onayo. Ekupheleni kosuku ngalunye zibuze: ‘Ziintoni uYehova andenzele zona namhlanje? Nangona ingekapheli ingxaki endinayo, uYehova undinceda njani ndinyamezele?’ Khawukhangele nokuba yinto enye uYehova akwenzele yona ukuze akuncede.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Iimbalasane Zencwadi Yesibini YeeNdumiso
68:18—Yayingoobani “izipho ezingabantu”? Ezi zipho yayingabantu ababethinjwe xa kwakuthinjwa iLizwe Lesithembiso. Kamva loo madoda anikwa isabelo sokuncedisa abaLevi kwinkonzo yabo.—Ezra 8:20.
JULAYI 29–AGASTI 4
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 69
Zachazwa Njani Izinto Ezazisenzeka Ebomini BukaYesu KwiNdumiso 69
Babelindele UMesiya
17 UMesiya wayeza kuthiywa ngaphandle kwesizathu. (INd 69:4) Umpostile uYohane ucaphula uYesu esithi: “Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo [abantu] imisebenzi ekungekho bani ongomnye oyenzileyo, ngebengenasono; kodwa ngoku baye babona baza bandithiya mna kwakunye noBawo. Kodwa oku kukuze lizalisekiswe ilizwi elibhaliweyo eMthethweni wabo elithi, ‘Bandithiya ngaphandle kwesizathu.’” (Yohane 15:24, 25) Ngokufuthi ‘uMthetho’ uthetha sonke iSibhalo. (Yohane 10:34; 12:34) Ingxelo yeVangeli iyangqina ukuba uYesu wayethiyiwe, ingakumbi ziinkokeli zonqulo zamaYuda. Ngaphezu koko, uKristu wathi: “Ihlabathi alinaso isizathu sokunithiya, kodwa lindithiyile mna, ngenxa yokuba ndinikela ubungqina ngalo bokuba imisebenzi yalo ingendawo.”—Yohane 7:7.
Yiba Nenzondelelo Ngonqulo Lokwenene
7 Esinye isiganeko esenzeka ebomini bukaYesu sibonisa ngokucacileyo ukuba wayenenzondelelo. Kwakusekuqaleni kobulungiseleli bakhe, ngePasika yowama-30 C.E. UYesu nabafundi bakhe beza eYerusalem baza bafika etempileni kukho “abo babethengisa iinkomo nezimvu namahobe nabananisi bemali besezihlalweni zabo.” Yintoni eyenziwa nguYesu, yaye yabethelela ntoni ezingqondweni zabafundi bakhe?—Funda uYohane 2:13-17.
8 Okwenziwa kwaza kwathethwa nguYesu ngaloo mini kwenza abafundi bacinga ngamazwi enye yeendumiso zikaDavide, athi: “Ukuzondelela indlu yakho ngokupheleleyo kundidlile.” (INd 69:9) Ngoba? Kaloku, esi senzo sasimbeka engozini. Zonke izikhakhamela ezaziphethe itempile—ababingeleli, ababhali nabanye—zaziluxhasa olu shishino lunengeniso nolulihlazo. Xa uYesu wayebhenca yaye ephazamisa elo qhinga, wayezenza utshaba lweenkokeli zonqulo zelo xesha. Ngokwenene babengaphazami abafundi bakhe xa babesithi, ‘unenzondelelo ngendlu kaThixo,’ okanye unqulo lokwenene. Kodwa ke yintoni inzondelelo? Ngaba yahlukile kungxamiseko?
g95 10/22 31 ¶4
Ungabulawa Yintliziyo Eyaphukileyo?
Abanye bathi yintliziyo eyaphukileyo eyabangela uYesu afe ekubeni kwakuprofetwe ngaye kwathiwa: “Ukugxekwa kundophule intliziyo, ibe inxeba alinyangeki.” (INdumiso 69:20) Ngaba amele aqondwe ngokoqobo la mazwi? Mhlawumbi, kuba iiyure ezingaphambi kokufa kukaYesu zazibangela intlungu hayi nje emzimbeni kodwa nangokwemvakalelo. (Mateyu 27:46; Luka 22:44; Hebhere 5:7) Ukongezelela ukuphuma kwegazi namanzi xa uYesu wahlatywa ngomkhonto emva kokuba eswelekile bubungqina bokuba intliziyo yakhe yayaphukile. Ukukrazuka kwentliziyo okanye umthambo obaluleke kakhulu ohambisa igazi kunokubangela kuphume igazi liye esifubeni okanye liye kwingxowa enencindi ebhetyebhetye ekhusela intliziyo. Ukuhlatywa kunokubangela kuphume into ebonakala ngathi ‘ligazi namanzi.’—Yohane 19:34.
it-2-E 650
Isityalo Esinetyhefu
Xa kwakuthethwa ngoYesu kwaxelwa kwangaphambili ukuba wayeza kunikwa ‘isityalo esinetyhefu’ njengokutya. (INd 69:21) Le nto yenzeka ngaphambi kokuba ahlatywe, wanikwa iwayini exutywe nenyongo, wathi akuyiva akavuma ukuyisela kuba esi yayisisiyobisi, babemnika ngenjongo yokuba angeva ziintlungu. Kwingxelo engokuzaliseka kwesisiprofeto uMateyu (27:34) usebenzisa igama lesiGrike elithi kho le’ (inyongo) eli gama liyafumaneka nakwiSeptuagint yesiGrike kwiNdumiso 69:21. Sekunjalo incwadi kaMarko ithetha ngemore (Mar 15:23), le nto yenza kubonakale ukuba “isityalo esinetyhefu” okanye “inyongo” ‘yayiyimore’. Kusenokwenzeka ukuba esi siselo sinetyhefu sasinenyongo nemore.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Phakamisa Izandla Ezinyanisekileyo Uthandaze
11 Abantu abaninzi bathandaza kuphela xa becela into ethile, kodwa uthando esinalo ngoYehova uThixo lufanele lusenze simbulele yaye simdumise kwimithandazo yobuqu nakwesiyenza esidlangalaleni. UPawulos wabhala: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa kuyo yonk’ into zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo kunye nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olugqwesa yonke ingcamango luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Ewe, ukongezelela kwizicelo nakwizibongozo, sifanele simbulele uYehova ngeentsikelelo zokomoya nezezinto eziphathekayo. (IMizekeliso 10:22) Umdumisi wavuma ingoma esithi: “Bingelela kuYehova umbulelo, uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho.” (INdumiso 50:14) Kwaye ingoma yokunqula kaDavide yayiquka la mazwi achukumisayo: “Ndiya kulidumisa igama likaThixo ngokuvuma, ndilenze likhulu ngokubulela.” (INdumiso 69:30) Ngaba asifanele senjenjalo kwimithandazo yethu yasesidlangalaleni nakweyobuqu?
AGASTI 5-11
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 70-72
‘Xelela Isizukulwana Esilandelayo’ Ngamandla KaThixo
Lutsha—qeqeshani Amandla Enu Okuqonda!
17 Kuza kufuneka uhlale uthe qwa ukuze uyiphephe imigibe kaSathana—kwaye maxa wambi kofuneka ukhaliphe gqitha. Ewe, maxa wambi usenokuzifumana ungangquzulani nabahlobo bakho nje kuphela, kodwa ungquzulana nehlabathi liphela. Umdumisi uDavide wathandaza esithi: “Ulithemba lam, Nkosi yam, Yehova, inkoloseko yam kwasebuncinaneni bam. Thixo, undifundisile kwasebuncinaneni bam; unangoku ndiyayixela imisebenzi yakho ebalulekileyo.” (INdumiso 71:5, 17) UDavide waziwa ngokuba nenkalipho. Kodwa waqalisa nini ukuba nayo? Eselula! Kwanangaphambi kokuba enze isenzo esaba yindumasi sokulwa noGoliyathi, uDavide wayebonakalise inkalipho engaqhelekanga ngokukhusela umhlambi kayise—ebulala ingonyama kunye nebhere. (1 Samuweli 17:34-37) Noko ke, uDavide walusa kuYehova lonke uzuko ngayo nayiphi na inkalipho awayenayo, embiza ngokuba ‘uyinkoloseko yakhe kwasebuncinaneni bakhe.’ Ukukwazi kukaDavide ukwayama ngoYehova kwamenza wakwazi ukumelana naso nasiphi na isilingo esasisiza kuye. Nawe uya kufumanisa ukuba xa usayama ngoYehova, uya kukunika inkalipho kunye namandla ‘okoyisa ihlabathi.’—1 Yohane 5:4.
Sifanele Sibaphathe Njani Abantu Abakhulileyo?
Umdumisi wathandaza wathi: “Musa ukundilahla ngexesha lobudala; xa amandla am ephela, musa ukundishiya.” (INdumiso 71:9) UThixo ‘akabalahli’ abakhonzi bakhe abathembekileyo naxa kusenokwenzeka ukuba bona bavakalelwa kukuba akusekho yabo. Umdumisi akazange azive eshiyiwe nguYehova; kunoko, waqonda ukuba njengoko esaluphala umele athembele ngakumbi kuMenzi wakhe ngokuphathelele iintswelo zakhe. Umntu onyaniseke ngolo hlobo uYehova uyamxhasa ubomi bakhe bonke. (INdumiso 18:25) Usoloko esebenzisa amanye amaKristu ukuze asixhase.
Ukukhonza UYehova Ngaphambi Kokuba Imihla Yentlekele Ifike
4 Ukuba sele umdala, umele uzibuze oku, ‘Ndiza kwenza ntoni ngobomi bam, okwangoku engekapheli ncam amandla am?’ Ekubeni ungumKristu onamava, uvulekelwe ngamathuba amaninzi abangenawo abanye. Unokudlulisela kwabatsha izinto oye wazifundiswa nguYehova. Unokomeleza abanye ngokubabalisela ngezinto oye wazinandipha ngoxa ukhonza uThixo. UKumkani uDavide wakuthandazela ukufumana amathuba okomeleza abanye. Wathi: “Owu Thixo, undifundise ukususela ebutsheni bam,. . . Owu Thixo, musa ukundishiya ndide ndibe mdala ndibe nezimvi. De ndixelele izizukulwana ngengalo yakho, kubo bonke abo baza kuza, ngamandla akho.”—INd 71:17, 18.
5 Ungakwazi njani ukudlulisela kwabanye ubulumko oye wabufumana ebomini? Ngaba akunakumema abakhonzi bakaThixo abaselula beze kwakho ukuze ubakhuthaze? Kutheni ungaceli ukuhamba nabo entsimini uze ubabonise indlela okunandipha ngayo ukukhonza uYehova? UElihu wamandulo wathi: “Mayithethe imihla, nobuninzi beminyaka bazise ubulumko.” (Yobhi 32:7) Umpostile uPawulos wabongoza abafazi abangamaKristu abasele bekhulile ukuba bakhuthaze abanye ngelizwi nangomzekelo. Wathi: “Abafazi abalupheleyo. . . mabafundise oko kulungileyo.”—Tito 2:3.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-1-E 768
Efrate
Imida Yomhlaba WamaSirayeli. Xa uThixo wayethetha noAbraham, wenza isivumelwano naye sokuba uza kunika inzala yakhe umhlaba “ukusuka kumlambo waseYiputa ukuyokutsho kumlambo omkhulu, umlambo umEfrate.” (Gen 15:18) USirayeli waphinda waxelelwa ngesi sithembiso. (Eks 23:31; Dut 1:7, 8; 11:24; Yos 1:4) Izi-1 Kronike 5:9 zithi ngaphambi kolawulo lukaDavide, abanye kwinzala kaRubhen babehlala “ngasempuma ukuyokutsho ekuqaleni kwentlango ngakuMlambo UmEfrate.” Kodwa ke, ekubeni umgama womEfrata uziikhilomitha eziyi-800 xa usiya ‘ngasempuma kweGiliyadi’ (1Kr 5:10), le nto inokuthetha ukuba umhlaba wamaRubhen wawuphela ngasempuma kweGiliyadi xa kuqalisa intlango yaseSiriya eyayinwebela e-Efrate. (IRevised Standard Version ithi, “ukuyakutsho ngasekuqaleni kwentlango ngakwelicala lomEfrate”; IThe Jerusalem Bible ithi, “ekuqaleni kwentlango apho kuphela khona umlambo umEfrate.”) Kubonakala ukuba isithembiso sikaThixo saqalisa ukubonakala ngokupheleleyo xa kwakulawula uDavide noSolomon, xa umhlaba wamaSirayeli wanda waquka ubukumkani bama-Aram aseTsobha.Wafikelela kwimida yomlambo umEfrate emantla eSiriya(2Sa 8:3; 1Ku 4:21; 1Kr 18:3-8; 2Kr 9:26) Ekubeni wawumkhulu kwakusithiwa ‘nguMlambo.’—Yos 24:2, 15; INd 72:8.
AGASTI 12-18
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 73-74
Ngaba Siyabamonela Abantu Abangamkhonziyo UThixo?
UYehova Ubanika Amandla Abantu Abatyhafileyo
14 INdumiso 73 yabhalwa ngumLevi. Wayenomsebenzi obalulekileyo awayewenza kwindlu ekunqulwa kuyo uYehova. Kodwa naye wayekhe watyhafa. Wayetyhafiswa yintoni? Wayemonela abantu ababesenza izinto ezimbi nabaziphakamisileyo. Wayengafuni ukwenza izinto ezimbi njengabo, kodwa wayebamonela kuba kwakubonakala ngathi yonke into ibahambela kakuhle ebomini. (INd 73:2-9, 11-14) Babengathi banayo yonke into efunekayo; bazizityebi, baphila kamnandi kwaye abanaxhala lanto. Le nto yayimtyhafisa kangangokuba wade wathi: “Ngokuqinisekileyo bekulilize ukuyigcina imsulwa intliziyo yam nokuhlamba izandla zam ngobumsulwa.” Kucacile ukuba wayenokude ayeke nokukhonza uYehova.
UYehova Ubanika Amandla Abantu Abatyhafileyo
15 Funda iNdumiso 73:16-19, 22-25. UmLevi ‘wangena kwingcwele ezukileyo kaThixo.’ Ukufika kwakhe apho kusenokwenzeka ukuba waba kunye nabanye abakhonzi bakaYehova. Wakwazi ukuyicinga kakuhle ingxaki yakhe, ezolile, waza wayithandazela kuYehova. Watsho wabona ukuba ucinga ubudenge obunokumenza ahlukane noYehova. Waqonda nokuba abantu abenza izinto ezimbi ‘bakwindawo emtyibilizi’ yaye ‘baza kutshabalala.’ Ukuze angaphindi abe nomona nokuze angatyhafi, lo mLevi kwafuneka ajonge izinto njengoYehova. Wathi akuyenza loo nto, wayeka ukukhathazeka, wonwaba. Wathi: “Ayikho enye into endiyifunayo emhlabeni ngaphandle kwakho [Yehova].”
16 Sifunda ntoni? Singaze sibamonele abantu ababi ababonakala ngathi bonwabile. Oko konwaba kwabo kuza kuphela kwaye abazukuphila ngonaphakade. (Eccl. 8:12, 13) Ukuba siyabamonela, siza kutyhafa side siyeke nokuba ngabahlobo bakaYehova. Ngoko, ukuba uzibona sele umonela abantu ababi, yenza into eyenziwa ngumLevi. Thobela icebiso olinikwa nguThixo okuthandayo uze ube ngumhlobo wabantu abenza izinto azithandayo. Ukuba uYehova umthanda ngaphezu kwayo nantoni na, uza konwaba. Awusoze uyishiye indlela eya ‘kubomi benene.’—1 Tim. 6:19.
Xelisa Ukholo LukaMoses
5 Unokulwa njani nomnqweno ‘wokuziyolisa ngesono okwexeshana’? Ungaze ulibale ukuba ubumnandi besono yinto egqithayo. Yiba nokholo uze ubone ukuba “ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo.” (1 Yohane 2:15-17) Camngca ngekamva laboni abangaguqukiyo. Bakumhlaba “omtyibilizi . . . bafikelele esiphelweni ngento enkwantyisa ngequbuliso!” (INd 73:18, 19) Xa usesilingweni sokwenza isono, zibuze, ‘Ndizifunela ikamva elinjani?’
Ungavumeli Nantoni Na Ikuthintele Ekufumaneni Uzuko
3 Umdumisi wavakalisa intembelo awayenayo yokuba uYehova wayeza kumbamba ngesandla sakhe sasekunene aze amkhokelele kuzuko lokwenene. (Funda INdumiso 73:23, 24.) UYehova ubanika njani abantu uzuko? Uye abazukise ngeendlela ezahlukeneyo abakhonzi bakhe abathobekileyo. Ubasikelela ngokubanceda bakuqonde ukuthanda kwakhe. (1Ko 2:7) Abo baliphulaphulayo ilizwi lakhe baze bamthobele ubajizeka ngozuko lokuba nolwalamano olusondeleyo naye.—Yak 4:8.
4 Abakhonzi bakhe uYehova uye wabaphathisa nobuncwane obuzukileyo, ubulungiseleli. (2Ko 4:1, 7) Obu bulungiseleli bubazisela uzuko. Kwabo basebenzisa eli lungelo lenkonzo ukuze badumise uYehova ngoxa benceda abanye, uYehova wenza esi sithembiso: “Abo bandibekayo ndiya kubabeka.” (1Sa 2:30) Aba bakhonzi bazukiswa ngokuba negama elihle noYehova, ibe nabanye ebandleni bathetha kakuhle ngabo.—IMi 11:16; 22:1.
5 Liliphi ikamva abanalo abo ‘bathembela ngoYehova baze bagcine indlela yakhe’? IBhayibhile ithi kubo: “[UYehova] uya kukuphakamisa uwudle ilifa umhlaba. Xa abangendawo benqunyulwa, uya kubona.” (Nd 37:34) Bakhangele phambili kuzuko olungenakuthelekiswa nanto olo lokufumana ubomi obungunaphakade.—Nd 37:29.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-2-E 240
Leviyatan
INdumiso 74 ichaza indlela uThixo awabasindisa ngayo abantu bakhe. Uvesi 13 no-14 uthetha ngokuhlangulwa koSirayeli eYiputa ngendlela efuziselayo. Apha igama elithi “isilwanyana saselwandle [Heb., than·ni·nimʹ, isininzi segama elithi tan·ninʹ]” lisetyenziswa ngendlela efanayo nelithi “Leviyatan.” Ukuhlekezwa kweentloko zeLeviyatan kunokubhekisela ekoyisweni kukaFaro nomkhosi wakhe ngexesha amaSirayeli ayephuma eYiputa. IiTargums zesiAramiki zithi “ezomeleleyo zikaFaro” endaweni ethi “iintloko zeLeviyatan.” (Thelekisa uHez 29:3-5, apho uFaro efaniswa ‘nesilwanyana esikhulu saselwandle’ esihleli phakathi kwemisinga yomNayile; kunye noHez 32:2.) UIsaya 27:1 uthetha ngeLeviyatan (LXX, “inamba”) njengento emela igunya, intlangano esebenza emhlabeni jikelele nephethwe ngulowo ubizwa ngokuba “yinyoka” aphinde abizwe ngokuba ‘yinamba.’ (ISi 12:9) Esi siprofeto sasimhlaziya uSirayeli, ngoko ‘ukuhlasela’ kukaYehova iLeviyatan kwakuquka iBhabhiloni. Ukongezelela, uvesi 12 no-13 bathetha nangeAsiriya neYiputa. Ngoko ke, kuyabonakala ukuba iLeviyatan ibhekisela kwintlangano esebenza emhlabeni wonke okanye ulawulo olunxamnye noYehova nabantu bakhe.
AGASTI 19-25
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 75-77
Kutheni Umele Ukulumkele Ukuqhayisa?
Uyawubona Na Umahluko Phakathi Kwelungisa Nongendawo?
4 Emva kokuba uPawulos ethe abantu abaninzi babeza kuzithanda kwaye bathande imali, wathi kwakuza kubakho nabantu abazidlayo okanye abathanda ukuqhayisa, abaphakamileyo nabakhukhumele likratshi, bazibone bebhetele kunabanye abantu ngenxa yobuchule abanabo, inkangeleko, ubutyebi okanye isikhundla. Abantu abanje bathanda ukutatazelelwa nokunqulwa. Omnye umphengululi wathi xa echaza umntu onekratshi: “Phaya entliziyweni yakhe kukho isibingelelwana aman’ ukuguqa kuso aze azinqule.” Abanye abantu bathi ikratshi lenyanyeka kakhulu kangangokuba nabantu abanalo bayalenyanya xa belibona komnye umntu.
5 Asiyithandabuzi into yokuba uYehova uyalicaphukela ikratshi. Uyawacaphukela ‘amehlo aziphakamisayo.’ (IMi 6:16, 17) Ikratshi lenza umntu angakwazi ukusondela kuThixo. (INd 10:4) Umntu onalo ufuze uMtyholi. (1Ti 3:6) Kodwa ke, into ebuhlungu kukuba nabanye abakhonzi bakaYehova baye bosulelwa likratshi. U-Uziya, owayengukumkani wakwaYuda, wathembeka kuYehova kangangeminyaka. IBhayibhile ithi: “Noko ke, wathi kamsinya nje akomelela, intliziyo yakhe yaba nekratshi ukusa kwinqanaba lokonakala, kangangokuba wenza ngokungathembeki kuYehova uThixo wakhe wangena etempileni kaYehova ukuba atshise isiqhumiso esibingelelweni sesiqhumiso.” Kamva, noKumkani uHezekiya waba nekratshi, kodwa ke lakhawuleza laphela.—2Kr 26:16; 32:25, 26.
Iimbalasane Zenxalenye Yesithathu Neyesine Yencwadi YeeNdumiso
75:4, 5, 10—Lifuzisela ntoni ibinzana elithi “uphondo”? Iimpondo zesilwanyana zisisixhobo esinamandla. Ngenxa yoko, ibinzana elithi “uphondo” lifuzisela igunya okanye amandla. UYehova uphakamisa iimpondo zabantu bakhe, ebangela ukuba baphakanyiswe, ngoxa ‘esaphula iimpondo zabangendawo.’ Siyalunyukiswa ukuba ‘singaluphakamiseli phezulu uphondo lwethu,’ oko kukuthi, singabi nekratshi okanye sizikhukhumalise. Ekubeni siphakanyiswa nguYehova, iimbopheleleko esizifumana ebandleni simele sizijonge njengezivela kuye.—INdumiso 75:7.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Iimbalasane Zenxalenye Yesithathu Neyesine Yencwadi YeeNdumiso
76:10—“Umsindo womntu” unokumbonga njani uYehova? Xa uThixo evumela abantu ukuba bavuthe ngumsindo nxamnye nathi kuba singabakhonzi bakhe, kunokubakho imiphumo encumisayo. Nabuphi na ubunzima esinokutyhubela kubo busenokusiqeqesha ngandlela ithile. UYehova uvumela ubungendawo ukusa kumkhamo wokuba businike olo qeqesho. (1 Petros 5:10) ‘Umsindo oseleyo womntu, uThixo uya kuwubhinqa.’ Kuthekani ukuba sibandezeleka side sife? Nale into inokumbonga uYehova kuba abantu abasibukeleyo ngoxa sinyamezele ngokuthembeka basenokumzukisa uThixo.
AGASTI 26–SEPTEMBA 1
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 78
Ukungathembeki KukaSirayeli—Umzekelo Osisilumkiso
“Khumbulani Imihla Eyadlulayo”—Ngoba?
Okulusizi kukuba, amaSirayeli ngokufuthi ayekelela kwisono sokulibala. Oku kwaba nawuphi umphumo? “Babuya bamlinga uThixo, bamenzakalisa oyiNgcwele wakwaSirayeli. Abasikhumbula isandla sakhe, imini awabakhulula ngayo embandezelweni.” (INdumiso 78:41, 42) Ekugqibeleni, ukuyilibala kwabo imiyalelo kaYehova kwaphumela ekubeni abalahle.—Mateyu 21:42, 43.
Umdumisi wamisela umzekelo omhle xa wabhala wathi: “Ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova; ngokuba ndikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo yamandulo. Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho, ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo.” (INdumiso 77:11, 12) Ukukhumbula ngokucamngca okunjalo ngenkonzo yokunyaniseka yangaphambili nezenzo zikaYehova zothando kuya kusinika impembelelo, ukhuthazo noxabiso olufunekayo. Kwakhona, ‘ukukhumbula imihla yangaphambili’ kunokuphelisa ukudinwa yaye kunokusikhuthazela ukwenza konke esinako yaye sinyamezele ngokuthembeka.
‘Musani Ukumbombozela’
16 Ukumbombozela kwenza ukuba sinikel’ ingqalelo kuthi siqu nakwiingxaki zethu, size silibale ngeentsikelelo esizinandiphayo njengamaNgqina kaYehova. Ukuze soyise umoya wokukhalaza, sifanele sihlale sicinga ngezi ntsikelelo. Ngokomzekelo, ngamnye wethu unelungelo elimangalisayo lokuthwala igama likaYehova. (Isaya 43:10) Sinokuhlakulela ulwalamano olunzulu kunye naye, yaye siyakwazi ukuthetha ‘noMphulaphuli wemithandazo’ nangaliphi na ixesha. (INdumiso 65:2; Yakobi 4:8) Ubomi bethu bunentsingiselo yokwenene kuba siyayiqonda imbambano yolongamo lwendalo iphela, yaye siyaqonda ukuba sinelungelo lokumela uThixo kuloo mbambano ngokuthi sigcine ingqibelelo yethu kuye. (IMizekeliso 27:11) Sinokuba nesabelo rhoqo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (Mateyu 24:14) Ukubonisa ukholo kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu kusenza sibe nesazela esicocekileyo. (Yohane 3:16) Ziintsikelelo esizinandiphayo ezo bungakhathaliseki ubunzima esijamelana nabo.
Ngaba UYehova Unazo Iimvakalelo?
Umdumisi uthi: “Babemvukela ngokufuthi kangakanani entlango!” (Vesi 40) Ivesi elandelayo yoleka isithi: “Izihlandlo ngezihlandlo babemvavanya uThixo.” (Vesi 41) Phawula ukuba umbhali uthetha ngemvukelo eqhubekayo. Lo moya wemvukelo wahle wabonakala entlango emva nje kokuba bekhululwe eYiputa. Abantu baqalisa ukumbombozela, bebuza enokuba uThixo uyakwazi ukubanyamekela. (Numeri 14:1-4) Enye incwadi yabaguquleli beBhayibhile ithi amazwi athi “babemvukela” anokuthetha ukuba “bazenza zalukhuni intliziyo zabo ‘nxamnye noThixo’ okanye ‘bathi “Hayi” kuThixo.’” Sekunjalo uYehova wayebenzela inceba abaxolele abantu bakhe bakuguquka. Kodwa babebuyela kwiindlela zabo ezindala baze bavukele.—INdumiso 78:10-19, 38.
Wayevakalelwa njani uYehova sihlandlo ngasinye evukelwa ngabantu bakhe abangamawexuwexu? Ivesi 40 ithi: “Babemenza azive ebuhlungu.” Enye inguqulelo ithi “babemzisela intlungu.” Enye imbekiselo ithi: “La mazwi athetha ukuba izinto ezazisenziwa ngamaHebhere zazibangela intlungu, njengokuba kubanjalo xa umzali evukelwa ngumntwana wakhe.” Kanye njengokuba umntwana oyindlavini enokubenza buhlungu abazali bakhe, amaSirayeli ‘ayemenza buhlungu Lowo uyiNgcwele kaSirayeli.’—Vesi 41.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Iimbalasane Zenxalenye Yesithathu Neyesine Yencwadi YeeNdumiso
78:24, 25; umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo—Kutheni imana ibizwa ngokuba ‘ziinkozo zezulu nesonka seengelosi’? Omabini la mabinzana awathethi kuthi imana yayikukutya kweengelosi. ‘Yayiziinkozo zezulu’ kuba yayivela ezulwini. (INdumiso 105:40) Ekubeni iingelosi okanye ‘abanamandla’ behlala ezulwini, ibinzana elithi “isonka seengelosi” lisenokuthetha ukuba imana yayivela kuThixo ohlala ezulwini. (INdumiso 11:4) Kusenokwenzeka nokuba uYehova wathumela iingelosi ukuba zise imana kumaSirayeli.