Imbono YeBhayibhile
Ngaba Inzululwazi NeBhayibhile Ziyavumelana?
“Eyona nto ibalulekileyo nendivuyisayo kwezenzululwazi kukumana ndifunda into entsha ndize ndithi, ‘UThixo wayenza ngolu hlobo kanti lento!’”—UHENRY SCHAEFER, UNJINGALWAZI WEMICHIZA.
INZULULWAZI isinceda siqonde umhlaba, indlela olungelelene ngayo nokuntsonkotha kwawo, nto leyo abantu abaninzi abathi bubungqina bobukho bukaThixo onobulumko namandla angapheliyo. Aba bantu bathi inzululwazi ayityhili nje iinkcukacha zokuma komhlaba kodwa ikwatyhila nengqondo kaThixo.
Oko kuxhaswa yiBhayibhile. AmaRoma 1:20 athi: “Iimpawu [zikaThixo] ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe.” Kwakhona iNdumiso 19:1, 2 ithi: “Amazulu avakalisa uzuko lukaThixo; yaye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe. Usuku emva kolunye usuku lubangela ukumpompoza kwentetho, yaye ubusuku emva kobunye ubusuku bubonakalisa ulwazi.” Noko ke, phezu kwako nje ukumangalisa kwayo, indalo ityhila nje iinxalenye ezithile zobuntu boMdali wethu.
Oko Ingakwaziyo Ukukuchaza Inzululwazi
Iinyaniso ezininzi ngoThixo azinakufundwa kwinzululwazi. Ngokomzekelo, isazinzulu sisenokukwazi ukuchaza yonke imolekyuli ekwikeyiki yetshokolethi, kodwa ngaba loo nto inokusenza sikwazi ukuchaza isizathu sokwenziwa kwayo nokuba yenzelwe bani? Ukuze isazinzulu sifumane iimpendulo zalo mibuzo—uninzi lwabantu oluzigqala njengezibalulekileyo—kufuneka sibuze kumntu obhake loo keyiki.
Isazinzulu saseOstriya esathweswa imbasa kaNobel uErwin Schrödinger uthi, ngokufanayo inzululwazi “isifundisa izinto ezininzi kodwa ayithethi nto konke konke ngezona zinto zibalulekileyo kuthi.” Lo kaSchrödinger uthi, oko kuquka “uThixo nobunaphakade.” Ngokomzekelo, nguThixo kuphela onokuphendula le mibuzo ilandelayo: Kutheni kukho umhlaba? Kutheni emhlabeni kukho izinto ezininzi eziphilayo kuquka nezikrelekrele? Ukuba ngokwenene uThixo ungusomandla, kutheni evumela ubungendawo nokubandezeleka? Ngaba likho ithemba ngaphaya kwengcwaba?
Ngaba uThixo uyiphendule loo mibuzo? Ewe, iBhayibhile iyayiphendula loo mibuzo. (2 Timoti 3:16) Usenokuba uyazibuza ukuba: ‘Unokuqiniseka njani ukuba iBhayibhile ibhalwe nguThixo?’ Ngokwenzululwazi, oko kuthethwa yiBhayibhile ngomhlaba kufanele kuxhaswe bubungqina obucacileyo, kuba uThixo akaziphikisi. Ngaba iBhayibhile iyavumelana nenzululwazi? Makhe sithethe ngale mizekelo imbalwa.
Ithetha Ngezinto Zingekaqondwa Yinzululwazi
Ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile, abantu abaninzi babekholelwa ekubeni kukho oothixo abaninzi ababephila emhlabeni, nokuthi yayingabo thixo ababelawula ilanga, inyanga, imozulu, ukuchuma nezinye izinto, kungekhona imithetho yendalo. Kodwa abaprofeti bakaThixo bamandulo ababengamaHebhere babengakholelwa kuloo nto. Kakade ke, babesazi ukuba uYehova uThixo wayekwazi ukulawula izinto ezenzeka emhlabeni yaye wayekwenza oko ngamaxesha athile. (Yoshuwa 10:12-14; 2 Kumkani 20:9-11) Nakuba kunjalo, unjingalwazi wezibalo kwiYunivesithi yaseOxford, eNgilani uJohn Lennox wathi, kwakungeyomfuneko ukuba abo baprofeti “bayeke ukukholelwa ukuba indalo yayilawulwa zizithixo . . . kuba babengazange bayikholelwa loo nto kwasekuqaleni. Into eyabenza bangabi nazo ezo nkolelo yayikukukholelwa kwabo kokuphela koThixo Oyinyaniso, uMdali wezulu nomhlaba.”
Ukukholelwa kwabo kuThixo kwabakhusela njani kwiinkolelo? UThixo oyinyaniso wabachazela ukuba ulawula umhlaba ngemithetho okanye imimiselo ecacileyo. Ngokomzekelo, ngaphezu kweminyaka engama-3 500 eyadlulayo, uYehova uThixo wabuza umkhonzi wakhe uYobhi wathi: “Ngaba uyayazi imimiselo yamazulu?” (Yobhi 38:33) Ngenkulungwane yesixhenxe ngaphambi kwexesha eliqhelekileyo, umprofeti uYeremiya wabhala ‘ngemimiselo yezulu nomhlaba.’—Yeremiya 33:25.
Ngoko ke, bonke abo babephila ngexesha lamandulo yaye benokholo kwiziprofeto zeBhayibhile babesazi ukuba umhlaba wawulawulwa yimithetho kungekhona izithixo. Ngenxa yoko, abantu aboyika uThixo abazange baqubuda kwizinto ezidalwe nguThixo njengelanga, inyanga okanye iinkwenkwezi yaye babengazinquli. (Duteronomi 4:15-19) Kunoko, umsebenzi kaThixo babewujonga njengento abafanele bafunde kuyo kuba utyhila ubulumko, amandla nezinye iimpawu zakhe.—INdumiso 8:3-9; IMizekeliso 3:19, 20.
Ngokuvumelana neengcamango zezazinzulu ezininzi zanamhlanje, amaHebhere amandulo ayekholelwa ukuba umhlaba wawunesiqalo. IGenesis 1:1 ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” Kwakhona, kwiminyaka engama-3 500 eyadlulayo uThixo waxelela umkhonzi wakhe uYobhi ukuba umhlaba ‘uxhonywe kokungento.’ (Yobhi 26:7) Okokugqibela, kwiminyaka engaphezu kwengama-2 500 eyadlulayo, umprofeti uIsaya wabhala ukuba umhlaba usisazinge.—Isaya 40:22.a
IBhayibhile iyangqinelana noko kuthethwa yinzululwazi ngomhlaba. Inzululwazi neBhayibhile zisinceda sifunde okungakumbi ngoThixo yaye ziyavumelana. Ukugatya enye yazo kunokusenza singakwazi ukufumana ulwazi olwaneleyo ngoThixo.—INdumiso 119:105; Isaya 40:26.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufunde okungakumbi ngobukho bukaThixo nokuchana kweBhayibhile, sicela ufunde incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa? nencwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
● Sinokufunda ntoni ngoThixo kwindalo?—Roma 1:20.
● Ziziphi iinyaniso eziphathelele uThixo esingenakuzifunda kwinzululwazi?—2 Timoti 3:16.
● Kwakutheni ukuze bangabi nazinkolelo ngokuphathelele indalo abaprofeti bamandulo bakaThixo oyinyaniso?—Yeremiya 33:25.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 23]
Umhlaba ulawulwa yimithetho ecacileyo—“imimiselo yezulu nomhlaba.”—YEREMIYA 33:25