IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwyp inqa. 74
  • Ndingenza Njani Ukuze Ndingadinwa Kakhulu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndingenza Njani Ukuze Ndingadinwa Kakhulu?
  • Ulutsha Luyabuza
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isizathu sokuba udinwe
  • Kutheni ufanele ungadinwa kakhulu?
  • Izinto onokuzenza
  • Ukudinwa Engqondweni Nasemzimbeni—Ungahlangabezana Njani Nako?
    Vukani!—1995
  • Ukudinwa Engqondweni Nasemzimbeni—Ngubani Osesichengeni Yaye Ngoba?
    Vukani!—1995
  • Oko Unokukwenza Xa Udinwe Ngokugqithiseleyo
    Vukani!—2014
  • Ukudinwa Engqondweni Nasemzimbeni—Ngaba Ulixhoba Elilandelayo?
    Vukani!—1995
Khangela Okunye
Ulutsha Luyabuza
ijwyp inqa. 74
Umfana uxinene ingqondo ngenxa yeteknoloji, imidlalo, ukuzonwabisa nomsebenzi wesikolo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingenza Njani Ukuze Ndingadinwa Kakhulu?

Ngaba wenza izinto ezikwenza udinwe kakhulu? Ukuba kunjalo, eli nqaku liza kukunceda!

  • Isizathu sokuba udinwe

  • Kutheni ufanele ungadinwa kakhulu?

  • Izinto onokuzenza

  • Oko kuthethwa lolunye ulutsha

Isizathu sokuba udinwe

  • Kukwenza izinto ezininzi. Intombazana ekuthiwa nguJulie ithi: “Kuzo zonke izinto esizenzayo ebomini, sixelelwa ukuba kufuneka sisoloko sizimisela ukuzenza ngcono size siphucule kwindlela ebesikade sizenza ngayo ukuze siphumelele. Ayilulanga ke le nto!”

  • Yiteknoloji. Iifowuni, iitablet nezinye izixhobo, zisenza sifumaneke phantse ngalo lonke ixesha ibe loo nto isenokusenza sibe nestres size emva koko sidinwe kakhulu.

  • Kukungalali. Intombazana ekuthiwa nguMiranda ithi: “Ulutsha oluninzi luvuka ekuseni luze lulale ebusuku ngenxa yesikolo, umsebenzi nokuzonwabisa, loo nto ayifuneki, qha ayikho eny’ indlela.” Loo nto ibangela ukuba umntu adinwe kakhulu.

Kutheni ufanele ungadinwa kakhulu?

IBhayibhile iyabancoma abantu abasebenza nzima. (IMizekeliso 6:6-8; Roma 12:11) Kodwa ayikukhuthazi ukusebenza kakhulu de ugule.

“Ngeny’ imini, ndaqaphela ukuba andizange nditye imini yonke kuba ndandisenza izinto ezininzi. Ndafunda ukuba ayifuneki into yokuvuma ukwenza yonk’ into xa oko kuza kundigulisa.”​—UAshley.

Yiloo nto iBhayibhile isithi: “Inja ephilayo ilunge ngakumbi kunengonyama efileyo.” (INtshumayeli 9:4) Ukwenza izinto ezininzi kakhulu kunokukwenza ucinge ukuba unamandla njengengonyama, kangangexeshana. Kodwa ukudinwa kakhulu kungakwenza ugule.

Izinto onokuzenza

  • Funda ukuthi hayi. IBhayibhile ithi: “Bunabathozamileyo ubulumko.” (IMizekeliso 11:2) Abantu abathozamileyo bayazazi izinto abanokuzenza ibe abazenzi izinto abangenakukwazi ukuzenza.

    “Umntu onokuba nengxaki yokudinwa kakhulu ngumntu ongakwaziyo ukuthi hayi, ozama ukwenza yonk’ into ekuthiwa makayenze. Akathozamanga umntu onjalo ibe kungekudala loo nto ibangela ukuba adinwe kakhulu.”​—UJordan.

  • Phumla ngokwaneleyo. IBhayibhile ithi: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 4:6) Ukulala kuyenza isebenze kakuhle ingqondo, kodwa ulutsha olufikisayo oluninzi alulali iiyure eziludingayo, njengeeyure ezisibhozo ukuya kwezilishumi.

    “Xa zazininzi izinto ekwakufuneka ndizenzile, ndandingalali ngokwaneleyo. Kodwa ngamanye amaxesha eyona nto ndiyidingayo yilaa yure inye ukuze ndisebenze kakuhle ndize ndonwabe ngosuku olulandelayo.”​—UBrooklyn.

  • Zazi kwangaphambili izinto oza kuzenza. IBhayibhile ithi: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo.” (IMizekeliso 21:5) Ukufunda ukulisebenzisa kakuhle ixesha nokuzazi izinto oza kuzenza kuza kukunceda ubomi bakho bonke.

    “Istres osibangela ngokwakho unokusiphepha ngokuzazi kwangaphambili izinto oza kuzenza. Xa sele uzibhalile izinto oza kuzenza, kulula ukubona ukuba unokutshintsha ntoni ukuze uphephe ukudinwa kakhulu.”​—UVanessa.

Oko kuthethwa lolunye ulutsha

UGianna

“Abanye abantu badinwa kakhulu kuba besebenzela imali eninzi. Kodwa eyoku-1 kaTimoti 6:8 isixelela ukuba kufuneka saneliseke zizinto eziyimfuneko. Kufuneka singafuni izinto ezininzi ibe singasebenzi kakhulu sisebenzela izinto esingazidingiyo.”​—UGianna.

UWaylon

“Kundinceda kakhulu ukuzazi kwangaphambili ukuba ndiza kwenza ntoni veki nganye. Ngaphambi kokuba ndenze oko, ndandikade ndivuma ukwenza izinto ezingaphaya kwamandla am. Loo nto yayibangela ukuba ndibe nestres ndize ndingakwazi nokuzenza zonke.”​—UWaylon.

UKara

“Usenokucinga ukuba kufuneka uyenze into qho xa ucelwa ibe xa ungayenzi awuzokonwaba. Kodwa ndifundile ukuba ayiyonyani leyo. Uyonwaba ibe awudinwa kakhulu xa uphumla.”​—UKara.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share