IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w04 7/1 iphe. 14-19
  • ‘Bafundiseni Ukuba Bazigcine Zonke Izinto Endiniyalele Zona’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Bafundiseni Ukuba Bazigcine Zonke Izinto Endiniyalele Zona’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Nibafundisa Ukuba Bazigcine Zonke Izinto”
  • “Zonke Izinto”
  • “De Kube Sekuphelisweni Kwenkqubo Yezinto”
  • Bonisa Inkathalo
  • “Ndinani Yonke Imihla”
  • Singabanceda Njani Abantu Bazenze Izinto Esiziyalelwe NguKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • ‘Hambani Niyokwenza Abafundi’
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
  • ‘Hambani Niye Kwenza Abafundi’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • “Hambani Niyokubenza Abafundi”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
w04 7/1 iphe. 14-19

‘Bafundiseni Ukuba Bazigcine Zonke Izinto Endiniyalele Zona’

“Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi . . . , nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.”—MATEYU 28:19, 20.

1. Yiyiphi incoko eyayiphakathi komfundi uFilipu kunye nendoda engumTiyopiya?

INDODA engumTiyopiya yayihambe umgama omde isiya eYerusalem. Yayiye apho ukuze inqule uThixo emthandayo, uYehova. Kubonakala ukuba, yayilithanda neLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. Xa yayisenqwelweni yayo ibuyela ekhaya, ifunda umbhalo onamazwi omprofeti uIsaya, yadibana noFilipu, ongumfundi kaKristu. UFilipu wayibuza le ndoda yomTiyopiya wathi: “Uyakwazi na okunene oku ukufundayo?” Yona yaphendula yathi: “Ndingakwenza njani oko, ngaphandle kokuba ndikhokelwe nguthile?” UFilipu wayinceda le ndoda yayizifunda ngokunyanisekileyo iZibhalo ukuba ibe ngumfundi kaKristu.—IZenzo 8:26-39.

2. (a) Yayibaluleke ngayiphi indlela impendulo yomTiyopiya? (b) Ziziphi iinkalo esiza kuzixubusha eziphathelele umyalelo kaKristu wokwenza abafundi?

2 Iphawuleka ngokukhethekileyo indlela awaphendula ngayo lo mTiyopiya. Wathi: ‘Ndingakwazi njani, kungekho mntu undikhokelayo.’ Ewe, wayefuna ukhokelo, umntu owayeza kumbonisa indlela. Ngandlel’ ithile, le mpendulo ibonisa ukubaluleka kwamazwi angqalileyo uYesu awawuqukayo xa wayekhupha umyalelo wokuba kwenziwe abafundi. Ngawaphi loo mazwi? Ukuze sifumane impendulo, makhe siwahlolisise ngakumbi amazwi kaYesu akuMateyu isahluko 28. Inqaku elingaphambi kweli lixubushe isizathu sokuthobela lo myalelo kwanendawo omele uphunyezwe kuyo. Ngoku siza kuxubusha ezinye iinkalo ezimbini zalo myalelo kaKristu wokwenza abafundi—oko ukuquletheyo nobude bexesha ofanele uphunyezwe ngalo.

“Nibafundisa Ukuba Bazigcine Zonke Izinto”

3. (a) Umntu uba nguye njani umfundi kaYesu Kristu? (b) Ukwenza abafundi kuquka ukufundisa ntoni?

3 Yintoni esimele siyifundise ukuze sincede abanye babe ngabafundi bakaKristu? UYesu wabayalela wathi abalandeli bakhe: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Ngoko simele sifundise izinto uKristu asiyalele zona.a Kodwa ke, sinokuqinisekisa njani ukuba umntu esimfundisa imiyalelo kaYesu akabi ngumfundi nje kuphela kodwa uqhubeka enguye? Indlela eyintloko esinokukwenza ngayo oko siyibona emazwini uYesu awakhethe ngobulumko. Phawula ukuba, akaphelelanga nje ekuthini: ‘Bafundiseni zonke izinto endiniyalele zona.’ Kunoko wathi: ‘Bafundiseni ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.’ (Mateyu 19:17) Kuthetha ukuthini oko?

4. (a) Kuthetha ukuthini ukugcina umyalelo? (b) Zekelisa indlela esifundisa ngayo umntu ukugcina imiyalelo kaKristu.

4 Ukugcina umyalelo kuthetha “ukwenza ngokuvisisana nawo”—ukuwuthobela. Ngoko simfundisa njani umntu ukugcina, okanye ukuthobela, izinto uKristu asiyalele zona? Kaloku, khawucinge nje ngendlela umqeqeshi wokuqhuba abafundisa ngayo abafundi bakhe ukugcina imithetho yendlela. Lo mqeqeshi usenokubafundisa abafundi bakhe imigaqo yendlela ngoxa beseklasini. Kodwa ke, ukuze abafundise abafundi bakhe indlela yokuthobela loo mithetho, umele abakhokele njengoko beqhuba ngokoqobo endleleni yaye bezama ngamandla ukusebenzisa oko bakufundileyo. Ngokufanayo, nathi xa siqhubela abantu isifundo seBhayibhile, sibafundisa imiyalelo kaKristu. Kodwa ke, sisafanele sibakhokele njengoko bezama ngamandla ukusebenzisa imiyalelo kaKristu ebomini babo bemihla ngemihla nakubulungiseleli. (Yohane 14:15; 1 Yohane 2:3) Ngoko, ukuze siwufeze ngokupheleleyo umyalelo kaKristu wokwenza abafundi, sifanele sifundise size sikhokele. Ngaloo ndlela, siya kuba sixelisa umzekelo kaYesu nokaYehova.—INdumiso 48:14; ISityhilelo 7:17.

5. Yintoni esenokwenza umntu esifundisisa naye iBhayibhile abe madolw’ anzima ukuthobela umyalelo kaKristu wokwenza abafundi?

5 Ukufundisa abanye ukugcina imiyalelo kaYesu kuquka ukubanceda bathobele umyalelo wokwenza abafundi. Abanye esifundisisa nabo iBhayibhile basenokukufumanisa kunzima ukwenza oko. Kwanokuba babekade bengamalungu akhutheleyo ecawa yeNgqobhoko, asiqondi ukuba abafundisi babo bonqulo bakha babafundisa ukuba benze abafundi. Ezinye iinkokeli zecawa ziyavuma ukuba iicawa zeNgqobhoko zisilele ngokupheleleyo ukufundisa amarhamente azo ukuba ashumayele. Xa wayegqabaza ngomyalelo kaYesu wokuba sincede zonke iindidi zabantu ehlabathini ukuba zibe ngabafundi, omnye umphengululi weBhayibhile uJohn R. W. Stott wathi: “Ukusilela kwethu ukuthobela lo myalelo kube yeyona ntsilelo inkulu kubuvangeli bethu bobuKristu kule mihla.” Wongezelela wathi: “Sityekele ekuvakaliseni isigidimi sethu simi kude. Sifana nabantu abakhwazayo benikela amacebiso kubantu abatshonayo, kodwa babe bona bemi qelele phayaa elunxwemeni. Asingeni phakathi emanzini ukuze sibahlangule. Soyika ukuba siza kuba manzi.”

6. (a) Xa sinceda isifundo seBhayibhile, sinokuwuxelisa njani umzekelo kaFilipu? (b) Sinokuyibonisa njani inkathalo xa isifundo seBhayibhile siqalisa ukuba nenxaxheba emsebenzini wokushumayela?

6 Ukuba umntu esifundisisa naye iBhayibhile ebekade eyinxalenye yamarhamente onqulo ‘oyikayo ukuba manzi,’ kusenokuba lucelomngeni kuye ukoyisa olo loyiko, aze athobele umyalelo kaKristu wokwenza abafundi. Kuza kufuneka ancedwe. Ngoko kufuneka sibe nomonde njengoko simnika ulwalathiso nokhokelo oluya kukhulisa ukuqonda kwakhe luze lumshukumisele esenzweni, kanye njengokuba iimfundiso zikaFilipu zamkhanyiselayo umTiyopiya zaza zamshukumisela ekubeni abhaptizwe. (Yohane 16:13; IZenzo 8:35-38) Ukongezelela, umnqweno wethu wokufuna ukufundisa izifundo zethu zeBhayibhile ukuba zigcine umyalelo wokwenza abafundi usishukumisela ukuba sizithantamise ekuzikhokeleni xa zithabatha inyathelo lazo lokuqala lokushumayela ngoBukumkani.—INtshumayeli 4:9, 10; Luka 6:40.

“Zonke Izinto”

7. Ukufundisa abanye ukuba ‘bagcine zonke izinto’ kuquka ukubafundisa yiphi imiyalelo?

7 Asipheleli nje ngokufundisa abafundi abatsha ukuba benze abafundi. UYesu wasiyalela ukuba sifundise abanye ukuba “bazigcine zonke izinto” asiyalele zona. Ngokuqinisekileyo oko kuquka imiyalelo emibini eyeyona mikhulu—ukuthanda uThixo nokuthanda ummelwane. (Mateyu 22:37-39) Umfundi omtsha unokufundiswa njani ukuba agcine loo miyalelo?

8. Zekelisa indlela umfundi omtsha anokufundiswa ngayo umyalelo wokubonisa uthando.

8 Makhe sibuyele kula mzekelo womqhubi osafundayo. Njengoko eqhuba phakathi kwezinye izithuthi enomqeqeshi ecaleni kwakhe, lo mfundi ufunda kungekuphela nje ngokuphulaphula kodwa kwanangokubukela abanye abaqhubi. Ngokomzekelo, umqeqeshi usenokumbonisa umqhubi odedela omnye ukuba angene phambi kwakhe; okanye umqhubi othi ngobubele athobe izibane zemoto yakhe ukuze zingaphandli izithuthi eziza ngaphambili; okanye umqhubi onceda umntu amaziyo owonakalelwe yimoto yakhe. Imizekelo enjalo imfundisa izifundo ezibalulekileyo lo mfundi, anokuzisebenzisa naye xa eqhuba. Ngokufanayo, umfundi omtsha osendleleni esa ebomini ufunda kungekuphela nje kumqhubi wesifundo, kodwa kwanakwimizekelo emihle ayibonayo ebandleni.—Mateyu 7:13, 14.

9. Umfundi omtsha uyifunda njani indlela yokugcina umyalelo wokubonisa uthando?

9 Ngokomzekelo, umfundi weBhayibhile usenokuphawula umama ongenaqabane esenza yonke imizamo yokuya kwiHolo yoBukumkani kunye nabantwana bakhe abancinane. Sisenokubona umntu okhathazekileyo oya rhoqo ezintlanganisweni nakuba edandathekile, sibone umhlolokazi owalupheleyo ethutha abanye abalupheleyo ngemoto yakhe ebasa kwiintlanganiso zebandla, okanye okwishumi elivisayo esiba nenxaxheba ekucoceni iHolo yoBukumkani. Isifundo seBhayibhile sisenokubona umdala webandla ekhokela ngokuthembekileyo enkonzweni yasentsimini phezu kwako nje ukuba neembopheleleko ezininzi ebandleni. Sisenokudibana neNgqina elingumlwelwe nelingenakuzenzela nto kodwa elibakhuthazayo ngokomoya bonke abo balityelelayo. Lo mfundi usenokuqaphela isibini esenza utshintsho olukhulu ebomini baso ukuze sikwazi ukunyamekela abazali baso abakhulileyo. Ngokuqwalasela la maKristu anikela uncedo lobubele, lo mfundi usemtsha ufunda kumzekelo wawo indlela yokuthobela umyalelo kaKristu wokuba sithande uThixo nommelwane, ingakumbi abo sikhonza kunye nabo. (IMizekeliso 24:32; Yohane 13:35; Galati 6:10; 1 Timoti 5:4, 8; 1 Petros 5:2, 3) Ngale ndlela, lungu ngalinye lebandla lamaKristu linako ukufundisa nokukhokela—yaye lifanele lenjenjalo.—Mateyu 5:16.

“De Kube Sekuphelisweni Kwenkqubo Yezinto”

10. (a) Siza kuqhubeka ixesha elide kangakanani sisenza abafundi? (b) Nguwuphi umzekelo asibekele wona uYesu wokuphumeza izabelo?

10 Sifanele siqhubeke ixesha elide kangakanani nomsebenzi wokwenza abafundi? De kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto. (Mateyu 28:20) Ngaba sinokuyizalisekisa le nkalo yothumo lukaYesu? Njengebandla lomhlaba wonke, sizimisele ukwenjenjalo. Kwiminyaka edlulileyo, siye ngovuyo sanikela ngexesha lethu, ngamandla ethu, nangezinto zethu eziphathekayo ukuze sifumane abo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’ (IZenzo 13:48) Ngoku amaNgqina kaYehova achitha ngaphezu kwezigidi ezithathu zeeyure suku ngalunye emsebenzini wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi ehlabathini lonke. Sikwenza oko ngenxa yokuba sixelisa umzekelo kaYesu. Wathi: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.” (Yohane 4:34) Ikwangumnqweno wethu nathi lowo osuk’ entliziyweni. (Yohane 20:21) Sifuna ukwenza okungakumbi kunokuwuqala nje kuphela umsebenzi esiwuphathisiweyo; sifuna ukuwugqiba.—Mateyu 24:13; Yohane 17:4.

11. Kuye kwenzeka ntoni kwabanye babazalwana noodadewethu abangamaKristu, yaye yintoni esifanele sizibuze yona?

11 Kodwa ke, kusenza buhlungu ukuphawula ukuba abanye esikhonza nabo baye baba buthathaka ngokomoya, baza bayekelel’ umxakatho okanye bayeka ngokupheleleyo ukuthobela umyalelo kaKristu wokwenza abafundi. Ngaba ikho indlela esinokubanceda ngayo ukuba baphinde banxulumane nebandla baze babe nenxaxheba kwakhona ekwenzeni abafundi? (Roma 15:1; Hebhere 12:12) Indlela uYesu awabanceda ngayo abapostile bakhe xa babebuthathaka okomzuzwana ibonisa oko nathi sinokukwenza namhlanje.

Bonisa Inkathalo

12. (a) Ngaphambi nje kokufa kukaYesu, benza ntoni abapostile bakhe? (b) UYesu wabaphatha njani abapostile bakhe nangona babonisa ubuthathaka obunzulu?

12 Ekupheleni kobulungiseleli bukaYesu emhlabeni, xa wayesele eza kufa, abapostile ‘bamshiya basaba.’ Kanye njengoko uYesu wayetshilo ngaphambili, ‘bachithachitheka ngamnye waya endlwini yakhe.’ (Marko 14:50; Yohane 16:32) UYesu wawaphatha njani la maqabane akhe abuthathaka ngokomoya? Ngokukhawuleza nje emva kokuvuswa kwakhe, uYesu wathi kwabanye babafundi bakhe: “Musani ukuba noloyiko! Hambani, niye kuxela kubazalwana bam, ukuze bahambe baye eGalili; yaye baya kundibona apho.” (Mateyu 28:10) Nangona abapostile babonisa ubuthathaka obukhulu, sekunjalo uYesu wababiza ngokuthi “bazalwana bam” okanye “bantakwethu.” (Mateyu 12:49) Akazange abancame. Ngale ndlela, uYesu wayebonisa inceba nokuxolela, kanye njengokuba noYehova enenceba yaye exolela. (2 Kumkani 13:23) Sinokumxelisa njani uYesu?

13. Sifanele sibajonge njani abo babuthathaka ngokomoya?

13 Sifanele sibe nenkathalo enzulu ngabo baye bayekelel’ umxakatho okanye bayeka ngokupheleleyo ukuba nenxaxheba kubulungiseleli. Sisayikhumbula imisebenzi yothando ababekade beyenza aba bakhonzi kwixesha elidluleyo—mhlawumbi abanye beyenza kangangamashumi eminyaka. (Hebhere 6:10) Sikukhumbula ngokwenene ukuba kunye nabo. (Luka 15:4-7; 1 Tesalonika 2:17) Kodwa ke, sinokubonisa njani ukuba sibakhathalele?

14. Ngokuxelisa uYesu, sinokumnceda njani umntu obuthathaka?

14 UYesu wabaxelela abapostile ababedimazekile ukuba baye eGalili yaye babeza kumbona apho. Ngaloo ndlela, uYesu wayebamemela kwintlanganiso ekhethekileyo. (Mateyu 28:10) Ngokufanayo namhlanje, sikhuthaza abo babuthathaka ngokomoya ukuba baye kwiintlanganiso zebandla lamaKristu, yaye kusenokufuneka ukuba sibakhuthaze ngokuphindaphindiweyo. Kwimeko yabapostile, eso simemo savelisa iziqhamo, kuba “abafundi abalishumi elinanye baya eGalili entabeni apho uYesu wayebalungiselele khona.” (Mateyu 28:16) Sivuya ngokwenene xa abo babuthathaka besamkela isimemo sethu sothando baze baqalise ukuya kwiintlanganiso zamaKristu!—Luka 15:6.

15. Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu wokwamkela ababuthathaka abeza kwiintlanganiso zethu zonqulo?

15 Siya kusabela njani xa umKristu obuthathaka efika eHolweni yoBukumkani? Kaloku, wenza ntoni yena uYesu xa wabona abapostile bakhe, ababebuthathaka okomzuzwana elukholweni, bekwindawo yokuhlanganisana awayebamemele kuyo? ‘UYesu wasondela waza wathetha nabo.’ (Mateyu 28:18) Akazange azinxweme kubo, kodwa waya kubo. Khawuyicinge nje indlela abamele ukuba bavuya ngayo abapostile xa uYesu wasondela kubo! Ngamana nathi singasondela kubo size sibamkele ngobubele abantu ababuthathaka ngokomoya abenza umgudu wokubuyela ebandleni lamaKristu.

16. (a) Sinokufunda ntoni kwindlela uYesu awabaphatha ngayo abalandeli bakhe? (b) Sinokuyixelisa njani indlela uYesu awayebajonga ngayo abo babuthathaka? (Bona umbhalo osemazantsi.)

16 Yintoni enye awayenzayo uYesu? Okokuqala, wenza esi saziso: “Linikwe mna lonke igunya.” Okwesibini, wabanika isabelo esithi: ‘Hambani ke ngoko niye kwenza abafundi.’ Okwesithathu, wabathembisa wathi: “Ndinani yonke imihla.” Kodwa ngaba uphawulile ukuba yintoni uYesu angazange ayenze? Akazange abakhalimele abafundi ngenxa yeentsilelo namathandabuzo abo. (Mateyu 28:17) Ngaba oku kwaba nemiphumo emihle? Kunjalo. Ngokukhawuleza emva koko, abapostile baphinda ‘bafundisa yaye bevakalisa iindaba ezilungileyo.’ (IZenzo 5:42) Njengoko nathi sixelisa umzekelo kaYesu ngendlela esibajonga nesibaphatha ngayo abo babuthathaka, sinokuphawula imiphumo emihle ebandleni lethu.b—IZenzo 20:35.

“Ndinani Yonke Imihla”

17, 18. Ziziphi iinkalo ezikhuthazayo kumazwi kaYesu athi, “ndinani yonke imihla”?

17 Amazwi okugqibela othumo lukaYesu athi, “ndinani yonke imihla,” alukhuthazo kubo bonke abo bazama ngamandla ukuphumeza umyalelo kaKristu wokwenza abafundi. Enoba iintshaba zingasitshutshisa okanye zisinyembe kangakanani na ngenxa yomsebenzi wethu wokushumayela ngoBukumkani, asinasizathu sakoyika. Ngoba? UYesu, iNkokeli yethu enalo “lonke igunya ezulwini nasemhlabeni,” unathi ukuze asixhase!

18 Kwakhona isithembiso sikaYesu esithi “ndinani yonke imihla” sikwayintuthuzelo enkulu kuthi. Njengoko sisenza umgudu wokuphumeza umyalelo kaKristu wokwenza abafundi, asisoloko sisiba namaxesha amyoli, kodwa maxa wambi sijamelana namaxesha anzima. (2 Kronike 6:29) Abanye bethu bajamelana namaxesha alusizi xa befelwe ngumntu abamthandayo. (Genesis 23:2; Yohane 11:33-36) Abanye baluphele, nto leyo ebenza buthathaka emzimbeni baze bakhathazwe nayimpilo. (INtshumayeli 12:1-6) Kanti abanye bathwaxwa kukudandatheka. (1 Tesalonika 5:14) Yaye abaninzi ngakumbi kuthi batsala nzima ngokwezoqoqosho. Noko ke, phezu kwazo nje zonke ezi meko zinzima, siyaphumelela kubulungiseleli bethu ngenxa yokuba uYesu unathi “yonke imihla,” kwanangeyona mihla inzima ebomini bethu.—Mateyu 11:28-30.

19. (a) Uthumo lukaYesu lokwenza abafundi luqulethe yiphi imiyalelo? (b) Yintoni esincedayo ukuba sikwazi ukuphumeza uthumo lukaKristu?

19 Njengoko sibonile kweli nqaku nakwelingaphambi kwalo, uthumo lukaYesu lokwenza abafundi lubandakanya zonke iinkalo. UYesu wasichazela isizathu kwanendawo esifanele siwuphumeze kuyo umyalelo wakhe. Wasixelela kwanoko sifanele sikushumayele kwanobude bexesha esifanele sikwenze ngalo. Enyanisweni, ukufeza olu thumo lukhulu kangaka kulucelomngeni. Kodwa ngenxa yokuba sixhaswa nguKristu onegunya elikhulu, sinako ukuluphumeza! Akunjalo?

[Imibhalo esemazantsi]

a Enye incwadi ikhankanya ukuba uYesu wathi, “nibabhaptiza . . . nibafundisa,” akatshongo ukuthi ‘nibabhaptize nize nibafundise.’ Ngoko, umyalelo othi nibabhaptiza yaye nibafundisa “awubhekiseli ngokungqalileyo . . . kwiziganeko ezibini ezilandelelanayo.” Kunoko, “ukufundisa kuyinto eqhubekayo, eyenziwa ngaphambi kobhaptizo . . . kwanasemva kobhaptizo.”

b Inkcazelo engakumbi ngendlela esifanele sibajonge ngayo nesinokubanceda ngayo abo babuthathaka ifumaneka kwiMboniselo kaFebruwari 1, 2003, iphepha 15-18.

Ubunokuphendula Uthini?

• Sibafundisa njani abanye ukuba bagcine oko uYesu asiyalele kona?

• Ziziphi izifundo anokuzifunda umfundi omtsha kwabanye ebandleni?

• Yintoni esinokuyenza ukuze sincede abo babuthathaka ngokomoya?

• Sifumana luphi ukhuthazo nentuthuzelo kwisithembiso sikaYesu esithi “ndinani yonke imihla”?

[Imifanekiso ekwiphepha 15]

Sifanele sifundise size sikhokele

[Imifanekiso ekwiphepha 17]

Umfundi omtsha ufunda izifundo ezibalulekileyo kumzekelo omiselwa ngabanye

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share