IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 157
  • Ithini IBhayibhile Ngeentlekele Zemvelo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ithini IBhayibhile Ngeentlekele Zemvelo?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Impendulo yeBhayibhile
  • Ngaba iintlekele zemvelo zibonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela?
  • UYehova ubanceda njani abantu abehlelwe zezi ntlekele?
  • Ngaba iBhayibhile ingakwazi ukusinceda ukuze silungiselele iintlekele zemvelo?
  • Kutheni Zixhaphake Kangaka Iintlekele Zemvelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba UThixo Usohlwaya Ngeentlekele Zemvelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ngaba UThixo Usebenzisa Iintlekele Zemvelo Ukohlwaya Abantu Namhlanje?
    Vukani!—2012
  • Iintlekele Zokwemvelo—Ngaba UThixo Ubekek’ Ityala?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 157
Intsapho ijonge imizi emoshwe yintlekele yemvelo

Ithini IBhayibhile Ngeentlekele Zemvelo?

Impendulo yeBhayibhile

AyingoThixo obangela iintlekele ezenzekayo namhlanje, kunoko uba buhlungu xa ebona abantu ezibehleleyo. Iintlekele zemvelo yenye yezinto ezenza ukuba abantu baphile kabuhlungu uBukumkani bukaThixo obuza kuziphelisa. Okwangoku, uThixo uyabathuthuzela abo zibehlelayo.​—2 Korinte 1:3.

  • Yintoni esenza siqiniseke ukuba iintlekele zemvelo azibangelwa nguThixo?

  • Ngaba iintlekele zemvelo zibonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela?

  • UYehova ubanceda njani abantu abehlelwe zezi ntlekele?

  • Ngaba iBhayibhile ingakwazi ukusinceda ukuze silungiselele iintlekele zemvelo?

  • Iivesi zeBhayibhile ezithuthuzela abo behlelwe yintlekele

Yintoni esenza siqiniseke ukuba iintlekele zemvelo azibangelwa nguThixo?

EBhayibhileni sifunda ukuba uThixo wayekade esebenzisa indalo ukuze agwebe abantu. Indlela awayeyenza ngayo loo nto yahluke kakhulu kwindlela iintlekele ezenzeka ngayo.

  • Iintlekele zemvelo azikhethi ukuba ziza kwenzakalisa okanye zibulale bani. IBhayibhile yona ibonisa ukuba uThixo wayebakhetha abantu awayeza kubagweba. Ngokomzekelo, xa uThixo wayeza kutshabalalisa iSodom neGomora, wayisindisa indoda eyayilungile, uLote neentombi zayo ezimbini. (Genesis 19:29, 30) UThixo wayejonga iintliziyo zabantu beloo xesha, aze atshabalalise abo bangalunganga kuphela.​—Genesis 18:23-32; 1 Samuweli 16:7.

  • Amaxesha amaninzi, iintlekele zemvelo zidla ngokwenzeka zingalindelekanga. UYehova yena wayeqala abalumkise abantu ababi ngaphambi kokuba abatshabalalise esebenzisa indalo. Abantu ababetshintsha xa besiva ezo zilumkiso babeba nethuba lokusinda xa kusenzeka loo ntlekele.​—Genesis 7:1-5; Mateyu 24:38, 39.

  • Izinto ezenziwa ngabantu ziye zenza iintlekele zambi nakakhulu. Njani? Abantu baye bamosha umhlaba, ibe baye bakha kwiindawo apho kunokwenzeka iinyikima, kubekho izikhukula, nemozulu ibe mbi kakhulu. (ISityhilelo 11:18) Asinakutyhola uThixo ngezo zinto zenziwa ngabantu.​—IMizekeliso 19:3.

Ngaba iintlekele zemvelo zibonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela?

Ewe. IBhayibhile yachaza kwakudala ukuba kuza kubakho iintlekele “xa sekuza kupheliswa ihlabathi,” okanye “ngemihla yokugqibela.” (Mateyu 24:3; 2 Timoti 3:1) Ngokomzekelo, uYesu wathi ngeli xesha lethu: “Kuza kubakho indlala neenyikima kwiindawo ngeendawo.” (Mateyu 24:7) Kungekudala, uThixo uza kuphelisa zonke izinto ezenza ukuba abantu baphile kabuhlungu emhlabeni, neentlekele zemvelo.​—ISityhilelo 21:3, 4.

UYehova ubanceda njani abantu abehlelwe zezi ntlekele?

  • UThixo uyabathuthuzela ngeLizwi lakhe iBhayibhile. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uThixo usikhathalele, ibe xa sisehlelwa zizinto ezibuhlungu uyakhathazeka. (Isaya 63:9; 1 Petros 5:6, 7) Isifundisa nokuba uThixo uthembisa ukuba kuza ixesha apho zingazokwenzeka iintlekele zemvelo.—Jonga indawo ethi “Iivesi zeBhayibhile ezithuthuzela abo behlelwe yintlekele.”

  • UThixo usebenzisa abakhonzi bakhe ukuze ancede abo behlelwe ziintlekele. UYehova usebenzisa abakhonzi bakhe abasemhlabeni. Baye balinganise uYesu. Kwakuprofetiwe kwathiwa uYesu “uza kuthuthuzela abantu abaneentliziyo ezaphukileyo” nabo “bonke abazilileyo.” (Isaya 61:1, 2) Nabo baye bazame ukuthuthuzela bonke abasentlungwini.​—Yohane 13:15.

    UThixo uye aphinde asebenzise abakhonzi bakhe ukuze anike abo behlelwe ziintlekele izinto abazidingayo.​—IZenzo 11:28-30; Galati 6:10.

AmaNgqina kaYehova alungisa umzi ePuerto Rico

AmaNgqina kaYehova anceda abantu abehlelwe yinkanyamba ePuerto Rico ngezinto abazidingayo

Ngaba iBhayibhile ingakwazi ukusinceda ukuze silungiselele iintlekele zemvelo?

Ewe. IBhayibhile ayoncwadi yokulungiselela iintlekele, kodwa inemigaqo enokukunceda. Ngokomzekelo:

  • Zilungiselele kwangaphambili iintlekele ezinokwenzeka. IBhayibhile ithi, “Umntu olumkileyo uyibona iseza ingozi aze ayiphephe.” (IMizekeliso 22:3) Sibonisa ukuba silumkile xa siyilungiselela kwangaphambili into esinokuyenza xa kunokuvela ingxaki. Loo nto singayenza ngokupakisha izinto esiza kuzidinga xa kunokwenzeka into, nangokwazi ukuba singadibana phi njengentsapho xa kunokwenzeka intlekele.

  • Eyona nto mayibaluleke kuwe bubomi kunezinto onazo. IBhayibhile ithi: “Asizanga nanto emhlabeni, ngoko ke asizukuphuma nanto.” (1 Timoti 6:7, 8) Kufuneka sikulungele ukushiya amakhaya nezinto zethu ukuze sibaleke intlekele. Kubalulekile ukuba sikhumbule ukuba ubomi bethu bubaluleke kakhulu ngaphezu kwezinto esinazo.​—Mateyu 6:25.

Iivesi zeBhayibhile ezithuthuzela abo behlelwe yintlekele

Genesis 18:25: “Andiyicingi nokuyicinga ukuba [wena Thixo] ungenza into enjalo, ubulale umntu olilungisa nomenzi-bubi . . . Ngaba uMgwebi womhlaba wonke akazukwenza okulungileyo?”

Le nto ithetha ukuba: UThixo usoloko esenza izinto ezilungileyo; asinakumtyhola xa abantu abalungileyo besweleka ngenxa yeentlekele zemvelo.

INdumiso 46:1, 2: “UThixo uyindawo yokubalekela namandla ethu, uncedo olufumaneka ngokukhawuleza xa sisentlungwini. Ngoko soze soyike, nokuba umhlaba ungatshintsha nokuba iintaba zingatshona enzulwini yolwandle.”

Le nto ithetha ukuba: Nokuba kwenzeka ntoni kuthi, uThixo uza kusoloko esinika amandla.

Isaya 63:9: “Wayehlala ekhathazekile xa bekhathazekile.”

Le nto ithetha ukuba: UThixo unovelwano—uyakhathazeka xa sisehlelwa zizinto ezibuhlungu.

Yohane 5:28, 29: “Kuza ixesha apho bonke abasemangcwabeni beza kuliva ilizwe lakhe [uYesu] baze bavuke.”

Le nto ithetha ukuba: Siza kubabona abantu esibathandayo abaswelekileyo kuba uThixo uza kunika uYesu amandla wokubavusa.

1 Petros 5:6, 7: “Ngoko ke, zithobeni phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo . . . Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”

Le nto ithetha ukuba: UThixo usikhathalele ibe ufuna sithandaze kuye, simxelele zonke izinto ezisenza sibe nexhala.

ISityhilelo 21:4: “[UThixo] uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu. Izinto zangaphambili azisekho.”

Le nto ithetha ukuba: UThixo uza kuziphelisa zonke izinto ezisenza siphile kabuhlungu, neentlekele zemvelo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share