Unokuhlala Unyulu Kwihlabathi Eliziphethe Kakubi
WAYENTSUNDU ngebala yaye eyinzwana. Wayeneziphiwo yaye eyimbelukazi. Babesebenza kwinkampani enye. Eli nenekazi lalimnika ingqalelo ekhethekileyo lo mfo. Yena wayelithanda. Babephana izipho. Kungekudala bathandana. Lo mfo wayilahla inkosikazi yakhe ngenxa yeli nenekazi. Ekugqibeleni, eli nenekazi lagqiba kwelokuba lihlale nomyeni walo lize liyeke ukuthandana nalo mfo. Emadolw’ anzima lo mfo wazama ukubuyela enkosikazini yakhe. Noko ke, ngenxa yokuba wayengazisoli ngokupheleleyo, akazange aphumelele. Wonk’ ubani owayebandakanyekile waqhubeka nobomi, noxa yabakho imiphumo ebuhlungu.
Ukuziphatha kakuhle ngokwesini akusajongwa njengento ebalulekileyo kweli hlabathi. Ukusukela uyolo nolwaneliseko ngokungenakuzeyisa kubonakala kuyinto eqhelekileyo. IThe New Encyclopædia Britannica ithi: “Ukukrexeza kubonakala kuyinto eyenzeka kuyo yonke indawo yaye, kwezinye iimeko, kuyinto eqhelekileyo njengomtshato.”
Ukanti, uYehova uThixo unqwenela ukuba umtshato ‘ubekeke phakathi kwabo bonke’ nesilili somtshato ‘singadyojwa.’ (Hebhere 13:4) IZibhalo zithi: “Ningalahlekiswa. Abahenyuzi, nabanquli-zithixo, nabakrexezi, namadoda agcinelwe iinjongo ezingezozamvelo, namadoda alala namadoda . . . abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (1 Korinte 6:9, 10) Ngoko ke, ukuze sifumane inkoliseko kaThixo kufuneka sigcine ukuziphatha kwethu kucocekile kweli hlabathi liziphethe kakubi.
Sinokuzikhusela njani kwiimpembelelo ezonakalisayo ezisingqongileyo? Kwisahluko sesi-5 sencwadi yeBhayibhile yeMizekeliso uKumkani uSolomon kaSirayeli wamandulo unikela impendulo. Makhe sihlolisise oko akutshoyo.
Amandla Okucinga Okukukhusela
Lo kumkani wakwaSirayeli uqala ngokuthi: “Nyana wam, nikela ingqalelo kubulumko bam.” Wongezelela athi: “Iindlebe zakho uzithobele ukuqonda kwam, khon’ ukuze ulondoloze amandla okucinga; yaye ngamana imilebe yakho ingakulondoloza ukwazi.”—IMizekeliso 5:1, 2.
Ukuze sixhathise kwizilingo zokuziphatha okubi sifuna ubulumko—ubuchule bokusebenzisa ulwazi lweZibhalo—nokuqonda, okanye amandla okwahlula okulungileyo kokubi nokukhetha ikhondo elichanileyo. Siyabongozwa ukuba sinikele ingqalelo kubulumko nokuqonda ukuze sikwazi ukulondoloza amandla ethu okucinga. Singakwenza njani oko? Xa sifundisisa iLizwi likaThixo, iBhayibhile, kufuneka siqwalasele indlela uYehova azenza ngayo izinto size sithobele indlebe yethu ekuthandeni kwakhe nakwiinjongo zakhe. Ngokwenjenjalo, siya kube salathisela indlela yethu yokucinga kwimithombo efanelekileyo. Ngaloo ndlela, loo mandla okucinga esinawo avisisana nobulumko nolwazi lukaThixo. Xa esetyenziswe kakuhle, la mandla ayasikhusela ekurhintyelweni yimigibe yokuziphatha okubi.
Lumkela Inkalakahla Egudileyo
Isizathu sokuba amandla okucinga abaluleke ekugcineni ukucoceka kokuziphatha kweli hlabathi lingcolileyo, kukuba iindlela zomntu oziphethe kakubi ziyalukuhla. USolomon uyalumkisa: “Ivuza njengenqatha lobusi imilebe yomfazi wasemzini, nenkalakahla yakhe igude ngakumbi kuneoli. Kodwa umphumo ukrakra njengomhlonyane; ubukhali njengekrele elintlangothi-mbini.”—IMizekeliso 5:3, 4.
Kulo mzekeliso, umntu ondlela zitenxileyo uchazwa ‘njengomfazi wasemzini’—ihenyukazi.a Amazwi alilukuhla ngawo ixhoba lakhe anencasa njengenqatha lobusi yaye agude ngaphezu kweoli yomnquma. Ngaba ayiqalisi ngolo hlobo inkoliso yezenzo ezikhokelela kwiintlobano zokuziphatha okubi ngokwesini? Ngokomzekelo, khawucinge ngamava omnye unobhala onomtsalane oneminyaka engama-27 ubudala ogama linguAmy. Xa ebalisa uthi: “Le ndoda ndisebenza nayo inikela ingqalelo ekhethekileyo kum yaye iyandincoma ngalo lonke ixesha. Kumnandi xa kukho umntu onikela ingqalelo kuwe. Kodwa kucace mhlophe ukuba umdla anawo kum ngowesini kuphela. Andizukuqhatheka zezi zenzo zakhe.” Ngokuqhelekileyo amazwi enkohliso omntu olukuhlayo enoba yindoda okanye libhinqa aba nomtsalane ngaphandle kokuba siyakuqonda oko akuthethayo. Ukuze sikwazi ukwenjenjalo kufuneka sisebenzise amandla ethu okucinga.
Imiphumo yokuziphatha okubi ikrakra njengomhlonyane yaye ibukhali njengekrele elintlangothimbini—ibuhlungu yaye iyabulala. Ukukhathazwa sisazela, ukumitha okungacetywanga, okanye isifo esidluliselwa ngeentlobano zesini zidla ngokuba yimiphumo ekrakra yehambo enjalo. Yaye khawucinge ngentlungu engummangaliso eviwa liqabane lomtshato lalowo ungathembekanga. Isenzo esinye sokungathembeki emtshatweni sinokubangela amanxeba anzulu kangangokuba anokuhlala ekho ubomi bomntu bonke. Ewe, ukuziphatha okubi kuyenzakalisa.
Egqabaza ngobomi bomfazi oziphethe kakubi, ukumkani osisilumko uqhubeka esithi: “Iinyawo zakhe zihlela ekufeni. Amanyathelo akhe abambelela eShiyol. Umendo wobomi akawondeli. Umkhondo wakhe uyabhadula engazi nokuba uya phi na.” (IMizekeliso 5:5, 6) Iindlela zomfazi oziphethe kakubi zikhokelela ekufeni—amanyathelo akhe amsa eShiyol, ingcwaba loluntu eliqhelekileyo. Ekubeni izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini, ingakumbi uGawulayo, zixhaphake kangaka, hayi indlela ayinyaniso ngayo la mazwi! Oko kumehlelayo kuyafana noko kwehlela abo bahambisana naye kwiindlela zakhe ezigwenxa.
Enenkxalabo esuk’ entliziyweni, lo kumkani uyabongoza esithi: “Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni nize ningemki emazwini omlomo wam. Mayibe kude kuye indlela yakho, ungasondeli nasemnyangweni wendlu yakhe.”—IMizekeliso 5:7, 8.
Kufuneka sihambele kude kangangoko kunokwenzeka kwimpembelelo yabantu abaziphethe kakubi. Kutheni sifanele sizichanabe kwiindlela zabo ngokuphulaphula umculo othob’ isidima, ukubukela iinkqubo zolonwabo ezonakalisayo, okanye ngokuzichanaba kwizinto ezingamanyala? (IMizekeliso 6:27; 1 Korinte 15:33; Efese 5:3-5) Kwaye hayi indlela ekububudenge ngayo ukutsala ingqalelo yabo ngokudlala ngothando okanye ngokunxiba size sizilungise ngendlela engenasidima!—1 Timoti 4:8; 1 Petros 3:3, 4.
Umphumo Obuhlungu
Kungenxa yasiphi esinye isizathu esifanele sihambele kude nomntu oziphethe kakubi? USolomon uyaphendula esithi: “Ukuze unganikeli ngesidima sakho kwabanye, nangeminyaka yakho koko kukhohlakeleyo; ukuze abasemzini bangazanelisi ngamandla akho, nezinto ozizuze kabuhlungu zingabi sendlwini yowasemzini, kungafuneki ugcume kwikamva lakho ekupheleni kwenyama yakho nomzimba wakho.”—IMizekeliso 5:9-11.
Ngaloo ndlela uSolomon ugxininisa kumphumo obuhlungu wokunikezela ekuziphatheni okubi. Ukukrexeza kuhambisana nokuphelelwa sisidima, okanye ukuzihlonela. Ngaba ngenene akulohlazo ukuba yinto nje yokwanelisa umnqweno wethu wokuziphatha okubi okanye lowo womnye umntu? Ngaba ukuzifica ngesini nomntu ongelilo iqabane lethu lomtshato akubonisi ukungazihloneli?
Ngoko ke, yintoni ebandakanyekileyo ‘ekunikeleni ngeminyaka yethu, amandla ethu, nesiqhamo sokubulaleka kwethu ebantwini basemzini’? Enye imbekiselo ithi: “Ingongoma yezi ndinyana icacile: Umphumo wokungathembeki emtshatweni unokuba buhlungu; kuba yonke into ubani ayisebenzelayo—isikhundla, amandla, impumelelo—unokuphulukana nayo ngenxa yokubawa kwalo mfazi okanye ngenxa yembuyekezo efunwa luluntu lwasekuhlaleni.” Iintlobano zokuziphatha okubi zinokuba nemiphumo ebuhlungu gqitha!
Emva kokuphulukana nesidima sakhe nokuchitha ubuncwane bakhe, umntu osisidenge uya kukhalaza esithi: “Hayi indlela ebendiyithiye ngayo ingqeqesho nentliziyo yam ayabi nantlonelo ngesohlwayo! Andiliphulaphulanga ilizwi labayaleli bam, nendlebe yam andiyithobelanga kubafundisi bam. Ngokulula nje ndibe kulo lonke uhlobo lobubi phakathi kwebandla nendibano.”—IMizekeliso 5:12-14.
Ekuhambeni kwexesha, umoni uvakalisa oko omnye umphengululi akubiza ngokuba “luludwe olude loo-‘akwaba’: akwaba ndandimphulaphule utata; akwaba ndandingenzanga ukuthanda kwam; akwaba ndandiliphulaphule icebiso labanye.” Noko ke, utsho emva kwesithonga. Ngoku ubomi bomntu oziphethe kakubi sele bonakalisiwe yaye waziwa kakubi. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba siyiqonde indlela ebuhlungu ngayo imiphumo yokubandakanyeka ekuziphatheni okubi ngaphambi kokuba kusongamele!
“Sela Amanzi Kwelakho Iqula”
Ngaba iBhayibhile ayithethi kwaukuthetha ngeentlobano zesini? Akunjalo konke konke. Imvakalelo yothando lwabantu besini esahlukileyo noyolo olunanditshwa yindoda nomfazi zizipho ezivela kuThixo. Noko ke, olu lwalamano lusenyongweni lumele lunanditshwe kuphela ngamaqabane atshatileyo. Ngoko ke ebhekisa kwindoda etshatileyo, uSolomon ubongoza esithi: “Sela amanzi kwelakho iqula, namanzi aqukuqelayo kowakho umthombo. Imithombo yakho ifanele ichithachitheke ngaphandle na, imisinga yakho yamanzi kwiindawo zembutho na? Mayibe yeyakho kuphela, ingabi yeyabasemzini kunye nawe.”—IMizekeliso 5:15-17.
Ibinzana elithi “kwelakho iqula” nelithi “kowakho umthombo” ngamazwi abumbongo abhekisela emfazini othandwayo. Ukunandipha uyolo lwesini naye kufaniswa nokusela amanzi ahlaziyayo. Ngokungafaniyo namanzi afumaneka kwiindawo zikawonke-wonke, iqula okanye umthombo ugqalwa njengento yobuqu. Yaye indoda iyalulekwa ukuba ibe nabantwana ekhaya emfazini wayo kunokuba isasaze imbewu yayo kwiindawo zembutho, oko kukuthi, kwabanye abafazi. Ngokucacileyo, icebiso elibhekiswa endodeni kukuba ithembeke emfazini wayo.
Le ndoda isisilumko ihlabela mgama isithi: “Mawusikelelwe umthombo wakho wamanzi, ube nemihlali ngumfazi wobutsha bakho, ixhamakazi elithandekayo nebhokhwe yasezintabeni enomtsalane. Amabele akhe makakuyobe ngamaxesha onke. Uthabatheke rhoqo luthando lwakhe.”—IMizekeliso 5:18, 19.
“Umthombo wamanzi,” okanye iqula, ubhekisela kumthombo wolwaneliseko lwesini. Ulwaneliseko lwesini kunye neqabane likabani ‘lusikelelekile’—luvela kuThixo. Ngenxa yoko, indoda ibongozwa ukuba ibe nemihlali ngumfazi wobutsha bayo. Kuyo, uyathandeka yaye mhle njengexhamakazi, unomtsalane yaye undilisekile njengebhokhwe yasezintabeni.
Ngokulandelayo uSolomon ubuza imibuzo-buciko emibini esithi: “Ngoko, kutheni na, nyana wam, ufanele uthabatheke ngumfazi wasemzini okanye uwole isifuba somfazi wasemzini?” (IMizekeliso 5:20) Ewe, kutheni umntu otshatileyo efanele alukuhlelwe kwiintlobano zesini nomntu angatshatanga naye adibana naye emsebenzini, esikolweni okanye kwenye indawo?
Ebhekisa kumaKristu atshatileyo, umpostile uPawulos unikela esi siluleko: “Nditsho ke, bazalwana, ukuthi, ixesha eliseleyo lifinyele. Ukususela ngoku abo banabafazi mababe njengabangenabo.” (1 Korinte 7:29) Kubandakanya ntoni oku? Kaloku, abalandeli bakaYesu Kristu bafanele ‘baqhubeke befuna kuqala ubukumkani.’ (Mateyu 6:33) Ngoko ke, izibini ezitshatileyo azifanele zinikele ingqalelo omnye komnye kangangokude zibeke izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yesibini kubomi bazo.
Imfuneko Yokuzeyisa
Iminqweno yesini inokulawulwa. Imele ilawulwe ngabo bafuna inkoliseko kaYehova. UPawulos waluleka wathi: “Kukuthanda kukaThixo, ukuba ningcwaliswe, nikhwebuke kuhenyuzo; ukuze ngamnye wenu akwazi ukusizuza esakhe isitya [umzimba wakhe] ngobungcwalisa nembeko.”—1 Tesalonika 4:3, 4.
Ngoko ke, abantu abaselula abafanele bangxamele ukutshata bakuqala nje ukuba neemvakalelo ngokwesini. Umtshato ufuna ukuzibophelela, yaye ukuze ubani akwazi ukuphila ngokuvisisana naloo mbopheleleko kufuneka abe ngokhulileyo. (Genesis 2:24) Kulunge ngakumbi ukuba ubani alinde de ‘adlule entlahleni yobutsha’—ithuba laxa iimvakalelo zesini zinamandla nto leyo enokugqwetha indlela ubani azijonga ngayo izinto. (1 Korinte 7:36) Yaye hayi indlela ekububudenge nekusisono ngayo ukuba umntu omdala ofuna ukutshata abandakanyeke kwiintlobano zokuziphatha okubi ngenxa nje yokuba engalifumani iqabane lomtshato!
“Ongendawo Uya Kubanjwa Ziziphoso Zakhe”
Isizathu esiyintloko esibangela ukuba ukuziphatha okubi ngokwesini kuphosakale kukuba uYehova—uMniki-bomi noMniki wamandla esini abantu abanawo—ukuchasile. Ngoko ke echaza eyona ntshukumisa inamandla yokuba ubani ahlale enyulu, uKumkani uSolomon uthi: “Kuba iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova, yaye uyayondela yonke imikhondo yakhe.” (IMizekeliso 5:21) Ewe, ayikho into efihlakeleyo emehlweni kaThixo, ‘lowo simele siphendule kuye.’ (Hebhere 4:13) Nasiphi na isenzo sokungcola ngokwesini, kungakhathaliseki nokuba sifihlakele kangakanani na nokuba imiphumo yaso emzimbeni nasentlalweni iye yanjani na, ngokuqinisekileyo iya kubonakalisa ubuhlobo bethu noYehova. Hayi indlela ekububudenge ngayo ukuphulukana noxolo lukaThixo ngenxa yoyolo lokomzuzwana olungekho mthethweni!
Bambi abazifica ngokungenazintloni kwiindlela zokuziphatha okubi basenokubonakala besenjenjalo bengafumani sohlwayo—kodwa akuyi kuba njalo ithuba elide. USolomon uthi: “Ongendawo uya kubanjwa ziziphoso zakhe, abanjwe ziintsontelo zesono sakhe. Uya kufa ngenxa yokungabikho kwengqeqesho, nangenxa yokuba uhamba ebhadula ebuninzini bobudenge bakhe.”—IMizekeliso 5:22, 23.
Yintoni enokubangela nawuphi na kuthi abhadule? Ngapha koko, incwadi yeMizekeliso iyasilumkisa kwangaphambili ngeendlela ezilukuhlayo zeli hlabathi. Yaye isixelela ngemiphumo ebuhlungu edla ngokubakho ngenxa yokuziphatha kakubi ngokwesini—impilo yethu, izinto zethu eziphathekayo, amandla ethu nesidima sethu. Sinoko kuqonda, akuyomfuneko ukuba sizibhaqe sisitsho uludwe olude loo-“akwaba.” Ewe, ngokusebenzisa isiluleko esisifumana kuYehova ngeLizwi lakhe eliphefumlelweyo, sinokuhlala sicocekile ngokuziphatha kweli hlabathi liziphethe kakubi.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama elithi ‘owasemzini’ lalisetyenziswa kwabo babesenza izinto ezingavisisaniyo noMthetho yaye ngaloo ndlela bezahlukanisa noYehova. Ngenxa yoko, ihenyukazi kubhekiselwa kulo ‘njengomfazi wasemzini.’
[Imifanekiso ekwiphepha 30]
Imiphumo yokuziphatha okubi ikrakra njengomhlonyane
[Imifanekiso ekwiphepha 31]
‘Yiba nemihlali ngumfazi wobutsha bakho’